“Uncedo Lwam Luvela KuYehova”
Ukungatshati Nokwaneliseka Enkonzweni KaYehova
ELINYE ibhinqa elingumKristu laseSpeyin lathi: “Uninzi lwethu lonwabe gqitha nangona singatshatanga.” Yintoni le ilenza laneliseke? Lithi, “Sivuyiswa kukungabi namaxhala maninzi anxulumene nomtshato ukuze sikhonze uThixo wethu, uYehova, ngokupheleleyo.”
Iimvakalelo ezinjalo zihambisana noko kuthethwa liLizwi likaThixo ngokungatshati. Xa umpostile uPawulos waxubusha ngezinto ezibandakanya umtshato, wathetha la mazwi aphefumlelweyo: “Kubantu abangatshatanga nabahlolokazi, ndithi kuhle ukuba bahlale benjengam.” UPawulos wayengatshatanga. Kodwa wathi sisiphi isizathu sokuba ancomele ukungatshati? Wabonisa ukuba umntu otshatileyo wahlulelene, ngoxa indoda okanye ibhinqa elingatshatanga ‘lixhalela izinto zeNkosi.’ (1 Korinte 7:8, 32-34) Ukukhonza uYehova yeyona nto iyintloko eyenza umntu ongatshatanga onwabe aze aneliseke.
Ukungatshati Ngenxa Yeenjongo Ezibalulekileyo
Amazwi kaPawulos asenokubadida abo banamasiko abalaselisa ukutshata nokuba nabantwana. Noko ke, uYesu Kristu—naye owayengatshatanga kodwa onwabile yaye anelisekile—wachaza injongo ebalulekileyo yamaKristu angatshatanga. Wathi: “Kukho amathenwa azenze amathenwa ngenxa yobukumkani bamazulu. Lowo unako ukukuvulela ithuba makakuvulele ithuba.”—Mateyu 19:12.
Ngokuvisisana naloo mazwi, abaninzi baye bafumanisa ukuba ukungatshati kubenza bakhonze uThixo ngaphandle kokuphazamiseka nto leyo exhaphakileyo emtshatweni. (1 Korinte 7:35) AmaKristu amanzi akhonza uYehova ngolonwabo ngaphandle kwamaqabane omtshato, yaye kuyawavuyisa ukunceda abanye.a
AmaKristu amaninzi angatshatanga ayaqonda ukuba asingobantu batshatileyo kuphela abonwabileyo nokuba asingabo bonke abantu abangatshatanga abangonwabanga. Maxa wambi, abantu abatshatileyo nabangatshatanga bayonwaba okanye babe sentlungwini. Eneneni, ngokusengqiqweni iBhayibhile ithi umtshato ubangela ‘imbandezelo enyameni.’—1 Korinte 7:28.
Ukungatshati Ngenxa Yeemeko
Abaninzi abatshatanga kungekhona ngokuzikhethela kodwa ngenxa yeemeko. Basenokunqwenela uthando nolwalamano olufumaneka emtshatweni. Noko ke, kwabanye, iingxaki zemali nezinye izinto zinokubenza bangatshati okwangoku. Amanye amaKristu—inkoliso yawo ngoodade bokomoya abathandekayo—aye ahlala engatshatanga kuba ezimisele ukuthobela isiluleko seBhayibhile sokutshata “kuphela eNkosini.” (1 Korinte 7:39) Ngokunyaniseka afuna iqabane lomtshato kuphela kubakhonzi bakaYehova abazahluleleyo nababhaptiziweyo.
Maxa wambi, abanye kubo baba ngamalolo. Emva kokuvuma ukuba uvakalelwa ngale ndlela, omnye umKristu ongatshatanga uthi: “Siyawazi umthetho kaYehova yaye asifuni kungamkholisi nangayiphi na indlela. Nakuba sifuna iqabane lomtshato, kodwa kungakhathaliseki ukuba abantu ehlabathini bazama kangakanani ukusizamela amaqabane, sihlala siqinile. Asifuni nokunxulumana namadoda okanye amabhinqa angakholwayo.” AmaKristu anjalo amele anconywe ngokuthobela isiluleko seBhayibhile nokugcina imilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha ukuze akholise uYehova nangona esenokuba acinezelekile ngokwemvakalelo.
UYehova Unikela Uncedo Olukhulu
UYehova unyanisekile kwabo babonisa ukunyaniseka kuye kwimibandela enjengokungavumi ukutshata nabantu abangamkhonziyo. Ngenxa yoko kwenzeka kuye, uKumkani uDavide wayenokungqina athi: “Kulowo unyanisekileyo [uYehova] uya kwenza ngokunyaniseka.” (INdumiso 18:25) Kwabo bamthobela ngokuthembeka, uThixo uyathembisa: “Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.” (Hebhere 13:5) Sixelisa uYehova, sinokuwancoma gqitha amaKristu angatshatanga akubudala obahlukahlukeneyo abambelela ngokuthembeka kwiLizwi likaThixo. Kwakhona sinokuthandazela ukuba uYehova awomeleze amelane neengxaki zawo.—ABagwebi 11:30-40.
AmaKristu amaninzi angatshatanga afumanisa ukuba, ukuzibhokoxa kumsebenzi wokufundisa iBhayibhile kwenza ubomi bawo bube nenjongo. Ngokomzekelo, cinga ngoPatricia, ibhinqa elingatshatanga elisele liyigabhule iminyaka engama-30 ubudala elinguvulindlela, okanye umvangeli wexesha elizeleyo. Uthi: “Nangona ukungatshati kubangela iimvavanyo ezininzi, kuye kwandinika ithuba lokuba nguvulindlela othe ngxi. Ekubeni ndingatshatanga, ucwangciso lwam lubhetyebhetye ngakumbi, nto leyo endenza ndibe nethuba elingakumbi lokufundisisa. Ndiye ndafunda ukukholosa ngoYehova, ngakumbi kumaxesha anzima.”
Ezi mvakalelo zisekelwe kwisithembiso seBhayibhile esithi: “Yiqengqele kuYehova indlela yakho, uze uthembele ngaye, kwaye yena uya kwenza.” (INdumiso 37:5) Eneneni, bonke abakhonzi bakaYehova abathembekileyo, abatshatileyo nabangatshatanga, banokuthuthuzelwa baze bomelezwe ngamazwi aphefumlelweyo athi: “Uncedo lwam luvela kuYehova.”—INdumiso 121:2.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona Ikhalenda YamaNgqina KaYehova Yowama-2005, kuJulayi nakuAgasti.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]
“Indoda engatshatanga ixhalela izinto zeNkosi, indlela enokuzuza ngayo inkoliseko yeNkosi.”—1 KORINTE 7:32
[Ibhokisi ekwiphepha 8]
UMVUZO WOKUNGATSHATI
UYesu, ongazange atshate, wathi: “Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe.”—Yohane 4:34.
Iintombi zikaFilipi ezine nezazingatshatanga zazihlala zixakekile “ziprofeta.”—IZenzo 21:8, 9.
Oodade abangamaKristu abavakalisa isigidimi soBukumkani bayinxalenye ‘yomkhosi omkhulu wabafazi abavakalisa iindaba ezilungileyo.’—INdumiso 68:11.