IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w12 2/15 iphe. 10-14
  • “Yiba Nesibindi Womelele Kakhulu”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Yiba Nesibindi Womelele Kakhulu”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • AMANGQINA ANESIBINDI KWIHLABATHI ELINGENABUTHIXO
  • BABONISA UKHOLO NENKALIPHO
  • AMABHINQA AKHALIPHILEYO EMA EQINILE
  • AMAZWI ETHU ANOKUKHUTHAZA INKALIPHO
  • UESTERE—UKUMKANIKAZI ONESIBINDI
  • “YOMELELA”
  • “YOMELELA KAKHULU!”
  • Hamba Ngeendlela ZikaYehova Ngenkalipho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Khalipha!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • “Yiba Nesibindi . . . Uze Uthabathe Inyathelo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • Yiba Nesibindi—UYehova Unawe!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
w12 2/15 iphe. 10-14

“Yiba Nesibindi Womelele Kakhulu”

“Yiba nesibindi womelele kakhulu . . . uYehova uThixo wakho unawe.”—YOSH. 1:7-9.

UBUYA KUPHENDULA UTHINI?

Ziziphi iindlela awathi uEnoki noNowa babonisa ngazo inkalipho?

Amanye amabhinqa amaxesha amandulo aba ngumzekelo njani ekuboniseni ukholo nenkalipho?

Yiyiphi imizekelo yabaselula ekuchukumisayo?

1, 2. (a) Yintoni eye ifuneke maxa wambi ukuze senze izinto ngendlela efanelekileyo? (b) Yintoni esiza kuyihlolisisa?

UKUBA nesibindi kusisichasi sokoyika, ukungazithembi nokuba ligwala. Sisenokucinga ukuba umntu onesibindi ngumntu onamandla, oligorha nokhaliphileyo. Noko ke, maxa wambi kuye kufuneke sizole nangona sikhaliphile ukuze senze izinto ngendlela efanelekileyo kubomi bemihla ngemihla.

2 Abanye abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni babengoyiki nto nakwezona meko zakha zanzima. Abanye baye babonisa inkalipho nakwiimeko eziqhelekileyo kubakhonzi bakaYehova. Yintoni esinokuyifunda kwimizekelo eseBhayibhileni yabantu ababonisa inkalipho? Singasibonisa njani isibindi?

AMANGQINA ANESIBINDI KWIHLABATHI ELINGENABUTHIXO

3. Waprofeta wathini uEnoki ngabantu abangenabuthixo?

3 Kwakufuneka umntu abe nenkalipho ukuze abe lingqina likaYehova phakathi kwabantu abangendawo ababephila emhlabeni ngaphambi koMkhukula womhla kaNowa. Sekunjalo, uEnoki “ongowesixhenxe ukususela kuAdam,” wasivakalisa ngenkalipho esi siprofeto: “Khangela! UYehova weza enamashumi amawaka akhe angcwele ukuza kuphumeza umgwebo nxamnye nabo bonke, nokuza kubafumanisa benetyala bonke abangenabuthixo ngokuphathelele zonke izenzo zabo ezingezozabuthixo abazenzayo ngendlela engeyoyabuthixo, nangokuphathelele zonke izinto ezothusayo aboni abangenabuthixo abazithetha nxamnye naye.” (Yude 14, 15) UEnoki wathetha ngokungathi sidlulile esi siprofeto kuba wayeqinisekile ukuba siza kuzaliseka. Yaye abantu abangenabuthixo batshatyalaliswa ngunogumbe owawusehlabathini lonke!

4. Kuphantsi kwaziphi iimeko awathi uNowa “wahamba noThixo”?

4 UMkhukula wabakho ngowama-2370 B.C.E., ngaphezu kweminyaka engama-650 emva kobulungiseleli bukaEnoki bokuvakalisa isiprofeto. Kwangelo xesha, kwazalwa uNowa, waba nentsapho waza ekunye noonyana bakhe bakha umkhombe. Iingelosi ezingendawo zazambathisa imizimba yenyama, zaba neentlobano zesini namabhinqa amahle aza azizalela iiNefili. Ngaphezu koko, ububi babantu banda emhlabeni yaye umhlaba wazaliswa lugonyamelo. (Gen. 6:1-5, 9, 11) Nakuba kwakunjalo, “uNowa wahamba noThixo oyinyaniso” yaye wanikela ubungqina ngenkalipho ‘njengomshumayeli wobulungisa.’ (Funda eyesi-2 kaPetros 2:4, 5.) Nathi kufuneka sikhaliphe kule mihla yokugqibela.

