Iimfundiso Eziyinyaniso—Unokuzifumana Phi?
NDODA ithile eTibet ijija ivili lomthandazo, umgqomo ekufakwa kuwo iziqwenga zamaphepha abhalwe imithandazo yabantu. Ikholelwa ukuba sihlandlo ngasinye loo mgqomo ujikeleza, nomthandazo wayo uyaphindaphindwa. Kwipomakazi elithile eIndiya, kukho igunjana lokuthandaza amaHindu—unqulo oluquka ukunikela iziqhumiso, iintyatyambo nezinye izinto kwimifanekiso eqingqiweyo yezithixo nezithixokazi zawo. Kumgama wamawaka eekhilomitha, eItali, kwicawa eyokoyoko kukho ibhinqa eliguqe phambi komfanekiso kaMariya, unina kaYesu liyathandaza ngoxa libambe irosari.
Usenokuba uyayazi indlela olunempembelelo ngayo unqulo ebantwini. Incwadi ethi The World’s Religions—Understanding the Living Faiths ithi: “Unqulo . . . belusoloko lubalulekile ebantwini yaye lusenjalo ehlabathini lonke. Kwincwadi ethi God—A Brief History, umbhali uJohn Bowker uthi: “Zange khe kubekho ibutho labantu eliphila ngaphandle koThixo, aze angalawuli ubomi nezinto ezithile abazenzayo. Oku kunjalo nakwabo bangafuni kuba nanto yakwenza nonqulo.”
Ngokwenene, unqulo luye lwanempembelelo kubomi bezigidi zabantu. Ngaba obu asibobungqina bucacileyo bokuba umntu unentswelo nomnqweno wokunqula? Kwincwadi yakhe ethi The Undiscovered Self, ingcali yengqondo edumileyo uGqr. Carl G. Jung ubhekisela kule ntswelo yokufuna komntu ukunqula amandla aphakamileyo esithi “oku bekunjalo ukutyhubela yonke imbali yomntu.”
Sekunjalo, abantu abaninzi bathi abakholelwa kuThixo bengenawo nomdla elunqulweni. Abanye abathandabuzayo okanye ababuphikayo ubukho bukaThixo benjenjalo kuba iicawa zabo ziye zasilela ukwanelisa iintswelo zabo zokomoya. Unqulo luchazwa “njengokunamathela kumgaqo othile; ukuzinikela, okanye ukubambelela ngokungqongqo; ukuzibhokoxa.” Ukuba luyile ndlela luchazwa ngayo apha, oko kuthetha ukuba wonk’ umntu uzinikele ngandlel’ ithile elunqulweni, kuquka nabo bangakholelwayo kuThixo kuba nabo bazinikela kwezo zinto bazikholelwayo.
Kumawaka eminyaka embali yomntu, iinzame zomntu zokwanelisa intswelo anayo yokomoya ziye zabangela ukuba awe evuka ezama iindlela ezahlukeneyo zokunqula. Oku kuvelise iimbono ezahlukahlukeneyo zonqulo ehlabathini lonke. Ngokomzekelo, nangona zonke iicawa ziphantse zifane ngokunqula amandla aphakamileyo, ziyangqubana kumbandela wokuba angubani okanye ayintoni loo mandla. Inkoliso yazo ibalaselisa into yokusindiswa nokukhululeka. Kodwa iimfundiso zazo ziyahluka xa kuchazwa into oluyiyo usindiso nendlela olufunyanwa ngayo. Ekubeni zininzi kangaka iicawa, sinokulufumana njani unqulo olufundisa inyaniso emkholisayo uThixo?