Ukusindiswa, Kungekhona Ngemisebenzi Kuphela, Kodwa Ngobubele Obungasifanelanga
“Niye nasindiswa ngokholo . . . Akubanga ngenxa yemisebenzi, ukuze kungabikho mntu uba nasizathu sakuqhayisa.”—EFESE 2:8, 9.
1. AmaKristu ahluke njani kubantu abaninzi ngokuphathelele izinto azenzileyo, yaye ngoba?
ABANTU namhlanje baba namabhongo ngezinto abazenzileyo, yaye badla ngokukhawuleza ukuqhayisa ngezo zinto. AmaKristu enza okwahlukileyo. Ayakuphepha ukubalaselisa izinto aziphumezileyo, kuquka nezo zinxulumene nonqulo lokwenyaniso. Ngoxa ekuvuyela oko kwenziwa ngabantu bakaYehova xa bebonke, akabalaselisi oko kwenziwa ngumntu ngamnye. Ayaqonda ukuba enkonzweni kaYehova, eyona nto ibaluleke ngakumbi kukuba nentsusa efanelekileyo kunoko ubani akwenzayo. Nabani ofumana isipho sobomi obungunaphakade ekugqibeleni uya kusifumana kungekhona ngenxa yezinto azenzileyo, kodwa ngenxa yokholo nobubele obungasifanelanga bukaThixo.—Luka 17:10; Yohane 3:16.
2, 3. Yintoni awayeqhayisa ngayo uPawulos, yaye ngoba?
2 Umpostile uPawulos wayekuqonda oku. Emva kokuthandaza kathathu ecela ukuba afumane isiqabu ‘kwiliva enyameni,’ uYehova wamphendula esithi: “Ububele bam obunganifanelanga bukulingene; kuba amandla am enziwa agqibelele kubuthathaka.” Esamkela ngokuthobeka isigqibo sikaYehova, uPawulos wathi: “Ke ngoko, ngokuchulumanca okukhulu, ndiza kuqhayisa ngobuthathaka bam, ukuze amandla kaKristu ahlale njengentente phezu kwam.” Sifanele sixelise isimo sengqondo sikaPawulos.—2 Korinte 12:7-9.
3 Nakuba uPawulos wayephumeza imisebenzi yobuKristu ngendlela ebalaseleyo, wayeqonda ukuba oko akakwenzi ngamandla akhe. Ngokuthobeka, wathi: “Mna mntu ungaphantsi nakoyena mncinane kubo bonke abo bangcwele, ndanikwa obu bubele bungasifanelanga, ukuze ndivakalise kuzo iintlanga iindaba ezilungileyo ezingobutyebi obungenakuqondwa bukaKristu.” (Efese 3:8) Amazwi kaPawulos abonisa ukuba wayengenasimo sengqondo sokuqhayisa okanye sokuzikhukhumalisa ezenza ilungisa. “UThixo ubachasile abanekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abathobekileyo.” (Yakobi 4:6; 1 Petros 5:5) Ngaba silandela umzekelo kaPawulos, ngokuthobeka sizigqale njengabaphantsi kunabona bancinane babazalwana bethu?
“Nibagqala Abanye Njengabongamileyo”
