UYobhi—Indoda Yonyamezelo Nengqibelelo
“Uyibhekisile na intliziyo yakho kumkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho bani unjengaye emhlabeni, indoda engenakusoleka nethe tye, eyoyika uThixo nephambukayo ebubini?”—YOBHI 1:8.
1, 2. (a) Ziziphi iinkxwaleko ezamehlela engalindelanga uYobhi? (b) Khawusichazele ngobomi bukaYobhi ngaphambi kokuba afikelwe ziinkxwaleko.
KWAKUKHO indoda eyayinayo yonk’ into—ubutyebi, udumo, ingabikwa hlaba yaye intsapho yayo yonwabile. Yandula ke, yafikelwa ziinkxwaleko izihlandlo ezithathu, enye emva kwenye. Ngokuqhwanyaza nje kweliso, yaphulukana nobutyebi bayo. Uqhwithela olukhulu nolwalungaqhelekanga lwadlula nabo bonke abantwana bayo. Kusajongwe leyo, le ndoda yahlaselwa sisifo esayiqob’ amandla saza sashiya umzimba wayo wonke uzaliswe ngamathumba awayeqaqamba ngendlela engathethekiyo. Umele ukuba sele uyiqonda le ndoda ekuthethwa ngayo kakhulu kwincwadi yeBhayibhile ebizwa ngegama layo, uYobhi.—uYobhi, isahluko 1 nesesi-2.
2 Egcuma ziintlungu uYobhi wathi, “Akwaba bendinjengakwiinyanga zakudala.” (Yobhi 3:3; 29:2) Xa umntu esehlelwa ziintlekele, ukhumbula amaxesha amnandi angaphambili. UYobhi wayephila kamnandi, kubonakala ngathi akanakufikelwa ziintlupheko. Wayehlonelwa ziindwalutho kangangokuba zazide zicel’ amacebiso kuye. (Yobhi 29:5-11) UYobhi wayesisityebi, kodwa imali yayingento iphambili kuye. (Yobhi 31:24, 25, 28) Xa efika kubahlolokazi neenkedama ezifun’ uncedo, wayesivula isandla sakhe. (Yobhi 29:12-16) Wahlala ethembekile kumfazi wakhe.—Yobhi 31:1, 9, 11.
3. UYehova wayemjonga njengomntu onjani uYobhi?
3 Kwakungekho nto eyayisoleka kubomi bukaYobhi kuba wayenqula uThixo. UYehova wathi: “Akukho bani unjengaye emhlabeni, indoda engenakusoleka nethe tye, eyoyika uThixo nephambukayo ebubini.” (Yobhi 1:1, 8) Nakuba uYobhi wayethe tye, zafika zona iintlekele, zaza zabuvuthulula kwathi tu ubomi bakhe obutofotofo. Zonke izinto awayezisebenzele zathi shwaka, ukholo lwakhe lwavavanywa ziintlungu nodandatheko.
4. Kutheni kunokusinceda ukucinga ngeemvavanyo zikaYobhi?
4 Phofu ke, asingoYobhi kuphela umkhonzi kaThixo oye wajamelana neentlekele. Nanamhlanje, maninzi amaKristu aye atyhubel’ iingxaki ezifana nezakhe. Ngenxa yoko, kufuneka sicingisise ngale mibuzo mibini: Kunokusinceda njani ukucinga ngeemvavanyo awatyhubela kuzo uYobhi xa sijamelene nobunzima? Yaye oku kusifundisa njani ukuze sibe novelwano ngabanye ababandezelekayo?
Imbambano Yokunyaniseka Nokuvavanywa Kwengqibelelo
5. Ngokutsho kukaSathana, uYobhi wayenasiphi isizathu sokukhonza uThixo?
5 Imeko kaYobhi yayikhethekile. Yena engazi, uMtyholi wayesithandabuza isizathu esasiqhuba uYobhi ukuba akhonze uThixo. Kwintlanganiso eyayisezulwini, xa uYehova wathetha ngeempawu zikaYobhi ezintle, uSathana waphendula: “Ngaba wena akumbiyelanga yena nendlu yakhe nayo yonke into anayo macala onke?” Ngala mazwi uSathana wayesithi uYobhi umkhonza uThixo kuba efuna inzuzo—yaye wayesithi oku kunjalo nangabanye abakhonzi bakaThixo. USathana wathi kuYehova: “Khawuncede wolule isandla sakho, uchukumise yonke into anayo uze ubone enoba akayi kukuqalekisa ebusweni bakho na.”—Yobhi 1:8-11.
