IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 8/1 iphe. 21-25
  • Yiba Sisilumko—Woyike UThixo!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yiba Sisilumko—Woyike UThixo!
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufunda Ukoyika UYehova
  • Ukujamelana Neengxaki Sisoyika UThixo
  • Xa Ukoyika UThixo Kuphela
  • Ukoyika UThixo Kuyasithintela Singenzi Isono
  • Yoyika UYehova—Uze Wonwabe!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Yoyika UYehova Ukuze Uphile Ngokonwaba
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Hlakulela Ukuba Intliziyo Yakho Imoyike UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • “Ndifundise Ukwenza Ukuthanda Kwakho”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 8/1 iphe. 21-25

Yiba Sisilumko—Woyike UThixo!

“Ukoyika uYehova kukuqala kobulumko.”—IMIZEKELISO 9:10.

1. Kutheni ingaginywa ncam nje ngabantu abaninzi into yokoyika uThixo?

NGAXA LITHILE yayikukumncoma umntu xa usithi woyika uThixo. La mazwi akaginywa ncam ngabantu abaninzi namhlanje. Basenokubuza oku, ‘Ukuba uThixo luthando, kutheni ndimele ndimoyike?’ Kubo uloyiko yinto engathandekiyo, nebenza bangazinzi kakuhle. Kodwa, ukumoyika ngokwenene uThixo kuquka izinto eziliqela, ibe njengoko siza kubona asiyomvakalelo nje eba semntwini.

2, 3. Kubandakanya ntoni ukumoyika ngokwenene uThixo?

2 Ngendlela iBhayibhile elisebenzisa ngayo eli binzana, ikuchaza njengento enqwenelekayo ukoyika uThixo. (Isaya 11:3) Kukumoyika nokumhlonela ngokunzulu, ukulwela ukuphepha nantoni na engamkholisiyo. (INdumiso 115:11) Oku kuquka ukuyamkela nokuyithobela ngokupheleleyo imilinganiselo yokuziphatha ayibekileyo nokunqwenela ukuphila ngokuvisisana noko athi kulungile okanye akulunganga. Enye incwadi ithi olo loyiko lubonisa “ukuba nesimo sengqondo esihle ngoThixo nesenza ubani abe nobulumko aze aphephe zonke iintlobo zobubi.” Ngokuvisisana noku, iLizwi likaThixo lithi: “Ukoyika uYehova kukuqala kobulumko.”—IMizekeliso 9:10.

3 Enyanisweni, ukoyika uThixo kubandakanya iinkalo eziliqela kubomi babantu. Akupheleli kubulumko nje kuphela, kodwa kuquka uvuyo, uxolo, impumelelo, imihla emide, ithemba, ukuthembeka nentembelo. (INdumiso 2:11; IMizekeliso 1:7; 10:27; 14:26; 22:4; 23:17, 18; IZenzo 9:31) Kunxulumene gqitha nokholo nothando. Eneneni, kubandakanya lonke ulwalamano esinalo noThixo nabanye abantu. (Duteronomi 10:12; Yobhi 6:14; Hebhere 11:7) Ukoyika uThixo kuquka ukweyiseka ngokupheleleyo ukuba uBawo wethu wasezulwini usinyamekela ngokwakhe siqu ibe ukulungele ukuxolela iziphoso zethu. (INdumiso 130:4) Ngabo bangendawo bangaguqukiyo kuphela abamele batyhwatyhwe phambi koThixo.a—Hebhere 10:26-31.

Ukufunda Ukoyika UYehova

4. Yintoni enokusinceda ‘sifunde ukumoyika uYehova’?

4 Ekubeni kufuneka soyike uThixo ukuze sikwazi ukwenza izigqibo zobulumko, sifumane neentsikelelo, ‘singakufunda njani ke ukumoyika uYehova’? (Duteronomi 17:19) IZibhalo zinemizekelo emininzi yamadoda nabafazi ababesoyika uThixo elungiselelwe “ukuyalela thina.” (Roma 15:4) Ukuze sikuqonde kakuhle oko kuthethwa kukoyika uThixo, makhe siqwalasele ubomi bomnye kwabo bayimizekelo, uKumkani uDavide wakwaSirayeli mandulo.

