IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 7/15 iphe. 29-31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Sukela ‘Ubungcwele Usoyika UThixo’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ngaba Siyagabadela?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Kukwenza Ntoni “Ukugabadela”?
    Vukani!—1993
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 7/15 iphe. 29-31

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba umntu unokususwa kubudlelane ebandleni lamaKristu ngenxa yezenzo zokungahlambuluki njengokuba enokususwa ngenxa yokuhenyuza okanye ihambo evakalala?

Ewe, umntu unokugxothwa ebandleni ukuba uqhelisela uhenyuzo, iintlobo ezithile zokungahlambuluki, okanye ihambo evakalala engaguquki. Umpostile uPawulos uzikhankanya zozithathu ezi zono xa edwelisa izono umntu anokususelwa zona kubudlelane, esithi: “Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile, uhenyuzo, ukungahlambuluki, ihambo evakalala . . . Ndinilumkisa kwangaphambili . . . ukuba abo baqhelisela izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.”—Galati 5:19-21.

Uhenyuzo (ngesiGrike, por·neiʹa) lubhekisela kwiintlobano zesini ezingafanelekanga ngaphandle komtshato ongokweZibhalo. Oku kuquka ukukrexeza, ubunongogo, neentlobano zesini phakathi kwabantu abangatshatanga eziquka ezasemlonyeni nasezimpundu kwanokuphululana amalungu esini omntu ongatshatanga naye. Umntu oqhelisela uhenyuzo engaguquki, akamelanga kuba sebandleni lamaKristu.

Ihambo evakalala (ngesiGrike, a·selʹgei·a) ibhekisela “kwihambo engamanyala, nelihlazo ngokugqithiseleyo.” IThe New Thayer’s Greek-English Lexicon iyichaza ngokuthi “yinkanuko engalawulekiyo, . . . ihambo engendawo, elihlazo neqaqadekileyo.” Enye incwadi yeembekiselo ithi ihambo evakalala “kukuziphatha ngendlela egabadeleyo kunaleyo yamkelekileyo ekuhlaleni.”

Njengokuba inkcazelo engasentla ibonisa ukuba “ihambo evakalala” ibandakanya iinkalo ezimbini: (1) Ikukwaphulwa ngokunzulu kwemithetho kaThixo, yaye (2) ibonisa isimo sengqondo sendelelo nesokuqaqadeka komenzi-bubi.

Ngoko “ihambo evakalala” ayibhekiseli ekuziphatheni okubi nje okungephi. Ibhekisela ekwaphulweni ngokunzulu kwemithetho kaThixo nakwisimo sengqondo esigabadele ngokugqithiseleyo—njengokungahloneli nokugatya igunya nemithetho emiselweyo. UPawulos unxulumanisa ihambo evakalala neentlobano zesini ezingafanelekanga. (Roma 13:13, 14) Ekubeni eyabaseGalati 5:19-21 idwelisa ihambo evakalala phakathi kwezinye izenzo ezibi eziya kumenza umntu angakufanelekeli ukubudla ilifa uBukumkani bukaThixo, ngoko abo babandakanyeka kwihambo evakalala bafanelwe sisohlwayo, kwanokude basuswe kubudlelane bebandla lamaKristu.

Ukungahlambuluki (ngesiGrike, a·ka·thar·siʹa) kunentsingiselo ebanzi ngakumbi ‘kunohenyuzo’ ‘nehambo evakalala.’ Oku kuquka yonke ihambo engcolileyo—ngokwesini, ngokwentetho, ngokwezenzo nangokomoya. “Ukungahlambuluki” kukwabandakanya izono ezahlukahlukeneyo ezinzulu.

