Unqulo—Yintoni Olulunge Ngayo?
“AKUYOMFUNEKO ukuba ndide ndinqule ukuze ndibe ngumntu olungileyo!” Le yindlela abavakalelwa ngayo abantu abaninzi. Abantu abaninzi abanyanisekileyo, abanovelwano, nabanokuthenjwa abanamdla kwaphela elunqulweni. Ngokomzekelo, bambalwa gqitha abantu abahamba icawa eNtshona Yurophu, nakuba inkoliso yabo isithi iyakholelwa kuThixo.a NakwiLatin America, ngamaKatolika ali-15 ukusa kuma-20 ekhulwini kuphela aya rhoqo ecaweni.
Njengabo, mhlawumbi nawe uvakalelwa kukuba ukunqula akunanto yakwenza nokulunga kwabantu. Noko ke, kusenokwenzeka ukuba uyazi ukuba kumashumi eminyaka edluleyo, ngemihla yooyihlo omkhulu noonyoko omkhulu inkoliso yabantu yayiluthanda unqulo kunokuba kunjalo namhlanje. Kwathini ukuze abantu bayeke ukuthanda unqulo? Ngaba umntu unako ukulunga ngoxa enganquli? Ngaba lukho unqulo olunokukunceda?
Kutheni Abantu Abaninzi Belugatya Nje Unqulo
Kangangeenkulungwane, inkoliso yabantu abakwiNgqobhoko yayikholelwa ukuba uThixo ufuna ukuthotyelwa. Yayisiya ecaweni ngenjongo yokukholisa uThixo, ithobela umfundisi okanye izinto ezithethwa ngumshumayeli. Kakade ke, abaninzi babekwazi kakuhle ukuhanahanisa kwabantu bonqulo. Babesazi ukuba unqulo ludlala indima ephambili emfazweni, yaye abanye abefundisi baxhaphaza abantu ngokwesini. Kodwa inkoliso yabo yayivakalelwa ukuba lona unqulo ngokwalo lulungile. Abanye babethanda nje ukuba nento abayihlonelayo, isithethe neengoma zalo; bambi beqhutywa kukoyikiswa ngesihogo somlilo kanaphakade, mfundiso leyo ingekhoyo kwiZibhalo. Kamva, yatshintsha indlela abantu abaninzi abalujonga ngayo unqulo.
Kwaxhaphaka imfundiso yendaleko. Abanye baye bakholelwa ukuba ubomi bazivelela kungekhona ngokudalwa nguThixo. Iicawa ezininzi zasilela ukunikela ubungqina bokuba nguThixo uMthombo wobomi. (INdumiso 36:9) Ibe njengoko abantu behambela phambili ebugciseni nasekwenzeni amayeza, izinto zokuhamba nonxibelelwano, baye bacinga ukuba inzululwazi inokucombulula naziphi na iingxaki. Enye into, abantu babevakalelwa kukuba iingcali zentlalo nezengqondo ziluncedo ngakumbi kunecawa. Neecawa kwelazo icala zasilela ukungqina phandle ukuba ukuphila ngemithetho kaThixo yeyona ndlela ibhetele ebomini.—Yakobi 1:25.
Kwathi kwakuba nje iicawa zatshintsha isigidimi sazo. Abefundisi nabashumayeli bayeka ukufundisa ukuba uThixo ufuna ukuthotyelwa. Abaninzi bafundisa ukuba mntu ngamnye umele azenzele isigqibo ngoko kulungileyo nokubi. Zifuna ukuthandwa ngabantu, ezinye iinkokeli zonqulo zathi uThixo wamkela wonk’ umntu nokuba uphila njani. Ezo mfundiso zisikhumbuza oko kwaxelwa kwangaphambili yiBhayibhile isithi: “Kuya kubakho ixesha laxa bengayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo, kodwa basuke ngokweminqweno yabo baziqwebele abafundisi bokubanyumbaza iindlebe.”—2 Timoti 4:3.
Kunokuba itsale abantu, loo mfundiso yabenza bayishiya icawa. Ngokwemvelo babezibuza: ‘Ukuba iicawa aziqiniseki ngamandla kaThixo okudala nobulumko bakhe bokumisela imithetho, ndisafuna ntoni ke mna ecaweni? Kutheni ndizikhathaza ngokufundisa abantwana bam ngonqulo?’ Abo babezama ukuphila ubomi obufanelekileyo baqalisa ukulujonga njengento engabalulekanga unqulo. Bazishiya iicawa, baza balibala ngonqulo. Zabhidana phi bethu iikomityi? IBhayibhile isinika isizathu esivakalayo.
Unqulo Luye Lwasetyenziselwa Ukuphumeza Iinjongo Ezingendawo
Umpostile uPawulos walumkisa amaKristu enkulungwane yokuqala ukuba abathile babeza kusebenzisa ubuKristu ukuphumeza iinjongo zabo ezingendawo. Wathi: “Kuya kungena iingcuka ezicinezelayo phakathi kwenu yaye aziyi kuwuphatha ngemfesane umhlambi, kwaye phakathi kwenu kuya kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo ukuze abatsale abafundi emva kwawo.” (IZenzo 20:29, 30) Omnye wabo babethetha “izinto ezijijekileyo” ngumfundi wezakwalizwi owayengumRoma Katolika uAugustine. UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba beyisele abantu ngokuqiqa nabo ngeZibhalo. Kodwa yena uAugustine wayijija intsingiselo yamazwi kaYesu akuLuka 14:23 athi, “Ubanyanzele ukuba bangene,” wayenza yathetha ukuba kwakulungile ukutyhala abantu ngesixhanti ukuze baguquke. (Mateyu 28:19, 20; IZenzo 28:23, 24) UAugustine wasebenzisa unqulo ukuze alawule ubomi babantu.