BABONISA UKHOLO NENKALIPHO

5. UMoses walubonisa njani ukholo nenkalipho?

5 UMoses wayengumzekelo wokuba nokholo nenkalipho. (Heb. 11:24-27) Ukususela ngowe-1513 ukuya kutsho ngowe-1473 B.C.E., uThixo wamsebenzisa ekukhokeleni amaSirayeli ukuba aphume eYiputa aye entlango. UMoses wavakalelwa kukuba wayengasixhobelanga kwaphela esi sabelo kodwa wasamkela. (Eks. 6:12) Yena nomntakwabo uAron, bavela izihlandlo eziphindaphindiweyo phambi koFaro okhohlakeleyo waseYiputa yaye ngesibindi bavakalisa iZibetho Ezilishumi ezingokuhlazisa kukaYehova izithixo zaseYiputa nangokukhulula abantu Bakhe. (Eks., isahlu. 7 ukusa kwese-12) Njengokuba sisenza nathi, uMoses wabonisa ukholo nenkalipho ngenxa yokuba wayexhaswa nguThixo ngokupheleleyo.—Dut. 33:27.

6. Ukuba siyancinwa ngabasemagunyeni, sinokubunikela njani ubungqina ngenkalipho?

6 Kufuneka sibe nenkalipho njengoMoses, kuba uYesu wathi: “Niya kurholelwa phambi kweerhuluneli nookumkani ngenxa yam, ukuze kube bubungqina kubo nakwiintlanga. Noko ke, xa beninikela, ningaxhaleli ukuba niya kuthetha njani na okanye ntoni na; kuba niya kuyinikwa ngelo lixa into eniya kuyithetha; kuba asinini abathethayo, kodwa ngumoya kaYihlo othetha ngani.” (Mat. 10:18-20) Ukuba siyancinwa ngabasemagunyeni, umoya kaYehova uya kusenza sinikele ubungqina ngentlonelo sinokholo nenkalipho.—Funda uLuka 12:11, 12.

7. Kwakutheni ukuze uYoshuwa abe nesibindi aze aphumelele?

7 Ukufunda rhoqo uMthetho kaThixo kwakha ukholo nenkalipho kaYoshuwa owangena ezihlangwini zikaMoses. Ngowe-1473 B.C.E., uSirayeli wayelindele ukungena kwiLizwe Lesithembiso. UThixo wayalela esithi: “Yiba nesibindi womelele kakhulu.” Ngokuthobela kwakhe uMthetho, uYoshuwa wayeza kwenza izinto ngobulumko yaye wayeza kuphumelela. Waxelelwa ukuba: “Musa ukothuka okanye unkwantye, kuba uYehova uThixo wakho unawe naphi na apho uya khona.” (Yosh. 1:7-9) Loo mazwi afanele ukuba amomeleza ngokwenene uYoshuwa! Yaye ngokuqinisekileyo uThixo wayekunye naye, kuba ukoyisa ngokupheleleyo kweLizwe Lesithembiso kwagqitywa kwiminyaka nje emithandathu—ngowe-1467 B.C.E.

AMABHINQA AKHALIPHILEYO EMA EQINILE

8. URahabhi wasimisela umzekelo onjani wokuba nokholo nenkalipho?

8 Ukutyhubela iinkulungwane, amabhinqa amaninzi anesibindi ema eqinile njengabanquli bakaYehova abakhaliphileyo. Ngokomzekelo, uRahabhi owayengunongogo waseYeriko wabonisa ukholo kuThixo, ngenkalipho efihla iintlola ezimbini ezathunyelwa nguYoshuwa waza wakhohlisa abalindi bokumkani weso sixeko. Yena nentsapho yakowabo basindiswa xa amaSirayeli athimba iYeriko. URahabhi wawulahla loo msebenzi wakhe ungcolileyo, wakhonza uYehova ngokuthembeka waza waba ngukhokhokazi kaMesiya. (Yosh. 2:1-6; 6:22, 23; Mat. 1:1, 5) Wasikelelwa ngokwenene ngenxa yokuba nokholo nenkalipho!

