Isifundo Ngokuba Nekratshi Nokuthobeka
ISIGANEKO esenzeka kuKumkani uDavide sibalaselisa umahluko phakathi kokuthobeka ngokunyanisekileyo nokuba nekratshi. Senzeka emva kokuba uDavide oyise iintshaba ezaziseYerusalem waza wayenza isixeko sakhe esilikomkhulu. KuDavide uYehova wayengoyena Kumkani wokwenene wakwaSirayeli, ngoko walungiselela ukuba iTyeya eyayifuzisela ubukho bukaThixo iziswe kweso sixeko. Oku kwakubaluleke ngokwenene kuDavide kangangokuba wavuya phambi kwabo bonke njengoko wayelandela ababingeleli ababethwele iTyeya. Abemi baseYerusalem babebukele ukumkani wabo ‘edloba’ yaye ‘engqungqa ngamandla akhe onke.’—1 Kronike 15:15, 16, 29; 2 Samuweli 6:11-16.
Noko ke, umfazi kaDavide uMikali, wayengekho apho. Wayebukele efestileni, yaye kunokuba amncome uDavide ngokusa udumo kuYehova, “wamdelela entliziyweni yakhe.” (2 Samuweli 6:16) Sasiyintoni isizathu sokuba uMikali avakalelwe ngale ndlela? Kuyabonakala ukuba wayezicingela kakhulu ngenxa yokuba wayeyintombi yokumkani wokuqala wakwaSirayeli, uSawule, yaye wayeyinkosikazi kakumkani wesibini wakwaSirayeli. Mhlawumbi wayecinga ukuba kwakungekho mfuneko yokuba umyeni wakhe, ukumkani, azithobe ngolu hlobo ade azibeke kumgangatho wabantu abaqhelekileyo, abhiyoze kunye nabo. Elo kratshi lakhe labonakala kwindlela awambulisa ngayo uDavide xa engena endlwini. Wamphoxa wathi: “Hayi indlela athe wazizukisa ngayo ukumkani wakwaSirayeli namhlanje xa athe wazityhila namhlanje emehlweni amakhobokazana abakhonzi bakhe, kanye njengoko ezityhila omnye wabantu abaziziphukuphuku!”—2 Samuweli 6:20.
Wasabela njani uDavide? Wamkhalimela uMikali esithi uYehova wamshiya uyise uSawule waza wanyula yena Davide. Wongezelela ngelithi: “Ndiza kuzenza ndijongelwe phantsi nangaphezu koku, kwaye ndiza kuthobeka emehlweni am; kumakhobokazana la uwakhankanyileyo, kuwo ndizimisele ukuzizukisa.”—2 Samuweli 6:21, 22.
Ewe, uDavide wayezimisele ukuqhubeka ekhonza uYehova ngokuzithoba. Isimo sengqondo sikaDavide sibangela ukuba sisiqonde isizathu sokuba uYehova ambize ngokuba ‘yindoda evunyiweyo yintliziyo yakhe.’ (IZenzo 13:22; 1 Samuweli 13:14) Phofu ke, uDavide wayelandela umzekelo omhle kaYehova uThixo wokuthobeka. Okubangel’ umdla kukuba, ibinzana elasetyenziswa nguDavide xa wayethetha noMikali elithi “ndiza kuthobeka,” liphuma kwisenzi sesiHebhere esisetyenziswa xa kuchazwa indlela uThixo abajonga ngayo abantu. Ngoxa uYehova engoyena Mntu ubalaseleyo kwindalo iphela, iNdumiso 113:6, 7 ithi “uyazithoba [uzibeka kumgangatho wabantu abaphantsi] ukuze akhangele ezulwini nasemhlabeni, uvusa eluthulini isisweli, uphakamisa ihlwempu eluthuthwini.”
Ekubeni uYehova ethobekile, ayimangalisi into yokuba awathiye ‘amehlo aziphakamisayo’ abantu abanekratshi. (IMizekeliso 6:16, 17) Ngenxa yolu phawu lungendawo lukaMikali nokungahloneli kwakhe ukumkani owayenyulwe nguThixo, wavinjwa ilungelo lokuzalela uDavide unyana. Wafa eludlolo. Esinjani ukuba sihle isifundo! Bonke abo bafuna ukuthandwa nguThixo bamele bathobele la mazwi: “Bhinqani nonke ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye, ngenxa yokuba uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.”—1 Petros 5:5.