Fundisa Abantwana Bakho Ukugqabaza
UPERLA waseMexico ukhumbula ukuba eseyintwazana, unina wamfundisa ukulungiselela amagqabaza amafutshane aza kuwenza kwiSifundo seMboniselo. Naye ngoku sele enonyana oneminyaka emihlanu ubudala. Yena umnceda njani? Uthi: “Ndiqala ndiyilungiselele loo Mboniselo. Xa ndiyilungiselela, ndikhangela isiqendu anokusiqonda, eso anokusichaza ngamazwi akhe. Emva koko sinikela ingqalelo kweso siqendu avakalelwa kukuba ‘sesakhe.’ Ndiye ndithi makasichaze, enze imizekelo yezinto eziqhelekileyo. Emva koko siye siphindaphinde amagqabaza akhe. Sisebenzisa into efana nombhobho wesandisi-lizwi ukuze akwazi ukuwubamba xa egqabaza. Indivuyisa gqitha into yokuba kungekho ntlanganiso iphuma engaphendulanga okanye aphakamise isandla sakhe kuyo. Uthanda ukuya kumqhubi wesifundo ngaphambi kwentlanganiso, aze amxelele isiqendu afuna ukuphendula kuso.”
UJens, umdala kwiqela elithetha isiHindi, unoonyana ababini, omnye uneminyaka emibini omnye mine ubudala. Yena nenkosikazi yakhe, belungiselela iintlanganiso noonyana babo, basebenzisa indlela eyayisetyenziswa ngabazali bakaJens. Uthi: “Kuloo mbandela uza kufundwa siye sikhangele ukuba nguwuphi abaza kuwuqonda abantwana. Emva koko siyawushwankathela ukuze baqonde loo nto kuthethwa ngayo kwelo nqaku, size ke sibabuze imibuzo ethile ukuze bayiphendule kwiintlanganiso. Sikhe simangaliswe yindlela abaphendula ngayo ngamazwi abo. Indlela abaphendula ngayo ibonisa ukuba bayakuqonda oko bakuthethayo. Ngenxa yoko, iimpendulo zabo ziba yindumiso yokwenene kuYehova nembonakaliso yokholo lwabo.”