9. UDebhora, uBharaki noYaheli bayibonisa njani inkalipho?

9 Emva kokufa kukaYoshuwa malunga nowe-1450 B.C.E., yaba ngabagwebi abamisela okusesikweni kwaSirayeli. UKumkani ongumKanan, uYabhin wawacinezela amaSirayeli kangangeminyaka engama-20, xa uThixo wabangela ukuba umprofetikazi uDebhora akhuthaze uMgwebi uBharaki ukuba amthabathele amanyathelo. UBharaki wahlanganisa amadoda ali-10 000 kwiNtaba yeTabhore yaye walungela ukulwa noSisera owayengumphathi mkhosi kaYabhin, owangena kwintlambo yeKishon nomkhosi wakhe kwakunye neenqwelo zawo zokulwa ezingama-900. Xa amaSirayeli aya kwelo thafa, uThixo wabangela izikhukula ezikhawulezileyo nezabangela ukuba kubekho umgxobhozo ezaxinga kuwo iinqwelo zamaKanan. Amadoda kaBharaki oyisa yaye “lonke iqela likaSisera lawa ngohlangothi lwekrele.” USisera wabalekela kwintente kaYaheli kodwa uYaheli wambulala ngoxa wayelele. Ngokuvisisana namazwi esiprofeto sikaDebhora awasichazela uBharaki, “udumo” lolu loyiso lwaya kwibhinqa elinguYaheli. Ngenxa yokuba uDebhora, uBharaki noYaheli baba nenkalipho, uSirayeli ‘akazange abe nasiphazamiso singakumbi de yaba yiminyaka engamashumi amane.’ (ABagwe. 4:1-9, 14-22; 5:20, 21, 31) Amadoda namabhinqa amaninzi angabakhonzi bakaThixo aye abonisa ukholo nenkalipho ngendlela efanayo.

AMAZWI ETHU ANOKUKHUTHAZA INKALIPHO

10. Kutheni kunokuthiwa amazwi ethu anokukhuthaza inkalipho?

10 Izinto esizithethayo zinokubakhuthaza abanye abakhonzi bakaYehova ukuba babe nenkalipho. Ngenkulungwane ye-11 Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uKumkani uDavide wathi kunyana wakhe uSolomon: “Yiba nesibindi yomelela, uze uthabathe inyathelo. Musa ukoyika, ungankwantyi, kuba uYehova uThixo, uThixo wam, unawe. Akayi kukulahla okanye akushiye de wonke umsebenzi wenkonzo kaYehova ugqitywe.” (1 Kron. 28:20) Ngoko ngenkalipho uSolomon wamakhela itempile entle uYehova eYerusalem.

11. Amazwi enkalipho awathethwa yintwazana yomSirayeli aba nayiphi impembelelo kubomi benye indoda?

11 Ngenkulungwane yeshumi Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo, amazwi enkalipho awathethwa yintwazana engumSirayeli angqineka eyintsikelelo kumntu oneqhenqa. Le ntwazana yathinjwa ngamatutu yaza yaba sisicaka emzini wentloko yomkhosi waseSiriya, uNahaman, owayeneqhenqa. Ekubeni yayisazi ngemimangaliso uYehova awayenzayo ngoElisha, yaxelela inkosikazi kaNahaman ukuba, ukuba umyeni wakhe angaya kwaSirayeli, umprofeti kaThixo wayeza kumphilisa. UNahaman waya kwaSirayeli, waphiliswa ngokungummangaliso waza waba ngumnquli kaYehova. (2 Kum. 5:1-3, 10-17) Ukuba uselula yaye uthanda uThixo kanye njengala ntwazana, uThixo unokukunika inkalipho yokuba ushumayele kootitshala, kwabo ufunda nabo nakwabanye.

12. Amazwi kaKumkani uHezekiya abachaphazela njani abalawulwa bakhe?

12 Amazwi akhethwe kakuhle, ngamaxesha eengxaki anokuba lukhuthazo. Xa ama-Asiriya ahlasela iYerusalem ngenkulungwane yesibhozo Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uKumkani uHezekiya wathi kubalawulwa bakhe: “Yibani nesibindi nize nomelele. Musani ukoyika okanye ninkwantye ngenxa kakumkani waseAsiriya naso sonke isihlwele anaso; kuba esinabo baninzi kakhulu kunabo bakunye naye. Abakunye naye yingalo yenyama, kodwa thina sinoYehova uThixo wethu ukuba asincede asilwele amadabi ethu.” Bathini bakuva oko? “Abantu baxhathisa ngenxa yamazwi kaHezekiya”! (2 Kron. 32:7, 8) Amazwi afanayo anokusomeleza aze omeleze namanye amaKristu ukuba abe nenkalipho xa ehlaselwa ngabatshutshisi.

