Ukuncokola Ngezinto Zokomoya Kuyakha
“Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu, kodwa mayibe lelilungele ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko, ukuze libanike oko kukholekileyo abevayo.”—EFESE 4:29.
1, 2. (a) Kuxabiseke kangakanani ukukwazi ukuthetha? (b) Abakhonzi bakaYehova bafuna ukulusebenzisa njani ulwimi lwabo?
“UKUKWAZI ukuthetha kuyinto entsonkothileyo; kusisipho esivela kuThixo nommangaliso.” Watsho njalo umbhali wesichazi-magama uLudwig Koehler. Kusenokwenzeka ukuba sisithabatha lula esi sipho sivela kuThixo. (Yakobi 1:17) Kodwa cinga nje ngendlela ekuba buhlungu ngayo xa umntu esimthandayo ephulukana nesi sipho sokuthetha into evakalayo ngokuhlaselwa sistroke. UJoan onomyeni osandul’ ukuhlaselwa sistroke, uthi: “Sasidla ngokuncokola kamnandi gqitha. Hayi indlela endiwakhumbula ngayo loo mathuba okuncokola!”
2 Ukuncokola kunokomeleza ubuhlobo, kuphelise ukungaqondani, kukhuthaze abamxhelo uphantsi, komeleze ukholo kuze kwenze ubomi bube mnandi—kodwa loo nto ayenzeki ngamabona-ndenzile. UKumkani osisilumko uSolomon wathi: “Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele, kodwa ulwimi lwezilumko luyaphilisa.” (IMizekeliso 12:18) Njengabakhonzi bakaYehova, ngamana singancokola ngezinto ezomelezayo nezakhayo kunezo zenzakalisayo nezithob’ isidima. Kanti ngamana singasebenzisa ulwimi lwethu ngenjongo yokudumisa uYehova, xa sishumayela ebantwini naxa sincokola nabanye. Umdumisi wavuma le ngoma: “Siya kumdumisa uThixo imini yonke, yaye ukusa kwixesha elingenammiselo siya kubonga igama lakho.”—INdumiso 44:8.
3, 4. (a) Yiyiphi ingxaki esinayo sonke ngokuphathelele izinto esincokola ngazo? (b) Kutheni kubalulekile ukuzilumkela izinto esincokola ngazo?
3 Umfundi uYakobi ulumkisa ngelithi: “Ulwimi, akukho namnye kuluntu onako ukulwenza mbuna.” Uphinda asikhumbuze: “Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi. Ukuba kukho nabani na ongakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, ekwaziyo ukuwubamba ngomkhala kwanomzimba wayo uphela.” (Yakobi 3:2, 8) Akukho namnye umntu ofezekileyo phakathi kwethu. Noko ke, enoba sizama ngamandla kangakanani na, izinto esithetha ngazo azisoloko zisakha okanye zidumisa uMdali wethu. Ngoko sifanele siziqhelise ukucinga ngaphambi kokuba sithethe. Ngaphezu koko, uYesu wathi: “Lonke ilizwi elingamampunge abalithethayo abantu, baya kuphendula ngalo ngeMini Yomgwebo; kuba ngamazwi akho uya kuvakaliswa ulilungisa, yaye ngamazwi akho uya kugwetyelwa isohlwayo.” (Mateyu 12:36, 37) Ewe, siya kuphendula kuThixo oyinyaniso ngamazwi ethu.
4 Enye into enokusinceda gqitha kukuphepha incoko engakhiyo size siziqhelise ukuncokola ngezinto zokomoya. Kweli nqaku siza kubona indlela esinokukwenza ngayo oko, izinto esinokuncokola ngazo, neengenelo esinokuzifumana kwincoko eyakhayo.
