Bonke Abantu Mabavakalise Uzuko LukaYehova
“Mnikeni uYehova uzuko namandla. Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe.”—INDUMISO 96:7, 8.
1, 2. Uzuko oluya kuYehova luvela phi, yaye ngoobani ababongozwa ukuba bangenelele?
UDAVIDE, unyana kaYese, wakhula engumalusi kufuphi neBhetelehem. Izihlandlo ezininzi umele ukuba wayekhangela phezulu esibhakabhakeni esizaliswe ziinkwenkwezi ngobusuku obuzolileyo ngoxa esalusa izimvu zikayise kuloo madlelo akwanti! Alithandabuzeki elokuba ezo zinto zazithe thaa engqondweni yakhe xa wathi, ephefumlelwe ngumoya oyingcwele kaThixo, waqamba waza wacula INdumiso 19 enamazwi amnandi athi: “Amazulu avakalisa uzuko lukaThixo; yaye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe. Ulutya lwawo lokulinganisa luphume lwaya emhlabeni wonke, namazwi awo aya esiphelweni somhlaba onemveliso.”—INdumiso 19:1, 4.
2 Nangona engathethi, engenalizwi, amazulu kaYehova amakhulu gqitha avakalisa uzuko lwakhe, usuku emva kolunye, nobusuku emva kobunye. Indalo ayiyeki ukuvakalisa uzuko lukaThixo, yaye kusenza sizive sibancinane xa la mazwi efikelela “umhlaba wonke” ukuze aviwe ngabo bonke abantu abahlala kuwo. Noko ke, ubungqina obuthuleyo bendalo abanele. Abantu abathembekileyo babongozwa ukuba bangenelele ngamazwi abo avakalayo. Umdumisi ongabizwanga ngagama uthetha la mazwi kubakhonzi abathembekileyo: “Mnikeni uYehova uzuko namandla. Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe.” (INdumiso 96:7, 8) Abo banolwalamano olusenyongweni noYehova bayakuvuyela ukuba nenxaxheba kweso sibongozo. Noko ke, yintoni ebandakanyekileyo ekunikeleni uzuko kuThixo?
3. Kutheni abantu bezukisa uThixo?
3 Kufuneka okungakumbi kunamazwi nje. AmaSirayeli omhla kaIsaya ayezukisa uThixo ngemilebe yawo, kodwa inkoliso yayisenza nje inkwalambisa. Esebenzisa uIsaya, uYehova wathi: “Ngenxa yokuba esi sizwana sisondele kum ngomlomo waso, sandizukisa nje ngemilebe yaso, kodwa intliziyo yaso ikude lee kum.” (Isaya 29:13) Nayiphi na indumiso eyayivela kwabo bantu yayililize. Ukuze ibe yinzuzo, indumiso ifanele iphume entliziyweni ezaliswe luthando ngoYehova nokuvuma ngokunyanisekileyo ukuba uzukile. NguYehova kuphela uMdali. UnguSomandla, Osesikweni, umzekelo ogqibeleleyo wothando. Ungumsindisi wethu noMongami ofanele kukuthotyelwa nguwo wonke umntu ophilayo ezulwini nasemhlabeni. (ISityhilelo 4:11; 19:1) Ukuba sizikholelwa ngokwenene ezi zinto, masimzukise ngentliziyo yethu iphela.
4. UYesu wasiyalela ukuba simzukise njani uThixo, yaye sinokuyithobela njani loo miyalelo?
4 UYesu Kristu wasixelela indlela esifanele simzukise ngayo uThixo. Wathi: “UBawo uzukiswa kuko oku, ukuba nihlale nithwala isiqhamo esininzi nize nizingqine ningabafundi bam.” (Yohane 15:8) Sisithwala njani isiqhamo esininzi? Okokuqala, ngokushumayela ‘iindaba zilungileyo zobukumkani’ ngomphefumlo uphela size ngaloo ndlela kunye nazo zonke izinto ezidaliweyo ‘sixele’ “iimpawu ezingabonakaliyo” zikaThixo. (Mateyu 24:14; Roma 1:20) Ngaphezu koko, sonke sinesabelo—esingqalileyo okanye esingangqalanga—ekwenzeni abafundi abatsha abamdumisa ngokwenene uYehova uThixo. Okwesibini, sihlakulela isiqhamo esiveliswa kuthi ngumoya oyingcwele size sizabalazele ukuxelisa iimpawu ezibalaseleyo zikaYehova uThixo. (Galati 5:22, 23; Efese 5:1; Kolose 3:10) Ngenxa yoko, indlela esiziphatha ngayo imihla ngemihla izukisa uThixo.
