Elwazini Lwenu Yongezelelani Ukuzeyisa
‘Elwazini lwenu yongezelelani ukuzeyisa.’—2 PETROS 1:5-8.
1. Yintoni engunobangela weengxaki ezininzi abanazo abantu?
EBUDENI bephulo elikhulu lokulwa ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi, ulutsha lwaseUnited States lwabongozwa kwathiwa: “Suka nje ulandule.” Hayi indlela ebekuya kuba bhetele ngayo ukuba wonk’ ubani ebenokusuka nje alandule kungekuphela ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi kodwa kwanokusela ngokugqithiseleyo, ukuziphatha okubi, ukunganyaniseki kwezoshishino, ‘kwaneminqweno yenyama’! (Roma 13:14) Kodwa ngubani onokuthi kusoloko kulula ukulandula?
2. (a) Yiyiphi imizekelo eseBhayibhileni ebonisa ukuba ubunzima esijamelana nabo ekuzeyiseni abuyonto intsha? (b) Le mizekelo ifanele isikhuthaze ukuba senze ntoni?
2 Ekubeni ukuzeyisa kunzima kubo bonke abantu abangafezekanga, sifanele sibe nomdla wokufunda indlela yokoyisa nayiphi na ingcinezelo esihlangabezana nayo. IBhayibhile isixelela ngabantu bamandulo ababezama ngamandla ukukhonza uThixo kodwa bekufumanisa kunzima maxa wambi ukulandula. Khumbula isono sikaDavide sokukrexeza noBhatshebha. Sakhokelela ekufeni komntwana wabo owakhawulwa ngethuba lokukrexeza kwabo nasekufeni komyeni kaBhatshebha, bobabini ababemsulwa. (2 Samuweli 11:1-27; 12:15-18) Kanti cinga nangompostile uPawulos, owavuma ekuhleni wathi: “Okulungileyo endikunqwenelayo andikwenzi, kodwa okubi endingakunqweneliyo kuko endikuqheliselayo.” (Roma 7:19) Ngaba nawe ukhe uzive udandatheke ngaloo ndlela maxa wambi? UPawulos wahlabela mgama esithi: “Ngokwenene ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo ngokomntu endinguye ngaphakathi, kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa nomthetho wengqondo yam yaye undithimbela emthethweni wesono osemalungwini am. Hayi usizana endilulo! Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba usisisulu sokufa?” (Roma 7:22-24) Imizekelo eseBhayibhileni ifanele iqinise ukuzimisela kwethu ukuhlakulela ukuzeyisa.
Sifanele Sifunde Ukuzeyisa
3. Chaza isizathu sokuba singenakulindela ukuba kube lula ukuzeyisa.
3 Ukuzeyisa, okuquka ukukwazi ukulandula, kukhankanywe kweyesi-2 kaPetros 1:5-7 kunye nokholo, isidima, ulwazi, unyamezelo, uzinikelo lobuthixo, umsa wobuzalwana nothando. Zizonke ezi mpawu zinqwenelekayo asizalwa nazo. Zimele zihlakulelwe. Ukuzibonakalisa ngokupheleleyo kufuna ukuzimisela nomgudu. Ngoko ngaba sinokulindela ukuba kube lula ukuzeyisa?
4. Kutheni abaninzi bevakalelwa kukuba abanangxaki yokuzeyisa, kodwa kubonisa ntoni oko?
4 Liyinyaniso elokuba, izigidi zabantu zisenokuvakalelwa kukuba azinangxaki yokuzeyisa. Enoba azazi okanye zenza ngabom ziphila ngendlela ezithanda ngayo, zisenza ukuthanda kwenyama yazo enesono yaye zingayikhathalelanga imiphumo yoko kuzo okanye kwabanye abantu. (Yude 10) Ukungakwazi nokungakulungeli kwabantu ukulandula kubonakala ngakumbi ngoku kunangaphambili. Oko kubonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ awathetha ngayo uPawulos esithi: “Kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, abanyelisi, . . . abangenakuzeyisa.”—2 Timoti 3:1-3.
