Indlela Onokuzanelisa Ngayo Iintswelo Zakho Zokomoya
IU.S.News & World Report ithi: “Kwishumi leminyaka elidluleyo, iincwadi ezingaphezu kwama-300 ezahlukahlukeneyo ezingendlela imeko yomntu yokomoya ebaluleke ngayo emsebenzini—ukususela kwincwadi ethi Jesus CEO ukusa kwethu The Tao of Leadership—ziye zazalisa iivenkile ezininzi ezithengisa iincwadi.” Oku kuye kwabonisa ukuba kumazwe amaninzi achumileyo, baye besanda abantu abafuna ukhokelo lokomoya ebomini babo. Ethetha ngoku, ulindixesha wezoshishino iTraining & Development uthi: “Kanye xa ubomi bethu bulawulwa zizinto zobugcisa, sifuna intsingiselo enzulu, injongo nokwaneliseka ebomini.”
Noko ke, unokulufumana phi ukhokelo lokomoya olwanelisayo? Ngaphambili, abantu bebesiya kwiinkonzo ezaziwayo ukuze bafumane “intsingiselo enzulu” ‘nenjongo’ ebomini. Namhlanje, abaninzi baye bazityeshela iinkonzo ezaziwayo. ITraining & Development ithi xa kwakuhlolisiswa abaphathi abangama-90 abaphezulu kwafunyaniswa ukuba “abantu bayakwazi ukubona umahluko phakathi komntu ohamba icawa nozixhalabeleyo izinto zokomoya.” Abantu ababekolu hlolisiso babegqala unqulo “njengolunganyamezelaniyo nolungamanyananga,” ngoxa ukuxhalabela izinto zokomoya bekugqala “njengento abanayo bonke abantu.”
Abantu abaninzi abaselula abahlala kwiindawo apho abantu bengenamdla kangako kwizinto zonqulo, njengaseOstreliya, eNew Zealand, eUnited Kingdom, naseYurophu, ngokufanayo bawubona ngokucacileyo umahluko phakathi kwabantu abahamba icawa nabazixhalabeleyo izinto zokomoya. Unjingalwazi uRuth Webber, ebhala kwincwadi ethi Youth Studies Australia, uthi: “Abantu abaninzi abaselula bayakholelwa kuThixo, okanye kumandla athile angaphezu kwawomntu kodwa abacingi ukuba icawa ibalulekile okanye iyabanceda kwimeko yabo yokomoya.”
Unqulo Lokwenyaniso Lukhuthaza Ukuxhalabela Izinto Zokomoya
Siyaqondakala isizathu sokuba abantu beluthandabuza unqulo. Iinkonzo ezininzi zibandakanyeke kwezobupolitika yaye ziyahanahanisa kwaye zinetyala legazi kwiimfazwe ezininzi ezibandakanya unqulo. Sekunjalo, ngoxa abantu abaninzi bezityeshela iinkonzo ezinohanahaniso nezikhohlisayo, abanye baye benza impazamo yokutyeshela neBhayibhile, kuba becinga ukuba iyazivumela izinto ezinjalo.
Eneneni, iBhayibhile iyakugweba ukuhanahanisa nokuchas’ umthetho. UYesu wathi kwiinkokeli zonqulo zomhla wakhe: “Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba ninentsobi yamangcwaba aqatywe mhlophe, ngaphandle eneneni abonakala emahle kodwa ngaphakathi azele ngamathambo abantu abafileyo nalo lonke uhlobo lokungahlambuluki. Ngaloo ndlela nani, ngaphandle eneneni, nibonakala ningamalungisa ebantwini, kodwa ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchas’ umthetho.”—Mateyu 23:27, 28.
