Ngaba Uyakhumbula?
Ngaba uye wakuvuyela ukufunda iiMboniselo zakutshanje? Ukuba kunjalo, khawubone ukuba unokuyiphendula kusini na le mibuzo ilandelayo:
• UYesu uya ‘kumhlangula njani lowo ulihlwempu’ njengokuba INdumiso 72:12 yaprofeta?
Xa kulawula uKristu emhlabeni, bonke abantu baya kwenzelwa okusesikweni. Abayi kubakho abantu abonakeleyo. Ubuhlwempu obuninzi ehlabathini bubangelwa yimfazwe, kodwa uKristu uya kuzisa uxolo ngokupheleleyo kulo mhlaba. Unovelwano ngabantu, uya kubenza bamanyane bonke yaye uya kuqiniseka ukuba banokutya okwaneleyo. (INdumiso 72:4-16)—5/1, iphepha 7.
• Thina njengamaKristu sinokuyibonakalisa njani “inkululeko yokuthetha”? (1 Timoti 3:13; Filemon 8; Hebhere 4:16)
Sinokukwenjenjalo ngokuthi ngenzondelelo sishumayela kwabanye ngenkalipho, ngokufundisa, ngokudlulisela isiluleko esiluncedo ngokukhawuleza nangokuzityand’ igila kuThixo ngomthandazo sinentembelo yokuba uyayiva imithandazo yethu yaye uya kuyiphendula.—5/15, iphepha 14-16.
• Kwakutheni ukuze iintlobano zesini ezithile zokwemvelo kuthiwe zimenza ubani abe “ngongahlambulukanga” kuMthetho kaMoses?
Imithetho ephathelele ukungahlambuluki okubangelwa kukuphuma amadlozi, kukuba sexesheni nakukuzalwa komntwana yayikhuthaza ukuba ahlale esempilweni, ibethelela ubungcwele begazi nemfuneko yokucanyagushelwa kwezono.—6/1, iphepha 31.
• Ukuba umntu ufuna ukonwaba, kutheni kusenokuba luncedo ukuhlolisisa incwadi yeeNdumiso?
Ababhali beeNdumiso babeqinisekile ukuba ulonwabo lufumaneka ngokuba nolwalamano oluhle noThixo. (INdumiso 112:1) Ulonwabo olubangelwa lulwalamano esinalo nabanye, kukuba nezinto eziphathekayo nokufeza okuthile, alunakuthelekiswa nolokuba ngomnye ‘wabantu abaThixo wabo unguYehova.’ (INdumiso 144:15)—6/15, iphepha 12.
• Luluphi ulwalamano olukhethekileyo amaSirayeli amandulo awayenalo noYehova?
Ngowe-1513 B.C.E., uYehova wakha ulwalamano olutsha namaSirayeli, enza umnqophiso kunye naye. (Eksodus 19:5, 6; 24:7) Emva koko, amaSirayeli azalwa njengohlanga lukaThixo olunyuliweyo oluzinikele kuye. Sekunjalo, mntu ngamnye wayefanele azenzele isigqibo sokukhonza uThixo.—iphepha 21-2.
• Kutheni sifanele senze zonke izinto “ngaphandle kokumbombozela”? (Filipi 2:14)
Inkoliso yemizekelo eseZibhalweni ibonisa ukuba ukumbombozela kuye kwaba yingozi kubantu bakaThixo. Kuhle ukuba sicinge nzulu ngobungozi bako nakuthi namhlanje. Abantu abangafezekanga bathanda ukukhalaza, sifanele siwulumkele lo moya size siwuphephe.—7/15, iphepha 16-17.
• Sazi njani ukuba ubulumko ekuthethwa ngabo kwiMizekeliso 8:22-31 abulophawu nje lobulumko?
Ubulumko ekuthethwa ngabo apha “baveliswa,” okanye badalwa njengentlahlela yendlela kaYehova. UThixo ebesoloko ekho yaye enobulumko. Ubulumko bakhe abuzange budalwe. Ubulumko beMizekeliso 8:22-31 babusecaleni kwakhe “njengomsebenzi onobuchule.” Oko kubhekisela kwisidalwa somoya esinguYesu owayesebenza ngokusondeleyo noThixo ekudaleni. (Kolose 1:17; ISityhilelo 3:14)—8/1, iphepha 31.