5. Kutheni amaNgqina kaYehova enomdla kumbandela wokuzeyisa, yaye liliphi icebiso elisasebenzayo nangoku?
5 AmaNgqina kaYehova ayazi kakuhle indlela ekulucelomngeni ngayo ukuzeyisa. NjengoPawulos, ayalwazi usukuzwano olukhoyo phakathi komnqweno wokufuna ukukholisa uThixo ngokuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe, nekhondo inyama yawo enesono esenokuwakhokelela kulo. Ngenxa yoko asoloko ezama indlela yokuluphumelela olu sukuzwano. Emva phayaa ngowe-1916, inkupho yeli phephancwadi ulifundayo ngoku yathetha “ngekhondo elifanelekileyo esinokulithabatha ukuze sikwazi ukuzilawula, nokulawula iingcinga, amazwi nehambo yethu.” Yacebisa ukuba sihlale sikhumbula eyabaseFilipi 4:8. Icebiso lobuthixo elikweso sibhalo lisasebenza nangoku, nangona lanikelwa malunga nama-2 000 eminyaka eyadlulayo, nakubeni kusenokuba nzima ngakumbi ngoku ukulisebenzisa kunokuba kwakunjalo ngelo xesha okanye ngowe-1916. Sekunjalo, amaKristu azama ngamandla ukulandula iminqweno yehlabathi, eqonda ukuba ngokwenjenjalo avuyisa uMdali wawo.
6. Kutheni singenasizathu sakuphel’ amandla ngoxa sihlakulela ukuzeyisa?
6 KweyabaseGalati 5:22, 23 ukuzeyisa kukhankanywe njengenxalenye ‘yesiqhamo somoya oyingcwele.’ Ukuba siyalubonakalisa olu phawu kunye ‘nothando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, nobulali,’ siya kungenelwa kakhulu. Ukwenjenjalo kuya kusithintela ekubeni singabi “ngabangasebenzi nto okanye abangenasiqhamo” ekukhonzeni kwethu uThixo, njengoko uPetros esitsho. (2 Petros 1:8) Kodwa asifanele siphel’ amandla okanye sizigxeke ukuba siyasilela ukubonakalisa ezi mpawu ngokuthe rhoqo nangokupheleleyo ngendlela esithanda ngayo. Mhlawumbi uye waphawula ukuba esikolweni omnye umfundi ufunda ngokukhawuleza kunomnye. Okanye emsebenzini omnye umntu uwufunda ngokukhawuleza umsebenzi omtsha kunabanye abasebenzi. Ngokufanayo, abanye bazifunda baze bazibonakalise ngokukhawuleza iimpawu zobuKristu kunabanye. Into ebalulekileyo kukuqhubeka sihlakulela iimpawu zobuthixo kangangoko sinako. Oku sinokukwenza ngokuthi silusebenzise ngokupheleleyo uncedo uYehova alulungiseleleyo ngeLizwi lakhe nangebandla. Ixesha esilithabathayo ukufikelela usukelo lwethu alibalulekanga kangako kunokuzimisela ukuqhubeka sisenza inkqubela.
7. Yintoni ebonisa ukuba ukuzeyisa kubalulekile?
7 Nangona ukuzeyisa kukhankanywe ekugqibeleni kuludwe lweempawu eziveliswa ngumoya, oko akutheth’ ukuba akubalulekanga kangako kunazo. Endaweni yoko kubaluleke gqitha. Sifanele sikhumbule ukuba besinokuyiphepha yonke “imisebenzi yenyama” ukuba nje besinokukwazi ukuzeyisa ngokugqibeleleyo. Kodwa ke, abantu abangafezekanga batyekele ngandlel’ ithile kweminye ‘yemisebenzi yenyama, njengohenyuzo, ukungahlambuluki, ihambo evakalala, unqulo-zithixo, ukusebenzelana nemimoya, ubutshaba, iimbambano, amakhwele, ukugqajukelwa yimisindo, usukuzwano, izahlukano, namahlelo.’ (Galati 5:19, 20) Ngoko simele siqhubeke silwisana nayo, sizimisele ukukhupha naluphi na utyekelo oluphosakeleyo ezintliziyweni nasezingqondweni zethu.
Kwabanye Kunzima Ngakumbi
8. Yintoni eyenza kube nzima ngakumbi ukuzeyisa kwabanye?
8 Kwamanye amaKristu kunzima ngakumbi ukuzeyisa kunokuba kunjalo kwamanye. Ngoba? Mhlawumbi ngenxa yokungafumani ingqeqesho yabazali okanye ngenxa yamava exesha elidluleyo. Ukuba kubonakala kungeyongxaki kuthi ukuzeyisa, ngoko sinesizathu sokuvuya. Kodwa ngokuqinisekileyo sifanele sibe novelwano nolwazelelelo xa sisebenzisana nabo kunzima ngakumbi kubo ukuqhelisela olu phawu, kwanokuba ukungakwazi kwabo ukuzeyisa kuyasiphazamisa ngandlel’ ithile. Ekubeni sonke singafezekanga, ngubani kuthi onesizathu sokuzenza ilungisa ngokugqithiseleyo?—Roma 3:23; Efese 4:2.