Londoloza Intliziyo
5. Intliziyo inayiphi indima eyintloko kwincoko eyakhayo?
5 Njengoko sizama ukuncokola ngezinto ezakhayo, sifanele siqale siqonde ukuba izinto esincokola ngazo zibonisa oko kusentliziyweni yethu. UYesu wathi: “Umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Mateyu 12:34) Ngokufutshane singathi, siyathanda ukuthetha ngezinto esizithandayo. Ngoko ke, sifanele sizibuze: ‘Izinto endincokola ngazo zidiza ntoni ngentliziyo yam? Xa ndikunye nentsapho yam okanye amanye amakholwa, ngaba eyona nto ndincokola ngayo zizinto zokomoya okanye eyona nto iphambili kwincoko yam yimidlalo, iimpahla, imifanekiso eshukumayo, ukutya, izinto endisandul’ ukuzithenga okanye ezinye nje izinto ezingenamsebenzi?’ Mhlawumbi singaqondanga, indlela esiphila ngayo neengcinga zethu zisenokusekelwa kwizinto ezingabalulekanga kangako. Ukubeka izinto zokuqala kwindawo yazo kuya kuphucula incoko yethu nendlela esiphila ngayo.—Filipi 1:10.
6. Ukucamngca kunayiphi indima kwizinto esincokola ngazo?
6 Ukucamngca ngezinto ezakhayo kuyenye indlela yokuphucula incoko yethu. Ukuba sizimisela ukucinga ngezinto zokomoya, siya kufumanisa ukuba ukuncokola ngazo kuyazenzekela. UKumkani uDavide wayiphawula loo nto. Wavuma wathi: “Amazwi omlomo wam nokucamngca kwentliziyo yam, makukukholise, Yehova.” (INdumiso 19:14) Kanti yena umdumisi uAsafu wathi: “Ngokuqinisekileyo ndiya kucamngca ngayo yonke imisebenzi yakho, [Thixo] ndizixhalabise ngezenzo zakho.” (INdumiso 77:12) Intliziyo nengqondo esoloko icinga ngenyaniso yeLizwi likaThixo ngokuzenzekelayo iya kuphuphuma incoko eyakhayo. UYeremiya akazange akwazi ukungathethi ngezinto awayezifundiswe nguYehova. (Yeremiya 20:9) Kunokuba njalo nakuthi ukuba sisoloko sicamngca ngezinto zokomoya.—1 Timoti 4:15.
7, 8. Ziziphi izinto ezinokwenza incoko yakhe?
7 Ukuba nocwangciso oluhle lwezinto zokomoya kunokusinceda sibe nezinto ezininzi ezakhayo esinokuncokola ngazo. (Filipi 3:16) Iindibano ezincinane nezinkulu, iintlanganiso zebandla, iimpapasho ezintsha, itekisi yosuku kwakunye namagqabaza ayo, zinokusinika ubuncwane bokomoya esinokwabelana ngabo nabanye. (Mateyu 13:52) Ibe hayi indlela anokwakha ngayo amava esiwafumana kubulungiseleli bamaKristu!
8 UKumkani uSolomon wachukumiseka gqitha kukubona iindidi ngeendidi zemithi, izilwanyana, iintaka neentlanzi awayezibona kwaSirayeli. (1 Kumkani 4:33) Wayekuthanda gqitha ukuncokola ngendalo kaThixo. Nathi sinokwenza okufanayo. Abakhonzi bakaYehova bayakunandipha ukuthetha ngezinto ezahlukahlukeneyo, kodwa izinto zokomoya zinokuyinonga incoko yabantu abanoxabiso ngazo.—1 Korinte 2:13.
‘Hlalani Nicinga Ngezi Zinto’
9. UPawulos wawaluleka wathini amaFilipi?
9 Enoba sincokola ngantoni, siya kubakha abanye ukuba sibambelela kwisiluleko sikampostile uPawulos esiya kwibandla laseFilipi. Wabhala wathi: “Hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.” (Filipi 4:8) Ezi zinto zikhankanywa nguPawulos zibaluleke kangangokuba uthi ‘hlalani nicinga ngezi zinto.’ Iingqondo neentliziyo zethu zifanele zizaliswe zizo. Ngoko makhe sibone ukuba ukunikela ingqalelo kuyo nganye kwezi zinto zisibhozo zikhankanywe nguPawulos kunokuyiphucula njani incoko yethu.
