IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w05 4/15 iphe. 25-29
  • Ngaba Ukholo Lwakho Lukushukumisela Esenzweni?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ukholo Lwakho Lukushukumisela Esenzweni?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufundisisa
  • Banolwazi Oluninzi, Kodwa Abanakholo
  • “Yibani Ngabenzi Belizwi”
  • Uya Kufumana Umvuzo Ngemisebenzi Yakho
  • Qhubeka Usenza Okulungileyo
  • Yintoni UYehova Ayifunayo Kuthi Namhlanje?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Ngaba Ngokwenene Unokholo Kwiindaba Ezilungileyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Bonisa Ukuba Unokholo Kwizithembiso ZikaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • “Ndongezelele Ukholo Apho Ndisilela Khona!”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
w05 4/15 iphe. 25-29

Ngaba Ukholo Lwakho Lukushukumisela Esenzweni?

IGOSA lomkhosi alizange lithandabuze ukuba uYesu unokuliphilisa ikhoboka lalo elife umzimba. Kodwa eli gosa alizange limngenise uYesu emzini walo, mhlawumbi laziva lingafaneleki okanye kuba lingumntu weeNtlanga. Kunoko, lathumela amadoda amakhulu angamaYuda aye kuthi kuYesu: “Mnumzana, andikufanelekelanga ukuba ungene phantsi kophahla lwam, kodwa yitsho nje ilizwi kwaye isicaka sam siya kuphiliswa.” Ebona ukuba eli gosa lomkhosi liyakholelwa ukuba unako ukuphilisa umntu nokuba ukude, uYesu wathi kwisihlwele esasimlandela: “Inene ndithi kuni, Andifumananga lukholo lukhulu kangaka nakubani na kwaSirayeli.”—Mateyu 8:5-10; Luka 7:1-10.

La mava asinceda sinikele ingqalelo ekhethekileyo kwinkalo ebalulekileyo yokholo. Yinyaniso ukuba ukholo alubonakali ngaphandle kwemisebenzi. Umbhali weBhayibhile uYakobi wathi: “Ukholo, ukuba alunamisebenzi, lufile.” (Yakobi 2:17) Oku kucaca kakuhle xa siqwalasela umzekelo wokwenene woko kunokwenzeka xa ukholo lungenamisebenzi.

Ngowe-1513 B.C.E., isizwe sakwaSirayeli samanywa noYehova uThixo ngomnqophiso woMthetho. Njengomlamleli walo mnqophiso, uMoses wadlulisela ilizwi likaThixo koonyana bakaSirayeli oku: ‘Ukuba nithe nalithobela okunene ilizwi lam, nawugcina ngenene umnqophiso wam, ngokuqinisekileyo noba luhlanga olungcwele kum.’ (Eksodus 19:3-6) Ewe, ukuba ngcwele kukaSirayeli kwakuxhomekeke ekuthobeleni kwakhe.

Kwiinkulungwane ezininzi kamva, amaYuda anikela ingqalelo ekufundisiseni uMthetho njengeyona nto ibalulekileyo kunokulandela imigaqo yawo. Kwincwadi yakhe ethi The Life and Times of Jesus the Messiah, uAlfred Edersheim wathi: “Oorabhi—‘izikhulu zonqulo’ zagqiba ekubeni ukufundisisa kubaluleke ngaphezu kwemisebenzi.”

Yinyaniso ukuba, amaSirayeli amandulo ayalelwa ukuba azibhokoxe afunde imithetho kaThixo. UThixo wathi: “La mazwi ndikuyalela wona namhlanje amele abe sentliziyweni yakho; uze uwabethelele kunyana wakho yaye uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho.” (Duteronomi 6:6, 7) Ngaba uYehova wakha wafuna ukufundisiswa koMthetho kubaluleke ngaphezu kwemisebenzi evumelana nawo okanye oko ubonisa ukuba kumele kwenziwe? Makhe siqwalasele lo mbuzo.

Ukufundisisa

Kusenokwenzeka ukuba ukunikela ingqalelo egqithiseleyo ekufundiseni uMthetho kwabonakala kusengqiqweni kumaSirayeli, ekubeni kwesinye isithethe samaYuda kwakukholelwa ukuba uThixo ngokwakhe wayechitha iiyure ezintathu efundisisa uMthetho yonk’ imihla. Unokusiqonda isizathu sokuba amaYuda athile aqiqe ngelithi, ‘Ukuba uThixo uhlala efundisisa uMthetho, ngaba izidalwa zakhe ezisemhlabeni azimele zenze okufanayo?’

Kwinkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, ukuzixakekisa koorabhi behlalutya yaye betolika uMthetho kwazigqwetha ngokupheleleyo iindlela zabo zokucinga. UYesu wathi: “Ababhali nabaFarisi . . . bathetha baze bangenzi. Babopha imithwalo enzima baze bayibeke emagxeni abantu, kodwa bona ngokwabo abavumi kuyishukumisa ngomnwe wabo.” (Mateyu 23:2-4) Ezo nkokeli zonqulo zazicinezela abantu abaqhelekileyo ngentlaninge yemithetho, kodwa kwazona zihanahanisa zazivulela amakroba okuphuncula ukuze zona zingabikho phantsi kwaloo mithetho yazo. Ukongezelela, loo madoda ayenikela ingqalelo ekufundisiseni ‘eyigatya imibandela enzima ngakumbi yoMthetho, eyile, okusesikweni nenceba nokuthembeka.’—Mateyu 23:16-24.

Okumangalisayo kukuba ngokufuna ukumisela obabo ubulungisa, ababhali nabaFarisi baphetha sele besaphula kwaloo Mthetho babesithi bayawugcina. Konke oko kuphikisana ngamagama kungapheliyo nobunye ubuceducedu boMthetho akuzange kubasondeze kuThixo. Imiphumo yako yafana nokunxaxha okwabangelwa koko umpostile uPawulos athi ‘ziintetho ezililize, iimpikiswano nolwazi lobuxoki.’ (1 Timoti 6:20, 21) Enye ingxaki enzulu yimiphumo olwaba nayo kubo olo phando lungapheliyo. Abazange babe nokholo olubashukumisela ekwenzeni okulungileyo.

Banolwazi Oluninzi, Kodwa Abanakholo

Indlela ezazicinga ngayo iinkokeli zonqulo zamaYuda yayahluke okwempuma kwintshona kuleyo kaThixo. Kancinane nje ngaphambi kokuba amaSirayeli angene kwiLizwe Lesithembiso, uMoses wathi kuwo: “Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endinilumkisa ngawo namhlanje, ukuze niwayalele oonyana benu ukuba bakunyamekele ukwenza ngokwamazwi onke alo mthetho.” (Duteronomi 32:46) Kucacile ukuba abantu bakaThixo babengamele babe ngabafundi nje boMthetho kodwa babefanele babe ngabenzi bawo.

Noko ke, ngokuphindaphindiweyo isizwe sakwaSirayeli sasingathembeki kuYehova. Kunokuba benze okulungileyo, oonyana bakaSirayeli ‘abazange babonise kholo kuye, abazange baliphulaphule nelizwi lakhe.’ (Duteronomi 9:23; ABagwebi 2:15, 16; 2 Kronike 24:18, 19; Yeremiya 25:4-7) Ekugqibeleni, amaYuda enza esona senzo sibi sokungathembeki ngokugatya uYesu njengoMesiya. (Yohane 19:14-16) Ngenxa yoko, uYehova uThixo wamlahla uSirayeli waza wanikela ingqalelo ezintlangeni.—IZenzo 13:46.

Ngokuqinisekileyo nathi kufuneka silumke singaweli kumgibe ofanayo—sicinge ukuba sinokumnqula uThixo ngokuba nolwazi oluninzi ngoxa singenalo ukholo. Ngamanye amazwi, asimele sifundisise nje iBhayibhile kuba sifuna ukuba nolwazi. Ulwazi oluchanileyo lufanele lufikelele iintliziyo zethu ukuze siphile ngendlela efanelekileyo. Bekuya kusinceda ngantoni ukufunda indlela yokulima imifuno sibe singatyali nokhozo olu lwembewu? Yinyaniso ukuba, besiya kuzuza ulwazi oluthile ngokulima igadi, kodwa besingenakuze sivune nto! Ngokufanayo, abantu abafunda imilinganiselo kaThixo ngokufundisa iBhayibhile bamele bavumele imbewu yenyaniso ifikelele iintliziyo zabo ukuze ibashukumisele esenzweni.—Mateyu 13:3-9, 19-23.