4. Kutheni maxa wambi sinokukufumanisa kunzima ukugqala abanye njengabongamileyo kunathi?
4 Umpostile uPawulos waluleka amaKristu esithi: “Ningenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo, nibagqala abanye njengabongamileyo kunani.” (Filipi 2:3) Oku kusenokuba nzima, ingakumbi ukuba sinembopheleleko ethile. Mhlawumbi ingxaki isenokubangelwa kukuba ngandlel’ ithile siphenjelelwa ngumoya wokhuphiswano oxhaphakileyo ehlabathini namhlanje. Kusenokwenzeka ukuba, ngoxa sasingabantwana safundiswa ukukhuphisana nabantakwethu okanye oodadewethu okanye nabantwana esifunda nabo. Mhlawumbi sasisoloko sikhuthazwa ukuba sibe ziintshatsheli kwimidlalo yesikolo okanye sibe ngabafundi abagqwesileyo. Kakade ke, kuhle ukwenza okusemagqabini kuko nakuphi na esikwenzayo. Noko ke, amaKristu enjenjalo, kungekhona kuba ezicelel’ injezu, kodwa ukuze wona nabanye azuze ngokupheleleyo koko akwenzayo. Noko ke, ukusoloko ufuna ukugqalwa njengoyena mntu ugqwesayo xa esenza into kunokuba yingozi. Njani?
5. Ukuba umoya wokhuphiswano awulawulwa, unokukhokelela entwenini?
5 Ukuba umoya wokhuphiswano okanye wokuzigwagwisa awulawulwa, unokubangela ubani angabi nantlonelo aze abe nekratshi. Usenokubamonela abanye ngobuchule nangamalungelo abanawo. IMizekeliso 28:22 ithi: “Nomntu oneliso elinomona ungxamela izinto zexabiso, kodwa akazi ukuba uya kufikelwa kukuswela.” Ezikhukhumalisa usenokufuna izikhundla angazinikwanga. Ethethelela izenzo zakhe, usenokuqalisa ukukhalaza aze abagxeke abanye—umkhwa amaKristu afanele awuphephe. (Yakobi 3:14-16) Eneneni, usengozini yokuba nesimo sengqondo sokuzingca.
6. Sithini isilumkiso seBhayibhile nxamnye nomoya wokhuphiswano?
6 Ngoko ke, iBhayibhile ibongoza amaKristu isithi: “Masingazigwagwisi, sikhuphisana, simonelana.” (Galati 5:26) Umpostile uYohane wathetha ngomnye umKristu owaba nesi simo sengqondo. Wathi: “Ndalibhalela ibandla, kodwa uDiyotrefe, othanda ukuba kwindawo yokuqala phakathi kwabo, akayamkeli ngembeko nantoni na evela kuthi. Ngoko ke, ukuba ndithe ndafika, ndiya kuyikhumbula imisebenzi yakhe aqhubeka eyenza, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo.” Enjani yona ukuba mbi imeko umKristu anokuwela kuyo!—3 Yohane 9, 10.
7. Yintoni umKristu ekuya kufuneka ayiphephe kwindawo yempangelo yanamhlanje ezaliswe ngumoya wokhuphiswano?
7 Kakade ke, akukho ngqiqweni ukucinga ukuba umKristu unokuluphepha ngokupheleleyo lonke ukhuphiswano. Ngokomzekelo, umsebenzi wakhe wempangelo usenokuquka ukhuphiswano kwezoqoqosho nabanye abantu okanye amashishini avelisa into okanye aneenkonzo ezifanayo. Noko ke, nakwiimeko ezinjalo, umKristu umele aqhube ishishini lakhe ngentlonelo, ngothando nangolwazelelelo. Akayi kuzibetha ngoyaba izenzo ezingekho mthethweni okanye ezingezizo ezobuKristu yaye uya kukuphepha ukwaziwa njengomntu othanda ukhuphiswano. Akayi kuvakalelwa kukuba ukugqwesa—kuyo yonke into—yeyona nto ibalulekileyo ebomini. Ukuba umKristu umele abonakalise umoya onjalo kumsebenzi wengqesho, kuya kubeka phi kwimicimbi yonqulo!
“Kungekhona Ngokuzithelekisa Nomnye Umntu”
8, 9. (a) Kutheni abadala abangamaKristu bengenasizathu sakukhuphisana? (b) Kutheni eyoku-1 kaPetros 4:10 ibhekisela kubo bonke abakhonzi bakaThixo?
