Ngaba Inye Kuphela ‘Icawa Yokwenyaniso’?
“KANYE njengokuba uKristu emnye, ngoko ke mnye nomzimba kaKristu, uMtshakazi omnye kaKristu:‘iCawa yamaKatolika enye neyabapostile.’”—Dominus Iesus.
Leyo yindlela ukhadinali Joseph Ratzinger ongumRoma Katolika awayichaza ngayo imfundiso yecawa yakhe yokuba kumele kubekho icawa enye yokwenyaniso. Wathi, loo cawa “yiCawa enye kaKristu, iCawa yamaKatolika.”
“Asizizo IiCawa Zokwenene”
Nangona uPopu John Paul II wagxininisa kwelokuba iDominus Iesus yayingathethi “ngokuzigwagwisa, okanye ngokungenantlonelo ngezinye iinkonzo,” iinkokeli zeecawa zamaProtestanti zalugxibha ngokwenene olu xwebhu. Ngokomzekelo, kwiNgqungquthela kaZwelonke YamaRhabe eyayiseBelfast kuMntla Ireland, ngoJuni 2001, omnye umfundisi wathi olu xwebhu lwabhalwa “liqela elinempembelelo enamandla kwiCawa yamaRoma Katolika . . . elalingcangcazela kukoyika oko kunokubangelwa kukuthetha phandle koxwebhu iVatican II.”
URobin Eames, uBhishophu Omkhulu weCawa yaseIreland, wathi ‘wayengadana gqitha’ ukuba olu xwebhu lwaluyindlela “yokubuyisa iingcamango ezazikho ngaphambi kokubhalwa kweVatican II.” Ethetha ngebango leVatican lokuba iicawa ezingazamkeliyo iimfundiso ezithile zamaKatolika “asizizo iiCawa zokwenene,” lo kaEames wathi: “Oko kusenokuba kusisithuko kum.”
Yintoni eyabangela ukuba kubhalwe iDominus Iesus? Kubonakala ukuba iBhunga Elilawulayo lamaRoma Katolika lalikhathazwe yintetho ethi zonke iinkonzo zilungile. Ngokutsho kweThe Irish Times, “ukuvela kwemfundiso yokuba zonke iinkonzo ziyafana . . . yayiyinto awayecinga gqitha ngayo uKhadinali Ratzinger.” Kubonakala ngathi yile ngcamango eyambangela ukuba athethe ngecawa enye yokwenyaniso.
Ngaba Kubalulekile Ukuba Ulilungu Layiphi Na Icawa?
Phofu ke, kwabathile, ingcamango yokuba “zonke iinkonzo zilungile” okanye “zonke iinkonzo ziyafana” ibonakala isengqiqweni yaye yamkeleka ngakumbi kunengcamango yokuba kukho icawa enye kuphela yokwenyaniso. Kubo, unqulo ngumcimbi nje wokuzikhethela. Bathi, ‘akunamsebenzi enoba ulilungu layiphi na icawa.’
Oku kusenokubonakala ngathi kukuphangalala kwengqondo—nangona kwelinye icala oku kuye kwaba ngunozala wokuqhekeka kweenkonzo zisiba ziimvaba ngeemvaba. Abaninzi bathi ‘ukwahlukahlukana kweenkonzo okulolu hlobo akuyondlela nje yokubonakalisa inkululeko kabani.’ Noko ke, ngokutsho kombhali uSteve Bruce, ‘ukuba nengqondo ephangalele ngolo hlobo ngokonqulo’ eneneni kubonisa “ukungavisisani ngokonqulo.”—A House Divided: Protestantism, Schism, and Secularization.
Ngoko ke, yiyiphi imbono echanileyo? Ngaba inye kuphela icawa yokwenyaniso? Ngaba leyo yiCawa yamaRoma Katolika? Ngaba nezinye iicawa zamkeleke ngokufanayo kuThixo? Ekubeni le mibuzo ibandakanya ulwalamano lwethu noMdali wethu, ngokuqinisekileyo kubalulekile ukufumana indlela yena awujonga ngayo lo mbandela. Sinokukufumanisa njani oko? Ngokukhangela kwiLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, iBhayibhile. (IZenzo 17:11; 2 Timoti 3:16, 17) Makhe siqwalasele oko likuthethayo ngecawa enye yokwenyaniso.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]
COVER: Mark Gibson/Index Stock Photography