“Kuwo Wonke Umhlaba”
5. Chaza indlela uPawulos awayigxininisa ngayo imbopheleleko yamaKristu yokuzukisa uThixo ngokuvakalisa ukholo lwawo kwabanye.
5 Kwileta yakhe eyayisiya kwabaseRoma, uPawulos wagxininisa imbopheleleko amaKristu anayo yokuzukisa uThixo ngokuthetha nabanye ngokholo lwawo. Ingongoma ephambili evela kule ncwadi yamaRoma kukuba ngabo banokholo kuYesu Kristu kuphela abaya kusindiswa. Kwisahluko 10 sencwadi yakhe, uPawulos wabonisa ukuba amaSirayeli emvelo omhla wakhe ayezama ukuba ngamalungisa ngokugcina uMthetho kaMoses, ukanti “uKristu [wayekukuphela] koMthetho.” Ngenxa yoko, uPawulos uthi: “Ukuba ulivakalisa esidlangalaleni elo ‘lizwi lisemlonyeni wakho,’ lokuba uYesu uyiNkosi, uze ubonise ukholo entliziyweni yakho lokuba uThixo wamvusa kwabafileyo, uya kusindiswa.” Ukususela ngelo xesha, “[akukhange kubekho] lucalucalulo phakathi komYuda nomGrike, kuba kukho iNkosi enye kubo bonke, esisityebi kubo bonke abo babiza kuyo. ‘Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.’”—Roma 10:4, 9-13.
6. UPawulos wayisebenzisa njani INdumiso 19:4?
6 Wandula ke uPawulos athi: “Baya kubiza njani na kulowo bangakholwanga kuye? Baya kukholwa njani na kulowo bangevanga ngaye? Baya kuva njani na kungekho bani ushumayelayo?” (Roma 10:14) Ethetha ngoSirayeli, uPawulos uthi: ‘Akazithobelanga wonke iindaba ezilungileyo.’ Kwakutheni ukuze uSirayeli angathobeli? Akazange azithobele ngenxa yokuba wayengenalukholo, kungekuba wayengenamathuba okulubonakalisa. UPawulos ubonisa oku ngokucaphula INdumiso 19:4 aze ayisebenzise kumsebenzi wamaKristu wokushumayela kungekubo ubungqina obuthuleyo bendalo. Uthi: “Kaloku, enyanisweni, ‘intlokoma yabo yaphuma yaya kuwo wonke umhlaba, namazwi abo aya kwiziphelo zomhlaba omiweyo.’” (Roma 10:16, 18) Ewe, kanye njengokuba indalo engaphefumliyo izukisa uYehova, amaKristu enkulungwane yokuqala ashumayela iindaba ezilungileyo zosindiso kuyo yonke indawo yaye ngaloo ndlela azukisa uThixo kuwo “wonke umhlaba.” Kwincwadi yakhe eyayisiya kwabaseKolose, kwakhona uPawulos wachaza indlela iindaba ezilungileyo eziye zashunyayelwa ngayo ngokubanzi. Wathi iindaba ezilungileyo zishunyayelwe “kwindalo yonke ephantsi kwezulu.”—Kolose 1:23.
Amangqina Akhutheleyo
7. Ngokutsho kukaYesu, yiyiphi imbopheleleko amaKristu anayo?
7 Kusenokwenzeka ukuba, uPawulos wayibhala le ncwadi yakhe eya kwabaseKolose phantse kwiminyaka engama-27 emva kokufa kukaYesu Kristu. Umsebenzi wokushumayela wawunokunwenwa njani de uye kufikelela naseKolose eyayikude ngexesha elifutshane kangako? Oko kwenzeka kuba amaKristu enkulungwane yokuqala ayenenzondelelo, yaye uYehova wawasikelela ngenxa yenzondelelo yawo. Ngaphambili uYesu wayethe abalandeli bakhe baya kuba ngabashumayeli abakhutheleyo xa wathi: “Kumele kushunyayelwe iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga kuqala.” (Marko 13:10) Kweso siprofeto, uYesu wongezelela umyalelo okwiindinyana zokugqibela zencwadi yeVangeli kaMateyu othi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) Kungekudala emva kokuba uYesu enyukele ezulwini, abalandeli bakhe baqalisa ukuwathobela loo mazwi.