8 Isimo sengqondo amaKristu afanele abe naso kunqulo lwawo sichazwa ngala mazwi aphefumlelweyo athi: “Ngamnye makangqine oko ukuko umsebenzi wakhe, uya kwandula ke abe nesizathu sokugcoba ngaye siqu, kungekhona ngokuzithelekisa nomnye umntu.” (Galati 6:4) Beqonda ukuba abamele bakhuphisane, abadala ebandleni basebenzisana ngokusondeleyo kunye njengequmrhu. Bayavuya xa ilungu ngalinye liphumeza indima yalo ukuze izinto zihambe kakuhle ebandleni. Ngenxa yoko bayaluphepha ukhuphiswano baze babekele ibandla umzekelo omhle womanyano.
9 Ngenxa yobudala, amava okanye ubuchule obuthile, abanye abadala banokuzifeza kakuhle nangempumelelo iimbopheleleko zabo okanye babe nengqiqo ngaphezu kwabanye. Ngenxa yoko, abadala baneembopheleleko ezahlukahlukeneyo kwintlangano kaYehova. Kunokuba bazithelekise nabanye, bakhumbula isiluleko esithi: “Njengoko ngamnye wenu wasamkelayo isiphiwo, lungiselelanani ngaso njengamagosa amahle obubele obungasifanelanga bukaThixo obubonakaliswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo.” (1 Petros 4:10) Enyanisweni, esi sibhalo sibhekisela kubo bonke abakhonzi bakaYehova, kuba ngokomlinganiselo othile bonke banelungelo lokuba nenxaxheba kubulungiseleli bamaKristu.
10. Yiyiphi ekuphela kwento enokwenza uYehova amkele inkonzo yethu engcwele?
10 UYehova ukholiswa yinkonzo yethu engcwele kuphela xa isenziwa ngothando nangokuzinikela, kungekhona ngenxa yokufuna ukuziphakamisa kwabanye. Ngoko ke kubalulekile ukuba sibe nembono elungeleleneyo ngomsebenzi wethu wokuxhasa unqulo lokwenyaniso. Nangona kungekho bani onokuzazi ngokuchanileyo iinjongo zomnye, uYehova ‘ucikida iintliziyo.’ (IMizekeliso 24:12; 1 Samuweli 16:7) Ngenxa yoko, ngamathuba athile simele sizibuze, ‘Yiyiphi eyona nto endenza ndibe nenxaxheba enkonzweni kaYehova?’—INdumiso 24:3, 4; Mateyu 5:8.
Imbono Efanelekileyo Ngomsebenzi Wethu
11. Yiyiphi imibuzo ekusengqiqweni ukuyiqwalasela ngokuphathelele umsebenzi wethu wobulungiseleli?
11 Ukuba yintsusa yesenzo eyona nto ebalulekileyo ukuze uYehova akholiswe sithi, ngoko ke simele siyixhalabele ukusa kuwuphi umkhamo imisebenzi yethu yokholo? Ukuba ubulungiseleli bethu sibenza sinentsusa efanelekileyo, ngaba ngokwenene kuyimfuneko ukugcina ingxelo yoko sikwenzayo okanye umkhamo esiwenza ngawo? Le yimibuzo esengqiqweni, ekubeni singafuni ukubalaselisa ubungakanani bemisebenzi yethu ngaphezu kokholo okanye ukuba nengxelo entle kube yeyona nto siyixhalabele gqitha ngokuphathelele umsebenzi wethu wobuKristu.
12, 13. (a) Ziziphi ezinye zezizathu zokuba sigcine ingxelo yethu yasentsimini? (b) Yintoni esenza sivuye xa sibona ingxelo epheleleyo yomsebenzi wethu wokushumayela?
