Ngaba Ibalulekile Into Yokuba Uhamba Yiphi Inkonzo?
INKOLISO yethu ithanda ukuya kuthenga kwindawo enezinto ezininzi ezahlukahlukeneyo esinokukhetha kuzo. Xa ivenkile ineentlobo ntlobo zeziqhamo nemifuno, sinokukhetha ezona sizithandayo nezilungele intsapho yethu. Ukuba ivenkile ithengisa iimpahla ezahlukeneyo nezimibalabala, sinokukhetha leyo isifanelayo. Ezinye izinto esizikhethayo ebomini zibonisa nje oko ubani akuthandayo. Noko ke, ezinye zichaphazela impilo-ntle yethu, ngokomzekelo, ukutya okusempilweni esikukhethayo okanye abahlobo abalumkileyo. Kuthekani ke ngonqulo esilukhethayo? Ngaba unqulo lwethu sifanele silukhethe kuba nje siluthanda? Okanye ngaba luyichaphazela ngokunzulu impilo-ntle yethu?
Kukho iicawa ezininzi ezahlukeneyo esinokukhetha kuzo. Amazwe amaninzi ngoku anenkululeko yonqulo, ibe abantu baziva bekhululeke ngakumbi ukushiya iicawa zabazali babo. Kuhlolisiso olwenziwa eUnited States kwafunyaniswa ukuba abantu baseMerika abangama-80 ekhulwini “bakholelwa ukuba asilonqulo lunye olukhokelela elusindisweni.” Ngokutsho kolu hlolisiso, “umntu omnye kwabahlanu uye watshintsha unqulo lwakhe akuba mdala.” Uhlolisiso olwenziwa eBrazil lwatyhila ukuba abantu balapho abamalunga nama-25 ekhulwini baye batshintsha unqulo lwabo.
Ngaphambili, abantu babexhaph’ amagwebu beshukuxa iimfundiso ezahlula unqulo kolunye. Ngoku imbono exhaphakileyo yile, ‘Akunamsebenzi enoba ukhetha luphi unqulo.’ Kodwa ngaba kunjalo? Ngaba ibalulekile into yokuba uhamba yiphi inkonzo?
Kanye njengokuba abathengi abalumkileyo bebuza ngemvelaphi yento ethengiswayo, ngoko kuya kuba bubulumko ukubuza, ‘Zabakho njani zonke ezi nkonzo zahlukeneyo ibe sasiyintoni isizathu?’ IBhayibhile iyaphendula.
Zabakho Njani Iinkonzo?
KwaSirayeli mandulo, uKumkani uYerobhoham waqalisa unqulo olutsha phantse kwiminyaka eliwaka ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni. UYerobhoham wayengukumkani wokuqala wobukumkani basentla bakwaSirayeli obuzimeleyo. Wayenomsebenzi omkhulu wokuzigayela abantu. “Ukumkani waceba waza wenza amathole amabini enkomo ngegolide waza wathi ebantwini: ‘Yinkxamleko ukuba niye eYerusalem. Nanku uThixo wakho, Sirayeli.’” (1 Kumkani 12:28) Kucacile ukuba, lo kumkani wayefuna ukusebenzisa unqulo ukuyekisa abantu ukuya eYerusalem, apho babeqhele ukunqula khona. Unqulo olwaqaliswa nguYerobhoham lwahlala iinkulungwane laza lazisela intlekele izigidi xa ekugqibeleni uThixo wagweba uhlanga lakwaSirayeli oluwexukileyo. Eyona nto uYerobhoham wayephezu kwayo ngolu nqulo yayikukufumana igunya kwezopolitiko. Iinkonzo ezithile zeSizwe ezisekho nanamhlanje zaqala ngendlela efanayo, ukuzama ukufumana isikhundla kwezopolitiko.
Umpostile uPawulos watyhila enye injongo abantu abanayo ngokuseka unqulo olutsha xa wathi: “Ndiyazi ukuba emva kokumka kwam kuya kungena iingcuka ezicinezelayo phakathi kwenu yaye aziyi kuwuphatha ngemfesane umhlambi, kwaye phakathi kwenu kuya kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo ukuze abatsale abafundi emva kwawo.” (IZenzo 20:29, 30) Inkokeli ezinekratshi zidla ngokuseka unqulo kuba zifuna kunikelwe ingqalelo kuzo. Iicawa ezithi zezobuKristu zixoka ziye zaqhekeka ngenxa yomsantsa obangelwa zizinto ezininzi.
Iinkonzo Zifuna Ukukholisa Bani?
Ngenxa yokufuna ukwenza izinto ezifunwa ngabantu oko kunokwenza abanye baseke unqulo olutsha. Ngokomzekelo, iphephancwadi iEconomist lathetha ngeecawa ekuthiwa zezona zinkulu eUnited States. Eli nqaku lathi ezi cawa ziyakhula kuba “zisekelwe kumgaqo wamashishini onke aphumelelayo, othi: yenza oko kufunwa ngumthengi, ngoko nazo zikholisa amalungu azo.” Ezinye ziqhuba “inkonzo ngokudlala iividiyo, idrama nomculo wezi mini.” Ezinye iinkokeli zezi cawa zithi zifundisa amalungu azo ukuba “zizityebi, ukuba sempilweni nokuphila ubomi obungenazingxaki.” Eli phephancwadi likwathi nangona ezo cawa zigxekwa ngokuthi eyona nto iphambili kukonwabisa abantu okanye “ukunikela amacebiso, zenza kanye oko kufunwa ngamalungu azo.” Le ngxelo iqukumbela ngelithi: “Ukudibanisa ezoshishino nonqulo kuye kwaphumelela ngendlela ebalaseleyo.”
Nangona ezinye iicawa zisenokuba azenzi izinto ngendlela yoshishino, iicawa ‘ezenza oko kufunwa ngamalungu azo’ zisikhumbuza isilumkiso sikaPawulos. Wathi: “Kuya kubakho ixesha laxa bengayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo, kodwa basuke ngokweminqweno yabo baziqwebele abafundisi bokubanyumbaza iindlebe; baya kuyifulathela inyaniso, baphambukele kumabali obuxoki.”—2 Timoti 4:3, 4.
Ekubeni iicawa ezininzi ziye zakho ngenxa yokufuna igunya kwezopolitiko, iwonga nodumo kunokuba zifuna ukukholisa uThixo, akumangalisi ke ngoko ukuba unqulo luthe zwabha kububi obufana nokuxhaphaza abantwana, ubuqhetseba, imfazwe okanye ubugrogrisi. Unqulo luzaliswe luhanahaniso. Unokukuphepha njani ukukhohliswa?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]
Iicawa ezininzi ziye zakho ngenxa yokufuna igunya kwezopolitiko, iwonga nodumo kunokuba zifuna ukukholisa uThixo