Yoyika UYehova—Uze Wonwabe!
“Unoyolo umntu owoyika uYehova.”—INDUMISO 112:1.
1, 2. Yintoni okunokusinceda kuyo ukoyika uYehova?
ASINTO ilula ukufumana ulonwabo. Ulonwabo lokwenene luxhomekeke ekwenzeni ukhetho olufanelekileyo, ekwenzeni okulungileyo nokuphepha oko kuphosakeleyo. UMenzi wethu uYehova, usinike iLizwi lakhe, iBhayibhile ukuze asifundise eyona ndlela ifanelekileyo yokuphila. Xa sifuna ulwalathiso lwakhe size siluthobele, ngaloo ndlela sibonisa ukuba siyamoyika uThixo, siya kufumana ubomi obanelisayo nolonwabo.—INdumiso 23:1; IMizekeliso 14:26.
2 Kweli nqaku, siza kuqwalasela imizekelo eseBhayibhileni neyanamhlanje ebonisa ukuba ukumoyika ngokwenene uThixo kusinceda sikwazi ukuxhathisa umnqweno ophosakeleyo kuze kusikhuthaze senze okulungileyo. Siza kubona ukuba ukoyika uThixo kusenza sonwabe kuba kusinceda sibuye kwikhondo elibi, njengokuba kwenzekayo kuKumkani uDavide. Siza kubona nokuba ukoyika uYehova lilifa elixabiseke ngokwenene elinokushiyelwa abantwana ngabazali babo. Enyanisweni, iLizwi likaThixo lisiqinisekisa lithi: “Unoyolo umntu owoyika uYehova.”—INdumiso 112:1.
Ukuzuza Ulonwabo Kwakhona
3. Yintoni eyanceda uDavide wachacha kwizono zakhe?
3 Njengokuba kuye kwaboniswa kwinqaku elandulela eli, izihlandlo ezithathu uDavide waphulukana nokoyika uThixo waza wenza isono. Kodwa, indlela awalwamkela ngayo uqeqesho yabonisa ukuba umoyika ngokwenene uThixo. Ukoyika nokuhlonela kwakhe uThixo kwenza wasivuma isono sakhe, wabuya kwikhondo elibi, waphinda wanolwalamano oluhle noYehova. Nakuba iziphoso zakhe zabangela yena nabanye babandezeleka, ngenxa yokuguquka kwakhe ngokusuk’ entliziyweni uYehova waqhubeka emnyamekela waza wamsikelela. Lo mzekelo kaDavide unokuwakhuthaza gqitha amaKristu awele esonweni namhlanje.
4. Ukoyika uThixo kunokumnceda njani ubani aphinde onwabe?
4 Omnye umzekelo esinawo ngokaSonja.a Nakuba wayeshumayela iindaba ezilungileyo ixesha elizeleyo, uSonja wanxulumana nabantu ababi, wawela kwihambo engeyoyabuKristu, waza ke wasuswa kwibandla lobuKristu. Wathi akubuyela ezingqondweni wenza konke okusemandleni ukulungisa ubuhlobo bakhe noYehova. Ethubeni wabuyiselwa ebandleni. Kuyo yonke le meko, uSonja zange anikezele kumnqweno wakhe wokukhonza uYehova. Ekugqibeleni waphinda wanguvulindlela othe ngxi. Kamva, watshata nomdala ongumKristu ongumzekelo, ibe ngoku bakhonza kunye ngovuyo ebandleni. Nakuba ezisola ngokushiya ikhondo lobuKristu, uvuyiswa gqitha yinto yokuba ukoyika uThixo kwamnceda wabuyela kuye.
Kubhetele Ukubandezeleka Kunokwenza Isono
5, 6. Chaza indlela nesizathu sokuba uDavide asindise ubomi bukaSawule izihlandlo ezibini.
