Yiba Ngowakhayo
1 Ekubeni siphila ‘kumaxesha anomngcipheko,’ sonke sifuna ukukhuthazwa. (2 Tim. 3:1) Eyazi kakuhle le ntswelo kwangomhla wakhe, uPawulos wayekuxhalabele ukusebenzisa amaxesha okuhlanganisana nabazalwana bakhe njengamathuba “okukhuthazana.” Wabongoza abazalwana bakhe ukuba ‘basukele izinto zokwakhana.’ (Roma 1:11, 12, NW; 14:19) Le migudu yaphumelela ‘ekomelezeni imiphefumlo yabafundi, ibavuselela ukuba bahlale behleli elukholweni.’ (IZe. 14:22) Namhlanje silufuna gqitha ukhuthazo olunjalo.
2 Sinokuba ngabakhayo kwabanye ngoko sikuthethayo. Xa esetyenziswe ngokufanelekileyo, amazwi ethu anokufana ‘neelamuni zegolide kwizitya zesilivere ezimakhazikhazi.’ (IMize. 25:11) Ngokuba nenxaxheba kwiintlanganiso, ‘siyakhuthazana.’ (Heb. 10:25, NW) Ulwimi lwethu sinokulusebenzisa kakuhle xa sibalisa amava, sincoma, okanye sixubusha ngezinto zokomoya. Ukulusebenzisa ngokufaneleke ngolo hlobo ulwimi kulwenza ‘lulungele ukuxuma oko kuluncedo, ukuze lubabale abevayo.’—Efe. 4:29.
3 Thetha Ngezinto Ezakhayo: KumaFilipi 4:8, uPawulos wanikela ukhokelo oluluncedo kwincoko yethu. Wathi sifanele sicinge ngeento zonke eziyinene, ezindilekileyo, ezibubulungisa, ezinyulu, ezithandekayo, eziludumo lulungileyo, ezinesidima nezinendumiso. Ukuba esikuthethayo kusekelwe eLizwini likaThixo sinokusoloko siqinisekile ukuba kuyinene yaye kuyingenelo kwabanye. (Yoh. 17:17) Uzahlulelo lwethu lobuKristu, esikufundayo kwiintlanganiso zebandla, indlela esibuzalisa ngayo ubulungiseleli bethu nezinye izinto ezinjalo zizinto ezindilekileyo. Ngokuqinisekileyo incoko eyakhayo engemilinganiselo nemigaqo yeLizwi likaThixo iya kusinceda ‘isilumkisele elusindisweni.’ (2 Tim. 3:15) Sinokuluvakalisa uxabiso lwethu ngehambo enyulu eqheliselwa ngabo bakwintlangano kaYehova ecocekileyo. Sinokubalaselisa izenzo ezithandekayo zobubele ezenziwa ngabazalwana bethu. (Yoh. 13:34, 35) Izinto eziludumo lulungileyo ziquka iimpawu ezakhayo zobuKristu ukholo, uvuyo, uxolo nokuzeka kade umsindo esizibona kwabanye abazalwana bethu. Incoko engezo zinto zinyulu nezinendumiso ‘iyabakha’ abanye.—Roma 15:2.
4 Mihla le, sifikelwa ngamaxhala adimazayo eli hlabathi. Hayi indlela ekuhlaziya ngayo ukuziphosa kwelokulibala ezi zinto size sinxulumane ngokunothando nabazalwana bethu! Ixesha elibalulekileyo esilichitha kunye libubutyebi esimele sibuxabise. Ukuba sisoloko sibakhuthaza size sibakhe, abanye benyanisekile baya kuthetha oku ngathi: “Bawuphumzile [bawuhlaziyile, NW] umoya wam.”—1 Kor. 16:18.