Ngaphezu koko, iBhayibhile ikhuthaza amaKristu ukuba abe ngoondilele kuyo yonke imibandela yezobupolitika. Kunokuba ikhuthaze amakholwa ukuba abulalane, ithi afanele akulungele ukufelana. (Yohane 15:12, 13; 18:36; 1 Yohane 3:10-12) Kunoba lube yinto “enganyamezelaniyo nengamanyananga,” unqulo lokwenyaniso, olusekelwe eBhayibhileni, “luyinto eyamkela bonke abantu.” Umpostile uPetros wathi: “UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZenzo 10:34, 35.
IBhayibhile—Ukhokelo Olunokuthenjwa Kwimpilo Yokomoya
IBhayibhile isixelela ukuba abantu badalwa ngokomfuziselo kaThixo. (Genesis 1:26, 27) Nangona oku kungathethi ukuba abantu bafana noThixo emzimbeni, kodwa kuthetha ukuba abantu banako ukubonakalisa iimpawu zobuntu bukaThixo, kuquka nokuxhalabela izinto zokomoya.
Kuba oku kunjalo, kusengqiqweni ukukholelwa ukuba uThixo uya kuzanelisa iintswelo zethu zokomoya, aze asinike nolwalathiso olufanelekileyo ukuze sikwazi ukubona oko kusizuzisayo noko kuyingozi kuthi ngokomoya. Kanye njengokuba uThixo wasidala saba nemizimba enenkqubo yokuzikhusela, elwa nezifo ize isigcine sisempilweni, kwakhona wasipha isazela, esinokusinceda senze izigqibo ezifanelekileyo size siphephe imikhwa emibi neyingozi kuthi emzimbeni nangokomoya. (Roma 2:14, 15) Njengoko sisazi, ukuze inkqubo yethu yokuzikhusela komzimba isebenze, ifanele yondliwe kakuhle. Ngokufanayo, ukuze isazela sethu sisebenze sifanele sisondle ngokutya kokomoya okufanelekileyo.
Echaza uhlobo lokutya oluya kusigcina siphilile ngokomoya, uYesu wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Mateyu 4:4) Imiyalelo kaYehova ibhalwe kwiLizwi lakhe, iBhayibhile, yaye “iyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto.” (2 Timoti 3:16) Ngoko ke, into ixhomekeke kuthi ukuba senze umgudu ukuze sizondle ngokomoya. Okukhona siyazi iBhayibhile yaye sizama ukusebenzisa imigaqo yayo ebomini bethu, kokukhona siya kuzuza ngokomoya nasemzimbeni.—Isaya 48:17, 18.
Ngaba Kuwufanele Umgudu?
Liyinyaniso elokuba, kuthabatha ithuba ukuphucula impilo yethu yokomoya ngokufundisisa iBhayibhile; yaye kubonakala ukuba ixesha alifane lifumaneke. Kodwa umvuzo uwufanele umgudu! Phawula indlela abantu abavunyiweyo nabaxakekileyo abachaza ngayo isizathu sokuba kubalulekile kubo ukuzipha ixesha lokunyamekela impilo yabo yokomoya.
UMarina, ugqirha, uthi: “Andizange ndicinge ngemeko yam yokomoya de ndaqalisa ukusebenza esibhedlele ndaza ndaqalisa ukuchukumiseka ngokunzulu xa ndibona abanye bebandezeleka. Kwafuneka ndivume ukuba ndinentswelo engokomoya ndize ndiyanelise ukuba ndifuna ukwaneliseka ndize ndibe noxolo lwengqondo, ekubeni ubomi nokunyamekela abantu kunokuba nzima kuhlobo lomsebenzi endiwenzayo.
