Ngaba Indlela Ozihlaziya Ngayo Iyingenelo?
“Qhubekani niqinisekisa ngoko kwamkelekileyo eNkosini.”—EFE. 5:10.
1, 2. (a) ILizwi likaThixo libonisa njani ukuba uYehova ufuna sibunandiphe ubomi? (b) Ukugqala ixesha lokuzihlaziya ‘njengesipho sikaThixo’ kuya kusishukumisela ukuba senze ntoni?
KUYO yonke iBhayibhile, sifumana amazwi abonisa ukuba uYehova ufuna siphile size sibunandiphe ubomi. Ngokomzekelo, iNdumiso 104:14, 15 ithi uYehova ubangela “kuphume ukutya emhlabeni, newayini eyenza intliziyo yomntu ofayo ibe nemihlali, ukukhazimlisa ubuso ngeoli, nesonka sokuxhasa intliziyo yomntu ofayo.” Eneneni, uYehova ukhulisa izityalo ukuze zithwale ukutya, ioli newayini zize zibe sisixhaso kuthi. Kodwa iwayini ‘yenza intliziyo ibe nemihlali.’ Yenza okungaphaya kokwaneleyo ukuze sihlale siphila size sonwabe ngakumbi. (INtshu. 9:7; 10:19) Ewe, uYehova ufuna sonwabe, zize neentliziyo zethu zizaliswe ‘kukuchwayita.’—IZe. 14:16, 17.
2 Ngoko ke, akukho sizathu sokuba sizive sinetyala xa ngamanye amaxesha sicwangcisa ixesha ‘lokuqwalasela ngenyameko iintaka zezulu’ ‘neenyibiba zasendle’ okanye sinandipha ezinye izinto ezisihlaziyayo nezenza ubomi bube mnandi. (Mat. 6:26, 28; INdu. 8:3, 4) Ubomi obumnandi “sisipho sikaThixo.” (INtshu. 3:12, 13) Ukugqala ixesha lokuzonwabisa njengenxalenye yeso sipho kuya kusishukumisela ukuba silisebenzise ngendlela eya kumonwabisa noMniki waso.a
Ukuzonwabisa Ngeendlela Ezahlukahlukeneyo Nokuzibekela Imida
3. Kutheni kusengqiqweni ukuzonwabisa ngeendlela ezahlukahlukeneyo?
3 Abantu abanembono elungeleleneyo ngokuzihlaziya bakwenza oko ngeendlela ezahlukahlukeneyo kodwa bayasiqonda nesibakala sokuba befanele bazibekele imida. Ngoba? Ukuze siphendule lo mbuzo, makhe sithelekise ukuzihlaziya nokutya. Ukutya okuthandwa ngabantu kumazwe athile kusenokungathandwa kwamanye amazwe. Ngendlela efanayo, oko amaKristu akwamanye amazwe akujonga njengeyona ndlela yokuzonwabisa, kusenokunganiki mdla kumaKristu akwezinye iindawo. KwanakumaKristu ahlala kwindawo enye, oko omnye umntu akujonga njengexesha lokuphumla (mhlawumbi ukuzifundela incwadi emnandi), kusenokujongwa njengendinisa ngomnye; kanti oko omnye umntu akujonga njengento ehlaziyayo (mhlawumbi ukuzula ngebhayisikile), komnye kusenokuba yinto edinisayo. Sekunjalo, siyaqonda ukuba kwimiba efana nokutya nokuzihlaziya, kusengqiqweni ukuba sisebenzise iindlela ezahlukahlukeneyo nezithandwa sithi.—Roma 14:2-4.
