Iingxaki Zokuqeqesha Abantwana Namhlanje
KUSEBUSUKU, yaye umphathi wevenkile yokutyela ulungiselela ukuvala aze agoduke. Kusenjalo kungena amabhinqa amabini kunye nomntwana aze athenge ukutya. Ekubeni ediniwe, lo mnini-venkile uziva efuna ukuwaxelela ukuba ivenkile ivaliwe, kodwa ugqiba kwelokuba awalungiselele ukutya akufunayo. Ngoxa la mabhinqa mabini encokola yaye esitya, umntwana ubaleka ugqiba yonke le venkile, uwisa amaqebengwane aze awanyathele. Kunokuba amnqande, umama womntwana usuk’ ancume. Emva kokuba ekugqibeleni bemkile aba bantu, umnini-venkile odiniweyo kufuneka acoce obo bumdaka.
Njengoko kusenokwenzeka ukuba uyazi, le meko eyenzeka ngokoqobo, ibonisa ukuba kwiintsapho ezininzi, abantwana abaqeqeshwa kakuhle. Izizathu zoko ziyahlukahlukana. Abanye abazali bayeka abantwana benze unothanda, becinga ukuba abantwana bafanele banikwe inkululeko. Okanye kuba bexakeke gqitha, abazali basenokungachithi xesha ekunyamekeleni abantwana babo nokubanika uqeqesho olufunekayo. Bambi abazali bavakalelwa kukuba imfundo yomntwana wabo yeyona nto ibalulekileyo, ngoko ke banika umntwana phantse inkululeko epheleleyo logama nje efumana amanqaku amahle esikolweni ukuze aye kweyona kholeji isemagqabini.
Sekunjalo, abanye basenokuthi imilinganiselo yokuziphatha yabazali neyabantu ekuhlaleni ifanele ilungelelaniswe. Baqiqa ngelithi abantwana babandakanyeka kuzo zonke iintlobo zolwaphulo-mthetho yaye ugonyamelo esikolweni luya luthabath’ unyawo suku ngalunye. Ngenxa yoko, inqununu yesikolo samabanga aphakathi eSeoul, kwiRiphabliki yaseKorea, yagxininisa ukuba kufanele kube yeyona nto iphambili ukuqeqesha abantwana ukuba baphucule ubuntu babo. Yathi: “Emva kokuba ubaqeqeshe kakuhle bafanele bafumane ulwazi.”
Abazali abaninzi abafuna umntwana wabo aye ekholejini aze aphumelele ebomini baye bangawananzi amazwi alumkisayo. Ukuba ungumzali, ufuna ukuba umntwana wakho abe ngumntu onjani? Ngaba ufuna abe ngumntu omdala oziphethe kakuhle nokwaziyo ukuthwala iimbopheleleko? Ngaba ufuna abe nolwazelelelo kwabanye, abe bhetyebhetye, yaye abe luncedo kwabanye? Ukuba kunjalo, nceda uqwalasele inqaku elilandelayo.