Inkalipho Eyomelezwa Luthando
“UThixo akasinikanga moya wabugwala, kodwa owamandla nowothando nowengqondo ephilileyo.”—2 TIMOTI 1:7.
1, 2. (a) Uthando lunokubangela ukuba umntu enze ntoni? (b) Yintoni eyenza inkalipho kaYesu ibe yekhethekileyo?
ISIBINI esasisandul’ ukuzimanya sasiqubha kunxweme olukwimpuma yeOstreliya. Kwathi kanye xa siza kuvela ngaphezulu emanzini kwegqi ukrebe omkhulu usiza kuhlasela inkosikazi. Indoda yenza isenzo sobugorha yatyhalela inkosikazi yayo bucala ukuze loo krebe utye yona. Kwinkonzo yomngcwabo, lo mhlolokazi wathi: “Uncame ubomi bakhe ukuze asindise mna.”
2 Ewe, uthando lunokwenza abantu babe nenkalipho engathethekiyo. UYesu Kristu wathi: “Akukho bani unothando olukhulu kunolu, lokuba uthile anikezele umphefumlo wakhe ngenxa yabahlobo bakhe.” (Yohane 15:13) Kungedlulanga neeyure ezingama-24 emva kokuba etsho loo mazwi, wanikela ngobomi bakhe, kodwa kungekhona ngenxa yomntu omnye kodwa ngenxa yoluntu lonke. (Mateyu 20:28) Ngaphezulu, uYesu akazange anikele ngobomi bakhe kuba eqhutywa ziimvakalelo. Wayesazi kwangaphambili ukuba wayeza kugculelwa, aphathwe kakubi, agwetywe ngokungekho sikweni aze abulawe kwisibonda sentuthumbo. Wade wachazela nabafundi bakhe ngoko esithi: “Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem, yaye uNyana womntu uya kunikelwa kubabingeleli abaziintloko nakubabhali, bamgwebele isohlwayo sokufa baze bamnikele kubantu beentlanga, yaye baya kuhlekisa ngaye, bamtshicele, bamtyakatye baze bambulale.”—Marko 10:33, 34.
3. Yintoni eyabangela ukuba uYesu abe nenkalipho ekhethekileyo?
3 Yintoni eyabangela ukuba uYesu abe nenkalipho ngokukhethekileyo? Ukholo nokoyika kwakhe uThixo kwaba nendima enkulu. (Hebhere 5:7; 12:2) Noko ke, ubukhulu becala inkalipho yakhe yabangelwa kukuthanda kwakhe uThixo nabantu. (1 Yohane 3:16) Ukuba sihlakulela olo thando phezu kokholo nokoyika kwethu uThixo, nathi siya kuba nenkalipho efana nekaKristu. (Efese 5:2) Sinokuluhlakulela njani olo thando? Kufuneka sazi uMthombo walo.
“Uthando Luvela KuThixo”
4. Kutshiwo njani ukuba uYehova unguMthombo wothando?
4 UYehova usisimntwiso sothando noMthombo walo. Umpostile uYohane wabhala wathi: “Zintanda, masiqhubeke sithandana, ngenxa yokuba uthando luvela kuThixo, yaye bonke abanothando bazelwe nguThixo, kwaye bayamazi uThixo. Lowo ungenaluthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:7, 8) Ngoko, umntu unokuba nothando olufana nolukaThixo kuphela xa esondela kuYehova ngokufumana ulwazi oluchanileyo aze aphile ngokuvisisana nalo ngentliziyo yakhe yonke.—Filipi 1:9; Yakobi 4:8; 1 Yohane 5:3.
5, 6. Yintoni eyanceda abafundi bakaYesu baba nothando olufana nolukaKristu?
5 Kumthandazo wakhe wokugqibela nabapostile abathembekileyo abali-11, uYesu wabonisa indlela ekudibana ngayo ukwazi uThixo nokukhula eluthandweni, esithi: “Ndilazisile igama lakho kubo yaye ndiza kulazisa, ukuze uthando owandithanda ngalo lube kubo ndize nam ndimanyane nabo.” (Yohane 17:26) UYesu wanceda abafundi bakhe bahlakulela uthando analo yena noYise, ebabonisa ngamazwi nezenzo oko kumelwa ligama likaThixo—iimpawu zakhe ezintle. Ngenxa yoko uYesu wayenokuthi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo.”—Yohane 14:9, 10; 17:8.