4. Kutheni sifanele sizibekele imida ngendlela ethile esikhetha ukuzihlaziya ngayo? Yenza umzekelo.
4 Kodwa ke, siyaqonda ukuba xa kusithiwa singazihlaziya ngeendlela ezahlukahlukeneyo akuthethwa kuthi masigqithise. Ngokomzekelo, makhe siphinde sithethe ngokutya. Nangona sineentlobontlobo zokutya, besingenakude sitye noko kubolileyo. Ukukutya bekuya kubonisa ukuba asiphilanga kakuhle engqondweni yaye oko bekuya kuyibeka engozini impilo yethu. Ngokufanayo, nangona sinako ukuzonwabisa ngeendlela ezahlukahlukeneyo, besiya kukuphepha ukuzonwabisa ngezinto ezinokusenzakalisa, ezinogonyamelo okanye ezibolileyo ngokuziphatha. Xa besinokuzonwabisa ngezinto ezinjalo besiya kuba saphula imigaqo yeBhayibhile yaye besiya kubeka ubomi bethu esichengeni okanye sonakalise nolwalamano lwethu noYehova. Ukuze siqiniseke ukuba sizonwabisa ngeendlela ezifanelekileyo, kuya kuba kuhle ukuqonda kusengaphambili enoba uhlobo oluthile lokuzihlaziya esiluthandayo luyingenelo okanye akunjalo kusini na. (Efe. 5:10) Sinokuyenza njani loo nto?
5. Sinokwazi njani enoba sizihlaziya ngendlela efikelela imilinganiselo kaThixo?
5 Ukuze indlela yokuzihlaziya ibe yingenelo kuthi ize ikholise uYehova, ifanele ifikelele kwimilinganiselo engqalileyo ekwiLizwi likaThixo. (INdu. 86:11) Ukuze uqonde ukuba kunjalo ngokuphathelele uhlobo oluthile lokuzihlaziya oluthandayo, ufanele uhlole uludwe lwezinto omele uzikhumbule. Olu ludwe lunemibuzo emithathu enokushwankathelwa ngamagama athi ngantoni, nini, yaye nabani. Makhe sixubushe ngawo ube mnye ngexesha.
Ndiza Kuzihlaziya Ngantoni?
6. Luluphi uhlobo lokuzonwabisa esimele siluphephe, yaye ngoba?
6 Ngaphambi kokuba nenxaxheba kuhlobo oluthile lokuzonwabisa, umbuzo wokuqala omele uzibuze wona ngulo, Ngantoni?—oko kukuthi, ‘Ibandakanya ntoni le ndlela yokuzonwabisa ndiyithandayo?’ Njengoko ufuna impendulo, kubalulekile ukukhumbula ukuba kukho iindidi ezimbini zokuzonwabisa. Kweyokuqala, sithi hayi; kweyesibini, sithi mhlawumbi. Ibandakanya ntoni eyokuqala? Kweli hlabathi lingendawo, iindlela zokuzonwabisa ezininzi zibandakanya izinto ezaphula imigaqo yeBhayibhile okanye imithetho kaThixo. (1 Yoh. 5:19) AmaKristu enene aziphepha ngokuqinisekileyo izinto ezinjalo. Oku kuquka inkohlakalo, ukusebenzelana needemon, ubufanasini, ukubukela amanyala, okanye ugonyamelo okanye izinto ezikhuthaza ububi, nezinye izenzo zobungendawo. (1 Kor. 6:9, 10; funda iSityhilelo 21:8.) Ngokukuphepha ukusondela kwizinto ezinjalo, enoba siphi na, sizingqina kuYehova ukuba ‘siyakwenyanya oko kungendawo.’—Roma 12:9; 1 Yoh. 1:5, 6.
7, 8. Sinokuyihlola njani ukuba ifanelekile kusini na indlela ethile yokuzonwabisa? Yenza umzekelo.
