Imibuzo Evela Kubafundi
Ayethetha ukuthini la mazwi athethwa nguYesu kuNikodemo: “Akukho mntu unyukele ezulwini ngaphandle kwalowo wehla evela ezulwini, uNyana womntu”?—Yohane 3:13.
UYesu wawathetha la mazwi elapha emhlabeni, engekanyukeli okanye engekabuyeli ezulwini. Noko ke, into enokusinceda siyiqonde intsingiselo yala mazwi koko sikwaziyo ngoYesu nomongo wento awayeyithetha.
UYesu “wehla evela ezulwini” kuba ngaphambili wayephila kummandla womoya ekunye noYise, kodwa ngexesha elimisiweyo, ubomi boNyana badluliselwa kwisibeleko sikaMariya, waza uYesu wazalwa njengomntu. (Luka 1:30-35; Galati 4:4; Hebhere 2:9, 14, 17) Emva kokufa kwakhe, uYesu wayeza kuvuswa esisidalwa somoya aze abuyele kuYehova. Ngoko, kanye ngaphambi kokuba abulawe, uYesu wathandaza wenjenje: “Bawo, ndizukise ecaleni kwakho ngozuko endandinalo ecaleni kwakho phambi kokubakho kwehlabathi.”—Yohane 17:5; Roma 6:4, 9; Hebhere 9:24; 1 Petros 3:18.
Xa uYesu wayethetha noNikodemo owayengumFarisi nomfundisi wakwaSirayeli, wayengekabuyeli ezulwini. Kakade ke, kwakungekho mntu wayekhe wafa waza wanyukela kummandla womoya, ezulwini. UYesu ngokwakhe wathi akakho owayemkhulu kunoYohane umBhaptizi kubaprofeti bakaThixo, kodwa “omncinane ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.” (Mateyu 11:11) Umpostile uPetros wathi kwanoKumkani uDavide owayethembekile wafa waza waya engcwabeni; akazange anyukele ezulwini. (IZenzo 2:29, 34) Sasikho isizathu esabangela ukuba uDavide, uYohane umBhaptizi, namanye amadoda okholo awafa ngaphambi koYesu angenyukeli ezulwini. Afa ngaphambi kokuba uYesu asungule indlela yokuba abantu bavuselwe kubomi basezulwini. Umpostile uPawulos wabhala wathi uYesu, njengomanduleli, ‘wasungula indlela entsha nephilayo’ eya ezulwini.—Hebhere 6:19, 20; 9:24; 10:19, 20.
Ekubeni uYesu wayengekafi aze avuswe ngoxa wayethetha noNikodemo, wayethetha ukuthini xa wayesithi: “Akukho mntu unyukele ezulwini ngaphandle kwalowo wehla evela ezulwini, uNyana womntu”? (Yohane 3:13) Cinga ngomongo okanye ngengxubusho kaYesu noNikodemo.
Xa lo mlawuli wamaYuda weza kuYesu ngobusuku, uYesu wathi kuye: “Inene, inene, ndithi kuwe, Ngaphandle kokuba nabani na azalwe kwakhona, akanakububona ubukumkani bukaThixo.” (Yohane 3:3) UNikodemo wathi kuye: ‘Kunokwenzeka njani oko? Umntu unokuzalwa njani isihlandlo sesibini?’ Wayengayiqondi le mfundiso yobuthixo ingoBukumkani bukaThixo. Ngaba yayikho enye indlela awayenokuyiqonda ngayo? Oku wayengenakukuqonda ngokwembono yomntu; akukho mntu wayenokumfundisa ngako kuba kwakungekho mntu wayekhe waphila ezulwini ngaphambili owayenokukwazi ukumcacisela ngayo nantoni na ephathelele ukungena eBukumkanini. YayinguYesu kuphela. Wayenokufundisa uNikodemo nabanye kuba Yena wehla evela ezulwini yaye wayekufanelekela ukufundisa abantu ngezinto eziphathelele amazulu.
Ngoko lo mbuzo sixoxa ngawo apha ubethelela ingongoma ebalulekileyo xa ufundisisa iLizwi likaThixo. Akukho ngqiqweni ukuwuthandabuza umbhalo othile othe xa ubuphosa iliso kuwo kwanzima ukuwuqonda. Oko kuthethwa yiBhayibhile kwenye indinyana kumele kuthelekiswe nezinye iindinyana ezivisisana nako. Ukongezelela, ngokufuthi umongo unokusinceda siyiqonde intsingiselo yaloo ngongoma kunzima ukuyiqonda.