10. Incoko yethu inokusekelwa njani kwizinto eziyinyaniso?
10 Izinto eziyinyaniso azipheleli nje kwinkcazelo echanileyo nengebobuxoki. Zibhekisela kwinto ethe tye nenokuthenjwa, njengenyaniso yeLizwi likaThixo. Ngenxa yoko, xa sincokola nabanye ngenyaniso yeBhayibhile esiye sachukumiseka yiyo, iingxubusho neentetho eziye zasakha, okanye isiluleko seZibhalo esisincedileyo, sicinga ngezinto eziyinyaniso. Kwelinye icala, siyakugatya ‘oko kubizwa ngokuba lulwazi kuxokwa,’ izinto ezisenokubonakala ngathi ziyinyaniso. (1 Timoti 6:20) Siyakuphepha ukusasaza intlebendwane okanye ukubalisa amava athandabuzekayo nangenabungqina.
11. Ziziphi izinto ezizezenkxalabo enzulu esinokuziquka kwincoko yethu?
11 Izinto ezizezenkxalabo enzulu zezo zinesidima nezibalulekileyo kungekhona ezo zingenamsebenzi. Oku kuquka imiba ephathelele ubulungiseleli bethu bamaKristu, amaxesha amanqam esiphila kuwo kwakunye nembopheleleko esinayo yokulondoloza ihambo entle. Xa sincokola ngezinto ezibaluleke ngolo hlobo, siyomelela size sihlale sithe qwaa ngokomoya, sigcine ingqibelelo size siqhubeke sishumayela iindaba ezilungileyo. Enyanisweni, amava abangel’ umdla esiwafumana entsimini neziganeko zakutshanje ezisikhumbuza ukuba siphila kwimihla yokugqibela asenza sibe nezinto ezininzi ezakhayo esinokuncokola ngazo.—IZenzo 14:27; 2 Timoti 3:1-5.
12. Ngokuvisisana nesiluleko sikaPawulos sokucinga ngezinto ezibubulungisa nezinyulu, yintoni esifanele siyiphephe?
12 Igama elithi ubulungisa libhekisela kokulungileyo emehlweni kaThixo—okuvisisana nemilinganiselo yakhe. Ubunyulu bubhekisela ekucocekeni kwengqondo nangokuziphatha. Intlebendwane, iziqhulo ezingcolileyo nezo zinento yokwenza nesini asifanele sizifake nokuzifaka kwincoko yethu. (Efese 5:3; Kolose 3:8) Emsebenzini okanye esikolweni, ngobulumko amaKristu ayabashiya abo baqalisa ukuncokola ngezi zinto.
13. Yenza umzekelo wencoko egxininisa kwizinto ezithandekayo nekuthethwa kakuhle ngazo.
13 Xa uPawulos ecebisa ukuba sicinge ngezinto ezithandekayo ubhekisela kwizinto ezilungileyo nezifanelekileyo okanye ezikhuthaza ukuthandana kunokucinga ngezinto ezikhuthaza intiyo, ubukrakra okanye ukruthakruthwano. Izinto ekuthethwa kakuhle ngazo zibhekisela kwingxelo entle. Loo ngxelo intle inokuquka amabali obomi abazalwana noodade abathembekileyo, apapashwa rhoqo kumaphephancwadi IMboniselo noVukani! Kutheni ungabaliseli abanye ngala mabali omelez’ ukholo emva kokuba uwafundile? Yaye hayi indlela okomeleza ngayo ukuva ngendlela abanye abantu abaye baphumelela ngayo ngokomoya! Incoko enjalo yakha uthando nomanyano ebandleni.
14. (a) Kuthetha ukuthini ukuba nesidima? (b) Sinokuncokola njani ngezinto ezincomekayo?
14 UPawulos uthetha ngezinto ‘ezinesidima.’ Isidima sibhekisela kukulunga okanye ukuziphatha kakuhle. Simele siqiniseke ukuba izinto esizithethayo zilawulwa yimigaqo yeZibhalo yaye azingqubani nobulungisa, ubunyulu nesidima. Ukuncoma “kukuthetha kakuhle ngabanye.” Ukuba uphulaphula intetho emnandi okanye uphawula umntu ongumzekelo omhle ebandleni, ncokola ngaloo nto—kulowo ubandakanyekileyo nakwabanye. Umpostile uPawulos wayedla ngokuzincoma iimpawu ezintle zabo wayekhonza kunye nabo. (Roma 16:12; Filipi 2:19-22; Filemon 4-7) Kakade ke, izinto ezenziwe nguMdali wethu zintle ngokwenene. Kuzo sinokufumana izinto ezininzi ezakhayo esinokuncokola ngazo.—IMizekeliso 6:6-8; 20:12; 26:2.