12 Phawula oko kuthethwa yincwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano: “Abalandeli bokuqala bakaYesu Kristu baba nomdla kwiingxelo zenkqubela eyayisenziwa kumsebenzi wokushumayela. (Marko 6:30) Incwadi yeBhayibhile yeZenzo isixelela ukuba kwakukho abantu abali-120 xa umoya oyingcwele wathululwa kubafundi ngePentekoste. Kungekudala emva koko, inani labafundi landa laya kutsho kuma-3 000, ladlula nalapho laya kutsho kuma-5 000. . . . (IZe. 1:15; 2:5-11, 41, 47; 4:4; 6:7) Hayi indlela ezimele ukuba zabakhuthaza ngayo abafundi ezi ndaba!” Ngesizathu esifanayo, amaNgqina kaYehova namhlanje azabalazela ukugcina iingxelo ezichanileyo zoko kwenziwayo ehlabathini lonke ukuze kuzalisekiswe amazwi kaYesu athi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Ezo ngxelo zisenza sikuqonde kakuhle oko kwenziwa ehlabathini lonke. Zibonisa iinkalo ekufuneka uncedo kuzo, iincwadi ezifunekayo ukuze kuhanjiselwe phambili umsebenzi wokushumayela.
13 Ngoko ke, ukunikela ingxelo ngomsebenzi wethu wokushumayela kusinceda siwenze ngempumelelo umsebenzi esiwuthunyiweyo wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Ngapha koko, ngaba akusikhuthazi ukuva umsebenzi owenziwa ngabazalwana bethu kwezinye iindawo? Iindaba zolwando olwenzeka emhlabeni wonke ziyasivuyisa, zisenza siwukhuthalele lo msebenzi yaye zisenza siqiniseke ukuba uYehova uyawusikelela. Yaye kusivuyisa gqitha ukwazi ukuba ingxelo yethu yasentsimini iqukiwe kuloo ngxelo yehlabathi lonke! Ingxelo yomntu ngamnye incinane xa ithelekiswa nesimbuku sengxelo yehlabathi lonke, kodwa uYehova uyakubona oko sikwenzayo. (Marko 12:42, 43) Khumbula ukuba, ngaphandle kwengxelo yakho, ibingayi kuphelela le ngxelo yomhlaba wonke.
14. Ngaphandle kokushumayela nokufundisa, ziziphi ezinye izinto ezibandakanyekileyo ekukhonzeni uYehova?
14 Kakade ke, izinto ezininzi ezenziwa liNgqina ngalinye ukuzalisekisa imbopheleleko yalo njengomkhonzi kaYehova ozahluleleyo alizibhali kwingxelo yalo. Ngokomzekelo, ingxelo ayiquki isifundo seBhayibhile sobuqu, ukuya nokuba nenxaxheba kwiintlanganiso zamaKristu, izabelo zebandla, ukunceda amanye amakholwa, ukuxhasa ngemali umsebenzi woBukumkani ehlabathini lonke nezinye izinto. Ngenxa yoko, ngoxa ingxelo yethu yasentsimini ibalulekile, isinceda sihlale sishumayela ngenzondelelo sikuphepha ukuyekelel’ umxakatho, kodwa simele sibe nembono efanelekileyo ngayo. Ayifanele ijongwe njengento eya kusenza sikufanelekele ukufumana ubomi obungunaphakade.
‘Ukuzondelela Imisebenzi Emihle’
15. Nangona imisebenzi iyodwa ingenakusisindisa, kutheni ibalulekile?
15 Licacile elokuba, nangona singenakusindiswa yimisebenzi kuphela, kodwa ibalulekile. Kungenxa yeso sizathu le nto amaKristu ebizwa ngokuba ‘sisizwana esisesakhe ngokukhethekileyo, esizondelela imisebenzi emihle’ yaye akhuthazwa ukuba ‘anyamekelane, avuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle.’ (Tito 2:14; Hebhere 10:24) Ethetha ngokungqalileyo, omnye umbhali weBhayibhile, uYakobi, uthi: “Njengoko umzimba ngaphandle komoya ufile, ngokunjalo nokholo ngaphandle kwemisebenzi lufile.”—Yakobi 2:26.