5. Ukwalusa kwamnceda njani uDavide wafunda ukoyika uYehova?

5 UYehova wamgatya uSawule ukumkani wokuqala kwaSirayeli, kuba wayesoyika abantu kunoThixo. (1 Samuweli 15:24-26) Kwelinye icala, ubomi bukaDavide nolwalamano lwakhe olusenyongweni noYehova lubonisa ukuba wayemoyika ngokwenene uThixo. Kwasebutsheni, uDavide wayesoloko esedlelweni esalusa izimvu zikayise. (1 Samuweli 16:11) Ukulala ezindle ebukele iinkwenkwezi, kumele ukuba kuko okwamncedayo wakuqonda oko kuthethwa kukoyika uYehova. Nakuba uDavide wayenokuqonda inxalenye encinane gqitha ngobukhulu bendalo, wafikelela kwisigqibo esichanileyo sokuba—thina bantu sifanele simhlonele yaye simzukise uThixo. Kamva wathi: “Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozilungiseleleyo, uyintoni na umntu ofayo le nto umkhumbulayo, nonyana womntu wasemhlabeni le nto umnyamekelayo?”—INdumiso 8:3, 4.

6. UDavide waziva njani emva kokuqonda ubukhulu bukaYehova?

6 Ngokufanelekileyo, uDavide wachukumiseka xa ethelekisa ubuncinane bakhe nobukhulu bamazulu. Kunokuba atyhwatyhwe, ukwazi oko kwamenza wadumisa uYehova wathi: “Amazulu avakalisa uzuko lukaThixo; yaye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.” (INdumiso 19:1) Oku koyika uThixo kwenza uDavide wasondela kuYehova waza wafuna ukufunda nokulandela iindlela zakhe ezigqibeleleyo. Khawucinge nje ukuba uDavide wayeziva njani xa wayevumela uYehova esithi: “Kuba umkhulu yaye wenza izinto ezimangalisayo; unguThixo, wena wedwa. Ndiyalele, Yehova, ngendlela yakho. Ndiya kuhamba enyanisweni yakho. Yenze imanyane intliziyo yam ukuba iloyike igama lakho.”—INdumiso 86:10, 11.

7. Ukoyika uThixo kwamnceda njani uDavide walwa noGoliyati?

7 Xa amaFilisti ahlasela ilizwe lakwaSirayeli, intshatsheli yawo eyayibude buziimitha ezintathu, uGoliyati, yawangcikiva amaSirayeli isithi, ‘Zinyuleleni indoda, ihle ize kulwa nam. Ukuba ithe yaphumelela, siya kuba ngabakhonzi benu.’ (1 Samuweli 17:4-10) USawule nawo wonke umkhosi wakhe batyhwatyhwa ngaphandle kukaDavide. UDavide wayesazi ukuba nguYehova kuphela omele oyikwe, kungekhona umntu, kungakhathaliseki ukuba unamandla kangakanani na. Wathi kuGoliyati: “Ndiza kuwe ngegama likaYehova wemikhosi . . . lonke eli bandla liya kwazi ukuba akungakrele nangamkhonto ukusindisa kukaYehova, ngenxa yokuba lelikaYehova idabi.” Ngesilingi nelitye nje elinye—encedwa nguYehova—uDavide wayilahla phantsi loo ngxilimbela.—1 Samuweli 17:45-47.

8. Sifunda ntoni kwimizekelo eseBhayibhileni yabo babesoyika uThixo?

8 Nathi sisenokujamelana nemiqobo okanye iintshaba ezinamandla njengezo zikaDavide. Ngaba ikho into esinokuyenza? Njengaye nabanye abakhonzi abathembekileyo bamandulo simele silwe—sisoyika uThixo. Ukoyika uThixo kungasinceda singoyiki abantu. Umkhonzi kaThixo othembekileyo uNehemiya wabongoza amaSirayeli awayesoyika iintshaba zawo wathi: “Ningoyiki ngenxa yabo. Khumbulani uYehova omkhulu naLowo woyikekayo.” (Nehemiya 4:14) Bexhaswa nguYehova, uDavide, uNehemiya nabanye abakhonzi abathembekileyo bakaThixo bawufeza ngempumelelo umsebenzi ababewuthunywe nguThixo. Nathi siya kuphumelela xa sisoyika uThixo.

