Indlela Yokuzonwabisa Efanelekileyo Nehlaziyayo
“Enoba niyatya okanye niyasela okanye nenza nantoni na eyenye, zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo.”—1 KORINTE 10:31.
1, 2. Kutheni kunokugqalwa ‘njengesipho sikaThixo’ nje ukuzonwabisa, ukanti sisiphi isilumkiso esingqalileyo seBhayibhile?
YINTO yemvelo ukufuna ukuzonwabisa. UThixo wethu onoyolo, uYehova ufuna sonwabe ebomini, ibe wenze izinto ezininzi ezinokusonwabisa. (1 Timoti 1:11; 6:17) UKumkani osisilumko uSolomon wathi: “Ndiyazi ukuba akukho nto ilunge ngakumbi . . . kunokuba nemihlali . . . kwanokuba wonk’ umntu ufanele adle, asele aze ngokwenene abone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwakhe nzima. Sisipho sikaThixo eso.”—INtshumayeli 3:12, 13.
2 Kuhlaziya gqitha ukukhangela ngasemva kumsebenzi onzima owenzileyo uze uzive unemihlali, ngakumbi xa wonwabe nentsapho okanye abahlobo bakho. Ngokufanelekileyo, oku kunokugqalwa ‘njengesipho sikaThixo.’ Kakade ke, ubuninzi bamalungiselelo oMdali abuthethi kuthi simele siphilele iziyolo ngaphandle kwemiqathango. IBhayibhile iyakwalela ukunxila, ukuba lidlakudla nokuziphatha okubi, ilumkisa ngelithi abenza ezo zinto “abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.”—1 Korinte 6:9, 10; IMizekeliso 23:20, 21; 1 Petros 4:1-4.
3. Yintoni eya kusinceda sihlale sithe qwa ngokomoya yaye siyikhumbula imini enkulu kaYehova?
3 Kunanini na ngaphambili, kule mihla yokugqibela yamanqam, amaKristu kufuneka aphile ngobulumko kweli hlabathi lonakeleyo ukuze angosulelwa yimikhwa yalo. (Yohane 17:15, 16) Njengokuba kwaxelwa kwangaphambili, abantu namhlanje ‘bathanda iziyolo kunokuba bathande uThixo’ kangangokuba ‘abanikeli ngqalelo’ kubungqina bokuba sekumbovu ifike “imbandezelo enkulu.” (2 Timoti 3:4, 5; Mateyu 24:21, 37-39) UYesu walumkisa abalandeli bakhe wathi: “Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo njengomgibe.” (Luka 21:34, 35) Njengabakhonzi bakaThixo, sizimisele ukusithobela esi silumkiso. Ngokwahlukileyo kwihlabathi elisingqongileyo labantu abangahloneli uThixo, thina sizabalazela ukuhlala sithe qwa ngokomoya, ukuze sihlale siyikhumbula imini enkulu kaYehova.—Zefaniya 3:8; Luka 21:36.
4. (a) Kutheni kunzima nje ukufumana iindlela zokuzonwabisa ezifanelekileyo? (b) Sisiphi isiluleko esikwincwadi yabase-Efese 5:15, 16 esimele sisithobele?
4 Akulula ukuzigcina singenabala kwimikhwa emibi yeli hlabathi, kuba noMtyholi uyenza inqweneleke ibe ingena lula. Oku kubanzima ngakumbi xa sifuna ukuzonwabisa okanye ukuzihlaziya. Inkoliso yeendlela zokuzonwabisa zeli hlabathi ilungiselelwe ukwanelisa “iminqweno yenyama.” (1 Petros 2:11) Iintlobo zokuzonwabisa ezonakeleyo zifumaneka kwiindawo zikawonkewonke, kodwa zinokufika nasemzini kabani ngoncwadi, umabonwakude, i-Internet neevidiyo. Ngoko iLizwi likaThixo licebisa oku kumaKristu: “Hlalani nikuphaphele ngokungqongqo ukuba indlela enihamba ngayo ingabi njengeyabantu abangezozilumko kodwa ibe njengeyezilumko, nizongele ixesha, ngenxa yokuba imihla ingendawo.” (Efese 5:15, 16) Simele sithobele esi siluleko ukuze siqinisekise ukuba asilingwa ziziyolo eziyingozi, zisichithele ixesha, de zonakalise ulwalamano lwethu noYehova, nto leyo eya kuphelela ekubeni sitshatyalaliswe!—Yakobi 1:14, 15.