6 Uthando olufana nolukaKristu lusisiqhamo somoya kaThixo. (Galati 5:22) Xa amaKristu enkulungwane yokuqala amkela umoya oyingcwele owawuthenjisiwe ngePentekoste yowama-33 C.E., akazange anele ukukhumbula izinto ezininzi awayewafundise zona uYesu, kodwa ayiqonda ngakumbi nentsingiselo yeZibhalo. Kuyacaca ukuba oku kuyiqonda kakuhle kwawenza amthanda ngakumbi uThixo. (Yohane 14:26; 15:26) Waba yintoni umphumo woko? Kwanaxa ubomi bawo babusesichengeni, ashumayela iindaba ezilungileyo ngenkalipho nenzondelelo.—IZenzo 5:28, 29.
Ukubonakalisa Uthando Nenkalipho
7. Yintoni ekwafuneka bayinyamezele uPawulos noBharnabhas kukhenketho lwabo lobuvangeli basemazweni?
7 Umpostile uPawulos wabhala wathi: “UThixo akasinikanga moya wabugwala, kodwa owamandla nowothando nowengqondo ephilileyo.” (2 Timoti 1:7) UPawulos wayethetha ngokusuka kumava akhe. Qwalasela oko batyhubela kuko yena noBharnabhas kuhambo lwabo lobuvangeli basemazweni. Bashumayela kwizixeko eziliqela, kuquka iAntiyokwe, i-Ikoniyo neListra. Kwisixeko ngasinye, kwabakho abantu ababa ngamakholwa, kodwa abanye bechasa. (IZenzo 13:2, 14, 45, 50; 14:1, 5) EListra isihlwele esinomsindo sade samxuluba ngamatye uPawulos, samshiya sicinga ukuba ufile! “Noko ke, wathi akungqongwa ngabafundi, wavuka wangena esixekweni. Kwimini elandelayo wemka noBharnabhas baya eDerbhe.”—IZenzo 14:6, 19, 20.
8. Inkalipho kaPawulos noBharnabhas yabonisa njani ukuba babebathanda abantu?
8 Ngaba ilinge lokubulawa kukaPawulos labenza bayeka ukushumayela yena noBharnabhas? Nakanye! Emva ‘kokwenza abafundi abaliqela eDerbhe, babuyela eListra naseIkoniyo nakwa-Antiyokwe.’ Babesiya kwenzani apho? Ukuze bakhuthaze abatsha bahlale bomelele elukholweni. Bathi: “Simele singene ebukumkanini bukaThixo ngokuphumela kwiimbandezelo ezininzi.” Kucacile ukuba inkalipho yabo yayibangelwa kukuthanda ‘amatakane ezimvu’ zikaKristu. (IZenzo 14:21-23; Yohane 21:15-17) Emva kokumisela abadala kwibandla ngalinye elitsha, aba bazalwana babini babathandazela ‘babanikela kuYehova ababengamakholwa kuye.’
9. Basabela njani abadala base-Efese kuthando olwaboniswa nguPawulos kubo?
9 UPawulos wayenothando nenkalipho kangangokuba amaKristu amaninzi enkulungwane yokuqala ayemthanda gqitha. Khumbula oko kwenzeka kwintlanganiso yakhe nabadala base-Efese, apho wahlala khona iminyaka emithathu echaswa. (IZenzo 20:17-31) Emva kokubakhuthaza ukuba baluse umhlambi kaThixo ababewuphathisiwe, waguqa ngamadolo wathandaza kunye nabo. Emva koko, “balila kakhulu bonke, yaye bawela entanyeni kaPawulos baza bamanga, ngenxa yokuba babenziwe buhlungu ngokukodwa lilizwi awayelithethile lokuthi babengasayi kububona ubuso bakhe.” Aba bazalwana babemthanda ngokwenene uPawulos! Xa kwafika ixesha lokuba uPawulos kunye nabo wayehamba nabo ‘bahlukane,’ abadala base-Efese babengafuni kwahlukana nabo.—IZenzo 20:36–21:1.