Ukujamelana Neengxaki Sisoyika UThixo

9. Ziziphi iimeko awabonisa phantsi kwazo uDavide ukuba uyamoyika uThixo?

9 Emva kokuba uDavide ebulele uGoliyati, uYehova wamnceda waphumelela amadabi angakumbi. Noko ke, ngenxa yomona uSawule wazama ukumbulala uDavide—eqala ngokutyhuthuzela, emva koko ngamaqhinga, waza wagqibela ngokubhenela emkhosini. Nakuba uYehova wayeqinisekise uDavide ukuba wayeza kuba ngukumkani, kangangeminyaka ethile uDavide kwafuneka asabe, alwe aze alinde ixesha elifanelekileyo likaYehova lokuba amenze ukumkani. Kuko konke oko, uDavide wabonakalisa ukuba woyika uThixo oyinyaniso.—1 Samuweli 18:9, 11, 17; 24:2.

10. UDavide wabonisa njani ukuba uyamoyika uThixo xa ejamelene nengozi?

10 Ngaxa lithile, uDavide waya kufuna ikhusi kuAkishe ukumkani wesixeko samaFilisti iGati, ikhaya likaGoliyati. (1 Samuweli 21:10-15) Abakhonzi balo kumkani bamchaza uDavide njengotshaba lwelizwe labo. Wasabela njani uDavide xa ubomi bakhe busemngciphekweni onjalo? Waphalaza iintliziyo yakhe kuYehova. (INdumiso 56:1-4, 11-13) Nakuba kwafuneka aziphambanise ukuze asinde, uDavide wayesazi kakuhle ukuba nguYehova oyena mntu wamhlangulayo apho ngokusikelela imigudu yakhe. Ukuthembela kukaDavide ngentliziyo yakhe yonke kuYehova kwabonisa ukuba wayemoyika ngokwenene uThixo.—INdumiso 34:4-6, 9-11.

11. Sinokumxelisa njani uDavide, size sibonise ukuba siyamoyika uThixo?

11 NjengoDavide, sinokubonisa ukuba siyamoyika uThixo ngokuthembela kwisithembiso sakhe sokuba uya kusinceda sikwazi ukujamelana neengxaki zethu. UDavide wathi: “Yiqengqele kuYehova indlela yakho, uze uthembele ngaye, kwaye yena uya kwenza.” (INdumiso 37:5) Oku akuthethi kuthi sisuka nje siziyekele kuYehova iingxaki zethu silindele ukuba uya kuvele azilungise singakhange senze kwanto. UDavide akazange athandazele uncedo kuYehova emva koko wasonga izandla. Wenza konke okusemandleni akhe esebenzisa ingqondo ayiphiwe nguYehova ukulwa naloo ngxaki. Sekunjalo, wayesazi mhlophe ukuba imigudu yabantu xa iyodwa ayinakumnceda nganto. Kumele kube njalo nakuthi. Simele sithi sakuba senze konke okusemandleni ethu, siyiphose kuYehova imicimbi. Enyanisweni, asidli ngakuba nanto ingako sinokuyenza ngaphandle kokuthembela kuYehova. Kubonakala xa kulapho ke ukuba siyamoyika uThixo. Sinokuthuthuzelwa ngala mazwi okunyaniseka kaDavide: “Ukusondelelana noYehova kokwabo bamoyikayo.”—INdumiso 25:14.

12. Kutheni singamele siyithabathe lula nje imithandazo yethu, ibe sisiphi isimo sengqondo esimele singaze sibe naso?

12 Simele singayithabathi lula imithandazo nolwalamano esinalo noThixo. Xa siza kuthandaza kuYehova, simele ‘sikholelwe ukuba ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.’ (Hebhere 11:6; Yakobi 1:5-8) Xa eye wasinceda, simele ‘sibe nombulelo,’ njengoko umpostile uPawulos wacebisayo. (Kolose 3:15, 17) Simele singaze sifane nabo bachazwa ngomnye umKristu othanjisiweyo nonamava owathi: “Xa becinga ngoThixo bacinga ngeweyitala yasezulwini. Xa befuna into, bafuna ukusuka bayibize nje ngegama ibe sele isiza. Bakuba beyifumene loo nto bayifunayo, bafuna uThixo ahambe.” Eso simo sengqondo sintama ukuba abamoyiki uThixo.