“Ngoku ndifunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Oku kundinceda ndicingisise ngoko ndikwenzayo nesizathu sokuba ndikwenze ngendlela eyakhayo ndize ndiziqeqeshe ukuba ndicinge ngendlela eyakhayo, ukuze ndikwazi ukulungelelana ebomini. Umsebenzi wam wempangelo uyandanelisa gqitha. Kodwa kukufunda iBhayibhile okuye kwandibangela ndikwazi ukulawula iimvakalelo zam, ukunxunguphala, ndiphelise uxinezeleko yaye ndibe nomonde ndize ndibe novelwano ngabantu. Ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kuye kwandinceda nasemtshatweni wam. Okubaluleke ngakumbi, ndiye ndamazi uYehova ndaza ndabona indlela umoya wakhe osebenza ngayo, nto leyo eye yandenza ndaba nenjongo ebomini.”
UNicholas, umzobi weeplani zokwakha, uthi: “Ngaphambi kokuba ndifunde iBhayibhile namaNgqina kaYehova, ndandingenamdla kwizinto zokomoya. Eyona njongo yam yayikukuphumelela kumsebenzi wam. Isifundo sam seBhayibhile siye sandifundisa ukuba kukho okuthile okungakumbi ebomini nokuba ukwenza ukuthanda kukaYehova kuya kuzisa ulonwabo lokwenene noluhlala luhleli.
“Umsebenzi wam uyandanelisa ngokomlinganiselo othile, kodwa yiBhayibhile eye yandifundisa ukubaluleka kokugcina ubomi obulula ngokunikela ingqalelo kwizinto zokomoya. Ngokwenjenjalo, mna nomfazi wam siye sakuphepha ukuxinezeleka kakhulu ngenxa yokufuna izinto eziphathekayo. Kwakhona siye sakwazi ukuzenzela abahlobo bokwenene nabo banosukelo lokomoya olufana nolwethu.”
UVincent, igqwetha, uthi: “Umsebenzi wempangelo ofanelekileyo unokukwenza waneliseke ngokomlinganiselo othile. Noko ke, ndiye ndafumanisa ukuba kufuneka okungakumbi ukuze ubani onwabe aze aneliseke. Ngaphambi kokuba ndifunde eBhayibhileni ngoku, ndandicinga ngendlela ubomi obabungenanjongo ngayo—umntu uyazalwa, akhule, atshate, asebenze ukuze afumane izinto eziphathekayo aze akwazi ukukhulisa abantwana bakhe, abafundise ukuba nabo benze kanye okufanayo, aze ekugqibeleni aluphale, afe.
“Kuphela kuxa ndafunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova endathi ndafumana iimpendulo ezanelisayo kwimibuzo yam engenjongo yobomi. Isifundo sam seBhayibhile siye sandinceda ndamazi uYehova njengomntu ndaza ndahlakulela uthando olunzulu ngaye. Oku kwandinceda ndakwazi ukuba nesimo sengqondo esifanelekileyo ngezinto zokomoya njengoko ndandizama ukuphila ubomi obuvisisana noko ndikwaziyo ukuba kuyinjongo yakhe. Ngoku, mna nomfazi wam sanelisekile kukwazi ukuba sisebenzisa ubomi bethu ngeyona ndlela inenjongo.”
Nawe unokufumana injongo ebomini ngokufundisisa iBhayibhile. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda. NjengoMarina, uNicholas, noVincent, unokufumana ulwaneliseko olubangelwa kukufunda ngoYehova nangeenjongo zakhe ngoluntu nangawe. Akusayi kwanelisa iintswelo zakho zokomoya kuphela ngoku kodwa kwakhona uya kuba nethemba lokufumana ubomi obufezekileyo nobusempilweni ngonaphakade—into eya kufunyanwa kuphela ngabo “bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3.
Enye indlela enokusinceda ngokomoya kukuthandaza. UYesu wazipha ixesha lokufundisa abalandeli bakhe indlela yokuthandaza, ebanika oko kuthiwa nguMthandazo Ongumzekelo. Loo mthandazo uthetha ntoni kuwe namhlanje? Unokuzuza njani kuwo? Uza kufumana iimpendulo kumanqaku alandelayo.
[Imifanekiso ekwiphepha 6]
UMarina
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
UNicholas
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
UVincent