6. Yiyiphi imbambano ebalulekileyo eyaphakanyiswa nguSathana?
6 Le yayiyimbambano ebalulekileyo. USathana walucel’ umngeni ulongamo lukaYehova. Ngaba uThixo angayilawula ngothando yonke indalo? Okanye, ngokutsho kukaSathana, ngaba bonke abantu baya kumkhonza uThixo ngenxa yokuzingca? UYehova wamvumela uMtyholi ukuba amvavanye uYobhi, eqinisekile ngengqibelelo nokunyaniseka komkhonzi Wakhe. Ngoko uSathana wamehlisela iintlekele uYobhi, enye emva kwenye. Xa uSathana engazange aphumelele kuhlaselo lwakhe lokuqala, wamngcungcuthekisa ngesifo esibuhlungu. UMtyholi wathi: “Ulusu ngenxa yolusu, yaye yonke into anayo umntu uya kuyinikela ngenxa yomphefumlo wakhe.”—Yobhi 2:4.
7. Abakhonzi bakaThixo bajamelene nezilingo ezinjengezikaYobhi ngayiphi indlela?
7 Nangona amaKristu amaninzi namhlanje engabandezeleki ngendlela awabandezeleka ngayo uYobhi, athwaxwa ziimbandezelo ezahlukileyo. Amanye ayatshutshiswa okanye ajamelana neengxaki zentsapho. Iimeko ezinzima zoqoqosho okanye impilo enkenenkene, ezo zinto zisenokubangela unxunguphalo olukhulu. Wambi ancame ubomi bawo ngenxa yokholo lwawo. Enyanisweni, asimele sicinge ukuba zonke iinkxwaleko esityhubela kuzo zibangelwa nguSathana. Ezinye iingxaki zisenokubangelwa ziimpazamo esizenzayo okanye imfuza. (Galati 6:7) Sonke sisenokujamelana neenkxwaleko ngenxa yokwaluphala neentlekele zemvelo. IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba kulo mhla wethu, uYehova akabakhuseli ngendlela engummangaliso abakhonzi bakhe kwezi nkxwaleko.—INtshumayeli 9:11.
8. USathana usenokuzisebenzisa ngayiphi indlela iimbandezelo esityhubela kuzo?
8 Sekunjalo, uSathana usenokusibangela ukuba sibe neembandezelo ngenjongo yokusidangalisa ngokomoya. Umpostile uPawulos wathetha ngokuthwaxwa kwakhe ‘liliva enyameni, ingelosi kaSathana’ ingayeki ‘ukumpakaza.’ (2 Korinte 12:7) Enoba wayethetha ngengxaki esemzimbeni, mhlawumbi engaboni kakuhle, okanye enye into, uPawulos wayesazi ukuba uSathana wayenokusebenzisa iingxaki nonxunguphalo olubangelwa zizo ukumdimaza nokumenza angayigcini ingqibelelo yakhe. (IMizekeliso 24:10) Namhlanje, uSathana usenokuphembelela amalungu entsapho, abantwana esifunda nabo esikolweni, okanye kwanoorhulumente abangoozwilakhe ukuba batshutshise abakhonzi bakaThixo.
9. Kutheni zingasothusi kangako iinkxwaleko okanye iintshutshiso esityhubela kuzo?
9 Sinokujamelana njani nezi ngxaki ngendlela ephumelelayo? Ngokuzijonga njengethuba lokubonisa ukomelela kothando lwethu ngoYehova nokuzimisela kwethu ukuzithoba kulongamo lwakhe. (Yakobi 1:2-4) Enoba yintoni esibangela sibandezeleke, siya kuhlala silungelelene ngokomoya xa siyiqonda indlela ekubaluleke ngayo ukunyaniseka kuThixo. Ebhalela amaKristu, umpostile uPetros wathi: “Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo otshisayo ngaphakathi kwenu wokunilinga, ngokungathi nehlelwa yinto engaqhelekanga.” (1 Petros 4:12) UPawulos yena wathi: “Bonke abo banqwenela ukuphila ngozinikelo lobuthixo ngokunxulumene noKristu Yesu, nabo baya kutshutshiswa.” (2 Timoti 3:12) Nanamhlanje uSathana usayithandabuza ingqibelelo yamaNgqina kaYehova, njengoko kwakunjalo ngoYobhi. Phofu ke, iBhayibhile ithi kule mihla yokugqibela uSathana uya ethabath’ unyawo ekuhlaseleni abantu bakaThixo.—ISityhilelo 12:9, 17.
