IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 5/15 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • “Ndiza Kuzigungqisa Zonke Iintlanga”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Incwadi YeBhayibhile 37—Hagayi
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • “Ndinani”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Wonke Umntu Makazukise UYehova!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 5/15 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Yintoni ebangela ukuba “izinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga” zize ‘kwindlu’ yonqulo lokwenyaniso?—Hagayi 2:7.

Esebenzisa umprofeti uHagayi uYehova wathi: “Ndiya kuzinyikimisa zonke iintlanga, zize izinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga zingene; yaye ndiya kuyizalisa ngozuko le ndlu.” (Hagayi 2:7) Ngaba ukunyikimiswa ‘kwazo zonke iintlanga’ kubangela ukuba “izinto ezinqwenelekayo” zeentlanga—abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo—zamkele unqulo lokwenyaniso? Akunjalo.

Makhe sihlolisise into enyikimisa iintlanga kwanemiphumo yokunyikimiswa kwazo. IBhayibhile ithi ‘iintlanga zenza uqhushululu namaqela eentlanga aqhubeka edumzela into engento.’ (INdumiso 2:1) ‘Into engento’ eziqhubeka ‘zidumzela’ okanye zicamngca ngayo, kukuqhubeka nolongamo lwazo ngaphandle kokuphazanyiswa. Ayikho into ezigungqisa ukodlula nantoni na ecel’ umngeni ulawulo lwazo.

Into eye yazicel’ umngeni ngumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani bukaThixo owenziwa ngamaNgqina kaYehova ehlabathini lonke. Phofu ke, uBukumkani bukaThixo obungoMesiya “buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani [zabantu].” (Daniyeli 2:44) Isigidimi somgwebo esisishumayelayo siyazinyikimisa iintlanga. (Isaya 61:2) Ziya zinyikima ngakumbi njengoko umsebenzi wokushumayela uhambela phambili. Kufuzisela ntoni ukunyikima okwaxelwa kuHagayi 2:7?

KuHagayi 2:6, sifunda oku: “Kuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Kukanye nje—lithutyana—ndiwanyikimise amazulu nomhlaba nolwandle nomhlaba owomileyo.’” Ecaphula kule ndinyana, umpostile uPawulos wabhala: “Uye wathembisa, esithi: ‘Ndiza kuphinda ndiqungaqunge kungekuphela nje umhlaba kodwa kwanezulu.’ Ke ibinzana elithi ‘Ndiza kuphinda’ libonisa ukushenxiswa kwezinto ezigungqisiweyo njengezinto ezenziweyo, ukuze izinto ezingagungqiswanga [uBukumkani] zihlale.” (Hebhere 12:26, 27) Ewe, yonke le nkqubo ikhoyo yezinto iza kutshatyalaliswa, ivulel’ indlela ihlabathi elitsha likaThixo.

Abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo abaziswa kukunyikima kweentlanga kunqulo lokwenyaniso. Into ebatsalela kuYehova nakunqulo lwakhe ikwayile inyikimisa iintlanga, ukushunyayelwa koBukumkani bukaThixo okwenziwa ehlabathini lonke. Ukubhengezwa ‘kwesigidimi esichulumancisayo seendaba ezilungileyo’ kutsalela abantu abanotyekelo olufanelekileyo kunqulo loThixo oyinyaniso.—ISityhilelo 14:6, 7.

Isigidimi soBukumkani sithetha ngomgwebo nosindiso. (Isaya 61:1, 2) Imiphumo yokushunyayelwa kwaso ehlabathini lonke intlumbini: sinyikimisa iintlanga yaye sizisa izinto ezinqwenelekayo zeentlanga kuzuko lukaYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share