10. AmaNgqina kaYehova anamhlanje aye ayibonisa njani inkalipho yothando?
10 Namhlanje abaveleli abahambahambayo, abadala bamabandla bathandwa gqitha ngenxa yenkalipho abayibonisayo ngenxa yomhlambi kaYehova. Ngokomzekelo, kumazwe agquba imfazwe yamakhaya okanye ovaliweyo kuwo umsebenzi wokushumayela, abaveleli abahambahambayo nabafazi babo baye babeka ubomi nenkululeko yabo esichengeni ukuze batyelele amabandla. Ngokufanayo, amaNgqina amaninzi aye angcungcuthekiswa ngabalawuli abachasayo nangamahlakani abo kuba engafuni ukungcatsha amanye amaNgqina okanye achaze indawo akufumana kuyo ukutya kokomoya. Amawaka aye atshutshiswa, angcunguthekiswa de abulawa kuba engayeki ukushumayela iindaba ezilungileyo okanye ukunxulumana namanye amakholwa kwiintlanganiso zamaKristu. (IZenzo 5:28, 29; Hebhere 10:24, 25) Ngamana singaxelisa ukholo nothando lwaba bazalwana noodade bakhaliphileyo!—1 Tesalonika 1:6.
Ungaluvumeli Luphole Uthando Lwakho
11. Ziziphi iindlela alwa ngazo uSathana nabakhonzi bakaYehova, kwaye kufuneka benze ntoni bona?
11 Xa uSathana waphoswa emhlabeni, wayezimisele ukukhuphela umsindo wakhe kubakhonzi bakaYehova kuba ‘bagcina imiyalelo kaThixo kwaye bangqinela uYesu.’ (ISityhilelo 12:9, 17) Elinye lamaqhinga kaMtyholi yintshutshiso. Noko ke, kweli iqhinga isikhuni sidla ngokubuya nomkhwezeli, kuba libenza basondelelane ngakumbi abantu bakaThixo batsho bathandane baze babenenzondelelo ngakumbi. Elinye iqhinga lakhe kukurhwebesha inyama etyekele esonweni. Ukuxhathisa eli qhinga kufuna inkalipho eyahlukileyo kuba kufuneka umntu alwe nenyama yakhe, iminqweno emibi ephuma kwintliziyo yethu ‘enenkohliso netyhudisayo.’—Yeremiya 17:9; Yakobi 1:14, 15.
12. USathana uwusebenzisa njani “umoya wehlabathi” ukuze asenze singathandi ngokupheleleyo uThixo?
12 Esinye sezixhobo zikaSathana esinamandla—‘ngumoya wehlabathi,’ utyekelo lwalo okanye izinto elizikhuthazayo, ibe ezo zinto ziyangqubana nomoya oyingcwele kaThixo. (1 Korinte 2:12) Umoya wehlabathi ukhuthaza ukunyoluka nokuthanda izinto eziphathekayo—‘inkanuko yamehlo.’ (1 Yohane 2:16; 1 Timoti 6:9, 10) Nakuba kungaphosakelanga ukuba nezinto eziphathekayo nemali, kodwa ukuba sizithanda ngaphezu koThixo, sakuba soyisiwe nguSathana. Amandla, okanye “igunya,” lomoya wehlabathi libangelwa lutyekelo lwenyama enesono, iindledlana zawo ezichuliweyo, ukungayekeleli, nokutyhutyha kwawo njengomoya. Musa ukuvumela intliziyo yakho iphenjelelwe ngumoya wehlabathi!—Efese 2:2, 3; IMizekeliso 4:23.
