Ukuhlakulela Imbono EnjengekaKristu Ngobukhulu
“Nabani na ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu makabe ngumlungiseleli wenu.”—MATEYU 20:26.
1. Ihlabathi libujonga njani ubukhulu?
KUFUPHI nesixeko samandulo saseYiputa iThebes (iKarnak yanamhlanje), malunga neekhilomitha ezingama-500 ngezantsi kweCairo, kukho umfanekiso oqingqiweyo kaPharaoh Amenhotep III oziimitha ezili-18 ubude. Xa ubani ewujonga lo mfanekiso mkhulu kangaka uziva emncinane ngokwenene. Ngokungathandabuzekiyo, lo mfanekiso owenzelwe ukwenza abantu bamoyike lo mlawuli, ngumqondiso wendlela ihlabathi elibujonga ngayo ubukhulu—ukuzenza ubonakale umkhulu yaye ubalulekile kangangoko kunokwenzeka nokwenza abanye bazive bebancinane.
2. Nguwuphi umzekelo uYesu awawumisela abalandela bakhe, yaye yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona?
2 Thelekisa le mbono ngobukhulu noko kwafundiswa nguYesu Kristu. Nangona ‘wayeyiNkosi noMfundisi’ kubalandeli bakhe, uYesu wafundisa ukuba ubukhulu bafumaneka ngokwenzela abanye izinto. Kusuku lokugqibela lobomi bakhe esemhlabeni, uYesu wabonisa intsingiselo yoko wayekufundisa ngokuhlamba iinyawo zabafundi bakhe. Lo yayingumsebenzi ophantsi ngokwenene! (Yohane 13:4, 5, 14) Ukwenzela abanye okanye ukwenzelwa ngabanye izinto—yiyiphi oyithandayo? Ngaba umzekelo kaKristu ukwenza ufune ukuzithoba kanye njengaye? Ngoko ke makhe siqwalasele imbono kaKristu ngobukhulu ngokwahlukileyo kwimbono yehlabathi.
Yiphephe Imbono Yehlabathi Ngobukhulu
3. Yiyiphi imizekelo eseBhayibhileni ebonisa imiphumo emibi efunyanwa ngabo banqwenela ukuzukiswa ngabantu?
3 Kukho imizekelo emininzi eBhayibhileni ebonisa ukuba imbono yehlabathi ngobukhulu ikhokelela kwintlekele. Khawucinge ngoHaman owayenegunya, owayebalulekile kwindlu yobukhosi basePersi ngemihla kaEstere noMordekayi. Ukunqwenela uzuko kukaHaman kwamzisela ihlazo nokufa. (Estere 3:5; 6:10-12; 7:9, 10) Kuthekani ngoNebhukadenetsare owayekhukumele, owashiywa ziingqondo kanye xa wayekwincopho yolawulo lwakhe? Imbono yakhe egqwethekileyo ngobukhulu yavakaliswa ngala mazwi: “Asiyiyo na le iBhabhiloni Enkulu, endizakhele yona ngamandla am amakhulu ukuba ibe yindlu yasebukhosini, ngenxa yesidima sobungangamsha bam?” (Daniyeli 4:30) Kwakhona khawucinge ngoHerode Agripa I owayenekratshi, owamkela uzuko olwalungamfanelanga kunokuba azukise uThixo. “Wadliwa ziimpethu waza wabhubha.” (IZenzo 12:21-23) Ukungayiqondi imbono kaYehova ngobukhulu kwakhokelela ekubeni bonke aba bantu balahlekelwe ligunya.
4. Ngubani ophembelela umoya wehlabathi wekratshi?
4 Kufanelekile ukufuna ukusebenzisa ubomi bethu ngendlela yokuzizisela uzuko nembeko. Kodwa, uMtyholi usebenzisa lo mnqweno ukuze asenze sibe nekratshi, nto leyo ayibonakalisa ngamabhongo anawo. (Mateyu 4:8, 9) Ungaze ulibale ukuba ‘unguthixo wale nkqubo yezinto,’ yaye uzimisele ukusasaza indlela acinga ngayo apha emhlabeni. (2 Korinte 4:4; Efese 2:2; ISityhilelo 12:9) Ekubeni esazi apho isuka khona le ngcamango, amaKristu ayayiphepha imbono elolu hlobo ngobukhulu.