Xa Ukoyika UThixo Kuphela

13. Kunini apho uDavide wasilela khona ukuhlonela uMthetho kaThixo?

13 Ukuncedwa nguYehova kumaxesha anzima kwenza uDavide wamoyika ngakumbi uThixo waza wathembela ngakumbi kuye. (INdumiso 31:22-24) Noko ke, kukho izihlandlo ezithathu apho, uDavide angazange amoyike uThixo nto leyo yamzisela intlekele. Kwisihlandlo sokuqala walungiselela ukuba ityeya yomnqophiso kaYehova ilayishwe kwinqwelo iziswe eYerusalem kunokuba ithwalwe emagxeni ngabaLevi, ngokomyalelo kaThixo. U-Uza owayehamba phambi kwaloo nqwelo, wathi akubamba iTyeya ezama ukuba ingawi wafela kanye apho ngenxa ‘yesenzo sokungoyiki kwakhe uThixo.’ Ewe, yena u-Uza wenza isono esinzulu, kodwa enyanisweni nguDavide ongazange ahlonele uMthetho kaThixo kwaza oko kwazisa loo ntlekele. Ukoyika uThixo kuthetha ukwenza izinto ngendlela athanda ngayo.—2 Samuweli 6:2-9; Numeri 4:15; 7:9.

14. Yaba njani imiphumo yokubala kukaDavide amaSirayeli?

14 Ephenjelelwa nguSathana, kamva uDavide wabala amadoda akwaSirayeli aphuma umkhosi. (1 Kronike 21:1) Ngokwenjenjalo, uDavide wabonisa ukungamoyiki uThixo ibe oko kwabangela ukufa kwamaSirayeli angama-70 000. Nakuba uDavide waguqukayo kuYehova, yena nabantu bakhe bafumana imiphumo ebuhlungu kanobom ngeso senzo.—2 Samuweli 24:1-16.

15. Kwakutheni ukuze uDavide awele kwisono sokuba neentlobano zesini?

15 Okunye ukuphelelwa kukoyika uThixo komzuzwana kwakhokelela ekubeni uDavide aziphathe kakubi noBhatshebha, umfazi kaUriya. UDavide wayesazi mhlophe ukuba kuphosakele ukukrexeza nkqu nokunqwenela iqabane likabani. (Eksodus 20:14, 17) Le ngxaki yaqala xa uDavide wabona uBhatshebha ehlamba. Ukoyika uThixo kwakumele kumncede asuse amehlo akhe kwangoko kuloo mfazi azame ukucinga ngezinye izinto. Kodwa kuyabonakala ukuba, yena ‘waqhubeka emkhangele’ de woyiswa ngumnqweno wesini, watsho wayeka ukoyika uThixo. (Mateyu 5:28; 2 Samuweli 11:1-4) UDavide walibala ukuba umele abandakanye uYehova kubo bonke ubomi bakhe.—INdumiso 139:1-7.

16. Yiyiphi imiphumo ebuhlungu eyehlela uDavide ngenxa yesiphoso sakhe?

16 Koko kukrexeza kwakhe noBhatshebha, uDavide wazala unyana. Kungekudala emva koko, uYehova wathumela umprofeti uNatan ukuze abhence eso sono sakhe. Sathi sakuziswa kwingqalelo yakhe, waphinda wamoyika uThixo waza waguquka. Wabongoza uYehova ukuba angamlahli okanye asuse umoya oyingcwele kuye. (INdumiso 51:7, 11) UYehova wamxolela waza wanyenyisa isohlwayo sakhe, kodwa akazange amkhusele kuyo yonke imiphumo emibi yezenzo zakhe. Loo nyana wakhe wafa, yaza indlu yakhe yafikelwa yintlekele emva kwenye ukususela ngoko. Ezinjani ukuba buhlungu iintlekele ngenxa nje yokuphelelwa kukoyika uThixo komzuzwana.—2 Samuweli 12:10-14; 13:10-14; 15:14.

17. Yenza umzekelo wentlungu enokubangelwa kukwenza isono.

17 Nanamhlanje, ukuyeka ukoyika uThixo uze uziphathe kakubi, kunokuba nemiphumo ebuhlungu nehlala ixesha elide. Khawucinge ngentlungu yomnye umfazi oselula xa wafumanisa ukuba umyeni wakhe ongumKristu waziphatha kakubi xa wayesebenza kwelinye ilizwe phesheya kolwandle. Ngenxa yokothuka nokuba buhlungu, wazigquma ubuso ngezandla, efak’ intloko emadolweni waza watsho ngemvula yeenyembezi. Kuya kuthabath’ ithuba elingakanani ngaphambi kokuba aphinde ayithembe aze ayihlonele indoda yakhe? Sinokuyiphepha imiphumo ebuhlungu ngolo hlobo xa sisoyika uThixo.—1 Korinte 6:18.