5 Kakade ke, eyona nto ifunekayo kukuba ukoyika uThixo kusincede singasenzi kwaukusenza isono. Kwenzeka kanye oko kuDavide. Esukela uDavide ngomkhosi wamadoda angamawaka amathathu, ngasihlandlo sithile, uSawule wangena emqolombeni—kanye kulowo wayezimele kuwo uDavide namadoda akhe. Amadoda kaDavide athi makambulale uSawule. YayingengoYehova na kaloku onikela utshaba lwakhe oluyingozi ezandleni zakhe? Ethe cwaka, uDavide wachwechwela uSawule waza wakrazula isondo lesambatho sakhe. Ekubeni uDavide wayesoyika uThixo, nkqu neso senzo sincinane kangako sayenza buhlungu intliziyo yakhe. Amadoda akhe uDavide wawathibaza ngokuthi: “Makube lee, kum, ngokwembono kaYehova, ukuba ndingenza le nto enkosini yam, othanjisiweyo kaYehova.”b—1 Samuweli 24:1-7.
6 Kamva, uSawule namadoda akhe babelele ententeni belinde ezindle, baza ke ‘bawelwa bubuthongo obunzulu obuvela kuYehova.’ UDavide nomtshana wakhe oligorha uAbhishayi bachwechwa bangena kuloo ntente baza bema kanye phezu koSawule elele. UAbhishayi wafuna ukumcim’ igama kuphele ngaye. UDavide wamnqanda, wathi: “Ngubani na owolulele isandla sakhe kothanjisiweyo kaYehova waza wahlala emsulwa?”—1 Samuweli 26:9, 12.
7. Yintoni eyathintela uDavide ekubeni one uThixo?
7 Kwakutheni ukuze uDavide angambulali uSawule ngoxa wayenethuba lokwenjenjalo izihlandlo ezibini? Kungenxa yokuba wayesoyika uYehova ngaphezu koSawule. Ngenxa yokoyika nokumhlonela kwakhe uThixo, uDavide wayekulungele ukubandezeleka xa kuyimfuneko, kunokuba one uThixo. (Hebhere 11:25) Wayemthembe ngokupheleleyo uYehova ukuba uyabanyamekela abantu bakhe kuquka naye siqu. Wayesazi ukuba ukuthobela nokuthembela kuThixo kwakuya kumzisela ulonwabo neentsikelelo ezininzi, ngoxa ukugatya uThixo kwakuya kwenza angakholiswa nguye. (INdumiso 65:4) Wayesazi nokuba uThixo wayeza kusizalisekisa isithembiso sakhe sokumenza ukumkani yaye wayeza kumshenxisa uSawule ngendlela yakhe nangexesha lakhe elifanelekileyo.—1 Samuweli 26:10.
Ukoyika UThixo Kuzisa Ulonwabo
8. Ingumzekelo njani kuthi indlela awaziphatha ngayo uDavide kwiimeko ezicinezelayo?
8 NjengamaKristu, sinokulindela ukugculelwa, intshutshiso nezinye izilingo. (Mateyu 24:9; 2 Petros 3:3) Maxa wambi sisenokuba neengxaki nabazalwana bethu. Kodwa siyazi ukuba uYehova ubona zonke izinto, uyayiva imithandazo yethu yaye ngexesha elifanelekileyo uya kuzilungisa ngendlela athanda ngayo ezo ngxaki. (Roma 12:17-21; Hebhere 4:16) Ngenxa yoko, endaweni yokoyika iintshaba zethu, soyika uThixo yaye silinde asihlangule. NjengoDavide, asiziphindezeli, yaye asilalanisi kwimigaqo yobulungisa kuba nje siphepha ukubandezeleka. Ekugqibeleni oku kusizisela ulonwabo. Kuluzisa njani?