5. Ngaba ukuphumeza okuthile, ukuba ngumntu odumileyo nobutyebi kuqinisekisa ulwaneliseko oluhlala luhleli? Cacisa.
5 Enye ingcamango uMtyholi ayikhuthazayo ikukuba, ukuzakhela igama ehlabathini, ukunconywa ngabantu nokuba nemali eninzi ngokuzenzekelayo kubangela ubani onwabe ebomini. Ngaba oko kuyinyaniso? Ngaba ukuphumeza okuthile, ukuba ngumntu odumileyo nokuba nobutyebi kuqinisekisa ukuba ubani uya kuphila ngokwaneliseka? IBhayibhile iyasilumkisa ukuba singakhohliswa yingcamango enjalo. UKumkani uSolomon owayesisilumko wabhala: “Mna ndakubona konke ukusebenza nzima nabo bonke ubugcisa emsebenzini, oko kuthetha ukusukuzana omnye nomnye; kwanako oko kungamampunge nokusukelana nomoya.” (INtshumayeli 4:4) Abantu abaninzi abaye bachitha ubomi babo befuna ukuba ngoothile ehlabathini bayavumelana nobunyaniso besi siluleko siphefumlelweyo seBhayibhile. Omnye umzekelo ngowendoda eyanceda ukuzoba, ukwakha nokuvavanya isiphekepheke esasa abantu enyangeni. Uthi: “Ndazibhokoxa yaye ndandiyingcaphephe emsebenzini wam. Kodwa awuzange nakancinane undizisele ulonwabo oluhlala luhleli noxolo lwengqondo.”a Ingcamango yehlabathi ngobukhulu, enoba kukwezoshishino, kwimidlalo, okanye kwezolonwabo ayiqinisekisi ukuba ubani uya kuba nolwaneliseko olungapheliyo.
Ubukhulu Ngenxa Yenkonzo Enikelwa Ngothando
6. Yintoni ebonisa ukuba uYakobi noYohane babenembono ephosakeleyo ngobukhulu?
6 Into eyenzeka kubomi bukaYesu ityhila oko ngokwenene kuthethwa bubukhulu. UYesu nabafundi bakhe babesiya eYerusalem kwiPasika yowama-33 C.E. Endleleni, uYakobi noYohane, abaza bakaYesu babenembono ephosakeleyo ngobukhulu. Becela unina ukuba abathethele kuYesu, bathi: ‘Khupha ilizwi lokuba thina sihlale, omnye ngasekunene kwakho nomnye ngasekhohlo kwakho, ebukumkanini bakho.’ (Mateyu 20:21) KumaYuda, ukuhlala ngasekunene okanye ngasekhohlo kwakulilungelo elikhulu. (1 Kumkani 2:19) UYakobi noYohane ngenxa yamabhongo bazikhethela ezona zikhundla ziphezulu. Babefuna ukuba segunyeni. UYesu wayekwazi ababekucinga waza wasebenzisa elo thuba ukulungisa imbono yabo ephosakeleyo ngobukhulu.
7. UYesu wabuchaza njani ubukhulu bokwenene bamaKristu?
7 UYesu wayesazi ukuba kweli hlabathi linekratshi, umntu ogqalwa njengomkhulu ulawula aze ayalele abanye yaye nanini na unokubenza benze ukuthanda kwakhe. Kodwa phakathi kwabalandeli bakaYesu, kukwenza imisebenzi ephantsi okukwenza ube ngomkhulu. UYesu wathi: “Nabani na ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu makabe ngumlungiseleli wenu, yaye nabani na ofuna ukuba ngowokuqala phakathi kwenu makabe likhoboka lenu.”—Mateyu 20:26, 27.
8. Kuthetha ukuthini ukuba ngumlungiseleli, yaye yiyiphi imibuzo esinokuzibuza yona?
8 Igama lesiGrike eliguqulelwe eBhayibhileni ngokuthi “umlungiseleli” libhekisela kumntu okhutheleyo nosoloko ezimisele ukunceda abanye. UYesu wayefundisa abafundi bakhe isifundo esibalulekileyo: Ukuyalela abantu ukuba benze izinto ezithile akumenzi ubani abe mkhulu; ukwenzela abanye izinto uqhutywa luthando kuko okumenza ubani abe mkhulu. Khawuzibuze: ‘Ngendandenze ntoni ukuba ndandinguYakobi okanye uYohane? Ngaba ngendandiyifumene ingongoma yokuba ubukhulu bokwenene bufumaneka ngokwenzela abanye izinto uqhutywa luthando?’—1 Korinte 13:3.