Ncokola Ngezinto Ezakhayo
15. Nguwuphi umyalelo oseZibhalweni onika abazali imbopheleleko yokuncokola ngendlela eyakhayo nabantwana babo?
15 IDuteronomi 6:6, 7 ithi: “La mazwi ndikuyalela wona namhlanje amele abe sentliziyweni yakho; uze uwabethelele kunyana wakho yaye uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho.” Licacile elokuba, ngokuvisisana nalo myalelo abazali bafanele bancokole ngendlela eyakhayo ngezinto zokomoya nabantwana babo.
16, 17. Abazali abangamaKristu banokufunda ntoni kumzekelo kaYehova noka-Abraham?
16 Sinokuyithelekelela indlela amele ukuba uYesu wayencokola ixesha elide ngayo noYise wasezulwini xa babexubusha ngesabelo sakhe sasemhlabeni. UYesu wathi kubafundi bakhe: “UBawo ondithumileyo undinike umyalelo mayela noko mandikuxele noko mandikuthethe.” (Yohane 12:49; Duteronomi 18:18) Usolusapho uAbraham umele ukuba wayechitha ixesha elininzi ethetha nonyana wakhe uIsake ngendlela uYehova awabasikelela ngayo bona nookhokho babo. Ngokuqinisekileyo ukuncokola ngezo zinto kwanceda uYesu noIsake ukuba benze ukuthanda kukaThixo ngokuzithoba.—Genesis 22:7-9; Mateyu 26:39.
17 Nabethu abantwana sifanele sincokole nabo ngendlela eyakhayo. Nakuba bexakekile, abazali bamele balenze ithuba lokuncokola nabantwana babo. Xa kunokwenzeka, kutheni ubuncinane ningatyi kunye njengentsapho kube kanye ngosuku? Ngelo xesha lesidlo nasemva kwalo, kuya kuvela amathuba encoko eyakhayo eya kuba luncedo kakhulu kwimpilo yokomoya yentsapho.
18. Balisa amava abonisa iingenelo zokuncokola kwabazali nabantwana ngendlela eyakhayo.
18 UAlejandro, uvulindlela okwiminyaka engama-20 ubudala, ukhumbula ukuba wayenamathandabuzo xa wayeneminyaka eli-14 ubudala. Uthi: “Ngenxa yempembelelo yabo ndandifunda nabo kwakunye nootitshala, ndandibuthandabuza ubukho bukaThixo neBhayibhile ndingayithembi. Abazali bam bachitha ixesha elininzi bezama ukuqiqa nam ngobuchule. Oku kuncokola kwabo nam akuzange kuphelise nje amathandabuzo endandinawo ngeli xesha linzima kodwa kwandinceda ukuba ndenze izigqibo zobulumko ebomini bam.” Yaye injani imeko yakhe ngoku? UAlejandro uhlabela mgama esithi: “Ndisahlala ekhaya. Kodwa ngenxa yokuxakeka kunzima ukufumana ithuba lokuncokola notata. Ngenxa yoko nditya naye kanye ngeveki apho asebenza khona. Ndiwaxabisa ngokwenene la mathuba okuncokola.”
19. Kutheni kufuneka ukuba sonke sincokole ngezinto zokomoya?
19 Ngaba nathi asiwaxabisi amathuba okuncokola ngezinto zokomoya eziyingenelo nabo sikholwa kunye nabo? La mathuba sinokuwafumana xa sikwiintlanganiso, kwinkonzo yasentsimini, kwiimbutho naxa siseluhambeni. UPawulos wayekhangele phambili ekuncokoleni namaKristu aseRoma. Wawabhalela wathi: “Ndilangazelela ukunibona ukuze sikhuthazane elukholweni, olwenu kunye nolwam.” (Roma 1:11, 12) Omnye umdala ongumKristu, uJohannes wathi: “Ukuncokola ngezinto zokomoya namanye amaKristu kwanelisa imfuno ebalulekileyo. Kwanelisa intliziyo kuze kuyenze ibe lula imisebenzi yemihla ngemihla. Ndiyathanda ukubuza abasele bekhulile ngobomi babo nangoko kuye kwabanceda bahlala bethembekile. Ukutyhubela iminyaka, baninzi endiye ndathetha nabo yaye kuye ngamnye ndifumene ubulumko obuye bandinceda gqitha.”