9. Chaza umzekelo wendlela ukoyika uThixo okunokuzisa ngayo ulonwabo phezu kwayo nje intshutshiso.
9 Umvangeli wasemazweni oye wakhonza eAfrika ixesha elide uthi, “Ndikhumbula umama othile nentombi yakhe ekwishumi elivisayo abathi ngenxa yobundilele bobuKristu bala ukuthenga amakhadi eqela lezopolitiko. Babethwa zizihlwele zamadoda, emva koko bakhonjwa indlela egodukayo. Njengoko behamba, lo mama wazama ukuthuthuzela intombi yakhe eyayilila, ingasiqondi isizathu sokuba behlelwe koko. Kwakungekho nto inokubavuyisa ngaloo mzuzu, kodwa isazela sabo sasicocekile. Kamva, bavuyiswa gqitha yinto yokuba baye bathobela uThixo. Ukuba babewathengile loo makhadi, ezo zihlwele zaziya kuvuya gqitha. Loo madoda ayeza kubanika iziselo ezibandayo aze abakhaphe ngengoma aye kubafaka kwikhaya labo. Kodwa ekubeni babeza kube besazi ukuba baye balalanisa, babengayi konwaba kwaphela.” Ngenxa yokoyika kwabo uThixo basinda kuko konke oko.
10, 11. Yiyiphi imiphumo emihle yokoyika uThixo eyafunyanwa lelinye ibhinqa?
10 Ukoyika uThixo kusizisela ulonwabo naxa sijamelene nezilingo eziphathelele ukuhlonela ubungcwele bobomi. Xa uMary wayekhulelwe umntwana wakhe wesithathu, ugqirha wammela ngokuba umele aqhomfe. Wathi: “Imeko okuyo imbi gqitha. Usecicini lokufa kangangokuba namhlanje lisenokungatshoni uphila. Nomntwana wakho uza kufa. Ngapha koko, akukho ndlela yokuba lo mntwana wakho angakwazi ukuphila njengabanye abantwana.” UMary wayefunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova nakuba wayengekabhaptizwa. Uthi: “Nakuba kunjalo, ndandisele ndenze isigqibo sokukhonza uYehova, ngoko ndandizimisele ukumthobela phantsi kwayo nayiphi na imeko.”—Eksodus 21:22, 23.
11 Xa wayekhulelwe, uMary wazixakekisa ngokufunda iBhayibhile nokunyamekela intsapho yakhe. Ekugqibeleni wade wazala umntwana wakhe. Uthi: “Ukuzala lowo umntwana kwaba nzinyana kunabo babini bokuqala, kodwa akuzange kubekho zingxaki zibheke phi.” Ukoyika uThixo kwamnceda wahlala enesazela esihle, ibe wabhaptizwa kungekudala. Njengoko loo mntwana wayekhula, naye wafunda ukoyika uYehova ibe ngoku ukhonza kwenye yeeofisi zamasebe amaNgqina kaYehova.
‘Zomeleze NgoYehova’
12. Ukoyika uThixo kwamomeleza njani uDavide?
12 Ukoyika uYehova akuzange kumthintele nje uDavide angenzi okuphosakeleyo. Kwamomeleza wajamelana neemeko ezinzima ngobulumko nenkalipho. Kangangonyaka oneenyanga ezine, yena namadoda akhe basaba uSawule baya eTsikelage kwiindawo ezisemaphandleni zamaFilisti. (1 Samuweli 27:5-7) Kwathi ngenye imini amadoda engekho, kwafika abaphangi bama-Amaleki atshisa eso sixeko aza emka nabafazi, abantwana nemfuyo. Bebona loo monakalo, ekubuyeni kwabo uDavide namadoda akhe bakhala. Ngokukhawuleza, loo madoda aba krakra aza athetha ngokumxuluba uDavide. Nakuba wayecinezelekile, uDavide akazange alahle ithemba. (IMizekeliso 24:10) Ukoyika kwakhe uThixo kwamenza wabhenela kuYehova, waza “wazomeleza ngoYehova.” Bencedwa nguThixo, bawasukela bawafumana loo ma-Amaleki baza babuya nayo yonk’ into yabo.—1 Samuweli 30:1-20.
13, 14. Ukoyika uThixo kwamnceda njani omnye umKristu wenza izigqibo ezifanelekileyo?