9. UYesu wamisela wuphi umzekelo ngoxa wayeqhubana nabanye?
9 UYesu wabonisa abafundi bakhe ukuba indlela ihlabathi elibujonga ngayo ubukhulu asiyiyo indlela yena Kristu abujonga ngayo. Akazange azigqale emkhulu kunabo wayebenzela izinto okanye abenze bazive bephantsi. Abantu beendidi zonke—amadoda, amabhinqa, nabantwana, izityebi, amahlwempu nabanegunya, naboni abaziwayo—babekhululekile ukuba kunye naye. (Marko 10:13-16; Luka 7:37-50) Ngokuqhelekileyo abanye ababacingeli abantu abaneentsilelo ezithile. UYesu wayengenjalo. Nangona abafundi bakhe ngamany’ amaxesha babebonakalisa ukungabi nangqiqo yaye bexambulisana, wayebafundisa ngomonde, ebabonisa ukuba wayethobekile ngokwenene yaye engacaphuki msinya.—Zekariya 9:9; Mateyu 11:29; Luka 22:24-27.
10. Kubomi bakhe bonke uYesu wabonakalisa njani ukuba wayezimisele ukunceda abanye ngaphandle kokuzingca?
10 Umzekelo wokuzincama owamiselwa ngulo Nyana kaThixo ubalaseleyo wabonisa oko kuthethwa bubukhulu bokwenene. UYesu akazange eze emhlabeni ukuze alungiselelwe kodwa weza ukuze alungiselele abanye, ephilisa “izifo ezahlukahlukeneyo” yaye ekhupha iidemon ebantwini. Nangona wayedinwa aze afune ukuphumla, wayesoloko ebeka iimfuno zabanye ngaphambi kwezakhe, esenza konke okusemandleni akhe ukuze abathuthuzele. (Marko 1:32-34; 6:30-34; Yohane 11:11, 17, 33) Uthando awayenalo lwamkhuthaza ukuba ancede abantu ngokomoya, ehamba imigama emide kwiindlela zomhlaba ukuya kushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (Marko 1:38, 39) Ngokungathandabuzekiyo, uYesu wayekugqala kubalulekile ukunceda abanye.
Xelisa Ukuthobeka KukaKristu
11. Ziziphi iimpawu ezifunekayo kubazalwana abamiselwa njengabaveleli ebandleni?
11 Ngasekupheleni kweminyaka yee-1800, umoya ababefanele abaveleli abangamaKristu bawubonakalise wagxininiswa xa kwakunyulwa abaveleli abahambahambayo ukuba bancede abantu bakaThixo. Into eyayifuneka ngokutsho kweZion’s Watch Tower kaSeptemba 1, 1894, yayingamadoda “alulamileyo—ukuze angabi nakratshi . . . , amadoda athobekileyo angashumayeli ngeziqu zawo, kodwa ashumayela ngoKristu—angavakalisi ulwazi lwawo, kodwa iLizwi lakhe ngendlela elula nenamandla.” Ngokucacileyo, amaKristu okwenyaniso akafanele afune izikhundla ukuze anelise amabhongo anawo okanye azuze udumo, igunya nokulawula abanye. Umveleli othobekileyo ukhumbula ukuba imbopheleleko yakhe ‘ngumsebenzi omhle,’ ingesiso isikhundla esiza kumzisela uzuko. (1 Timoti 3:1, 2) Bonke abadala nezicaka zolungiselelo bafanele benze konke okusemandleni abo ukukhonza ngokuthobeka yaye bakhokele kwinkonzo engcwele, bemisela umzekelo omhle wokuxeliswa ngabanye.—1 Korinte 9:19; Galati 5:13; 2 Timoti 4:5.
12. Yiyiphi imibuzo abafanele bazibuze yona abo bazabalazela amalungelo ebandleni?
12 Nawuphi umzalwana ozabalazela isigxina sembopheleleko kusenokufuneka azibuze: ‘Ngaba ndikhangela amathuba okunceda abanye, okanye ndinotyekelo lokufuna ukukhonzwa? Ngaba ndikulungele ukwenza imisebenzi eluncedo engaphawulwa ngokulula ngabanye?’ Ngokomzekelo, umzalwana oselula usenokukuvuyela ukunikela iintetho ebandleni lamaKristu kodwa usenokungakuthandi ukunceda abantu abalupheleyo. Usenokukuthanda ukunxulumana namadoda anembopheleleko ebandleni kodwa angakuthandi ukushumayela. Loo mfana usenokuzibuza: ‘Ngaba ngokuyintloko ndigxininisa kwinkonzo kaThixo endenza ndiphawuleke ndize ndidunyiswe? Ngaba ndizabalazela ukubalasela kwabanye?’ Ngokuqinisekileyo ukuzifumanela uzuko asikokuxelisa uKristu.—Yohane 5:41.
13. (a) Umzekelo womveleli wokuthobeka unokubachaphazela njani abanye? (b) Kutheni kunokuthiwa ukuzithoba, okanye ukuthobeka kwengqondo, akungombandela wokuzikhethela kumKristu?