13. Inokuvavanywa njani inkalipho yethu yokumela imilinganiselo emihle?
13 Noko ke, kufuneka sibe nenkalipho ukuze siziphathe kakuhle, sixhathise umoya ongendawo wehlabathi. Ngokomzekelo, kufuneka inkalipho ukuze ukwazi ukuphakama uhambe kwiholo yemiboniso okanye ucime ikhompyutha xa kuvela imifanekiso enamanyala. Kufuneka inkalipho ukuze uxhathise ingcinezelo yoontanga embi nokuyeka unxulumano olubi. Kukwafuna inkalipho ukumela imigaqo nemithetho kaThixo nakuba ugculelwa, enoba ngabantwana ofunda nabo, ngabantu osebenza nabo, ngabamelwane okanye zizalamane.—1 Korinte 15:33; 1 Yohane 5:19.
14. Simele senze ntoni ukuba siye saphenjelelwa ngumoya wehlabathi?
14 Ibaluleke gqitha ke, into yokuba sizabalazele ukumthanda ngakumbi uThixo nabazalwana noodade wethu bokomoya! Ziphe ixesha uhlolisise usukelo lwakho nendlela ophila ngayo ukuze ubone enoba awuphenjelelwanga ngumoya wehlabathi kusini na. Ukuba kunjalo—nokuba kukancinane nje—thandaza kuYehova ucele inkalipho yokuba uwusiphule neengcambu uze uwugcine ukude kuwe. UYehova akasayi kuzibetha ngoyaba izibongozo ezinyaniseke ngolo hlobo. (INdumiso 51:17) Ngapha koko, umoya wakhe unamandla gqitha kunomoya wehlabathi.—1 Yohane 4:4.
Ukuxhathisa Iimvavanyo Ngenkalipho
15, 16. Uthando olufana nolukaKristu lunokusinceda njani sihlangabezane neemvavanyo? Yenza umzekelo.
15 Ezinye iingxaki ekufuneka bahlangabezana nazo abakhonzi bakaYehova ziquka ukungafezeki nokwaluphala, zinto ezo ezidla ngokubangela izifo, ukuba ngumlwelwe, ukudandatheka nezinye iingxaki. (Roma 8:22) Uthando olufana nolukaKristu lunokusinceda sihlangabezane nezi mvamvanyo. Khawucinge ngomzekelo kaNamangolwa, owakhulela kwintsapho yamaKristu eZambia. Xa wayeneminyaka emibini ubudala waba ngumlwelwe. Uthi: “Ndandizoyikisela gqitha, ndicinga ukuba abantu baza kuphazamiseka yimbonakalo yam. Kodwa abazalwana bam bokomoya bandinceda ndazijonga ngenye indlela izinto. Ngenxa yoko, ndayeka ukuzoyikisela, kwaye ethubeni ndabhaptizwa.”
16 Nangona uNamangolwa enesitulo esinamavili, kuye kufuneke akhase xa ehamba kwindlela zomhlaba. Nakuba kunjalo, uba nguvulindlela ongumncedani ubuncinane iinyanga ezimbini ngonyaka. Elinye ibhinqa alizange likwazi ukuzibamba iinyembezi xa lalishunyayezwa nguNamangolwa. Lalililiswa yintoni? Lalichukunyiswe gqitha lukholo nenkalipho yakhe. Njengobungqina bentsikelelo kaYehova, izifundo zeBhayibhile zikaNamangolwa ezihlanu zibhaptiziwe, esinye sazo ngumdala webandla. Uthi: “Maxa wambi, imilenze yam iye iqaqambe, kodwa andizivumeli ukuba zindithintele ezo ntlungu.” Lo dade ngomnye kumaNgqina amaninzi ehlabathini abuthathaka enyameni kodwa anenkalipho ngenxa yokuba ethanda uThixo nommelwane. Hayi indlela abanqweneleka ngayo abantu abanjalo emehlweni kaYehova!—Hagayi 2:7.
17, 18. Yintoni enceda abaninzi banyamezele izigulo neemvavanyo? Chaza eminye imizekelo yasekuhlaleni.