13 Nanamhlanje abakhonzi bakaThixo bajamelana neemeko ezifuna bathembele kuYehova baze babe nesibindi. Khawucinge nje ngoKristina. Esengumntwana, uKristina wafunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Kodwa wayefuna ukuba ngumdlali wepiyano kwikonsathi, ibe wenza inkqubela ephawulekayo koko. Kwelinye icala, wayeqonda ukuba umele ashumayele, ngoko wayesoyika iimbopheleleko aya kuba nazo emva kokuba ebhaptiziwe. Njengoko efunda iLizwi likaThixo, wakuva ukusebenza kwamandla alo kuye. Wafunda ukumoyika uYehova, waqonda nokuba uYehova ulindele ukuba abakhonzi bakhe bamthande ngentliziyo, ingqondo, umphefumlo namandla abo ephela. (Marko 12:30) Ngenxa yoko wagqiba ekubeni azahlulele kuYehova waza wabhaptizwa.
14 UKristina wacela uYehova ukuba amncede enze inkqubela yokomoya. Uthi: “Ndandisazi ukuba ukudlala ipiyano kwiikonsathi kwakuza kufuna ndihlale ndihamba ukuze ndiye kwiikonsathi ezifikelela kuma-400 ngonyaka. Ndagqiba ekubeni ndibe ngutitshala ukuze ndikwazi ukufumana imali yokuzixhasa xa ndingumshumayeli weendaba ezilungileyo wexesha elizeleyo.” Ngelo xesha, uKristina wayesele efumene umsebenzi wokudlala ipiyano okokuqala kwelona holo lekonsathi laziwayo kwilizwe lakhe. Uthi: “Eso sihlandlo yaba sesokuqala nesokugqibela.” Ukususela ngoko, uKristina watshata nomdala ongumKristu. Bobabini ngoku bakhonza kwenye yeeofisi zamasebe amaNgqina kaYehova. Uvuyiswa gqitha yinto yokuba uYehova waye wamomeleza wenza izigqibo ezifanelekileyo ukuze abe ngoku usebenzisa ixesha namandla akhe ekumkhonzeni.
Ilifa Elixabisekileyo
15. Liliphi ilifa awayefuna ukulishiyela abantwana bakhe uDavide, ibe wakwenza njani oko?
15 UDavide wathi: “Yizani, bonyana, ndiphulaphuleni; ndiya kunifundisa ukoyika uYehova.” (INdumiso 34:11) Njengotata, uDavide wayezimisele ukushiyela abantwana bakhe ilifa elixabisekileyo—ukumoyika ngokwenene uYehova ngendlela efanelekileyo. Ngamazwi nezenzo, uDavide wachaza uYehova, kungekhona njengoThixo ofuna izinto ngenkani nowoyikekayo, ohlala ekhangela iimpazamo kwimithetho yakhe, kodwa njengoBawo onothando, inkathalo nobaxolelayo abantwana bakhe abasemhlabeni. UDavide wabuza oku: “Ngubani na ozigcinayo azazi zonke iimpazamo zakhe?” Wandula ke, ebonisa intembelo anayo yokuba uYehova akahlali ekhangela iziphoso zethu wathi: “Ndigcine ndimsulwa kwizinto ezingaqondakaliyo!” Kodwa yena uDavide wayeqinisekile ukuba xa esenza okusemandleni akhe, amazwi neengcamango zakhe zinokwamkelwa nguYehova.—INdumiso 19:12, 14, ngokweByington.
16, 17. Abazali banokubafundisa njani abantwana babo ukoyika uYehova?
16 UDavide ungumzekelo omhle kubazali namhlanje. URalph, okhonza nomninawa wakhe kwenye iofisi yesebe lamaNgqina kaYehova uthi: “Abazali bethu basikhulisa ngendlela eyenza sikunandiphe ukuba senyanisweni. Siselula, babesibandakanya xa bethetha ngezinto ezenziwa ebandleni, ibe oko kwasenza sanehlombe ngenyaniso. Basenza sabona ukuba sinako ukwenza izinto ezilungileyo kwinkonzo kaYehova. Enyanisweni, iminyaka eliqela intsapho yakuthi yayihlala kwilizwe elinentswelo engakumbi yabavakalisi boBukumkani, inceda ekusekeni amabandla amatsha.