Ukungaqondi Necebiso Eliphosakeleyo
10. Bubuphi ubunzima uYobhi awajamelana nabo?
10 UYobhi wayesebunzimeni ekungeyomfuneko ukuba nathi sijamelana nabo. Wayengasazi isizathu sokuba abe kobu bunzima. Ngempazamo uYobhi wagqiba kwelokuba “nguYehova onikileyo, yaye nguYehova othabathileyo.” (Yobhi 1:21) Mhlawumbi, uSathana wayefuna uYobhi acinge ukuba nguThixo obangele bonke obo bunzima.
11. Chaza indlela awavakalelwa ngayo uYobhi xa wayesehlelwa ziinkxwaleko.
11 UYobhi wadandatheka kakhulu, nakuba engazange amqalekise uThixo njengoko umfazi wakhe wayefuna enjenjalo. (Yobhi 2:9, 10) Wathi ‘abangendawo bayaphumelela kunam.’ (Yobhi 21:7-9) Wazibuza, ‘Kutheni uThixo endohlwaya nje?’ Ngamany’ amaxesha wayefun’ ukufa. Wadanduluka esithi: “Owu akwaba ubungandifihla eShiyol, undigcine ndifihlakele de ubuye umsindo wakho!”—Yobhi 14:13.
12, 13. Waziva njani uYobhi ngamazwi amaqabane akhe amathathu?
12 UYobhi watyelelwa ngabahlobo bakhe abathathu, ngenjongo ‘yokuvelana naye baze bamthuthuzele.’ (Yobhi 2:11) Basuka baba “ngabathuthuzeli abanenkathazo.” (Yobhi 16:2) Ukuba aba yayingabahlobo awayenokukwazi ukuphalaza iingxaki zakhe kubo, oku ngekwakumncedile uYobhi, kodwa la maqabane akhe mathathu ongezelela kwintlungu yakhe aze ayiphixanisa ngakumbi ingqondo yakhe.—Yobhi 19:2; 26:2.
13 Kusengqiqweni ukucinga ukuba uYobhi wazibuza: ‘Kutheni ndisehlelwa zezi zinto? Ndenze ntoni?’ Amaqabane akhe amkhohlisa ngokupheleleyo. Ayecinga ukuba uYobhi ubandezeleka ngenxa yokuba enze isono esinzulu. UElifazi wabuza: “Ngubani omsulwa owakha watshabalala? Ngokokwam ukubona, abo bayila okwenzakalisayo nabo bahlwayela inkathazo ngabo abaya kuyivuna.”—Yobhi 4:7, 8.
14. Kutheni singenakuthi ukubandezeleka kubangelwa yihambo engafanelekanga?
14 Kuyavunywa ukuba, ukuhlwayelela inyama endaweni yomoya kusenokubangela iingxaki. (Galati 6:7, 8) Noko ke, kule nkqubo yezinto siphila kuyo, sisenokuvelelwa yingxaki enoba siziphethe ngendlela efanelekileyo. Ngaphezu koko, nabo bamsulwa abagonywanga kwiintlekele ezehlela abanye abantu. UYesu Kristu, ‘owayengadyobhekanga nowayehlulwe kuboni,’ wafa kabuhlungu kwisibonda sentuthumbo, kwanompostile uYakobi wabulawa njengomfeli-nkolo. (Hebhere 7:26; IZenzo 12:1, 2) Indlela ephosakeleyo awayeqiqa ngayo uElifazi namaqabane akhe amabini yabangela ukuba uYobhi azithethelele yaye wawaqinisekisa ukuba umsulwa. Kodwa ukuqhubeka kwawo esithi uYobhi wayefanele abandezeleke, kusenokwenzeka ukuba kwayiphembelela indlela awamjonga ngayo uThixo.—Yobhi 34:5; 35:2.
