Ixesha LeKrismesi NoNyaka Omtsha—Ngaba Liya Kuyifezekisa Iminqweno Yakho?
“UPeter [Omkhulu] wayalela ukuba zonke iicawa zibhiyozele uNyaka Omtsha ngoJanuwari 1. Wayalela nokuba ngaphakathi ezindlwini iminyango ihonjiswe ngamasebe aluhlaza, waza wathi bonke abemi baseMoscow bamele ‘babonise uvuyo lwabo ngokubulisana’ ngosuku loNyaka Omtsha.”—Peter the Great—His Life and World.
YINTONI okhangela phambili kuyo ngexesha leKrismesi noNyaka Omtsha? Eli iba lixesha leholide ende. Abazali nabantwana badla ngokuvala emsebenzini nasesikolweni ngeli xesha, ngoko inokuba lixesha elifanelekileyo lokuba iintsapho zibe kunye. IKrismesi, lusuku ekuthiwa lelokuzalwa kukaKristu. Abanye abantu bafuna ukuhlonipha uKristu ngalo kuba becinga ukuba leyo yeyona njongo yokubakho kweli xesha. Kungenzeka ukuba nawe uvakalelwa ngolo hlobo.
Enoba eli lixesha lokuhlonipha uKristu, okanye lokonwaba nentsapho, ehlabathini lonke izigidi zamadoda, abafazi nabantwana bahlala bekhangele phambili kulo. Kuthekani kulo nyaka? Ngaba iza kuba lixesha elikhethekileyo lentsapho okanye likaThixo? Ukuba nifuna ukuba kunye nentsapho, ngaba iya kufezekiswa loo minqweno, okanye iza kuwa phantsi?
Abaninzi kwabo banomdla kwicala lonqulo babona ukuba kwixesha leKrismesi noNyaka Omtsha akukho kwanto ibonisa umoya kaKristu. Endaweni yoko, eli iba lixesha lezipho, ithuba lokwenza amatheko apho abantu baye baziphathe ngendlela engamfanelanga uKristu, okanye kwenziwe amatheko okudibana kwentsapho. Kaninzi, kwezi ndibano into edla ngokubalasela kukuba elinye ilungu okanye angakumbi azifice ngokutya nentombi kaLudiza, kube ke sekuvuka ingxabano de kuqale noqhushululu entsatsheni. Nawe usenokuba ukhe wakubona oko, okanye kwenzeka kuwe.
Xa kunjalo, usenokubona kungekho nto ingako iye yatshintsha kususela ekusekweni kweli xesha nguMlawuli waseRashiya uPeter Omkhulu. Bephazanyiswa yile mikhwa, abaninzi banqwenela ukuba eli ibe lixesha lokunqula nokumanyana kwentsapho. Kukho nabo bakwiphulo lokuba oku kutshintshe, abade bankqangaze amazwi athi, Le holide ikho ngenxa kaYesu. Ngaba lungaze lubekho olo tshintsho? Ngaba ukwenjenjalo kuya kwenza uKristu ahlonitshwe? Ngaba linako ukujongwa ngendlela eyahlukileyo eli xesha leholide?
Ukuze sifumane iimpendulo ezanelisayo, makhe siqwalasele oko kwenziwa ngabantu belinye ilizwe ebelifanele libe nombulelo okhethekileyo ngeli xesha lonyaka.