Imibuzo Evela Kubafundi
Kwakutheni ukuze uSamson achukumise izidumbu zezinto azibuleleyo aze sekunjalo aqhubeke engumNaziri?
Mandulo kwaSirayeli, ubani wayenokukhetha ukwenza isifungo aze abe ngumNaziri kangangexesha elithile.a Omnye wemiqathango eyayifanele ithotyelwe yindoda enze esi sifungo uthi: “Yonke imihla yokuzahlulela kwayo kuYehova ize ingasondeli kuwo nawuphi na umphefumlo ofileyo. Ize ingazenzi inqambi kwanangoyise okanye unina okanye umntakwabo okanye udade wabo ekufeni kwabo.” Kuthekani ukuba umntu ‘uthe wafa ngequbuliso esecaleni kwakhe’? Ukuchukumisa ngengozi isidumbu kwakuya kumenza angahlambuluki njengomNaziri. Ngenxa yoko ke, kwathiwa: “Imihla yangaphambili ize ingabalwa.” Kwakufuneka loo mntu ahlanjululwe aze aqale ekuqaleni ukuba ngumNaziri.—Numeri 6:6-12.
Noko ke, uSamson wayengumNaziri ngendlela eyahlukileyo. Ngaphambi kokuba uSamson azalwe, ingelosi kaYehova yathi kunina: “Khangela! uya kumitha, kwaye ngokuqinisekileyo uya kuzala unyana, yaye incakuba ayiyi kufika entlokweni yakhe, ngenxa yokuba umntwana lowo uya kuba ngumNaziri kaThixo ekuphumeni kwakhe esiswini; yaye nguye oya kukhokela ekusindiseni uSirayeli esandleni samaFilisti.” (ABagwebi 13:5) USamson akazange enze isifungo sokuba ngumNaziri. Wamiselwa nguThixo njengomNaziri, yaye wayeza kuba ngumNaziri lo gama nje esaphila. Umqathango wokungasichukumisi isidumbu wawungasebenzi kuye. Ukuba wawusebenza aze ngengozi achukumise isidumbu, wayenokubuqala njani ubuNaziri bakhe obabuza kuqhubeka ubomi bakhe bonke nobaqalisa ukuzalwa kwakhe? Ngoko ke, oko kwakulindelekile kwabo babengamaNaziri ubomi babo bonke ngeendlela ezithile kwakwahlukile kwabo babezikhethele ukuba ngamaNaziri.
Phawula imiyalelo kaYehova kubantu abathathu ababeza kuba ngamaNaziri ubomi babo bonke—uSamson, uSamuweli noYohane umBhaptizi—abakhankanywe eBhayibhileni. Njengokuba kuphawuliwe ngaphambilana, uSamson wayengafanele azichebe iinwele zentloko yakhe. Ngokuphathelele umntwana awayengekamzali—uSamuweli—uHana wenza isifungo: “Ndiza kuyinikela kuYehova yonke imihla yobomi bayo, nencakuba ayiyi kufika entlokweni yayo.” (1 Samuweli 1:11) Ngokuphathelele uYohane umBhaptizi, ingelosi kaYehova yathi: “Umele angaseli wayini nasiselo sinxilisayo konke konke.” (Luka 1:15) Ngapha koko, “uYohane lowo, isinxibo sakhe sasisesoboya benkamela, enombhinqo wethwathwa esinqeni sakhe; ukutya kwakhe nako kwakuziinkumbi nobusi basendle.” (Mateyu 3:4) Bobathathu aba bantu abazange balelwe ukuba basondele kwisidumbu.
Nangona wayengumNaziri, uSamson wayephakathi kwabagwebi uYehova awabamiselayo ukuze basindise amaSirayeli kwisandla seentshaba zawo. (ABagwebi 2:16) Yaye ekufezeni isabelo sakhe, wachukumisa izidumbu. Ngesinye isihlandlo, uSamson wabulala amaFilisti angama-30 waza wawakhulula iimpahla. Kamva, wazitshabalalisa iintshaba zakhe, “efumba imilenze phezu kwamathanga ngokubulala ngogonyamelo.” Kwakhona wathabatha ithambo lomhlathi we-esile elifumileyo waza wabulala ngalo iwaka lamadoda. (ABagwebi 14:19; 15:8, 15) Konke oku uSamson wakwenza exhaswa nguYehova. IZibhalo zithetha ngaye njengomntu owayenokholo olungumzekelo.—Hebhere 11:32; 12:1.
Ngaba amazwi athi uSamson waqwenga ingonyama “kanye njengoko ubani eqwenga itakane eliyinkunzi kubini” abonisa ukuba ukuqwengwa kwamatakane kwakuyinto eqhelekileyo ngaloo mihla?
Akukho bungqina bubonisa ukuba ngemihla yaBagwebi bakwaSirayeli, kwakuyinto eqhelekileyo ukuba abantu baqwenge amatakane ebhokhwe kubini. KuBagwebi 14:6 kuthiwa: “Umoya kaYehova wasebenza [kuSamson], ukuze ayiqwenge kubini [ingonyama encinane], kanye njengoko ubani eqwenga itakane eliyinkunzi kubini, kwaye kwakungekho nto konke konke esandleni sakhe.” Kusenokwenzeka ukuba la mazwi ayazekelisa.
Ibinzana elithi ‘waliqwenga kubini’ lisenokuthetha izinto ezimbini. Kusenokwenzeka ukuba uSamson wahlubula imihlathi yengonyama okanye waqwenga amalungu athile ale ngonyama. Ukuba wahlubula imihlathi yengonyama, kuthetha ukuba umntu wayenokukwazi ukuhlubula eyetakane lebhokhwe. Kule meko, la mazwi athetha ukuba ukoyisa ingonyama ngezandla zakhe kwakulula kuSamson ngokungathi uqwenga itakane lebhokhwe. Noko ke, kuthekani ukuba uSamson wabulala ingonyama ngokuqwenga amalungu ayo? Loo mazwi asenokuba ayesisifaniso. Oku kusenokuthetha ukuba ngomoya kaYehova uSamson wakwazi ukwenza into eyayifuna amandla angaphezu kwawemvelo. Enoba kwenzeka ntoni, ukuthelekisa oko kwenzeka kuBagwebi 14:6 kubonisa ukuba ngoncedo lukaYehova, ingonyama enamandla kuSamson yayinokuba noburhalarhume njengetakane lebhokhwe kumntu nje oqhelekileyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ubude bexesha engumNaziri babushiyelwa kuloo mntu wenze isifungo. Noko ke, ngokwesithethe samaYuda, ubuncinane loo mntu ebeya kuba phantsi kwesifungo iintsuku ezingama-30. Kwakucingwa ukuba xa elo xesha linokuba nganeno kwelo kwakuya kusenza eso sifungo sibe yinto nje ethatyathwa lula.