8, 9. Ngokutsho kweZenzo, amaKristu asabela njani kwimiyalelo kaYesu?
8 Emva kokuthululwa komoya oyingcwele ngePentekoste yowama-33 C.E., into yokuqala abalandeli bakaYesu abathembekileyo abayenzayo kukuhamba baye kushumayela, bexelela izihlwele zabantu ababeseYerusalem “izinto zobungangamela zikaThixo.” Umsebenzi wabo wokushumayela waphumelela kangangokuba kwabhaptizwa “imiphefumlo emalunga namawaka amathathu.” Abafundi baqhubeka bezukisa uThixo esidlangalaleni nangenzondelelo, yaye oko kwaba nemiphumo emihle.—IZenzo 2:4, 11, 41, 46, 47.
9 Kungekudala iinkokeli zonqulo zakuphawula oko kwakusenziwa ngaloo maKristu. Ziphazanyiswe kukuthetha ngokungafihlisi kukaPetros noYohane, zayalela aba bapostile babini ukuba bayeke ukushumayela. Aba bapostile bathi: “Thina, asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo.” Emva kokutyityimbiselwa umnwe baza bakhululwa, uPetros noYohane babuyela kubazalwana babo, yaye bebonke bathandaza kuYehova. Ngenkalipho bamcela uYehova besithi: “Wanike amakhoboka akho ukuba ahlale elithetha ilizwi lakho ngenkalipho yonke.”—IZenzo 4:13, 20, 29.
10. Aqalisa ukuchaswa njani amaKristu okwenyaniso, yaye asabela njani?
10 Loo mthandazo wawuvisisana nokuthanda kukaYehova, njengoko oko kwabonakala kamva. Abapostile babanjwa baza ngokungummangaliso bakhululwa yingelosi. Le ngelosi yabaxelela: “Hambani niye kuma etempileni, nize niqhubeke nithetha ebantwini onke amazwi angobu bomi.” (IZenzo 5:18-20) Ngenxa yokuthobela kwabapostile, uYehova waqhubeka ebasikelela. Ngenxa yoko, “imihla yonke etempileni nakwizindlu ngezindlu baqhubeka ngaphandle kokuyekelela befundisa kwaye bevakalisa iindaba ezilungileyo ezingoKristu, uYesu.” (IZenzo 5:42) Ngokucacileyo, inkcaso ekrakra ayizange ikwazi ukubathintela abalandeli bakaYesu ukuba bamzukise uThixo esidlangalaleni.
11. AmaKristu okuqala ayewujonga njani umsebenzi wokushumayela?
11 Kungekudala uStefano wabanjwa waza waxulutywa ngamatye wafa. Ukubulawa kwakhe kwabangela intshutshiso ekrakra eYerusalem, yaye bonke abafundi ngaphandle kwabapostile banyanzeleka ukuba basasazeke. Ngaba le ntshutshiso yabadimaza? Nakanye. Siyafunda: “Abo babechithachithekile balityhutyha ilizwe bevakalisa iindaba ezilungileyo zelizwi.” (IZenzo 8:1, 4) Waphinda wabonakala umoya wokuvakalisa uzuko lukaThixo ngenzondelelo. KwiZenzo isahluko 9, sifunda ukuba umFarisi onguSawule waseTarso, ngoxa wayekuhambo lokuya eDamasko eye kutshutshisa abafundi bakaYesu, embonweni wabona uYesu yaye wabethwa ngobumfama. EDamasko, uAnaniya ngommangaliso wamphilisa uSawule kubumfama. Yintoni awaqala wayenza uSawule—kamva owaziwa ngokuba ngumpostile uPawulos? Ingxelo ithi: “Ngoko nangoko kwizindlu zesikhungu waqalisa ukushumayela ngoYesu, okokuba Lo unguNyana kaThixo.”—IZenzo 9:20.