Ukoyika UThixo Kuyasithintela Singenzi Isono

18. Yintoni eyona nto ifunwa nguSathana ibe usebenzisa yiphi indlela?

18 USathana uyagqugqisa esonakalisa imilinganiselo yokuziphatha yeli hlabathi, ibe ufuna ngokukhethekileyo ukonakalisa amaKristu okwenyaniso. Oko ukwenza ngokusebenzisa kakubi iintliziyo neengqondo zethu—ngokutsala inyama yethu, ngakumbi amehlo neendlebe. (Efese 4:17-19) Yintoni oya kuyenza xa uthi ungalindelanga suke ubone imifanekiso yokuziphatha okubi, amazwi, okanye abantu abenza ezo zinto?

19. Ukoyika uThixo kwamnceda njani omnye umKristu woyisa isilingo?

19 Khawukhe ucinge ngemeko ka-Andréb umdala ongumKristu, ongutata nogqirha eYurophu. Xa wayesebenza ebusuku esibhedlele, amabhinqa asebenza nawo ayedla ngokubeka kumqamelo wakhe izimemo ezihonjiswe ngentliziyo ebonisa uthando lwawo, ecela ukulala naye. UAndré wakuxhathisa kwaphela oko. Ukongezelela, wazama ukuphuma kuloo meko imbi, wazifumanela umsebenzi kwenye indawo. Ukoyika kwakhe uThixo kwaba bubulumko kwamzisela iintsikelelo, kuba namhlanje uyangxungxa kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova yelizwe lakhe.

20, 21. (a) Ukoyika uThixo kunokusinceda njani siphephe ukwenza? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?

20 Ukuhlala ucinga ngezinto ezimbi kunokwenza ubani afune ukuncama ulwalamano oluxabisekileyo analo noYehova ukuze nje afumane into angenalungelo layo. (Yakobi 1:14, 15) Kwelinye icala, ukuba soyika uYehova siya kucezela kude kubantu, kwiindawo, kwizenzo neendlela zokuzonwabisa ezinokusenza siyekelele umxakatho kwimilinganiselo yokuziphatha. (IMizekeliso 22:3) Nakuphi na ukuphoxeka okanye ilahleko, iya kuba ncinane gqitha xa ithelekiswa nokulahlekelwa yinkoloseko kaThixo. (Mateyu 5:29, 30) Ukoyika uThixo kuquka ukungazichanabi ngabom kuko nakuphi na ukuziphath’ okubi nezinto ezibonisa amanyala, kunoko ‘sidlulise amehlo ethu angaboni oko kungento yanto.’ Xa sisenjenjalo, sinokuba nethemba lokuba uYehova uya ‘kusigcina siphila’ aze asinike nantoni esiyisweleyo.—INdumiso 84:11; 119:37.

21 Eneneni, ukwenza izinto sisoyika uThixo kusoloko kulikhondo lobulumko. Kusizisela nolonwabo lokwenene. (INdumiso 34:9) Oku kuza kucaciswa kwinqaku elilandelayo.

[Imibhalo esemazantsi]

a Funda inqaku elithi “Imbono YeBhayibhile: Unokumoyika Njani UThixo Onothando?” kwinkupho kaVukani! kaJanuwari 8, 1998 epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

b Asilogama lakhe eli.

Ungachaza Na?

• Ukoyika uThixo kuquka ziphi iimpawu zobuKristu?

• Ukoyika uThixo kusinceda njani singoyiki abantu?

• Sinokubonisa njani ukuba sinembono efanelekileyo ngomthandazo?

• Ukoyika uThixo kunokusinceda njani siphephe ukwenza isono?

[Umfanekiso okwiphepha 23]

UDavide wafunda ukoyika uThixo ngokuqwalasela umsebenzi kaYehova

[Imifanekiso ekwiphepha 24]

Yintoni oya kuyenza xa ugaxeleka esilingweni ngequbuliso?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share