USathana, ingelosi enemvukelo nguye oququzelela ukusetyenziswa kakubi nokonakaliswa konqulo. Waphembelela abanquli benkulungwane yokuqala ukuba bonakalise amabandla obuKristu. Ithetha ngabo iBhayibhile ithi: “Abanjalo ngabapostile bobuxoki, abasebenzi benkohliso, bezimilisa okwabapostile bakaKristu. Yaye akumangalisi oko, kuba noSathana ngokwakhe uzimilisa okwengelosi yokukhanya. Ngoko ke akunto inkulu ukuba nabalungiseleli bakhe bazimilise okwabalungiseleli bobulungisa.”—2 Korinte 11:13-15.
Nangoku uSathana usasebenzisa abantu bonqulo abazenza amaKristu, abahlonelwayo nabakhanyiselweyo ukwenza abantu baphile ngemilinganiselo yakhe kunaleyo kaThixo. (Luka 4:5-7) Usenokuba uye wabona indlela abefundisi abaninzi namhlanje abasebenzisa ngayo unqulo, bezenza oothile ngezibizo eziphezulu ukuze bafumane imali kwimihlambi yabo. Noorhulumente basebenzisa unqulo ukukhuthaza abantu baye emfazweni.
UMtyholi ulusebenzisa gqitha unqulo kunokuba abaninzi becinga. Usenokucinga ukuba ligcuntswana loophuma-silwe bonqulo elisetyenziswa nguSathana. Kodwa iBhayibhile ithi, ‘lowo ubizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.’ IBhayibhile iphinda ithi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (ISityhilelo 12:9; 1 Yohane 5:19) UThixo uvakalelwa njani ngonqulo olusetyenziswa ziinkokeli zalo nezopolitiko ukutsala abantu balandele zona?
‘Ibaluleke Ngantoni Kum?’
Ukuba iyakothusa indlela eziziphethe ngayo ezinye iicawa zeNgqobhoko, yazi mhlophe ukuba uThixo uSomandla akholiswa zizo. INgqobhoko ithi yenze isivumelwano noThixo; njengokuba wayesitsho noSirayeli wamandulo. Yona naloo Sirayeli bazingqine bengathembekanga. Indlela uYehova awasigatya ngayo isizwe sikaSirayeli, iyafana nendlela egatywa ngayo iNgqobhoko namhlanje. UYehova wathi: “Asinikelanga ngqalelo kuwo amazwi am; nomthetho wam—sawugatya. Kubaluleke ngantoni na kum ukuzisa kwenu intlaka yokuqhumisa yaseShebha? . . . Nemibingelelo yenu ayindikholisi.” (Yeremiya 6:19, 20) UThixo akazange alwamkele unqulo lwabahanahanisi. Wayengenamdla kwaphela kwizenzo nemithandazo yabo. Wathi kuSirayeli: ‘Umphefumlo wam uwathiyile amaxesha enu emisitho. Aye aluxanduva kum; ndidiniwe kukuwathwala. Naxa nisolula izandla zenu, ndiyawafihla amehlo am kuni. Nakubeni nisenza imithandazo emininzi, andiphulaphulanga.’—Isaya 1:14, 15.
Ngaba uYehova uyakholiswa yimisitho ekuthiwa yeyobuKristu ziicawa, ngoxa imvelaphi yayo iyeyokuzukisa oothixo bobuxoki? Ngaba uyayiphulaphula imithandazo yabefundisi abonakalisa iimfundiso zikaKristu? Ngaba uThixo uyalwamkela unqulo olugatya umthetho wakhe? Unokuqiniseka ukuba indlela ayijonga ngayo imisitho yeecawa namhlanje iyafana naleyo wayeyijonga ngayo imibingelelo kaSirayeli wamandulo, awathi ngayo: ‘Ibaluleke ngantoni kum?’
Noko ke, uYehova uyakufuna ukunqulwa ngokwenyaniso ngabantu abanyanisekileyo. UThixo uyakholiswa xa abantu beyixabisa yonk’ into abenzela yona. (Malaki 3:16, 17) Ngaba unako ke umntu ukuba ngolungileyo ngoxa engamkhonzi uThixo? Ngaba umntu ongabenzeli nto abazali bakhe abathandayo unako na ukuzithethelela ngokuba ulungile? Ngaba yena umntu ongamenzeli nto uThixo kunokutshiwo ukuba ulungile? Isengqiqweni into yokuba sibe nomdla kuThixo oyinyaniso ongumthombo wobomi. Kwinqaku elilandelayo, siza kubona indlela unqulo lokwenyaniso olungapheleli nje ekuzukiseni uThixo kodwa nendlela olusinceda ngayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a ‘Kwiminyaka ye-1960 abantu bayeka ukuthanda unqulo kumazwe amaninzi.’—The Decline of Christendom in Western Europe, 1750-2000.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Ngaba iicawa ziye zangqina phandle ukuba nguThixo owadala zonke izinto?
[Umfanekiso okwiphepha 4, 5]
Ngaba umntu omela uThixo unokubandakanyeka kwisenzo esinje?
[Umfanekiso okwiphepha 5]
UThixo uwujonga njani lo msitho?
[Inkcazelo]
AP Photo/Georgy Abdaladze