Imibuzo Evela Kubafundi
Kutheni INguqulelo Yehlabathi Elitsha kwiDuteronomi 31:2 isithi uMoses ‘wayengasayi kuphinda avunyelwe ukuba aphume engena’ njengenkokeli yamaSirayeli, ngoxa ezinye iinguqulelo zibonisa ukuba wayengasenako ukwenza oko?
Nakuba eli gama lesiHebhere kuthethwa ngalo linokuguqulelwa ngazo zombini ezi ndlela, indlela eliguqulelwe ngayo kwezinye iinguqulelo zeBhayibhile zesiNgesi ibonisa ukuba xa wayesele eza kufa, uMoses wayebuthathaka, engasakwazi kuthwala iimbopheleleko zobunkokeli bakhe. Ngokomzekelo, iThe New English Bible icaphula uMoses esithi: “Sendinekhulu elinamashumi amabini eminyaka ubudala ngoku, ibe andisakwazi ukuhambahamba ndiye apho ndifuna khona.” Ngokufanayo, iThe New American Bible ithi: “Andisakwazi ukuya naphi na ngokukhululekileyo.”
Noko ke, iDuteronomi 34:7 ibonisa ukuba nangona iminyaka yayisele ihambile kuMoses, wayengekabi buthathaka. Ithi: “UMoses wayenekhulu elinamashumi amabini eminyaka ubudala ekufeni kwakhe. Lalingenalurhatyazo iliso lakhe, yaye engekaphelelwa ngamandla.” Ngoko, uMoses wayesaqhathula ekwazi ukukhokela eso sizwe, kodwa nguYehova owayefuna ayeke ukusikhokela. Oku kubonakala kakuhle kula mazwi alandelayo kaMoses: “Njengoko uYehova ethe kum, ‘Akusayi kuyiwela le Yordan.’” Kuyabonakala ukuba uYehova wayephinda oko wayekuthethe kumanzi aseMeribha.—Numeri 20:9-12.
UMoses waphila ubomi obude ngendlela exabisekileyo, nobabunokwahlulwa izihlandlo ezithathu. Waphila iminyaka engama-40 eYiputa, apho waye “wafundiswa bonke ubulumko bamaYiputa” nalapho “wayenamandla ngamazwi nezenzo zakhe.” (IZenzo 7:20-22) Eminye engama-40, wayehlala kwaMidiyan. Apho wahlakulela ukuba neempawu zokomoya ezazifuneka ukuze akhokele abantu bakaYehova. Eyokugqibela engama-40 uMoses wakhokela elawula amaSirayeli. Noko ke, ngoku uYehova wayesele egqibe ekubeni ibe nguYoshuwa, hayi uMoses owayeza kukhokela eso sizwe siwele uMlambo iYordan singene kwiLizwe Lesithembiso.—Duteronomi 31:3.
Ngoko ke, INguqulelo Yehlabathi Elitsha iyiguqulela ngeyona ndlela ichanileyo iDuteronomi 31:2. UMoses wayeza kuyeka ukuba yinkokeli yamaSirayeli, kungekhona ngenxa yobuthathaka bomzimba, kodwa ngenxa yokuba uYehova akazange amvumele ukuba aqhubeke eyiyo.