Kweyesi-2 kwabaseKorinte 12:21 uPawulos ubhekisela kwabo ‘babonile ngaphambili baza abaguquka ekungahlambulukini nakuhenyuzo nakwihambo yabo evakalala abaye bayiqhelisela.’ Ekubeni ekudwelise ‘ukungahlambuluki’ kunye ‘nohenyuzo nehambo evakalala,’ ngoko iintlobo ezithile zokungahlambuluki zifanelwe sisohlwayo. Kodwa ukungahlambuluki ligama elibanzi eliquka izinto ezingafanelwanga sisohlwayo. Njengokuba indlu isenokuba mdaka kancinane okanye ingcole kakhulu, nako ukungahlambuluki kunamanqanaba ahlukahlukeneyo.

UPawulos wathi kwabase-Efese 4:19 bambi abantu baye baqhelisela ‘ukungahlambuluki kwalo lonke uhlobo bebawa.’ Ngoko uPawulos uquka ‘ukungahlambuluki nokubawa’ njengezikwinqanaba elifanayo nehambo evakalala. Ukuba umntu obhaptiziweyo uqhelisela ‘ukungahlambuluki ebawa’ yaye engaguquki, usenokugxothwa ebandleni ngenxa yokungahlambuluki okunzulu.

Mhlawumbi isibini esithembisene ngomtshato siphathaphathana ngendlela evuselel’ inkanuko kangangezihlandlo eziliqela. Abadala basenokuphawula ukuba nangona singadanga sagabadela ukusa kwihambo evakalala, kodwa ngomlinganiselo othile siye sabonisa isimo sengqondo sokubawa. Ngoko abadala banokumisela ikomiti egwebayo ngenxa yokuba kubandakanyeke ukungahlambuluki okunzulu. Okunye ukungahlambuluki okunzulu okusenokufuneka kusingathwe yikomiti egwebayo kokomntu obandakanyeka ngokuphindaphindiweyo kwincoko engamanyala yesini ngefowuni, ingakumbi xa ebekhe walulekwa ngaphambili ngako oko.

Abadala bafanele basebenzise ingqiqo xa besingatha iimeko ezilolo hlobo. Ukuze babone enoba bafanele bamisele ikomiti egwebayo kusini na, bafanele bahlolisise ngenyameko oko kwenzekileyo nomkhamo okwenzeke ngawo. Abanakusuke nje bagqibe kwelokuba unehambo evakalala nabani na ongasamkeliyo isiluleko seZibhalo okanye bagqibe nje kwelokuba xa umntu esiphindaphinde kangangezihlandlo ezithile isono kufanele kumiselwe ikomiti egwebayo. Abadala bafanele bayihlolisise ngenyameko nangomthandazo imeko nganye, baze bahlolisise nobuninzi bezihlandlo esenziwe ngazo eso sono, ubunzulu baso, kuquka injongo nentshukumisa yomenzi-bubi.

Ukungahlambuluki okunzulu kuquka okungakumbi kunezono ezinokuthanani nokuziphatha ngokwesini. Ngokomzekelo, inkwenkwe ebhaptiziweyo isenokutshaya iisigarethi ezimbalwa okwethutyana nje elifutshane ize ikuchaze oko kubazali bayo. Izimisele ukuba ayisayi kuze iphinde itshaye. Kukungahlambuluki oko, kodwa akufikelelanga kumkhamo wokuba kukungahlambuluki okunzulu okanye ‘ukungahlambuluki okuhambisana nokubawa.’ Isiluleko seZibhalo somdala omnye okanye ababini kwakunye nenkxaso yabazali baloo nkwenkwe sifanele ukuba sanele. Kodwa ukuba loo nkwenkwe itshaya rhoqo, oko kuya kuba kukuzingcolisa ngabom ngokwenyama, yaye kwimeko enjalo kufanele kumiselwe ikomiti egwebayo ngenxa yoko kungahlambuluki okunzulu. (2 Korinte 7:1) Ukuba loo nkwenkwe ayiguquki, iya kususwa kubudlelane.