9. Bubuphi ubuthathaka abanabo abanye, yaye ubuthathaka obunjalo buya koyiswa nini ngokupheleleyo?
9 Ngokomzekelo: Usenokuba uyazi ukuba amaKristu athile ayekileyo ukutshaya okanye ukusebenzisa iziyobisi “zokuzihlaziya” akhe anqanqatheke maxa wambi. Amanye akufumanisa kunzima ukuba ngcathu ekutyeni nakwiziselo ezinxilisayo. Amanye anengxaki yokungakwazi ukulubamba ulwimi lwawo, yaye ngaloo ndlela asoloko ekhubekisa abanye ngentetho yawo. Ukoyisa ubuthathaka obunjalo kufuna umgudu wenkuthalo wokuhlakulela ukuzeyisa. Ngoba? Ngokusengqiqweni ekaYakobi 3:2 iyavuma isithi: “Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi. Ukuba kukho nabani na ongakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, ekwaziyo ukuwubamba ngomkhala kwanomzimba wayo uphela.” Amanye asenokunqwenela ngamandla ukungcakaza. Okanye asenokuba nengxaki yokulawula umsindo wawo. Kusenokuthabatha ixesha ukufunda ukoyisa obu buthathaka okanye obunye obufana nabo. Nangona sisenokwenza inkqubela ephawulekayo ngoku, iminqweno ephosakeleyo iya kupheliswa ngokupheleleyo kuphela xa sifezekile. Okwangoku, ukuzabalazela ukuzeyisa kuya kusinceda singaweli kwakhona ekhondweni lesono. Njengoko siqhubeka nalo mlo, masincedane ukuze singanikezeli.—IZenzo 14:21, 22.
10. (a) Kutheni kulucelomngeni kangaka kwabanye ukuzeyisa ngokuphathelele isini? (b) Luluphi utshintsho olukhulu awalwenzayo omnye umzalwana? (Bona ibhokisi ekwiphepha 16.)
10 Enye inkalo ekunzima kwabanye ukuzeyisa kuyo sisini. UYehova uThixo usenze sanenkanuko yesini. Kodwa, kwabanye kunzima kakhulu ukulawula iinkanuko zabo zesini, ngokuvisisana nemigaqo kaThixo. Oku kunokuba nzima nangakumbi xa beneenkanuko zesini ezinamandla ngendlela engaqhelekanga. Siphila kwihlabathi elithe tii sisini nelivuselela inkanuko ngeendlela ezininzi. Oku kunokuba yingxaki enkulu kumaKristu afuna ukuhlala engatshatanga—mhlawumbi okwethuba elithile—ukuze akhonze uThixo ngaphandle kokuphazanyiswa ngumtshato. (1 Korinte 7:32, 33, 37, 38) Kodwa ngokuvisisana nomyalelo weZibhalo wokuba “kulunge ngakumbi ukutshata kunokutshiseka yinkanuko,” asenokugqiba ekubeni atshate, nto leyo encomekayo. Kwangaxeshanye, azimisele ukutshata “kuphela eNkosini,” ngokuvisisana necebiso leZibhalo. (1 Korinte 7:9, 39) Sinokuqiniseka ukuba uYehova uyavuyiswa ngumnqweno wawo wokugcina imilinganiselo yakhe yobulungisa. Kanti namanye amaKristu ayakuvuyela ukunxulumana nabanquli bokwenyaniso abagcina ingqibelelo nabanemilinganiselo yokuziphatha ephakame ngolo hlobo.