7 Udidi lwesibini lokuzonwabisa luquka iindlela ezingagatywa ngokucacileyo liLizwi likaThixo. Kwiimeko ezinjalo, ngaphambi kokukhetha indlela esiza kuzonwabisa ngayo, sifanele siyithelekise ngobulumko nembono kaYehova, njengoko ichazwe kwimigaqo yeBhayibhile. (IMize. 4:10, 11) Emva koko sifanele sizenzele isigqibo esiya kusishiya sinesazela esilungileyo. (Gal. 6:5; 1 Tim. 1:19) Sinokuyenza njani loo nto? Cinga ngale nto: Ngaphambi kokutya into esiqalayo ukuyiva, besiya kuqala sifune ukwazi ukuba yenziwe ngantoni na. Ngokufanayo, ngaphambi kokuba nenxaxheba kuhlobo oluthile lokuzonwabisa, sifanele siphande ngezinto ezibandakanyekileyo.—Efe. 5:17.
8 Ngokomzekelo, usenokuba uthanda imidlalo, yaye siyaqondakala isizathu sokuba uyithande. Imidlalo imnandi yaye inika umdla. Ngoko ke, kuthekani ukuba uthanda imidlalo ethile edlalwa ngoophuma silwe abanokhuphiswano, ebeka abantu esichengeni nasengozini, enemibhiyozo enezixholoxholo, okanye ebalaselisa ubuhlanga? Emva kokuhlola izinto ezibandakanyekileyo, mhlawumbi ubuya kugqiba kwelokuba kunzima ukuvisisanisa indlela ocinga ngayo nendlela uYehova acinga ngayo nesigidimi soxolo nesothando esisishumayela kwabanye abantu. (Isa. 61:1; Gal. 5:19-21) Kwelinye icala, ukuba uhlobo oluthile lokuzonwabisa lubandakanya izinto ezithandwa nguYehova, ngoko loo ndlela yokuzonwabisa iya kuba yingenelo kuwe yaye iya kukuhlaziya.—Gal. 5:22, 23; funda eyabaseFilipi 4:8.
Ndiza Kuzihlaziya Nini?
9. Yintoni etyhilwa yimpendulo yombuzo othi, ‘Ndiza kuzihlaziya nini?’
9 Umbuzo wesibini omele uzibuze wona ngulo, Nini?—oko kukuthi, ‘Ndiza kuzihlaziya nini? Lingakanani ixesha endiza kulichitha? Impendulo yethu kumbuzo othi ngantoni? ityhila lukhulu ngezinto esityekele kuzo—kwizinto esizigqala njengezamkelekileyo okanye ezingamkelekanga. Kodwa ke, impendulo kumbuzo othi nini? ityhila izinto eziza kuqala kuthi—izinto esizigqala njengezibalulekileyo okanye ezingenamsebenzi. Ngoko ke, sinokwazi njani enoba izinto esizigqala njengezibalulekileyo zifanelekile kusini na?
10, 11. Asinceda njani amazwi kaYesu akuMateyu 6:33 xa sigqiba ngexesha esilichitha sizihlaziya?
10 UYesu wathi kubafundi bakhe: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela nangamandla akho ephela.” (Marko 12:30) Ngoko ke, ukuthanda uYehova kumele kube yeyona nto iza kuqala kubomi bethu. Oko sikubonisa ngokulandela esi sibongozo sikaYesu: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.” (Mat. 6:33) Loo mazwi anokusinceda njani sazi ukuba lixesha elingakanani esimele silichithe sizonwabisa nokuba ziziphi izinto ezimele zize kuqala?
11 Phawula oku: UYesu wasibongoza ukuba ‘siqhubeke sibufuna kuqala ubukumkani.’ Akazange athi ‘masiqhubeke sifuna ubukumkani kuphela.’ Kakade ke, uYesu wayesazi ukuba zininzi izinto esasiya kuzifuna ebomini ngaphandle kobukumkani. Sifuna indawo yokuhlala, ukutya, imfundo esisiseko, umsebenzi, ukuzihlaziya, nezinye izinto. Noko ke, kuzo zonke izinto esizifunayo, inye kuphela emele ize kuqala—buBukumkani. (1 Kor. 7:29-31) Loo nyaniso imele isishukumisele ukuba sisukele ezinye izinto, kuquka nokuzihlaziya, ngendlela eya kusenza sikwazi ukwenza umsebenzi wethu ophambili—izilangazelelo zoBukumkani. Xa sisenza loo nto, ukuzihlaziya maxa wambi kunokuba yingenelo.