13. Sifunda ntoni ngokuba nenkalipho kukaObhadiya, owayeligosa likaKumkani uAhabhi?

13 Maxa wambi inkalipho sinokuyibonisa nangokungavumi ukuthetha. Ngenkulungwane yeshumi Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uObhadiya, owayeligosa likaKumkani uAhabhi wathi ngesibindi wafihla abaprofeti abalikhulu bakaYehova ‘bengamashumi amahlanu emqolombeni’ ukuze bangabulawa ngokomyalelo kaKumkanikazi okhohlakeleyo uIzebhele. (1 Kum. 18:4) Njengo-Obhadiya owoyika uThixo, abakhonzi abaninzi bakaYehova abathembekileyo namhlanje, baye ngesibindi bakhusela amanye amaKristu ngokungadluliseli nkcazelo kubantu ababatshutshisayo.

UESTERE—UKUMKANIKAZI ONESIBINDI

14, 15. UKumkanikazi uEstere walubonisa njani ukholo nenkalipho, yaye oko kwaba nawuphi umphumo?

14 Ngenkulungwane yesihlanu Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uKumkanikazi uEstere wabonisa ukholo nenkalipho xa uHaman ongendawo wenza iyelenqe lokutshabalalisa onke amaYuda awayekuBukhosi bamaPersi. Yiyo loo nto bazilayo baza ngaphandle kwamathandabuzo bathandaza ngokusuka entliziyweni! (Estere 4:1-3) UKumkanikazi uEstere wakhathazeka kakhulu. Umza wakhe uModerkayi wamnika umbhalo womthetho owawugunyazisa ukubulawa kwabantu abaninzi ngenkohlakalo nowawumyalela ukuba aye kukumkani aze awacelele ubabalo amaYuda akowabo. Kodwa nabani na owayesiya phambi kokumkani engakhange ambize wayebulawa.—Estere 4:4-11.

15 Sekunjalo, uMordekayi wathi kuEstere: ‘Ukuba uthe cwaka, intlangulo iya kuvela kwenye indawo. Kodwa ngubani owaziyo enoba uye wafumana isidima sasebukhosini ngenxa yexesha elinje?’ UEstere wabongoza uMordekayi ukuba ahlanganise amaYuda aseShushan aze azile ukutya ngenxa yakhe. Wathi: ‘Ndiya kuzila ukutya ngokunjalo ukuze ndingene kukumkani, nto leyo engavumelaniyo nomthetho; yaye ukuba ndimele nditshabalale, manditshabalale.’ (Estere 4:12-17) UEstere waba nesibindi yaye incwadi ebizwa ngegama lakhe ibonisa ukuba uThixo wabahlangula abantu bakhe. Ngemihla yethu, amaKristu athanjisiweyo kunye namaqabane awo azahluleleyo abonisa inkalipho efanayo xa evavanywa—yaye ‘uMphulaphuli wemithandazo’ usoloko esecaleni labo.—Funda iNdumiso 65:2; 118:6.

“YOMELELA”

16. Nguwuphi umzekelo uYesu awumisela ulutsha lwethu?

16 Ngesinye isihlandlo ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, uYesu owaneminyaka eli-12 ubudala wafunyanwa etempileni, “ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphule yaye ebabuza.” Ngaphezu koko, “bonke abo babemphulaphule bahlala bethe manga kukuqonda kwakhe naziimpendulo zakhe.” (Luka 2:41-50) Nangona wayeselula, uYesu wayenokholo nenkalipho eyayifuneka ukuze abuze abanye abadala ababefundisa etempileni. Ukukhumbula umzekelo kaYesu kuya kunceda ulutsha olukwibandla lamaKristu ukuba lusebenzise nawaphi amathuba avelayo ukuze ‘luthethelele phambi kwakhe nabani na ofuna isizathu sethemba labo.’—1 Pet. 3:15.