“Yibani Ngabenzi Belizwi”

Umpostile uPawulos wathi “ukholo lulandela oko kuviweyo.” (Roma 10:17) Olu landelelwano lwemvelo ukususela ekuveni iLizwi likaThixo kuse ekubeni nokholo kuNyana wakhe, uYesu Kristu lwenza sibe nethemba lobomi obungunaphakade. Ewe, kufuneka okungakumbi kunokuthi nje, ‘Ndiyakholwa kuThixo noKristu.’

UYesu wabongoza abalandeli bakhe ukuba babe nokholo olwaluza kubashukumisela esenzweni wathi: “UBawo uzukiswa kuko oku, ukuba nihlale nithwala isiqhamo esininzi nize nizingqine ningabafundi bam.” (Yohane 15:8) Kamva, umntakwaboYesu ngonina uYakobi wathi: “Yibani ngabenzi belizwi, ningabi ngabevayo kuphela.” (Yakobi 1:22) Kodwa, singakwazi njani oko simele sikwenze? Ngamazwi nomzekelo, uYesu wakubonisa oko simele sikwenze ukukholisa uThixo.

Xa wayesemhlabeni, uYesu wazibhokoxa kwizilangazelelo zoBukumkani nasekuzukiseni igama likaYise. (Yohane 17:4-8) Wakwenza njani oko? Abaninzi basenokukhumbula imimangaliso kaYesu yokuphilisa abagulayo neziqhwala. Kodwa incwadi yeVangeli kaMateyu iyenza icace eyona ndlela ibalaseleyo: “UYesu wanduluka wakhenketha zonke izixeko needolophana, efundisa kwizindlu zabo zesikhungu, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani.” Kuyaphawuleka ukuba uYesu akazange abunciphise ubulungiseleli bakhe athethe ngabo ngamaxesha athile kwizihlobo ezimbalwa nabantu abaziyo okanye abasekuhlaleni kuphela. Wazibhokoxa, esebenzisa nayiphi na indlela ayifumanayo ukuze atyelele abantu kulo “lonke elaseGalili.”—Mateyu 4:23, 24; 9:35.

UYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba nabo benze abafundi. Enyanisweni, wamisela umzekelo ogqibeleleyo wokuba bawuxelise. (1 Petros 2:21) UYesu wathi kubafundi bakhe abathembekileyo: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.”—Mateyu 28:19, 20.

Imele ivunywe into yokuba, ulucelomngeni ngokwenene umsebenzi wokushumayela. NoYesu wathi: “Khangelani! Ndinithumela njengeemvana phakathi kweengcuka.” (Luka 10:3) Xa sitshutshiswa, ngokuqhelekileyo sibuya umva ukuze siphephe intlungu okanye inkxalabo ngokungeyomfuneko. Kwenzeka kanye oko ngobusuku bokubanjwa kukaYesu. Abapostile babaleka ngenxa yokoyika. Kamva ngobo bosuku, uPetros wakhanyela uYesu izihlandlo ezithathu.—Mateyu 26:56, 69-75.

Ngaphezulu, ungathi nqa xa usiva ukuba nkqu nompostile uPawulos wathi wayesenza umzamo omkhulu ukuze ashumayela iindaba ezilungileyo. Wabhalela ibandla laseTesalonika wathi: “UThixo wethu wasomeleza ukuze senze umzamo omkhulu wokuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo.”—1 Tesalonika 2:1, 2.

UPawulos nabanye abapostile baloyisa uloyiko lokuthetha ngoBukumkani bukaThixo kwabanye, ngoko nawe unako. Njani? Elona nyathelo libalulekileyo kukuthembela kuYehova. Ukuba sinokholo olupheleleyo kuYehova, olo kholo luya kusishukumisela esenzweni, yaye siya kukwazi ukwenza ukuthanda kwakhe.—IZenzo 4:17-20; 5:18, 27-29.

Uya Kufumana Umvuzo Ngemisebenzi Yakho

UYehova uyazi kakuhle imigudu esiyenzayo ukuze simkhonze. Ngokomzekelo, uyazi xa sigula okanye sidiniwe. Usiqonda kakuhle xa siziva singaqinisekanga. Xa sicinezelwa ziingxaki zemali okanye impilo yethu inkenenkene okanye xa sidandathekile, uYehova usoloko eyazi imeko yethu.—2 Kronike 16:9; 1 Petros 3:12.