11. Sinokumnceda njani umzalwana okanye udade onqwenela ukutshata kodwa engekakwazi ukwenjenjalo?
11 Kuthekani ukuba alifumaneki iqabane elifanelekayo? Khawuyicinge nje indlela anokudandatheka ngayo umntu onqwenela ukutshata kodwa engekakwazi ukwenjenjalo! Usenokubabona abahlobo bakhe betshata yaye bonwabile ngokomlinganiselo othile, ngoxa yena esakhangela iqabane elifanelekayo. Abanye abakwimeko elolo hlobo, basenokuqhelisela umkhwa ongacocekanga wokuphulula amaphambili. Enyanisweni, akakho umKristu ofuna ngabom ukudimaza omnye ozabalazela ukuhlala enyulu. Kodwa sinokubadimaza abanye singaqondanga ukuba ngokungenalwazelelelo sibuza imibuzo enjengethi, “Uya kude utshate nini?” Sisenokukutsho oko singenanjongo imbi, kodwa hayi indlela ekubhetele ngayo ukuzeyisa ngokubamba ulwimi lwethu! (INdumiso 39:1) Sifanele sibancome ngokunyanisekileyo abo phakathi kwethu bahlala benyulu ngoxa bengatshatanga. Kunokuba sithethe amazwi anokubadimaza, sisenokuzabalazela ukubakhuthaza. Ngokomzekelo, sisenokwenza umgudu wokumema abo bangatshatanga xa iqela elincinane labaqolileyo lihlanganisana ukuze linandiphe isidlo okanye ulwalamano olwakhayo lobuKristu.
Ukuzeyisa Emtshatweni
12. Kutheni kufuneka ukuzeyisa ngomlinganiselo othile kwanakwabo batshatileyo?
12 Ukutshata akuyiphelisi ngokuzenzekelayo imfuneko yokuzeyisa ngokuphathelele isini. Ngokomzekelo, iimfuno zesini zendoda nomfazi zinokwahluka kakhulu. Okanye impilo yelinye iqabane maxa wambi isenokwenza kube nzima ukuba neentlobano zesini njengesiqhelo okanye kungabi nakwenzeka kwaphela. Mhlawumbi ngenxa yamava angaphambili, elinye iqabane linokukufumanisa kulucelomngeni ukuthobela umyalelo othi: “Indoda mayimnike okumfaneleyo umfazi wayo; kodwa nomfazi makenze ngokunjalo endodeni yakhe.” Kwimeko enjalo, kusenokufuneka ukuba elinye iqabane lizeyise ngokukhethekileyo. Kodwa omabini afanele akhumbule icebiso lothando likaPawulos kumaKristu atshatileyo, elithi: “Musani ukubandezana, ngaphandle kokuba kungokuvumelana okwexesha elimisiweyo, ukuze ninikele ixesha emthandazweni nize nibe ndawonye kwakhona, ukuze uSathana anganihendi ngenxa yokuswela kwenu ukuzeyisa.”—1 Korinte 7:3, 5.
13. Yintoni esinokuyenza ngokuphathele abo banobunzima bokuqhelisela ukuzeyisa?
13 Hayi indlela anokuba nombulelo ngayo amaqabane atshatileyo ukuba omabini aye afunda ukuzeyisa ngendlela efanelekileyo kule nkalo ibaluleke gqitha emtshatweni wawo. Kwangaxeshanye, afanele abe nolwazelelelo ngabo bakhonza nawo abasenobunzima bokuzeyisa kule nkalo. Asifanele silibale ukuthandazela ukuba uYehova anike abazalwana bethu bokomoya ukuqonda, inkalipho namandla okuzimisela ekulweleni ukuzeyisa nasekuthabatheni amanyathelo okoyisa iminqweno engafanelekanga.—Filipi 4:6, 7.
Qhubekani Nincedana
14. Kutheni sifanele sibonise uvelwano nolwazelelelo kwamanye amaKristu?
14 Maxa wambi sisenokukufumanisa kunzima ukuba nolwazelelelo kumaKristu anobunzima bokuzeyisa kwinkalo thina esingenangxaki kuyo. Kodwa abantu abafani. Abanye balawulwa ngokulula ziimvakalelo; abanye abanjalo. Kwabanye kulula ukuzibamba, nto leyo eyenza ukuzeyisa kungabi yongxaki kangako kubo. Kwabanye kunzima. Kodwa khumbula ukuba, umntu onobunzima bokuzeyisa akanguye ongendawo. Sifanele sibe nolwazelelelo novelwano ngamanye amaKristu. Siya konwaba ngakumbi ukuba siyaqhubeka sibonisa inceba kwabo basenobunzima bokuzeyisa. Sinokukubona oko kumazwi kaYesu abhalwe kuMateyu 5:7.