17 Izigulo ezinganyangekiyo zinokusidimaza, de zisenze sidandatheke. Omnye umdala uthi: “Kwiqela lesifundo sencwadi endikulo, omnye udade unesifo seswekile nezintso, omnye ugula ngumhlaza, ababini banesifo samathambo omnye unesifo selupus, (ingxaki yolusu) nefibromyalgia (ukushwabana kwezihlunu). Maxa wambi bayadimazeka. Ukanti, iintlanganiso zibaphosa kuphela xa begula kakhulu okanye besesibhedlele. Bonke babakho rhoqo kwinkonzo yasentsimini. Bandikhumbuza uPawulos owathi: ‘Xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.’ Ndilothulel’ umnqwazi uthando nenkalipho yabo. Mhlawumbi imeko yabo ibenza bakwazi ukunikela ingqalelo kwizinto ezibalulekileyo ebomini.”—2 Korinte 12:10.
18 Ukuba unempilo enkenenkene, uyagula okanye unenye ingxaki, ‘thandaza ngokungapheziyo’ ucele uncedo ukuze ungabi lixhoba lokudimazeka. (1 Tesalonika 5:14, 17) Kakade ke, uza kuman’ uphazamiseka ngokweemvakalelo, kodwa zama ukunikela ingqalelo kwizinto ezikhuthazayo, kwizinto zokomoya, ngakumbi kwithemba loBukumkani. Omnye udade wathi: “Kum ubulungiseleli bulichiza.” Ukwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo kumnceda ahlale enethemba.
Uthando Lunceda Abenzi Bobubi Babuyele KuYehova
19, 20. (a) Yintoni enokunceda abo baye bawela esonweni baqwebe inkalipho yokubuyela kuYehova? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
19 Abantu ababuthathaka ngokomoya okanye abaye benza isono esinzulu bakufumanisa kunzima ukubuyela kuYehova. Kodwa baya kuba nenkalipho ukuba bayaguquka baze bavuselele indlela ababemthanda ngayo uThixo. Khawucinge ngoMario,a waseUnited States. UMario washiya ibandla lamaKristu, waza walikhoboka lotywala neziyobisi, emva kweminyaka engama-20 wabanjwa. Uthi: “Ndacingisisa nzulu ngekamva lam ndaza ndaqalisa ukufundisisa iBhayibhile kwakhona. Ethubeni ndaziqonda iimpawu zikaYehova, ngakumbi inceba yakhe, endandisoloko ndiyithandazela. Ukukhululwa kwam entolongweni, ndaziphepha izinxulumani zangaphambili, ndaya kwiintlanganiso zamaKristu ibe ekugqibeleni ndabuyiselwa ebandleni. Nangona ndibuyiselwe emzimbeni ndisavuna oko ndandikuhlwayela, kodwa ngoku ndinethemba elingummangaliso. Ndiswele amazwi okumbulela uYehova ngemfesane nokundixolela kwakhe.”—INdumiso 103:9-13; 130:3, 4; Galati 6:7, 8.
20 Kakade ke, abo bakwimeko efana nekaMario bafanele balwe nzima ukuze babuyele kuYehova. Kodwa uthando lwabo oluvuselelweyo—ngenxa yesifundo seBhayibhile, ukuthandaza nokucamngca—luya kubenza babe nenkalipho yaye bazimisele. UMario womelezwa nalithemba loBukumkani. Ewe, njengothando, ukholo nokoyika uThixo, ithemba linokusinceda ebomini. Kwinqaku elilandalayo, siza kuxubusha ngesi sipho sokomoya sixabisekileyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama lakhe litshintshiwe.
Ngaba Unokuphendula?
• Uthando lwaba nayiphi indima kwinkalipho kaYesu ebalaseleyo?
• Ukuthanda abazalwana kwabanceda njani uPawulos noBharnabhas baba nenkalipho?
• Ngawaphi amaqhinga asetyenziswa nguSathana ukuze aphelise uthando lwamaKristu?
• Ukuthanda uYehova kunokusinika inkalipho yokunyamezela ziphi iimvavanyo?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ukuthanda kukaPawulos abantu kwamnceda wanyamezela
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Kufuneka ube nesibindi ukuze ubambelele kwimilinganiselo kaThixo
[Umfanekiso okwiphepha 24]
UNamangolwa Sututu