16. Yiyiphi eyona nto ibaluleke ngakumbi kunemisebenzi, kodwa yintoni esifanele siyilumkele?
16 Nangona imisebenzi elungileyo isenokubaluleka, intsusa-senzo ibaluleke ngakumbi. Ngoko kubalulekile ukuba simane sihlolisisa eyona ntsusa yethu. Noko ke, ekubeni kungekho mntu unokuzazi ngokuchanileyo iinjongo zabanye, simele sikulumkele ukugweba abanye. Ngoxa impendulo izicacele sibuzwa oku: “Ungubani na wena ukuba ugwebe isicaka sendlu somnye? Ukuma okanye ukuwa kwaso kusenkosini yaso.” (Roma 14:4) UYehova, iNkosi yabantu bonke, noMgwebi wakhe amnyulileyo, uKristu Yesu, baya kusigweba, kungekhona ngemisebenzi yethu kuphela kodwa ngokusekelwe kwintsusa yoko sikwenzayo, amathuba esiwafumanayo okushumayela ebesinokuwasebenzisa, uthando nokuzinikela kwethu. NguYehova noKristu Yesu kuphela abanokusigweba ngokuchanileyo enoba siye sakwenza oko amaKristu ayalelwa ukuba akwenze, ngokwamazwi ompostile uPawulos athi: “Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, ungumsebénzi ongenazintloni nganto, uliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.”—2 Timoti 2:15; 2 Petros 1:10; 3:14.
17. Ngoxa sizabalazela ukwenza konke okusemandleni ethu, kutheni sifanele sihlale siyikhumbula incwadi kaYakobi 3:17?
17 Oko uYehova alindele ukuba sikwenze kusengqiqweni. Ngokutsho kukaYakobi 3:17, phakathi kwezinye izinto “ubulumko obuvela phezulu . . . bunengqiqo.” Ngaba akuyi kuba bubulumko, nesenzo esihle ukuxelisa uYehova kule nkalo? Ngenxa yoko, asimele silindele ukuba thina okanye abazalwana bethu benze izinto ngendlela engekho ngqiqweni okanye engenakufikeleleka.
18. Yintoni esinokukhangela phambili kuyo xa sinembono elungeleleneyo ngemisebenzi yethu nangobubele bukaYehova obungasifanelanga?
18 Ukuba sihlala sinembono elungeleleneyo ngemisebenzi yethu yokholo nobubele bukaYehova obungasifanelanga, siya kuhlala sinovuyo uphawu olwahlula abakhonzi bakaYehova bokwenyaniso. (Isaya 65:13, 14) Imele isivuyise into yokuba uYehova esikelela abantu bakhe bonke, kungakhathaliseki oko mntu ngamnye akwaziyo ukukwenza. Ukuba siqhubeka ‘sithandaza sisenza isikhungo nombulelo,’ siya kumbongoza uThixo ukuba asincede senze konke okusemandleni ethu. Kuya kwandula ke, ngaphandle kwamathandabuzo, ‘uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luzilinde iintliziyo zethu namandla ethu engqondo ngoKristu Yesu.’ (Filipi 4:4-7) Ewe, kunokusithuthuzela kuze kusikhuthaze ukwazi ukuba sinokusindiswa, kungekhona ngemisebenzi kuphela, kodwa ngenxa yobubele bukaYehova obungasifanelanga!
Ngaba Unokusichaza Isizathu Sokuba AmaKristu
• ekuphepha ukuqhayisa ngezinto azenzileyo?
• ewuphepha umoya wokhuphiswano?
• eyibhala ingxelo yomsebenzi wawo wasentsimini?
• ekuphepha ukugweba amanye amaKristu?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
“Ububele bam obunganifanelanga bukulingene”
[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]
Abadala bayavuya xa ilungu ngalinye liphumeza indima yalo ukuze izinto zihambe kakuhle ebandleni
[Imifanekiso ekwiphepha 18, 19]
Ngaphandle kwengxelo yakho, ingxelo yehlabathi lonke ayinakuphelela