15. Kutheni elukhuthazo nje amazwi eNdumiso 130:3 kumbandela wokuzeyisa?
15 Asimele simgwebe ngokungafanelekanga umKristu osilelayo maxa wambi ukubonakalisa ubuntu bobuKristu. Hayi indlela ekukhuthaza ngayo ukwazi ukuba ngaphandle kokubona isihlandlo nje esinye esiye sasilela ngaso, uYehova ubona izihlandlo ezininzi ebesiqhuba kakuhle ngazo, kwanokuba ezo zihlandlo azikhange ziphawulwe ngamanye amaKristu. Kukhuthaza kakhulu ukukhumbula amazwi eNdumiso 130:3 athi: “Ukuba ubulinda iziphoso, Ya, owu Yehova, ngubani na obenokuma?”
16, 17. (a) Sinokuyisebenzisa njani eyabaseGalati 6:2, 5 ngokuphathelele ukuzeyisa? (b) Yintoni esiza kuyihlolisisa kwinqaku elilandelayo ngokuphathelele ukuzeyisa?
16 Ukuze akholise uYehova, ngamnye kuthi umele ahlakulele ukuzeyisa, kodwa sinokuqiniseka ukuba abazalwana bethu abangamaKristu baya kusinceda. Ngoxa ngamnye wethu emele awuthwale owakhe umthwalo, sibongozwa ukuba sincedane ekuhlangabezaneni nobuthathaka bethu. (Galati 6:2, 5) Simele simxabise umzali, iqabane, okanye umhlobo osithintelayo ukuba singayi kwiindawo esingafanele siye kuzo, singabukeli izinto esingafanele sizibukele, okanye singenzi izinto esingafanele sizenze. Uyasinceda ukuba sizeyise, sikwazi ukulandula ngokunyanisekileyo!
17 AmaKristu amaninzi asenokuvumelana noko sikuxubushileyo ukuza kuthi ga ngoku ngokuphathelele ukuzeyisa, kodwa asenokuvakalelwa kukuba kufuneka ephucule gqitha. Asenokunqwenela ukubonakalisa ukuzeyisa ngomlinganiselo ongakumbi, lowo akholelwa ukuba unokufikelelwa ngabantu abangafezekanga. Ngaba nawe uvakalelwa ngaloo ndlela? Ngoko, yintoni onokuyenza ukuze uhlakulele le nkalo yesiqhamo somoya kaThixo? Yaye oko kunokukunceda njani ufikelele usukelo lwakho lwexesha elide njengomKristu? Makhe sibone kwinqaku elilandelayo.
Ngaba Usakhumbula?
Kutheni Ukuzeyisa . . .
• kubalulekile ukuba amaKristu akuhlakulele?
• kunzima kakhulu kwabanye?
• kufuneka nje emtshatweni?
• kuluphawu esifanele sincedane ekuluhlakuleleni?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 16]
Wazifundisa Ukulandula
Elinye iNgqina likaYehova laseJamani laliqeshelwe ukulungisa ubuxhakaxhaka bezonxibelelwano. Umsebenzi walo wawuquka ukuhlola iinkqubo ezingama-30 ezahlukahlukeneyo zikamabonwakude nezikanomathotholo. Xa kusibakho umonakalo, lalinikela ingqalelo kwinkqubo leyo ukuze likwazi ukubona apho ikhoyo ingxaki. Lithi: “Phantse ngalo lonke ixesha umonakalo wawusibakho ngexesha elibi, xa kanye kuboniswa imifanekiso yogonyamelo okanye eyesini. Kwacaca ukuba le mifanekiso mibi ihlala kangangeentsuku okanye iiveki engqondweni yam de ibe ngathi ibethelelwe.” Liyavuma ukuba oku kwaliphazamisa ngokomoya, lisithi: “Ndaba ngumntu ongqwabalala, kangangokuba loo mifanekiso yogonyamelo yenza kwaba nzima kum ukuzeyisa. Yona imifanekiso yesini yabangela imbambano phakathi kwam nomfazi wam. Ndandisilwa umlo onzima mihla le. Ukuze ndingoyisakali kweli dabi, ndagqiba kwelokuba ndifune omnye umsebenzi, kwanokuba ndandifumana umvuzo ongaphantsi. Ndisandul’ ukuwufumana loo msebenzi. Umnqweno wam uye wazaliseka.”
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Ulwazi esiluzuze ngokufundisisa iBhayibhile lusinceda ukuba sizeyise