13 Xa sizabalazela ukuxelisa ukuthobeka njengoKristu, oko kusikhuthaza ukuba senzele abanye izinto. Khawucinge ngomzekelo womveleli wecandelo owayehlola indlela izinto ezenziwa ngayo kwenye yeeofisi zesebe zamaNgqina kaYehova. Phezu kwalo nje ucwangciso olwaluxakekile nembopheleleko enkulu awayenayo, lo mveleli wama ukuze ancede omnye umzalwana oselula owayetsaliswa nzima ngumatshini wokudibanisa iincwadi. Emangalisiwe, lo mzalwana wathi: “Andizange ndiyikholelwe loo nto! Wandixelela ukuba wayesebenza kumatshini ofanayo ngoxa wayeselula eBheteli, yaye uyakhumbula indlela ekwakunzima ngayo ukuwenza usebenze kakuhle. Wasebenza nam kuloo matshini kangangexesha elide nangona wayenezinye izinto ezininzi ezibalulekileyo awayefanele azenze. Oko kwandichukumisa ngokwenene.” Loo mzalwana, ngoku ongumveleli wenye iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova, nangoku usasikhumbula eso senzo sokuthobeka. Ngamana singangaze sicinge ukuba siphakame gqitha ukuba senze imisebenzi ephantsi okanye sibaluleke gqitha ukwenza imisebenzi engabalulekanga. Kunoko, sifanele sambathe “ukuthobeka kwengqondo.” Lo asingombandela wokuzikhethela. Kuyinxalenye ‘yobuntu obutsha’ amele umKristu abunxibe.—Filipi 2:3; Kolose 3:10, 12; Roma 12:16.
Indlela Yokuzuza Imbono KaKristu Ngobukhulu
14. Ukucamngca ngolwalamano lwethu noThixo namanye amakholwa kunokusinceda njani ukuze sihlakulele imbono echanileyo ngobukhulu?
14 Sinokuyizuza njani imbono echanileyo ngobukhulu? Enye indlela kukucamngca ngolwalamano lwethu noYehova uThixo. Ubukhulu, igunya nobulumko bakhe buphakame ngaphezu kwayo nantoni na enokucingwa ngabantu abaphantsi. (Isaya 40:22) Ukucamngca ngolwalamano lwethu namanye amakholwa kuya kusinceda sihlakulele ukuthobeka kwengqondo. Ngokomzekelo, sinokuwagqwesa amanye kwiinkalo ezithile, kodwa nawo anokugqwesa kwezinye iinkalo zobomi ezibaluleke gqitha, okanye abazalwana bethu abangamaKristu basenokuba neempawu ezithile thina esingenazo. Enyanisweni, abantu abaninzi abaxabisekileyo emehlweni kaThixo ngokuqhelekileyo ababalasele nganto ngenxa yokuba belulamile yaye bethobekile.—IMizekeliso 3:34; Yakobi 4:6.
15. Ukugcin’ ingqibelelo kwabantu bakaThixo kubonisa njani ukuba akukho mntu ufanele azibone emkhulu kunabanye?
15 Oko kwenzeka kumaNgqina kaYehova atshutshiswa ngenxa yokholo lwawo kuyicacisa kakuhle le ngongoma. Ngamaxesha amaninzi ngabo ihlabathi elibajonga njengabaqhelekileyo abalondoloza ingqibelelo yabo kuThixo phantsi kwentshutshiso ekrakra. Ukucamngca ngemizekelo enjalo kunokusigcina sithobekile kuze kusifundise ukuba ‘singazicingeli ngaphezu koko simelwe sizicingele ngako.’—Roma 12:3.b
16. Bonke ebandleni banokubuhlakulela njani ubukhulu bexelisa umzekelo owamiselwa nguYesu?
16 Onke amaKristu, aselula nakhulileyo, afanele azabalazele ukuhlakulela imbono enjengekaKristu ngobukhulu. Ebandleni, kukho imisebenzi eyahlukahlukeneyo efanele yenziwe. Ungaze wale xa ucelwa ukuba wenze imisebenzi ebonakala iphantsi. (1 Samuweli 25:41; 2 Kumkani 3:11) Bazali, ngaba niyabakhuthaza abantwana benu nabo bakwishumi elivisayo ukuba bakuvuyele ukwenza nawuphi na umsebenzi abawunikiweyo, enoba kukwiHolo yoBukumkani, kwindibano okanye kwibala lendibano? Ngaba bayakubona usenza imisebenzi ephantsi? Omnye umzalwana, ngoku osebenza kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova, uwukhumbula kakuhle umzekelo wabazali bakhe. Wathi: “Indlela ababewugqala ngayo umsebenzi wokucoca iHolo yoBukumkani okanye indawo ekuqhutyelwa kuyo indibano kwandixelela ukuba bayigqala njengebalulekileyo. Babedla ngokwenza imisebenzi ethile ebandleni okanye bancede abazalwana, enoba loo misebenzi ibonakala iphantsi kangakanani na. Esi simo sengqondo siye sandinceda ukuze ndikwazi ukwamkela nawuphi na umsebenzi endiwunikiweyo apha eBheteli.”