5. Sikufumana phi ukuhlaziyeka okungakumbi?
5 Maxa wambi amaKristu akhe afune ukuzonwabisa kuba ahlala exakekile. Phofu, neNtshumayeli 3:4 ithi kukho ‘ixesha lokuhleka nexesha lokudloba.’ Ngoko, iBhayibhile ayijongi ukuzonwabisa njengenkcitha xesha, ntonje ukuzonwabisa kumele kusihlaziye, kungasonakalisi ngokomoya okanye kusiyekise izinto zokomoya. AmaKristu aqolileyo azi kakuhle ukuba uyolo olungakumbi lubangelwa kukupha abanye. Eyona nto iphambili kuwo kukwenza ukuthanda kukaYehova yaye ayifumanela ‘ukuhlaziyeka kokwenene imiphefumlo yawo’ ngokwamkela idyokhwe yobubele kaYesu.—Mateyu 11:29, 30; IZenzo 20:35.
Ukukhetha Indlela Yokuzonwabisa Efanelekileyo
6, 7. Yintoni enokukunceda wazi uhlobo lokuzonwabisa olufanelekileyo nolungafanelekanga?
6 Singalwazi njani uhlobo lokuzonwabisa olufanele amaKristu? Abazali banceda ekuboniseni abantwana babo, baze bona abadala bafake isandla xa kufuneka. Enyanisweni, bekungamele kude kufuneke abantu abaza kusixelela ukuba incwadi, imovie, umdlalo wekhompyutha, umdaniso, okanye ingoma ethile ayifanelekanga. UPawulos wathi, “abantu abaqolileyo . . . ngokuwasebenzisa amandla abo okuqonda bawaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.” (Hebhere 5:14; 1 Korinte 14:20) IBhayibhile inemigaqo yokusikhokela. Isazela esiqeqeshwe ngeLizwi likaThixo siya kusinceda ukuba siyasiphulaphula.—1 Timoti 1:19.
7 UYesu wathi “umthi waziwa ngeziqhamo zawo.” (Mateyu 12:33) Ukuba uhlobo lokuzonwabisa luvelisa iziqhamo ezibolileyo ezinganqwenelekiyo zogonyamelo, ukuziphath’ okubi, okanye ukusebenzelana nemimoya, lumele luphetshwe. Alufanelekanga ukuba lubeka esichengeni ubomi okanye impilo kabani, ukuba lubangela umntu atsale nzima okanye abe kwimeko emandundu kwezoqoqosho, okanye luyabakhubekisa abanye. Umpostile uPawulos walumkisa ngelithi ukuba singxwelerha isazela somzalwana wethu, siyona. Wathi: “Xa ngaloo ndlela nisona abazalwana benu yaye ningxwelerha isazela sabo esibuthathaka, nona uKristu. Ngoko ke, ukuba ukutya kuyamkhubekisa umzalwana wam, andisayi kuze ndiyitye kwakhona inyama konke konke, ukuze ndingamkhubekisi umzalwana wam.”—1 Korinte 8:12, 13.
