IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w05 7/1 iphe. 27
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • ILevitikus Isifundisa Ukuba Sibaphathe Njani Abantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Incwadi YeBhayibhile 3—Levitikus
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • “Umthetho KaYehova Ugqibelele”
    Sondela KuYehova
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
w05 7/1 iphe. 27

Imibuzo Evela Kubafundi

IDuteronomi 14:21 ithi: “Nize ningayidli nayiphi na into ezifeleyo.” Ngaba oko kuyaphikisana namazwi akwiLevitikus 11:40, athi: “Lowo udlayo esidumbini saso [isilo] wozihlamba izambatho zakhe, aze abe ngongahlambulukanga kude kuhlwe”?

Ezi ndinyana zimbini aziphikisani. Le yokuqala iphinda umyalelo owalela ukutyiwa kwesilwanyana esizifeleyo, mhlawumbi esiye sabulawa ngamarhamncwa. (Eksodus 22:31; Levitikus 22:8) Eyesibini ichaza oko kwakunokwenziwa ngumSirayeli ukuba uye wophula loo myalelo, mhlawumbi ngempazamo.

Isibakala sokuba okuthile kwakusalelwa nguMthetho sasingathethi kuthi oko kwakungakhe kutyeshelwe. Ngokomzekelo, kwakukho imithetho eyalela ubusela, ukubulala, ukuba lingqina lobuxoki nezinye izinto. Kwangaxeshanye, kwakukho izohlwayo ezimiselweyo xa loo mithetho kaThixo isaphulwa. Ezo zohlwayo zazibonisa ukuba le mithetho ifanele ithotyelwe nendlela ebaluleke ngayo.

Umntu owaphula umthetho watya isilwanyana esizifeleyo uYehova wayemjonga njengongahlambulukanga yaye kwakufuneka enze ngokwendlela emiselweyo yokuhlambuluka. Kodwa ukuba akazihlambululanga ngendlela efanelekileyo, kwakuya kufuneka ‘aphendula ngesiphoso sakhe.’—Levitikus 17:15, 16.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share