Bonke Babenenxaxheba Ekushumayeleni
12, 13. (a) Ngokutsho kwababhali-mbali, yintoni eyayibalasele ngebandla lamaKristu okuqala? (b) Incwadi yeZenzo namazwi kaPawulos avumelana njani noko kwabhalwa ngababhali-mbali?
12 Yaziwa ngokubanzi into yokuba wonke ubani kwibandla lokuqala lamaKristu wayeshumayela. Ethetha ngamaKristu aloo mihla, uPhillip Schaff uthi: “Bandla ngalinye laliliqela labashumayeli, yaye mKristu ngamnye wayengumhambisi wevangeli.” (History of the Christian Church) U-W. S. Williams uthi: “Yaziwa nanguthathatha into yokuba onke amaKristu kwiCawa yokuqala, ingakumbi lawo ayeneziphiwo zomoya, ayeshumayela ivangeli.” (The Glorious Ministry of the Laity) Kwakhona ugxininisa esithi: “UYesu Kristu akazange athi ukushumayela lilungelo elikhethekileyo labathile enkonzweni.” KwanoCelsus, owayebuchasile ubuKristu, wabhala: “Abenzi bomqhaphu, bezihlangu, abasuki bezikhumba, abona bantu bangafundanga nabaqhelekileyo, babengabashumayeli abanenzondelelo bevangeli.”
13 Ukuchana kwaloo mazwi kubonwa kwimbali yeZenzo. NgePentekoste yowama-33 C.E, emva kokuthululwa komoya oyingcwele, bonke abafundi, amadoda namabhinqa babezivakalisa ekuhleni izinto zobungangamsha zikaThixo. Emva kwentshutshiso eyaqalisa emva kokubulawa kukaStefano, onke amaKristu awayesasazekile ashumayela iindaba ezilungileyo kuyo yonke indawo. Kwiminyaka enokuba ngama-28 kamva, uPawulos wayebhalela onke amaKristu angamaHebhere, kungekuphela nje udidi lwabefundisi abambalwa, xa wathi: “Ngaye masisoloko sinikela kuThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo semilebe evakalisa ekuhleni igama lakhe.” (Hebhere 13:15) Echaza indlela yena awayewujonga ngayo umsebenzi wokushumayela, uPawulos wathi: “Ukuba ndivakalisa iindaba ezilungileyo, andinasizathu sakuqhayisa, kuba oko kuyimfuneko. Yeha ke mna ukuba andizivakalisanga iindaba ezilungileyo!” (1 Korinte 9:16) Ngokucacileyo, onke amaKristu athembekileyo kwinkulungwane yokuqala ayevakalelwa ngendlela efanayo.
14. Ukholo lunxulumene njani nokushumayela?
14 Enyanisweni, umKristu wokwenene ufanele ashumayele kuba oko kuhambisana nokholo. UPawulos wathi: “Ngentliziyo ubani ubonisa ukholo lobulungisa, kodwa ngomlomo wenza uvumo lwasesidlangalaleni losindiso.” (Roma 10:10) Ngaba kuphela liqela elincinane elithile ebandleni—njengabefundisi—elinokholo yaye ngenxa yoko elinembopheleleko yokushumayela? Akunjalo! Onke amaKristu okwenyaniso afanele ahlakulele ukholo kwiNkosi uYesu Kristu yaye oko kufanele kuwenze afune ukuluvakalisa ekuhleni olo kholo kwabanye. Kungenjalo, ukholo lwawo lufile. (Yakobi 2:26) Ngenxa yokuba onke amaKristu athembekileyo ngenkulungwane yokuqala kwiXesha lethu Eliqhelekileyo abonakalisa ukholo lwawo ngale ndlela, igama likaYehova lazukiswa.
15, 16. Nikela imizekelo ebonisa ukuba umsebenzi wokushumayela waqhubela phambili phezu kwazo nje iingxaki.
15 Kwinkulungwane yokuqala, uYehova wabasikelela abantu bakhe ngolwando phezu kwazo nje iingxaki ezazingaphakathi nangaphandle ebandleni. Ngokomzekelo, kwiZenzo isahluko 6 kuthiwa kwakukho ukungavisisani phakathi kwamakholwa athetha isiHebhere nathetha isiGrike. Loo ngxaki yasingathwa ngabapostile. Ngenxa yoku, sixelelwa ukuba: “Ilizwi likaThixo laqhubeka likhula, nenani labafundi landa kakhulu eYerusalem; yaye isihlwele esikhulu sababingeleli saluthobela ukholo.”—IZenzo 6:7.