8. Ziziphi iingozi ezinokwehlela ubani xa esebenzisa imidlalo neevidiyo ze-elektroniki?
8 Iivenkile zizaliswe yimidlalo neevidiyo ze-elektroniki. Zisenokubakho iividiyo nemidlalo efanelekileyo ehlaziyayo, kodwa iya isiba nezinto ezikhatywayo yiBhayibhile. Nokuba sekusithiwani, umdlalo awukho mnandi xa abadlali bawo besenzakalisa baze babulale abanye okanye beziphatha kakubi! UYehova ubathiyile abo ‘bathanda ugonyamelo.’ (INdumiso 11:5; IMizekeliso 3:31; Kolose 3:5, 6) Ukuba umdlalo ukhuthaza ukubawa okanye ukuthanda ukulwa, ukwenza ungabi nazimvakalelo, okanye ukutyela ixesha, yazi ukuba uyakugqiba ngokomoya ngoko lungisa ukuhlala.—Mateyu 18:8, 9.
Ukuzihlaziya Ngendlela Efanelekileyo
9, 10. Yintoni enokwenziwa ngabantu abacingayo ukuze bazihlaziye?
9 Maxa wambi amaKristu akhe azibuze oku: “Luluphi uhlobo lokuzonwabisa olufanelekileyo? Inkoliso yeendlela zokuzonwabisa ezikhoyo kweli hlabathi iyangqubana nemigaqo yeBhayibhile.” Into onokuqiniseka ngayo kukuba ziyafumaneka iindlela zokuzihlaziya ezanelisayo nto nje oko kufuna umgudu. Kufuneka umntu acingisise aze acebe kakuhle, ngakumbi abazali. Abaninzi bahlaziywa kukuba kunye neentsapho zabo okanye abazalwana noodade abasebandleni. Yinto entle neyakhayo ukunandipha isidlo ngoxa nixubusha ngeziganeko zosuku okanye zeBhayibhile. Nisenokulungiselela ukuba neepikniki, imidlalo efanelekileyo, ukuphuma niye kugxumeka iintente, ninyuke intaba okanye niye kubethwa ngumoya elwandle. Ezi ntlobo zokuzonwabisa zinokunishiya nihlaziyekile.
10 Omnye umdala nenkosikazi yakhe abanabantwana abathathu bathi: “Besebancinane abantwana bethu babesiba nenxaxheba xa sikhetha indawo esiza kuya kubethwa ngumoya kuyo. Maxa wambi, sasiye sivumele umntwana ngamnye ukuba eze nomhlobo wakhe olungileyo, ibe oko kwakusenza ikhefu lethu libe mnandi. Kukho izinto ezintle eziye zananditshwa ngabantwana bethu. Sasikhe simemele emzini wethu intsapho ethile nabahlobo abasebandleni. Sasiphatha ukutya siye kutyela kwindawo ethile sidlale nemidlalo. Sasihamba ngemoto okanye ngeenyawo ezintabeni, sisebenzisa ezo zihlandlo ukufunda ngendalo kaYehova.”
11, 12. (a) Yintoni onokuyenza ukuze uquke abanye xa uceba ukuzihlaziya? (b) Ziimbutho ezinjani ezingalibalekiyo kwabaninzi?
11 Ngaba ungazama ukuphangalala wena okanye njengentsapho ukuze niquke abanye xa niceba ukuya kubethwa ngumoya? Kukho abathile, njengabahlolokazi, abangatshatanga, okanye iintsapho enomzali omnye abanokufuna ukukhuthazwa. (Luka 14:12-14) Usenokuquka nabathile abasebatsha ebandleni, kodwa, ulumkele ukuchanaba abanye kwimpembelelo eyonakalisayo. (2 Timoti 2:20, 21) Ukuba kunzima kwabagulayo ukuhamba, kunokwenziwa amalungiselelo okubazisela isidlo ukuze kutyiwe nabo emizini yabo.—Hebhere 13:1, 2.
12 Iimbutho ezinokutya nje okuqhelekileyo, kuphulaphulwe amava eendlela ababa ngamaKristu ngayo abanye, nokuva izinto ezabancedayo bahlala bethembekile kuThixo ziye zabahlaziya abaninzi ibe azilibaleki. Kusenokuxutyushwa ngemibandela ethile yeBhayibhile, babandakanywe bonke abakhoyo kuquka abantwana. Ezo ngxubusho ziba lukhuthazo kungabikho bani uziva engakhululekanga okanye engafaneleki.