12. Umgaqo okuLuka 14:28 unokusetyenziswa njani kumba wokuzonwabisa?
12 Ngoko ke, xa kufuneka sichithe ixesha sizihlaziya, kuya kuba kuhle ukubala iindleko kusengaphambili. (Luka 14:28) Simele silibale ixesha esiya kulichitha kuhlobo oluthile lokuzonwabisa. Okulandelayo, simele sigqibe ukuba lingakanani ixesha lethu elibalulekileyo. Bekuya kuba yinkcitha-xesha ukucinga ukuba kufanelekile ukusukela uhlobo oluthile lokuzihlaziya oluya kukwenza uzityeshele izinto ezibalulekileyo njengeSifundo seBhayibhile sobuqu, unqulo lwentsapho, ukuya ezintlanganisweni, okanye ukuya kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. (Marko 8:36) Kodwa ukuba sizihlaziya ngamaxesha athile yaye loo nto isinika amandla okufuna uBukumkani, sinokugqiba kwelokuba ixesha esilichitha kolo hlobo lokuzihlaziya liyingenelo.
Ndiza Kuzihlaziya Nabani?
13. Kutheni sifanele sihlole ngobulumko ukuba ngoobani esiza kuzonwabisa nabo?
13 Umbuzo wesithathu omele uzibuze wona ngulo, Nabani?—oko kukuthi, ‘Ngoobani endiza kuzonwabisa nabo?’ Kubalulekile ukuhlola le nkalo yokuzihlaziya. Ngoba? Kuba indlela ozonwabisa ngayo iya kuchatshazelwa luhlobo lwabantu ozonwabisa nabo. Kanye njengokuba ukutya isidlo kusiba mnandi nangakumbi xa ukunye nabahlobo obathandayo, nokuzihlaziya kuba mnandi ngakumbi xa ukunye nabahlobo. Ngenxa yoko, siyaqondakala isizathu sokuba abantu abaninzi, ingakumbi abaselula, bethanda ukuzihlaziya kunye nabanye. Kodwa ke, ukuze uqiniseke ukuba uzihlaziya ngendlela eyingenelo, kuya kuba bubulumko ukwazi kusengaphambili ukuba ngabantu abanjani omele ubakhethe okanye ubaphephe njengezinxulumani zakho.—2 Kron. 19:2; funda iMizekeliso 13:20; Yak. 4:4.
14, 15. (a) Wasibekela wuphi umzekelo uYesu ekukhetheni abahlobo abalungileyo? (b) Yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona ngokuphathelele abantu esinxulumana nabo?
14 Ukulandela umzekelo kaYesu xa sikhetha abantu esiza kuzonwabisa nabo kuya kusinceda kakhulu. Ukususela ekudalweni ukuya phambili, uYesu ebesoloko ebathanda abantu. (IMize. 8:31) Ngoxa wayelapha emhlabeni, wabonakalisa inkxalabo enothando kubantu bazo zonke iintlobo. (Mat. 15:29-37) Kodwa ke, uYesu wayewazi umahluko phakathi kokuba nobubele nokuba ngumhlobo osondeleyo. Ngoxa wayenobubele ebantwini bonke, abahlobo bakhe abasenyongweni yayingabantu abaneemfaneleko ezikhethekileyo. Ethetha nabapostile bakhe abali-11, uYesu wathi: “Ningabahlobo bam ukuba nenza oko ndiniyalela kona.” (Yoh. 15:14; bona kwanoYohane 13:27, 30) UYesu wayenabahlobo ababemlandela nababekhonza uYehova kuphela.
