Lubambe Ngokuqinileyo Uvumo Lwakho Lwethemba Lungabi Nakuxengaxenga
1 ISifundo seMboniselo siyeyona ndlela abantu bakaThixo namhlanje abakufumana ngayo ‘ukudla kokomoya ngexesha elifanelekileyo.’ (Mat. 24:45) Siya kule ntlanganiso ibalulekileyo sineenjongo ezimbini eziphambili—ukwakhiwa ngokomoya nokuvakalisa ekuhleni ithemba lethu kwabanye.—Heb. 10:23-25.
2 Ukungenelwa: Kuqikelelwa ukuba kumabandla amaninzi ngumntu omnye kwabathathu kubaphulaphuli owufundisisa kwangaphambili umbandela oza kufundwa. Bamalunga nelo nani abagqabazayo. Ukudla kokomoya okuqinileyo okunikelwa kwiSifundo seMboniselo akunakwamkelwa konke ebudeni bentlanganiso leyo. Kufuneka ubekele bucala ixesha lokufundisisa umbandela kusengaphambili.
3 Xa ulungiselela isifundo, usenokukufumanisa kuluncedo ukuqala ufunde uze ucinge ngemibuzo ekwibhokisi engasekupheleni kwenqaku. Le mibuzo inokukunceda unikele ingqalelo kwiingongoma eziziintloko eziza kuxutyushwa kumbandela ofundwayo.
4 Ebudeni besifundo phulaphula ngenyameko oko kuthethwayo. Nikela ingqalelo kumagqabaza entshayelelo omqhubi wesifundo; la magqabaza achaza oko kuza kufundwa. Usenokubuza imibuzo emithathu okanye emine eza kuphendulwa, okanye usenokwenza impinda ngeembalasane zesifundo seveki ephelileyo ukuba esale veki siqhubeka nombandela ofanayo. Ukuba kukho uhlengahlengiso oluthile kwindlela esisiqonda ngayo isiprofeto seBhayibhile okanye umgaqo weZibhalo, uya kusazisa ngalo. Kakade ke, amagqabaza omqhubi afanele abe mafutshane, ekubeni enye injongo yesi sifundo ikukunika amalungu ebandla ithuba lokuvakalisa ithemba lawo. Phulaphula ngenyameko xa abanye begqabaza ngezinto abazifundileyo; oku kunokunceda komeleze ukholo lwakho.
5 Vakalisa Ithemba Lakho: Ngaba ugqabaza rhoqo ebudeni besifundo? Kunconyelwa amagqabaza amafutshane nangqalileyo. (Thelekisa uLuka 21:1-4.) Bonke bayawaxabisa amagqabaza alula naphuma entliziyweni. Ngokuqhelekileyo amagqabaza okuqala kumbuzo ngamnye afanele abe mafutshane yaye angqale. Oku kwenza abanye bakhankanye isibhalo okanye batsalel’ ingqalelo kwiinkcukacha ezisesiqendwini. Ngale ndlela abaninzi banokulivakalisa ekuhleni ithemba labo. Ngalo lonke ixesha amagqabaza afanele abe ngawakhayo nakhuthazayo.
6 Ukuba usandul’ ukuqalisa ukubakho kwesi sifundo okanye uyoyika ukugqabaza, usenokucela umqhubi wesifundo akuncede. Mcele akhangele isandla sakho xa kuxutyushwa isiqendu esithile. Mhlawumbi usenokuthanda ukufunda isibhalo esicatshuliweyo uze ugqabaze ngokufutshane ngentsingiselo yaso. Usenokubhala amanqaku amafutshane eludinini ukuze akuncede ukhumbule oko ufuna ukukuthetha xa ugqabaza. Ukuba uselula, khumbula ukuba amagqabaza akho amkelekile yaye ayaxatyiswa.—Mat. 21:16.
7 Kubalulekile ukuba sivakalise ukholo lwethu, ibe iSifundo seMboniselo sinikela ithuba elihle lokwenjenjalo. Ukuba uyathandabuza ukugqabaza, yenza konke okusemandleni akho ukuze uyoyise loo ngxaki, uze ubuncinane unikele impendulo nokuba kukanye. Uya kuba ufake isandla entlanganisweni, yaye oko kuya kukuvuyisa. Ngoko kutheni ungacebi ukuba ubuncinane ugqabaze kube kanye kwiSifundo seMboniselo esilandelayo?—IMize. 15:23.