13. UYesu noPawulos bawumisela njani umzekelo wokubuk’ iindwendwe nokuxabisa ezo zihlandlo?
13 UYesu wasimisela umzekelo omhle wokubuk’ iindwendwe nokuxabisa ezo zihlandlo. Wayesoloko esebenzisa ezo zihlandlo ukuze ancede abanye ngokomoya. (Luka 5:27-39; 10:42; 19:1-10; 24:28-32) Abafundi bakhe bokuqala baye bamxelisa. (IZenzo 2:46, 47) Umpostile uPawulos wathi: “Ndilangazelela ukunibona, ndize ndininike isiphiwo esithile sokomoya ukuze niqiniswe; okanye, ukuze sikhuthazane elukholweni, olwenu kunye nolwam.” (Roma 1:11, 12) Nakwezethu iimbutho simele sakhane futhi sikhuthazane.—Roma 12:13; 15:1, 2.
Izinto Esimele Sizikhumbule Nesimele Sizilumkele
14. Kutheni kungebobulumko ncam ukuba neembutho ezinkulu?
14 Asibobulumko ukuba nembutho enkulu, kuba kudla ngokuba nzima ukuyilawula. Xa oko kungaphazamisani nezinto zokomoya, iintsapho zinokuceba ukwenza ipikniki, ukuba kunye ukuze zinandiphe isidlo okanye ukudlala umdlalo othile ongazi kufuna lukhuphiswano kangako. Xa abadala, izicaka zolungiselelo okanye abathile abaqolileyo bekho kuloo mbutho, baba nempembelelo entle sitsho eso sihlandlo sihlaziye ngakumbi.
15. Kutheni umele uqinisekise ukuba izinto ziza kuhamba ngendlela nje xa umeme iindwendwe?
15 Abo balungiselela imbutho bamele baqinisekise ukuba iza kulawulwa ngendlela efanelekileyo. Nakuba ukuthanda ukubuk’ iindwendwe, ngaba ubungayi kukhathazeka xa ufumanisa ukuba olunye lweendwendwe zakho luye lwakhubeka ngenxa yento ethile eyenzeke kwakho? Qwalasela lo mgaqo ukwiDuteronomi 22:8. UmSirayeli owakha indlu kwakufuneka alwenzele ungqameko uphahla lwayo, indawo ezazidla ngokonwatyiswa kuyo iindwendwe. Kwakusenzelwa ntoni oko? ‘Yayikukuze angazisi ityala legazi endlwini yakhe xa athe wawa owayo kuyo.’ Ngokufanayo, ngoxa ungabeki miqathango engekho ngqiqweni, kwimbutho oyenzayo umele uqinisekise ukuba iindwendwe zakho ziza kukhuseleka emzimbeni nangokomoya.
16. Bubuphi ubulumko obumele busetyenziswe ukuba kuza kubakho utywala embuthweni?
16 Ukuba kuza kubakho utywala embuthweni, kufuneka kusetyenziswe ubulumko. AmaKristu amaninzi alawula imbutho abusebenzisa kuphela xa eza kubulawula ngokwawo utywala obuza kuselwa kuzo. Akumele kuvunyelwe nantoni eza kukhubekisa abanye okanye ibalinge baze bazitshize kanobom. (Efese 5:18, 19) Ngezizathu ezahlukahlukeneyo, ezinye iindwendwe zinokukhetha ukungabuseli. Kwezinye iindawo kukho imiqathango ekwalelayo ukuba basele abantu abangaphantsi kweminyaka ethile, ibe amaKristu amele ayithobele imithetho kaKesare nokuba loo miqathango ibonakala ingekho ngqiqweni.—Roma 13:5.
17. (a) Ukuba kuza kukhaliswa umculo embuthweni, kutheni kubalulekile nje ukuba umnini-mbutho awukhethe kakuhle? (b) Yintoni emele iphetshwe ukuba kuza kudaniswa embuthweni?
