Ukuxhalabela Izinto Zokomoya Nempilo Yakho
KUSENOKWENZEKA ukuba uchitha ixesha elininzi unyamekela impilo yakho. Imihla ngemihla, usenokuba uchitha phantse iiyure ezisibhozo ulele, ezinye iiyure upheka yaye usitya, uze uchithe iiyure ezisibhozo okanye ezingakumbi usebenza ukuze ufumane indawo yokulala nokutya. Ukuba uyagula, kusenokwenzeka ukuba uchitha ixesha nemali ukuze uye kugqirha okanye wenze iyeza lesintu. Ucoca indlu yakho, uyahlamba uze wenze umthambo rhoqo, konke oku ukwenza kuba ufuna impilo.
Noko ke, ukuhlala usempilweni kuquka okungakumbi kunokunyamekela iintswelo zakho zasemzimbeni. Kukho enye into ebaluleke kakhulu kwimpilo-ntle yakho. Ezonyango ziye zabonisa ukuba impilo yakho yasemzimbeni inxulumene ngokusondeleyo nempilo yokomoya—ukuxhalabela izinto zokomoya okanye ukungazixhalabeli.
Unxulumano Olukhoyo
UNjingalwazi uHedley G. Peach weYunivesithi yaseMelbourne, eOstreliya uthi: “Uhlolisiso oluye lwenziwa ngalo mbandela lubonisa ukuba kukho unxulumano oluhle phakathi kokukhula ngokomoya nempilo kabani.” Ithetha ngolu phando, iThe Medical Journal of Australia (MJA) ithi: “Kuye kwathiwa abantu abakhonzayo . . . banomlinganiselo ophantsi woxinezeleko lwegazi, icholesterol ephantsi . . . yaye abadli ngokuba nomhlaza emathunjini.”
Ngokufanayo, eUnited States, kuhlolisiso olwenziwa ngowama-2002 kubantu abangama-6 545 yiUniversity of California (UC), eBerkeley, kwafunyaniswa ukuba “abantu abaya enkonzweni kanye ngeveki abakho ngozini ingako yokufa xa kuthelekiswa nabo bangafane baye okanye bangayi kwaphela.” UDoug Oman, umbhali ophambili kolu phando nofundisa eUC Berkeley’s School of Public Health, wathi: “Sikufumanise oku emva kokunikela ingqalelo kwiinkalo ezinjengemibandela yasekuhlaleni nendlela yokuziphatha ngokwempilo, kuquka ukutshaya nokwenza umthambo.”
Ithetha ngezinye iinzuzo zabo baxhalabele izinto zokomoya, iMJA ithi: “Uphando olwenziwe eOstreliya luye lwabonisa ukuba abantu abakhonzayo bazinza nangakumbi emtshatweni, abafane basebenzise kakubi utywala neziyobisi ezingekho mthethweni, abafane bafune ukuzibulala, abafane babe namaxhala okanye badandatheke, yaye bazingce.” Ukongezelela, iBMJ (eyayisaziwa njengeThe British Medical Journal) ithi: “Abantu abakholwayo bakwazi ngokukhawuleza nangokupheleleyo ukuhlangabezana nentlungu yokufelwa ngumntu abamthandayo kunabantu abangakholwayo.”
Abantu bacinga izinto ezahlukeneyo ngokuphathelele oko kuthethwa kukuxhalabela ngokwenene izinto zokomoya. Sekunjalo, imeko yakho yokomoya iyayichaphazela impilo yakho engokwasemzimbeni neyasengqondweni. Oku kuyavisisana noko kwathethwa nguYesu Kristu phantse iminyaka engama-2 000 eyadlulayo. Wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Ekubeni impilo nolonwabo lwakho lunokuthanani nemeko yakho yokomoya, kusengqiqweni ukuzibuza: ‘Ndinokulufumana phi ukhokelo lokomoya endinokuluthemba? Yaye yintoni ebandakanyekileyo ekubeni ngumntu ozixhalabeleyo izinto zokomoya?’
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 2]
Photo Credits: Page 18: Mao Tse-tung and Golda Meir: Hulton/Archive by Getty Images; Francis Ferdinand: From the book The War of the Nations; Hirohito, Lindbergh, & Einstein: U.S. National Archives photo; Stalin: U.S. Army photo; Roosevelt: Franklin D. Roosevelt Library; Churchill: The Trustees of the Imperial War Museum (MH 26392)