Ubuhlwempu—Ubomi Obuphilwa Ngabantu Namhlanje
UVICENTEa uhla enyuka kwizitrato zesixeko saseBrazil, iSão Paulo, etsala inqwelo ethe ntli bubugoxo beekhadibhodi, iintsimbi ezindala neeplastiki aziqokeleleyo. Kuthi kwakurhatyela andlale ezo khadibhodi ngaphantsi kwaloo nqwelo aze alale kuzo. Kuyabonakala ukuba seyisegazini kuye into yokungxolelwa ziimoto neebhasi ezihamba esitratweni xa elele. Wakha wasebenza, wanomzi nentsapho—kodwa waphulukana nazo zonke ezo zinto. Ngoku ubila esoma apho esitratweni ukuze akwazi ukuziphilisa.
Okubuhlungu kukuba, ihlabathi lizaliswe zizigidi zabantu abayimipha echutywe yalahlwa njengoVicente. Kumazwe asakhasayo, abantu abaninzi abanandlela yimbi ngaphandle kokuya kuhlala esitratweni okanye ematyotyombeni. Yinto eqhelekileyo ukubona abantu abagqibayo—oomama abaneentsana, iziqhwala neemfama. Kwiirobhothi wofika abantwana bephithizela phakathi kweemoto bezama ukuthengisa iilekese ukuze bafumane ubugcwabalalana.
Kunzima ukusiqonda isizathu sokuba kubekho ubuhlwempu ngolu hlobo. Iphephancwadi laseBritani iThe Economist lathi: “Zange khe abantu babe nobutyebi nolwazi lwezonyango ngale ndlela, kuquka ubugcisa nobukrelekrele obuninzi kangaka bokulwa ubuhlwempu.” Ewe kona, baninzi abaye baxhamla kobu buchule babantu namhlanje. Kwizixeko ezikhulu zamazwe akhasayo izitrato zinyakazela yimigrugra yeemoto ezintsha kraca. Izakhiwo ezikhulu ezinothotho lweevenkile ziyaphuphuma zizinto zodidi zale mihla, ibe abantu bahlala bezithaphulela nje kuzo. Kwezibini zezi zakhiwo eBrazil kwakha kwenziwa ukhuphiswano olukhethekileyo lokuthengisa izinto ezithile. Kwavula imini nobusuku ngomhla kaDisemba 23 nowama-24, 2004. Kwesinye kwaqeshwa abadanisi besamba ukuze bonwabise abathengi. Kweza abathengi abaphantse babengama-500 000!
Nakuba kunjalo, abaninzi abaxhamli kobu butyebi. Ngenxa yobukhulu bomahluko ophakathi kwezityebi namahlwempu abaninzi bathi ingxamisekile into yokupheliswa kobuhlwempu. Iphephancwadi laseBrazil iVeja lathi: “Kulo nyaka [wama-2005], eyona nto imele ibe phambili ehlabathini kukulwa ubuhlwempu.” Laphinda lachaza isicelo esitsha seMarshall Plan, inkqubo yokuvuselela nokunceda amazwe ahlwempuzekileyo, ngakumbi iAfrika.b Kwaeli phephancwadi lathi: “Nakuba oko kuzisa ithemba kuyathandabuzeka ukuba kuya kuba neziphumo ezincumisayo. Into edla ngokwenza amazwe amaninzi abe madolw’ anzima ukufak’ isandla, kukuba imali ekhutshwayo idla ngokungafikeleli kwabo imele iye kubo.” Okubuhlungu kukuba, ngenxa yorhwaphilizo, nemithetho elibazisayo esetyenziswa ngabasemagunyeni, eninzi kuloo mali ikhutshwa ngoorhulumente bamazwe, amaziko ehlabathi nabantu abathile, ihla ngomlenze ingafiki kwabo ithunyelwa kubo.
UYesu wayesazi ukuba ubuhlwempu yinto eyayiza kuhlala ikho. Wathi: “Amahlwempu nisoloko nikunye nawo.” (Mateyu 26:11) Ngaba oku kuthetha ukuba ubuhlwempu abusoze buphele? Ngaba akukho nto inokwenziwa ukubuphelisa? Yintoni enokwenziwa ngumKristu ngamnye ukunceda amahlwempu?
[Imibhalo esemazantsi]
a Asilogama lakhe eli.
b IMarshall Plan yayiyinkqubo yaseUnited States eyayilungiselelwe ukunceda iYurophu kwezoqoqosho emva kwemfazwe yehlabathi yesibini.