15 Ngoko, xa ucinga enoba ukhethe okanye ugatye umntu othile njengomhlobo wakho osondeleyo, kuya kuba bubulumko ukucinga ngamazwi kaYesu. Zibuze le mibuzo: ‘Ngaba lo mntu ubonisa phandle ngamazwi nangezenzo ukuba uthobela imiyalelo kaYehova noYesu? Ngaba uphila ngemilinganiselo yeBhayibhile njengam? Ngaba ukunxulumana naye kuya kundikhuthaza ukuba ndibeke uBukumkani kuqala ebomini bam ndize ndibe ngumkhonzi onyanisekileyo kaYehova? Ukuba le mibuzo uyiphendule ngoewe, umfumene ke umhlobo onokuzihlaziya kunye naye.—Funda iNdumiso 119:63; 2 Kor. 6:14; 2 Tim. 2:22.
Ngaba Indlela Esizihlaziya Ngayo Ifanelekile?
16. Yintoni esifanele siyihlole ngokuphathelele ukuzonwabisa?
16 Sele sithethe ngeenkalo ezintathu zokuzonwabisa—ubunjani, ubungakanani, nezinxulumani. Ukuze indlela esizihlaziya ngayo ibe yingenelo, kufuneka ilandele imilinganiselo yeBhayibhile echazwa kuzo zonke ezi nkalo. Ngoko, ngaphambi kokuzihlaziya nangayiphi na indlela, simele siyivavanye. Xa kusiziwa kubunjani, simele sazi ukuba ziintoni ezibandakanyekileyo. Ngaba iyakha okanye iyonakalisa?’ (IMize. 4:20-27) Ngokuphathelele ubungakanani, simele sazi ukuba lingakanani ixesha esiza kulichitha kuyo. Ngaba lifanelekile ixesha esilichithayo?’ (1 Tim. 4:8) Yaye ngokuphathelele izinxulumani, simele sibazi abantu esiza kunxulumana nabo. Ngaba abo bantu baza kundakha okanye baza kundonakalisa?’—INtshu. 9:18; 1 Kor. 15:33.
17, 18. (a) Sinokuzihlola njani enoba indlela esizonwabisa ngayo ifikelela imilinganiselo yeBhayibhile? (b) Yintoni wena ozimisele ukuyenza xa ukhetha indlela yokuzonwabisa?
17 Ukuba uhlobo oluthile lokuzonwabisa aluyifikeleli imilinganiselo yeBhayibhile echazwa kuyo nayiphi na kwezi nkalo zintathu, alufanelekanga. Kwelinye icala, xa siqinisekisa ukuba iindlela esizonwabisa ngazo ziyayifikelela imilinganiselo yeBhayibhile kuzo zontathu iinkalo, siya kuba sizonwabisa ngendlela ezukisa uYehova yaye siya kufumana iingenelo.—INdu. 119:33-35.
18 Ngoko ke, xa kusiziwa kukuzonwabisa, masizame ukwenza oko kulungileyo, ngexesha elililo, nabantu abalungileyo. Ewe, ngamana ingangumnqweno wethu sonke ukulandela eli cebiso leBhayibhile: “Enoba niyatya okanye niyasela okanye nenza nantoni na eyenye, zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo.”—1 Kor. 10:31.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kweli nqaku, kusetyenziswe amagama athi “ukuzihlaziya” “nokuzonwabisa” ukubhekisela kwixesha esilibekela bucala ukuze sizonwabise.
Ngaba Unokuchaza?
Ngokuphathelele ukuzihlaziya, unokuyisebenzisa njani imigaqo efumaneka . . .
[Umzobo okwiphepha 9]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
✔Ngantoni
[Umzobo okwiphepha 10]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
✔Nini
[Umzobo okwiphepha 12]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
✔Nabani
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Sinokuwulandela njani umzekelo kaYesu xa sikhetha abahlobo neendlela zokuzihlaziya?