17. Kwakutheni ukuze uYesu abongoze abafundi bakhe ukuba ‘bomelele,’ yaye kutheni kufuneka nathi ‘somelele’?

17 UYesu wakhuthaza abanye ukuba ‘bomelele.’ (Mat. 9:2, 22) Wathi kubafundi bakhe: “Khangelani! Liyeza ilixa, eneneni, lifikile, xa niya kuchithachithwa ngamnye aye endlwini yakhe yaye niya kundishiya ndedwa; ukanti andindedwa, ngenxa yokuba uBawo unam. Ezi zinto ndiye ndazitsho kuni ukuze ngam nibe noxolo. Ehlabathini ninembandezelo, kodwa yomelelani! mna ndiloyisile ihlabathi.” (Yoh. 16:32, 33) Ngokufanayo nabalandeli bakaYesu bokuqala, nathi sijamelene nokuthiywa lihlabathi kodwa asimele silixelise ihlabathi. Ukuxelisa inkalipho yoNyana kaThixo kunokusinika inkalipho yokuhlala singadyojwa leli hlabathi. Waloyisa ihlabathi yaye nathi sinako.—Yoh. 17:16; Yak. 1:27.

“YOMELELA KAKHULU!”

18, 19. Bubuphi ubungqina obanikelwa ngumpostile uPawulos bokuba nokholo nenkalipho?

18 Umpostile uPawulos wanyamezela iimvavanyo ezininzi. Ngesinye isihlandlo, amaYuda aseYerusalem ngewayembulele ngezandla ukuba wayengahlangulwanga ngamajoni amaRoma. Ebudeni bobusuku, “iNkosi yema ngakuye yaza yathi: “Yomelela kakhulu! Kuba njengoko ubunikela ubungqina obucokisekileyo ngezinto ezingam eYerusalem, ngoko ukwamele unikele ubungqina naseRoma.” (IZe. 23:11) UPawulos wenza kanye oko.

19 UPawulos wabakhalimela ngaphandle koloyiko “abapostile abaziincamisa” ababefuna ukonakalisa ibandla laseKorinte. (2 Kor. 11:5; 12:11) Ngokungafaniyo nabo, wabanika ubungqina bokuba ngumpostile kwakhe—ukuvalelwa ezintolongweni, ukubethwa, ukuhamba imigama emide eyingozi, ezinye iingozi, ukulamba, ukunxanwa, ukungalali ebusuku nokuxhalabela kakhulu amanye amaKristu. (Funda kweyesi-2 kwabaseKorinte 11:23-28.) Wayenokholo nenkalipho ebalaseleyo, zinto ezo ezibubungqina bamandla awayewafumana kuThixo!

20, 21. (a) Yenza umzekelo obonisa ukuba sifanele siqhubeke sibonisa inkalipho. (b) Kuphantsi kwaziphi iimeko apho kufuneka sibonise inkalipho yaye sinokuqiniseka ngantoni?

20 Asingawo onke amaKristu aya kutshutshiswa ngokuqatha. Sekunjalo, onke kufuneka abe nenkalipho ukuze akwazi ukumelana neengxaki zobomi. Ngokomzekelo: Omnye umfana waseBrazil wayekwiqela lemigulukudu. Emva kokuba efunde iBhayibhile, wabona ukuba kufuneka aguquke kodwa ngokuqhelekileyo nabani na owayeshiya elo qela wayebulawa. Wathandaza waza wabonisa umphathi welo qela ngokuphuma ezibhalweni isizathu sokuba engenakukwazi ukuqhubeka ekwelo qela. Lo mfana wakhululwa nje ngesihle waza waba ngumvakalisi woBukumkani.

21 Kufuneka inkalipho ukuze sishumayele iindaba ezilungileyo. Ulutsha olungamaKristu kufuneka lube nolu phawu ukuze lukwazi ukugcina ingqibelelo yalo esikolweni. Kunokufuna inkalipho ukucela emsebenzini ukuze uye kuyo yonke indibano. Zininzi izinto ezifuna inkalipho. Noko ke, enoba sijamelana naziphi na iingxaki, uYehova uya kuyiva ‘imithandazo yethu yokholo.’ (Yak. 5:15) Yaye ngokuqinisekileyo uya kusinika umoya wakhe oyingcwele ukuze ‘sibe nesibindi size somelele kakhulu’!

[Umfanekiso okwiphepha 11]

UEnoki washumayela ngenkalipho kwihlabathi elingenabuthixo

[Umfanekiso okwiphepha 12]

UYaheli wayenesibindi yaye ekhaliphile

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share