Hayi indlela amele ukuba uvuya gqitha ngayo uYehova xa phezu kwako nje ukungafezeki nobunzima esijamelana nabo, ukholo esinalo lusishukumisela esenzweni! Iindlela avakalelwa ngayo uYehova ngabakhonzi bakhe abathembekileyo asiyomvakalelo nje—kodwa ibonakala kwisithembiso asinike sona. Esalathiswa nguThixo, umpostile uPawulos wabhala wathi: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe, ngokuthi nilungiselele abangcwele yaye nisaqhubeka nibalungiselela.”—Hebhere 6:10.

Ungakuthemba oko iBhayibhile ikutshoyo xa isithi uYehova “nguThixo wentembeko, tu ubugqwetha,” nokuba “ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.” (Duteronomi 32:4; Hebhere 11:6) Ngokomzekelo, elinye ibhinqa laseKhalifoniya, eUnited States lithi: “Utata waba ngumlungiseleli wexesha elizeleyo iminyaka elishumi ngaphambi kokuba akhulise abantwana bakhe. Wayedla ngokundibalisela amabali amnandi endlela awayexhaswa ngayo nguYehova kubulungiseleli. Wayesoloko eqwela isenti yokugqibela athenge ipetroli ukuze aye kushumayela. Xa ebuya kubulungiseleli, wayedla ngokufika emnyango kukho ukutya angaziyo ukuba kuvela phi.”

Ukongezelela kwizinto eziphathekayo, ‘uBawo onenceba noThixo wentuthuzelo yonke’ usixhasa ngokweemvakalelo nangokomoya. (2 Korinte 1:3) Elinye iNgqina eliye lanyamezela izilingo ezininzi kangangeminyaka lithi: “Ukuthembela ngoYehova kwenza uzive wanelisekile. Kukunika ithuba lokuthembela kuYehova nokubona indlela akunceda ngayo.” Ngokuzithoba unokusondela ‘kumphulaphuli wemithandazo,’ uqinisekile ukuba uya kunikela ingqalelo kwizinto ezikuxhalabisayo.—INdumiso 65:2.

Zininzi iintsikelelo ezifunyanwa ngabavuni bokomoya. (Mateyu 9:37, 38) Ukuba nenxaxheba kubulungiseleli basesidlangalaleni kuye kwanceda abantu abaninzi gqitha empilweni, yaye kunokukunceda nawe. Noko ke, eyona nto ibaluleke ngakumbi kukuba ukunikela ubungqina kwabanye komeleza ulwalwamano lwethu noThixo.—Yakobi 2:23.

Qhubeka Usenza Okulungileyo

Umkhonzi kaThixo ebeya kuba uyaphazama xa ecinga ukuba uYehova uyadana xa ngenxa yesiphene okanye ukwaluphala engakwazi ukwenza oko akunqwenelayo kubulungiseleli. Kunjalo nangabo basikelwa umda yimpilo enkenenkene, iimbopheleleko zentsapho okanye ezinye iimeko.

Khumbula ukuba xa umpostile uPawulos wayekhathazwa sisiphene okanye umqobo othile, ‘wabongoza iNkosi izihlandlo ezithathu ukuba ususwe’ kuye. Kunokuba uThixo amphilise uPawulos ukuze enze okungakumbi, wathi: “Ububele bam obunganifanelanga bukulingene; kuba amandla am enziwa agqibelele kubuthathaka.” (2 Korinte 12:7-10) Ngoko, qiniseka ukuba phezu kwabo nabuphi na ubunzima ojamelana nabo, uYihlo osezulwini uyakuxabisa nakuphi na okwenza ngamandla akho ukuze uhambisele phambili izilangazelelo zakhe.—Hebhere 13:15, 16.

UMdali wethu onothando akalindeli okungaphaya koko sinokukwenza. Ufuna nje sibe nokholo olusishukumisela esenzweni.

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Ngaba ukufunda nje uMthetho kwakwanele?

[Imifanekiso ekwiphepha 29]

Ukholo lwethu lumele luhambisane nemisebenzi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share