Ukufumana Uncedo Xa Ubandezeleka
15. Yiyiphi indlela esifanele siqiqe ngayo neya kusinceda xa sibandezeleka?
15 Sifunda ntoni kule ngxelo kaYobhi? Kusenokubonakala ngathi sidlelw’ indlala xa sijamelene neentlekele, ukugula okanye intshutshiso. Sinokubona ngathi abanye abantu abanazo iingxaki. (INdumiso 73:3-12) Maxa wambi, kusenokufuneka sizibuze le mibuzo ibalulekileyo: ‘Ngaba uthando endinalo ngoYehova luya kundenza ndimkhonze enoba sekumnyam’ entla? Ngaba ndilangazelela ukuba uYehova akwazi ‘ukuphendula lowo umngcikivayo?’’ (IMizekeliso 27:11; Mateyu 22:37) Singaze sivumele amazwi abanye angenangqiqo asibangele ukuba sithandabuze enoba uBawo wethu wasezulwini unokusinceda. Omnye umKristu othembekileyo owayenesifo esinganyangekiyo kangangeminyaka wakha wathi: “Ndiyazi ukuba ndingakwazi ukunyamezela nantoni na uYehova ayivumelayo. Ndiyazi ukuba uya kundipha amandla okwenjenjalo, njengoko ebesoloko esenza.”
16. ILizwi likaThixo libanceda njani abo babandezelekileyo?
16 Ngokungafaniyo noYobhi, thina siyabazi ubuqhophololo bukaSathana. “Siyawazi amacebo akhe,” okanye amaqhinga akhe angendawo. (2 Korinte 2:11) Ukongezelela, sifunde okuninzi okunokusinceda. EBhayibhileni kukho iingxelo zamadoda nabafazi abathembekileyo abanyamezela iinzima ezahlukeneyo. Umpostile uPawulos, owabandezeleka ngaphezu kwabo bonke, wabhala: “Kuba zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.” (Roma 15:4) Elinye iNgqina eYurophu elalivalelwe entolongweni ngenxa yokholo lwalo ebudeni bemfazwe yehlabathi yesibini lancam’ ukutya kwalo iintsuku ezintathu ukuze lifumane iBhayibhile. Lithi: “Hayi indlela okwandinceda ngayo oko! Nangona ndandilambile, ndafumana ukutya kokomoya okwandomeleza mna kunye nabanye kwiimvavanyo esasijamelene nazo kuloo maxesha anzima. Nanamhlanje isekho loo Bhayibhile.”
17. Ziziphi izinto esizilungiselelwe nguThixo ezinokusinceda sinyamezele?
17 Ukongezelela kwintuthuzelo esiyifumana kwiZibhalo, sineencwadi ezininzi ezisinceda ekufundeni iBhayibhile nezinolwalathiso olufanelekileyo olusenza sikwazi ukuhlangabezana neengxaki. Xa utyhila iWatch Tower Publications Index, mhlawumbi uya kudibana nengxelo yamanye amaKristu aye ajamelana novavanyo olufana nolwakho. (1 Petros 5:9) Enye into enokukunceda kukuthetha nabadala okanye amanye amaKristu aqolileyo. Ngaphezu kwako konke, thandaza ukuze ufumane uncedo lukaYehova nolomoya wakhe oyingcwele. UPawulos wakunyamezela njani ‘ukumpakazwa’ nguSathana? Wathembela kumandla kaThixo. (2 Korinte 12:9, 10) Wabhala: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.”—Filipi 4:13.