Amanye amaKristu aye abandakanyeka ekubukeleni amanyala. Oku kuyamcaphukisa uThixo, yaye kusenokubothusa abadala ukufumanisa ukuba lowo bakhonza kunye naye uye wabandakanyeka kuqheliselo olunjalo. Kodwa asikuko konke ukubukela amanyala okufuna ikomiti egwebayo. Ngokomzekelo, umzalwana usenokuba ubukele kangangezihlandlo eziliqela amanyala okuziphatha okubi ngokwesini okungagabadelanga kangako. Uba neentloni, avume isono sakhe kumdala othile, yaye uzimisele ukuba akayi kusiphinda eso sono. Lo mdala usenokugqiba kwelokuba ihambo yalo mzalwana ayifikelelanga kwinqanaba lokubandakanyeka ‘ekungahlambulukini ngokubawa’; okanye akakhange abonise isimo sengqondo esigabadele ngokugqithiseleyo, esibonisa ukuba unehambo evakalala. Nangona kungayi kumiselwa ikomiti egwebayo, olu hlobo lokungahlambuluki lufuna isiluleko esiqatha seZibhalo, mhlawumbi kwanoncedo oluqhubekayo lwabadala.

Kwakhona, kusenokwenzeka ukuba umKristu abukele imifanekiso eyonyanyekayo yamanyala angokwesini kangangeminyaka ngasese, yaye enze yonke imizamo yokusifihla eso sono. Loo mifanekiso yamanyala isenokubalaselisa ukudlwengulwa komntu liqela labadlwenguli, ukuba neentlobano zesini ngoxa umntu ebotshelelwe, ukuphathwa kwamabhinqa ngenkohlakalo, kwanokuxhatshazwa kwabantwana ngokwesini. Xa abanye besiva ngale hambo yakhe, uzisola kakhulu. Akabonakalisi simo sengqondo sokugabadela ngokugqithiseleyo, kodwa abadala basenokugqiba kwelokuba uye ‘wazinikela’ kolu qheliselo lungcolileyo yaye uye waqhelisela ‘ukungahlambuluki ebawa,’ nto leyo ekukungahlambuluki okunzulu. Ngoko kufanele kumiselwe ikomiti egwebayo ngenxa yesono sokungahlambuluki okunzulu. Umenzi-bubi lowo uya kususwa kubudlelane ukuba akabonisanga inguquko yobuthixo nokuzimisela ukungaphindi abukele amanyala kwakhona. Ukuba umeme abanye ukuba baye kubukela amanyala ekhayeni lakhe—ngaloo ndlela ekukhuthaza ukubukela amanyala—oko kuya kubonisa isimo sengqondo esigabadeleyo sehambo evakalala.

Ibinzana elingokweZibhalo elithi “ihambo evakalala” lisoloko libandakanya isono esinzulu, ngokuqhelekileyo esokuziphatha okubi ngokwesini. Ukuze baqonde enoba isono sibandakanya ihambo evakalala kusini na, abadala bafanele bahlolisise ukugabadela nobunzulu baso, ukwenyanyeka kwaso, nendlela esilihlazo ngayo ekuhlaleni. Kwelinye icala, umntu unokwenza isono esinzulu sokwaphula umthetho kaYehova nangona engabonakalisi isimo sengqondo esigabadeleyo, kodwa isono eso sibandakanye ‘ukubawa.’ Izono ezinjalo zimele zisingathwe njengokungahlambuluki okunzulu.

Ukugqiba ekuthini isono sinzulu ngokwaneleyo ukuba sigqalwe njengokungahlambuluki okunzulu okanye njengehambo evakalala kuyimbopheleleko enzulu, kuba kubandakanyeke ubomi babantu. Abo basingatha izenzo ezinjalo zobubi bafanele bakuhlolisise ngomthandazo oku, bacele uThixo ukuba abanike umoya oyingcwele, ingqiqo nokuqonda. Abadala bafanele baligcine licocekile ibandla yaye bamele bagwebe ngokusekelwe kwiLizwi likaThixo kwanakulwalathiso ‘lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 18:18; 24:45) Kule mihla ingendawo, abadala bafanele bahlale bekhumbula amazwi athi: “Kulumkeleni oko nikwenzayo, ngenxa yokuba anigwebi ngenxa yomntu kodwa kungenxa kaYehova.”—2 Kronike 19:6.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share