17. Amabhinqa athobekileyo anokuba yintsikelelo ngaziphi iindlela ebandleni?
17 Ngokuphathelele ukubeka izilangazelelo zabanye ngaphambi kwezethu, sinomzekelo obalaseleyo kaEstere, owayeyinkosazana kuBukhosi basePersi ngenkulungwane yesihlanu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Nangona wayehlala ebhotwe, wayekulungele ukubeka ubomi bakhe esichengeni ngenxa yabantu bakaThixo, esenza ngokuvisisana nokuthanda kwakhe. (Estere 1:5, 6; 4:14-16) Ingakhathaliseki imeko yabo yezoqoqosho, amabhinqa angamaKristu namhlanje anokubonisa umoya onjengokaEstere ngokukhuthaza abadandathekileyo, ukutyelela abagulayo, ukushumayela nangokusebenzisana nabadala. Hayi indlela abayintsikelelo ngayo ebandleni aba dade bathobekileyo!
Iintsikelelo Zobukhulu ObunjengobukaKristu
18. Ziziphi iinzuzo ezifumaneka ngokubonakalisa ubukhulu njengoKristu?
18 Uya kuzuza gqitha ngokubugqala ubukhulu njengoKristu. Ukunceda abanye ngokungazingci kuluvuyo kubo nakuwe. (IZenzo 20:35) Njengokuba ngokuzithandela uzibhokoxa ukuze uncede abazalwana bakho, ubenza bakuthande. (IZenzo 20:37) Okubaluleke nangakumbi kukuba, uYehova ukugqala oko ukwenzayo njengokuluncedo kwimpilo-ntle yamanye amaKristu nombingelelo owamkelekileyo ukuze adunyiswe.—Filipi 2:17.
19. Sifanele sizimisele ukwenza ntoni ngokuphathelele imbono enjengekaKristu ngobukhulu?
19 Ngamnye kuthi ufanele azibuze: ‘Ngaba ukubugqala ubukhulu njengoKristu kuya kuba yinto nje yomlomo, okanye ngaba ndiya kwenza konke okusemandleni am ukubusebenzisa?’ Indlela uYehova abagqala ngayo abanekratshi icacile. (IMizekeliso 16:5; 1 Petros 5:5) Ngamana izenzo zethu zingabonisa ukuba siyakuvuyela ukubugqala ubukhulu njengoKristu, enoba kusebandleni lamaKristu, kubomi bethu bentsapho, okanye kwindlela esiqhubana ngayo nabanye abantu—sizenza zonke izinto ukuze kuzukiswe uThixo yaye adunyiswe.—1 Korinte 10:31.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona IMboniselo, kaOktobha 15, 1982, iphepha 3-7, inqaku elithi “Ukuphanda Impumelelo.”
b Ngokomzekelo, bona i-1992 Yearbook of Jehovah’s Witnesses, iphepha 181-2 neMboniselo kaSeptemba 1, 1993, iphepha 27-31.
Ngaba Unokucacisa?
• Kutheni sifanele siyiphephe indlela ihlabathi elibugqala ngayo ubukhulu?
• UYesu wayebugqala njani ubukhulu?
• Abaveleli banokukuxelisa njani ukuthobeka kukaKristu?
• Yintoni enokusinceda ukuze sihlakulele ubukhulu obunjengobuKristu?
[Ibhokisi ekwiphepha 17]
Ngubani Omkhulu NjengoKristu?
Ngaba ngulowo ofuna ukwenzelwa izinto okanye lowo okulungeleyo ukwenzela abanye izinto?
Lowo ufuna ukubalasela okanye lowo uyamkelayo imisebenzi ephantsi?
Lowo uziphakamisayo okanye lowo uphakamisa abanye?
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Umfanekiso oqingqiweyo omkhulu gqitha kaPharaoh Amenhotep III
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ngaba uyayazi into eyabangela ukuwa kukaHaman?
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
Ngaba ukhangela amathuba okwenzela abanye izinto?