Ngaba Ukunyaniseka Kunomvuzo?
“ININZI gqitha le mali uyihlawula kwi-inshorensi yezonyango,” watsho njalo uKarl ongummeli wenkampani yeinshorensi.a “Ukuba ungatshintshela kule yam inkampani, ungabuyelwa zii-R120 ngenyanga yaye ininzi gqitha loo mali.”
UJens waphendula wathi: “Kusenokwenzeka ukuba unyanisile. Kodwa kangangeminyaka eliqela bendisebenzisa le nkampani inye kwi-inshorensi yam yezonyango. Bandincede kakhulu abantu bale nkampani kwixa elidluleyo yaye ndifuna ukuhlala ndinyanisekile kubo.”
“Ukunyaniseka luphawu oluhle,” waphendula ngelitshoyo uKarl. “Kodwa ke ulahlekelwa yimali eninzi ngenxa yokunyaniseka!”
Wayenyanisile uKarl. Umntu udla ngokuphulukana nemali ngenxa yokunyaniseka okanye ukuthembeka.b Kuyanyanzeleka nokuba achithe ixesha, azibhokoxe yaye azinikele. Ngaba ukunyaniseka kuyingenelo?
Ukunyaniseka Luphawu Oluhle Kodwa Bambalwa Abantu Abanyanisekileyo
Kuphando olwenziwa eJamani yiAllensbach Opinion Research Institute, abangama-96 ekhulwini kwabo basabelayo, babegqala ukuthembeka njengophawu oluhle. Uphando lwesibini olwenziwa yiAllensbach kwabaneminyaka eli-18 ukusa kwengama-24 lwadiza ukuba abantu aba-2 kwaba-3 babegqala ukuthembeka njengento entle.
Nangona ukunyaniseka okanye ukuthembeka kunconywa ngokubanzi, kuba nzima xa kufuneka umntu anyaniseke okanye athembeke. Ngokomzekelo, kumazwe aliqela aseYurophu izibini ezitshatileyo okanye amalungu entsapho adla ngokunganyaniseki omnye komnye. Nabantu abaninzi abathembekanga kubahlobo babo. Nokunyaniseka okwakufudula kukho phakathi komqeshi nomqeshwa okanye phakathi koosomashishini nabathengi kwaphela. Ngoba?
Maxa wambi ubomi obumaxhaphetshu bezi mini bubangela ukuba abantu bangabi naxesha okanye amandla okuhlangabezana neembopheleleko ezihambisana nokunyaniseka. Abantu abaye baphoxwa ngabanye, mhlawumbi ngoku abasafuni kuthembeka nakubani na. Abanye bakhetha ukuba nobuhlobo nje bokwexeshana nabantu, ngaloo ndlela kungabi yomfuneko ukuba banyaniseke.
Enoba siyintoni na isizathu, ukunyaniseka luphawu oluhle kodwa eneneni bambalwa abantu abanyanisekileyo. Kungenxa yoko le nto kuphakama le mibuzo: Ngaba ukunyaniseka kunomvuzo? Ukuba kunjalo, sifanele sinyaniseke kubani yaye ngaziphi iindlela? Ziziphi iingenelo zokunyaniseka?
[Imibhalo esemazantsi]
a Kweli nqaku nakwelilandelayo abanye abantu babizwe ngamagama angengowabo.
b Kula manqaku kusetyenziswe igama elithi “ukunyaniseka” nelithi “ukuthembeka” nangona engasetyenziswanga ndawonye ngalo lonke ixesha.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 3]
Ukunyaniseka luphawu oluhle kodwa eneneni bambalwa abantu abanyanisekileyo