17 “Asilothotho lwemithetho engqongqo olwasincedayo sahlala kwikhondo elifanelekileyo kodwa kukuba kubazali bethu uYehova wayengumntu wokwenene, olungileyo nonobubele obungathethekiyo. Babefuna ukumazi kakuhle nokumkholisa uYehova, saza ke nathi safunda ukumthanda koko kumoyika kwabo ngokunyanisekileyo. Naxa senze impazamo babengasenzi sivakalelwe kukuba uYehova akasasithandi; ibe nabo bengacaphuki ngokugqithiseleyo de basibekele imiqathango engekho ngqiqweni. Izihlandlo ezininzi babehlala nathi phantsi bathethe, ibe yena umana wayede alile maxa wambi ezama ukufikelela intliziyo yethu. Loo migudu zange iwe phantsi, baphumelela. Safunda kumazwi nezenzo zabazali bethu ukuba ukoyika uYehova yeyona nto ifanelekileyo nokuba kuyavuyisa ukuba liNgqina likaYehova, hayi uxanduva.”—1 Yohane 5:3.
18. Yintoni esiya kuyizuza ngokoyika uThixo oyinyaniso?
18 ‘Kumazwi okugqibela kaDavide’ sifunda oku: “Xa lowo ulawula uluntu elilungisa, elawula ngokoyika uThixo, ngoko kunjengokukhanya kwentsasa, lakukhanyisa ilanga.” (2 Samuweli 23:1, 3, 4) Kuyabonakala ukuba, unyana kaDavide uSolomon nowangena ezihlangwini zakhe wabubona ubulumko bala mazwi, kuba wacela uYehova ukuba ‘amnike intliziyo ethobelayo namandla okuqonda phakathi kokulungileyo nokubi.’ (1 Kumkani 3:9) USolomon wayeqonda ukuba ukoyika uYehova likhondo lobulumko yaye kuzisa ulonwabo. Kamva, washwankathela incwadi yeNtshumayeli ngala mazwi: “Ukuqosheliswa kombandela, emva kokuba yonk’ into iviwe, naku: Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe. Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu. Kuba uThixo oyinyaniso uya kuzisa ekugwetyweni lonke uhlobo lomsebenzi ngokuphathelele yonke into efihlakeleyo, enoba ilungile okanye imbi.” (INtshumayeli 12:13, 14) Ukuba siyalithobela elo cebiso, nakanjani na siya kubona ukuba “umphumo wentobeko nokoyika uYehova” asibobulumko nolonwabo nje kuphela kodwa ‘nobutyebi, uzuko nobomi.’—IMizekeliso 22:4.
19. Yintoni eya kusinceda sikuqonde “ukoyika uYehova”?
19 Kwimizekelo yabantu bamaxesha okubhalwa kweBhayibhile nabanamhlanje, siyakwazi ukubona ukuba ukoyika uThixo kunegalelo elihle kubomi babakhonzi bokwenyaniso bakaYehova. Olu loyiko alusithinteli nje ekwenzeni izinto ezingamkholisiyo uBawo wethu wasezulwini, kodwa lusinika nesibindi sokujamelana neentshaba zethu, namandla okunyamezela iimvavanyo nobunzima. Ngoko, sonke, abaselula nabadala masikhuthalele ukufunda iLizwi likaThixo, sicamngce ngoko sikufundayo size sisondele kuYehova rhoqo ngomthandazo osuk’ entliziyweni. Ngokwenjenjalo, asiyi ‘kufumana ukumazi kuphela nje uThixo, kodwa siya kukuqonda ukoyika uYehova.’—IMizekeliso 2:1-5.
[Imibhalo esemazantsi]
a Asingomagama abo la.
b Kusenokwenzeka ukuba esi sesinye seziganeko ezabangela ukuba uDavide aqambe iNdumiso 57 neye-142.
Ungachaza na?
Ukoyika uThixo
• kunokumnceda njani achache umntu owenze isono esinzulu?
• kunokusenza njani sonwabe phantsi kovavanyo notshutshiso?
• kunokusomeleza njani senze ukuthanda kukaThixo?
• kunokuba lilifa elixabisekileyo njani kubantwana bethu?
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ukoyika uYehova kwathintela uDavide akambulala uKumkani uSawule
[Imifanekiso ekwiphepha 29]
Ukoyika uThixo lilifa elixabisekileyo abazali abanokulishiyela abantwana babo