20. Sinokwenza ntoni xa sidibana nomntu ongakuthandiyo ukuthetha?
20 Kuthekani ukuba omnye umntu ubonakala engayiginyi ncam into yokuncokola kwakho ngezinto zokomoya? Musa ukutyhafa. Mhlawumbi unokufumana elinye ithuba elifanelekileyo kamva. USolomon wathi: “Linjengama-apile egolide kwinto yesilivere ekroliweyo ilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.” (IMizekeliso 25:11) Bonisa ulwazelelelo kwabo bangakuthandiyo ukuthetha. “Icebo entliziyweni yomntu linjengamanzi anzulu, kodwa umntu wokuqonda ulitsala linyuke.”a (IMizekeliso 20:5) Ngaphezu kwako konke, musa ukuvumela izimo zengqondo zabanye zikuthintele ekuthetheni ngezinto ezikuchukumisileyo.
Ukuncokola Ngezinto Zokomoya Kuneengenelo
21, 22. Ziziphi iingenelo esizifumanayo ngokuncokola ngezinto zokomoya?
21 UPawulos waluleka ngelithi: “Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu, kodwa mayibe lelilungele ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko, ukuze libanike oko kukholekileyo abevayo.” (Efese 4:29; Roma 10:10) Kusenokuba ngumgudu ukuncokola ngendlela eyakhayo, kodwa oko kuneengenelo ezininzi. Ukuncokola ngezinto zokomoya kuvula ithuba lokwabelana nabanye ngokholo lwethu size sakhe abazalwana bethu.
22 Ngoko, isipho sethu sokukwazi ukuthetha masisisebenzisele ukwakha abanye nokudumisa uThixo. Ukuncokola ngolo hlobo kuya kusanelisa kuze kukhuthaze abanye. Ngaphezu kwako konke, kuya kumvuyisa uYehova kuba uyaziphulaphula izinto esincokola ngazo yaye uyakuvuyela ukubona sithetha ngezinto ezifanelekileyo. (INdumiso 139:4; IMizekeliso 27:11) Xa sincokola ngezinto zokomoya, sinokuqiniseka ukuba uYehova akayi kusilibala. Xa ithetha ngabo bakhonza uYehova kumhla wethu, iBhayibhile ithi: “Ngelo xesha abo bamoyikayo uYehova bathetha omnye komnye, ngamnye neqabane lakhe, yaye uYehova wanikela ingqalelo ephulaphule. Kwaye incwadi yokukhumbuza yabhalwa phambi kwakhe ngenxa yabo bamoyikayo uYehova nangenxa yabo bacinga ngegama lakhe.” (Malaki 3:16; 4:5) Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sincokole ngendlela eyakhayo ngokomoya!
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amaqula akwaSirayeli ayenzulu gqitha. EGibheyon, abembi bezinto zakudala baye bafumanisa umthombo omalunga neemitha ezingama-25 ubunzulu. Unezinyuko ezazisenza abantu bakwazi ukwehlela ezantsi ukuya kukha amanzi.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Izinto esincokola ngazo zidiza ntoni ngathi?
• Ziziphi izinto ezakhayo esinokuncokola ngazo?
• Incoko inayiphi indima ebalulekileyo entsatsheni nakwibandla lamaKristu?
• Incoko eyakhayo inaziphi iingenelo?
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
Incoko eyakhayo isekelwe . . .
‘kwizinto eziyinyaniso’
‘ezizezenkxalabo enzulu’
‘ekuthethwa kakuhle ngazo’
‘ezincomekayo’
[Inkcazelo]
Video cover, Stalin: U.S. Army photo; Creator book cover, Eagle Nebula: J. Hester and P. Scowen (AZ State Univ.), NASA
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Amaxesha esidlo avula amathuba afanelekileyo okuncokola ngezinto zokomoya