16 Kamva, kwabakho imbambano yezobupolitika phakathi kukaKumkani uHerode Agripa wakwaYuda, nabantu baseTire naseSidon. Abemi bezo zixeko benza izivumelwano zoxolo behanahanisa, yaye ngenxa yoko uHerode wanikela intetho esidlangalaleni. Eso sihlwele sasihlanganisene apho sadanduluka sisithi: “Lilizwi lothixo elo, yaye asilamntu!” Ngoko nangoko, ingelosi kaYehova yambetha uHerode Agripa, waza wafa, “ngenxa yokuba engamnikanga uzuko uThixo.” (IZenzo 12:20-23) Hayi indlela abothuka ngayo abo babethembele kubalawuli abangabantu! (INdumiso 146:3, 4) Noko ke, amaKristu aqhubeka ezukisa uYehova. Ngenxa yoko, “ilizwi likaYehova laqhubeka likhula yaye lisasazeka” phezu kwako nje ukungazinzi kwezobupolitika.—IZenzo 12:24.
Ngoko Nangoku
17. Kwinkulungwane yokuqala, inani elandayo labantu lenza ntoni?
17 Ewe, ibandla lamaKristu ehlabathini lonke kwinkulungwane yokuqala lalibunjwe ngabakhonzi bakaYehova uThixo abanenzondelelo nabakhutheleyo. Onke amaKristu athembekileyo ayesasaza iindaba ezilungileyo. Amanye adibana nabantu abaphulaphulayo, yaye njengokuba uYesu watsho, abafundisa ukuthobela zonke izinto awayebayalele zona. (Mateyu 28:19, 20) Ngenxa yoku, ibandla lakhula, yaye abantu abaninzi bazukisa uYehova kanye njengoKumkani uDavide wamandulo. Bonke bavakalisa la mazwi aphefumlelweyo: “Ndiyakubonga, Yehova Thixo wam, ngayo yonke intliziyo yam, kwaye ndiya kulizukisa igama lakho ukusa kwixesha elingenammiselo, kuba bukhulu ububele bakho bothando kum.”—INdumiso 86:12, 13.
18. (a) Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kwebandla lamaKristu enkulungwane yokuqala neNgqobhoko namhlanje? (b) Yintoni eza kuqwalaselwa kwinqaku elilandelayo?
18 Ngenxa yoku, amazwi ka-Allison A. Trites, unjingalwazi wezakwalizwi abangel’ umdla. Ethelekisa iNgqobhoko namhlanje nobuKristu benkulungwane yokuqala, wathi: “Namhlanje iicawa ngokuqhelekileyo zandiswa ngamalungu entsapho (xa abantwana bamalungu ecawa bebonakalisa ukholo) okanye ngokufuduka kwabanye (xa ilungu elitsha lifudukela kwenye icawa yasekuhlaleni). Noko ke, ulwando oluchazwe kwiZenzo, lwalubangelwa ngamaguquka, kuba icawa yayiqalisa ukwenza umsebenzi wayo.” Ngaba oko kuthetha ukuba ubuKristu bokwenyaniso abandi ngendlela uYesu awayethe buya kwanda ngayo? Akunjalo. AmaKristu okwenyaniso namhlanje anenzondelelo efana naleyo awayenayo amaKristu enkulungwane yokuqala ekuvakaliseni kubantu bonke uzuko lukaThixo. Oku siza kukubona kwinqaku elilandelayo.
Ngaba Unokucacisa?
• UThixo simzukisa ngaziphi iindlela?
• UPawulos wayisebenzisa njani INdumiso 19:4?
• Ukholo lunxulumene njani nokushumayela?
• Yintoni elalibalasele ngayo ibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala?
[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]
Amazulu asoloko evakalisa uzuko lukaYehova
[Inkcazelo]
Courtesy of Anglo-Australian Observatory, photograph by David Malin
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Umsebenzi wokushumayela unxulumene nomthandazo