Imibuzo Evela Kubafundi
Kumthandazo wakhe ongumzekelo, ngaba uYesu wabonisa ukuba intando kaThixo yayisenziwa ezulwini nakuba zazingekagxothwa apho iingelosi ezingendawo?
Njengokuba kubhalwe kuMateyu 6:10, uYesu wathi: “Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” Esi sicelo sinokuqondwa ngeendlela ezimbini. Okokuqala, sinokuqondwa njengesicelo sokuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni njengokuba kwakusele kusenziwa ezulwini okanye, okwesibini njengesicelo sokuba kwenziwe ngokupheleleyo ezulwini nasemhlabeni.a Amazwi okuqala kaYesu athi, “mabufike ubukumkani bakho,” abonisa ukuba le ndlela yesibini ivisisana ngakumbi neZibhalo. Yaye abonisa imeko ekwakuyiyo xa uYesu wayesemhlabeni nakwixesha elide emva koko. Kwenzeka njani oko?
Incwadi yeSityhilelo yalathisela ingqalelo kwimiphumo eyahlukeneyo eyabangelwa kukumiselwa koBukumkani bukaThixo ezulwini. Okokuqala kwaba nemiphumo ezulwini, okwesibini, emhlabeni. ISityhilelo 12:7-9, 12 sithi: “Kwabakho imfazwe ezulwini: UMikayeli neengelosi zakhe balwa idabi nenamba, yazilwela nayo inamba kunye neengelosi zayo kodwa ayizange yoyise, azabi safunyanelwa ndawo ezulwini. Ngoko yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana, lowo ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela; waphoswa phantsi emhlabeni, neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye. Ngoko chulumancani, nina mazulu nani nihlala kuwo! Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.”
Ukugxothwa kukaSathana needemon zakhe ezulwini emva kowe-1914 kwakuthetha ukushenxiswa kwazo zonke izidalwa zomoya ezinemvukelo, nto leyo eyabangela uvuyo olukhulu koonyana abaziingelosi bakaYehova, abangabona baninzi gqitha kwizidalwa zakhe zomoya. (Yobhi 1:6-12; 2:1-7; ISityhilelo 12:10) Ngaloo ndlela isicelo somthandazo kaYesu ongumzekelo sazaliseka ezulwini. Bonke abasalayo ezulwini babethembekile kuYehova yaye baluthobela ngokupheleleyo ulongamo lwakhe.
Imele icace into yokuba kwangaphambi koko, xa iingelosi ezingendawo zazisakwazi ukungena ezulwini, zazingahlali kunye nentsapho kaThixo, zazigcinwe ngaphantsi kwemiqathango engqongqo. Ngokomzekelo, uYude 6 usichazela ukuba kwakwinkulungwane yokuqala, zazisele ‘zigcinelwe umgwebo wemini enkulu ngemixokelelwane kanaphakade phantsi kwentsunguzi yobumnyama.’ Ngokufanayo, eyesi-2 kaPetros 2:4 ithi: “UThixo akazange ayeke ukohlwaya iingelosi ezonayo, kodwa, wazinikela kwimihadi yentsunguzi yobumnyama [bokomoya], ngokuthi aziphose eTartaro, ukuze zibekelwe umgwebo.”b
Umahluko ophawulekayo emva kokuba zilahlelwe ngaphandle kukuba, iingelosi ezingendawo ziye zanegunya elingakumbi emhlabeni kunangoko zazisesezulwini. Enyanisweni, iLizwi likaThixo limbiza uSathana ngokuthi “umlawuli weli hlabathi,” zona iidemon ngokuthi ‘ngabalawuli behlabathi bobu bumnyama.’ (Yohane 12:31; Efese 6:11, 12; 1 Yohane 5:19) Ngenxa yegunya analo, uMtyholi wathi kuYesu angamnika “zonke izikumkani zehlabathi nozuko lwazo” ukuba wayenokwenza nje isenzo esinye sonqulo kuye. (Mateyu 4:8, 9) Ngoko ke, kuyacaca ukuba xa uBukumkani bukaThixo ‘bufika’ emhlabeni, buya kwenza iinguqu ezinkulu.
‘Ukufika’ koBukumkani bukaThixo apha emhlabeni kuza kuthetha ukubakho kwenkqubo yezinto entsha ngokupheleleyo. UBukumkani buya kulutyumza luphele lonke ulawulo lwabantu buze bube kuphela korhulumente okhoyo. Kwangaxeshanye, abalawulwa balo rhulumente aboyika uThixo baya kuba ‘ngumhlaba omtsha.’ (2 Petros 3:13; Daniyeli 2:44) Obu Bukumkani buya kuphelisa nesono ebantwini abathobelayo yaye ekugqibeleni buya kwenza wonke umhlaba ube yiparadesi, ngaloo ndlela buphelisa wonke umzila wolawulo lukaSathana.—Roma 8:20, 21; ISityhilelo 19:17-21.
Ekupheleni kweWaka Leminyaka, xa uBukumkani bukaMesiya bukufezile oko uThixo afuna bukwenze, ‘uNyana ngokwakhe uya kuzithoba kuLowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke’. (1 Korinte 15:28) Emva koko kuya kubakho uvavanyo lokugqibela, ekuya kuthi emva kwalo uSathana needemon zakhe nabo bonke abantu abanemvukelo nabalahlekisiweyo batshatyalaliswe ngonaphakade ‘ekufeni kwesibini.’ (ISityhilelo 20:7-15) Emva koko, zonke izidalwa ezikrelekrele zasezulwini nasemhlabeni ziya kuzithoba ngonaphakade ngovuyo kulongamo lothando lukaYehova. Nakanjani na, oko iya kuba kukuzaliseka ngokupheleleyo kwamazwi omthandazo kaYesu ongumzekelo.—1 Yohane 4:8.
[Imibhalo esemazantsi]
a IThe Bible—An American Translation, iguqulela le nxalenye yomthandazo kaYesu ngolu hlobo, “Ubukumkani bakho mabufike! Makwenziwe ukuthanda kwakho emhlabeni nasezulwini!”—Mateyu 6:10.
b Umpostile uPetros ufanisa imeko yokulahlelwa ngaphandle kwazo kokomoya nokuba “sentolongweni.” Noko ke, wayengathethi ‘ngenzonzobila’ yexesha elizayo eziza kulahlelwa kuyo iidemon kangangewaka leminyaka.—1 Petros 3:19, 20; Luka 8:30, 31; ISityhilelo 20:1-3.