18. Anokukukhuthaza njani amanye amaKristu?
18 Ngoko ke, uncedo luyafumaneka, lufune ngaphandle kokulibazisa. Omnye umzekeliso uthi: “Ngaba uzibonakalise udimazekile ngomhla wokubandezeleka? Uya kuphelelwa ngamandla.” (IMizekeliso 24:10) Kanye njengokuba iintubi zinokuyibhodloza indlu yamaplanga, ukudimazeka kunokuluphelisa kuthi tu ukholo lomKristu. Ukuze sikwazi ukulwa nale ngozi, sixhaswa nguYehova esebenzisa abanye abakhonzi Bakhe. Ngobusuku awabanjwa ngabo uYesu, kwafika ingelosi yaza yamomeleza. (Luka 22:43) Ngoxa uPawulos wayelibanjwa, esendleleni esinge eRoma wadibana nabazalwana kwiNdawo yeMarike ka-Apiyo naseTavene-Ntathu, yaye ngenxa yoko “wambulela uThixo waza womelela.” (IZenzo 28:15) Elinye iNgqina laseJamani lisayikhumbula indlela elancedwa ngayo xa lalifika kwinkampu yoxinaniso yaseRavensbrück liyintombazanana eyayingcangcazela luloyiko. Lithi: “Ndathi ndifika nje apho, ndadibana nomnye udade owandamkela ngezandla ezishushu. Apho ndanyanyekelwa ngomnye udade othembekileyo nowaba ngumama kum.”
“Zingqine Uthembekile”
19. Yintoni eyanceda uYobhi ukuze axhathise iintlaselo zikaSathana?
19 UYehova wamchaza uYobhi njengendoda ‘ebambelele nkqi kwingqibelelo yayo.’ (Yobhi 2:3) Nakuba wayedimazekile yaye engasazi isizathu sokuba abandezeleke, uYobhi wahlala enyanisekile, akazange anikezele. Wangqisha ngonyawo esithi: “Ndide ndibhubhe andiyi kuyisusa kum ingqibelelo yam!”—Yobhi 27:5.
20. Kutheni kubalulekile nje ukunyamezela?
20 Ukuba nathi sizimisele ngokufana noYobhi, siya kuhlala siyigcinile ingqibelelo yethu phantsi kwazo naziphi na iimeko ezisehlelayo—xa silingwa, sichaswa, okanye sisebunzimeni. UYesu waxelela ibandla laseSmirna esithi: “Musa ukuzoyika izinto osele uza kubandezeleka ngazo. Khangela! UMtyholi uya kuhlala ephosa bambi benu entolongweni ukuze nivavanywe ngokupheleleyo, nokuze nibe nembandezelo [neengxaki, nonxunguphalo, okanye nengcinezelo] imihla elishumi. Zingqine uthembekile kude kuse ekufeni, mna ke ndokunika isithsaba sobomi.”—ISityhilelo 2:10.
21, 22. Kukwazi ntoni okunokusithuthuzela xa sijamelene nembandezelo?
21 Kule nkqubo yezinto ilawulwa nguSathana, indlela esinyamezela ngayo kunye nengqibelelo yethu ziza kuvavanywa. Sekunjalo, uYesu uyasiqinisekisa ukuba xa sicinga ngekamva, asinasizathu sakoyika. Eyona nto ibalulekileyo kukuba sizingqine sithembekile. UPawulos wathi: “Imbandezelo yeyokomzuzana,” kodwa lona “uzuko,” okanye umvuzo esiwuthenjiswa nguYehova ‘ugqwese ngakumbi nangakumbi yaye ungunaphakade.’ (2 Korinte 4:17, 18) Kwanembandezelo kaYobhi yayiyeyokomzuzwana xa ithelekiswa neminyaka emininzi yolonwabo ngaphambi nangasemva kokuba avavanywe.—Yobhi 42:16.
22 Sekunjalo, kusenokubakho amathuba axa izilingo esijamelene nazo zibonakala ngathi azipheli yaye asisakwazi ukunyamezela intlungu esikuyo. Kwinqaku elilandelayo, siza kuqwalasela izifundo ezingakumbi ezingokunyamezela esinokuzifumana koko kwenzeka kuYobhi. Kwakhona siza kubona iindlela esinokubomeleza ngazo abanye abasebunzimeni.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Yiyiphi imbambano ebalulekileyo eyaphakanyiswa nguSathana ngokuphathelele ingqibelelo kaYobhi?
• Kutheni singamele sothuswe ziinzingo esijamelana nazo?
• Ziziphi iindlela uYehova asinceda ngazo ukuze sinyamezele?
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Ukuphanda, ukuthetha namaKristu aqolileyo nokuthandaza ngokusuk’ entliziyweni kuya kusinceda sinyamezele