17 Umnini-mbutho umele aqinisekise ukuba wonk’ umculo, umdaniso, okanye indlela yokuzonwabisa ivisisana nemigaqo yobuKristu. Abantu bathanda iintlobo ezahlukeneyo zomculo, ibe kukho iindidi ezahlukeneyo zawo. Noko ke, umculo omninzi namhlanje ukhuthaza imvukelo, ukuziphath’ okubi nogonyamelo. Kufuneka uwukhethe kakuhle. Akuyomfuneko ukuba ude ube ngumculo opholileyo ukuze ufaneleke, kodwa umele ungavusi inkanuko, ube nesingqi esiphezulu. Lumka ungavumeli umculo ukhethwe ngumntu ongaziyo ukuba umele ukhalele phezulu kangakanani. Umdaniso ongafanelekanga, ovuselela inkanuko awuwafaneli kwaphela amaKristu.—1 Timoti 2:8-10.
18. Abazali banokubakhusela njani abantwana babo ngokunikela ingqalelo kwindlela abazonwabisa ngayo?
18 Abazali abangamaKristu bamele bayazi into eza kwenzeka kuyo nayiphi na imbutho ekumenywe kuyo abantwana babo, ibe ibiya kuba bubulumko ukumana behamba nabo izihlandlo ezininzi. Okubuhlungu kukuba, abanye abazali baye bavumela abantwana babo baya kumatheko angalawulwayo apho abaninzi baye balingelwa ekuziphatheni okubi okanye kwihambo engafanelekanga. (Efese 6:1-4) Kwanokuba ulutsha sele luza kugqiba iminyaka yeshumi elivisayo yaye lubonakala lukwazi ukuzimela, kusafuneka luncedwe ‘lusabe iinkanuko zobutsha.’—2 Timoti 2:22.
19. Yintoni enokusinceda sinikele ingqalelo kweyona nto simele ‘siyifune kuqala’?
19 Ukumana uzihlaziya uze uzonwabise xa kufanelekile kunokwenza ubomi bube myoli ngakumbi. UYehova akasaleli ukuba sifumane olu yolo, nto nje sazi kakuhle ukuba ezi ziyolo ngokwazo azisincedi siziqwebele nabuphi na ubutyebi bokomoya ezulwini. (Mateyu 6:19-21) UYesu wanceda abafundi bakhe baqonda ukuba ‘ukufuna kuqala ubukumkani nobulungisa bukaThixo’ yeyona nto ibalulekileyo ebomini, kungekhona oko siza kukudla into yokusela okanye yokunxiba, “izinto iintlanga ezizisukela ngentumekelelo.”—Mateyu 6:31-34.
20. Abakhonzi abathembekileyo bakaYehova banokulindela ziphi izinto ezilungileyo kuMlungiseleli Ozukileyo?
20 Ewe, enoba ‘siyatya okanye siyasela okanye senza nantoni na eyenye, zonke izinto sinokuzenzela uzuko lukaThixo,’ sibulele uMlungiseleli Ozukileyo wazo zonke izinto ezilungileyo esizinandiphayo ngendlela efanelekileyo. (1 Korinte 10:31) Kumhlaba wakhe oyiParadesi ekufuphi, kuya kubakho ulonwabo olungapheliyo apho siya kuxhamla ububele bukaYehova, nabahlobo abathobela imilinganiselo yakhe yobulungisa.—INdumiso 145:16; Isaya 25:6; 2 Korinte 7:1.
Uyakhumbula Na?
• Kutheni kunzima nje kumaKristu namhlanje ukufumana iindlela zokuzonwabisa ezifanelekileyo?
• Ziziphi ezinye iindlela zokuzonwabisa eziye zahlaziya iintsapho zamaKristu?
• Xa sizonwabisa ngendlela efanelekileyo, ziziphi izinto esimele sizikhumbule nesimele sizilumkele?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Zonwabise ngendlela evelisa iziqhamo ezilungileyo
[Imifanekiso ekwiphepha 19]
Ziziphi iindlela zokuzonwabisa aziphephayo amaKristu?