Zive Usekhaya Kumhlaba Wethu Omhle
IZAZI ngeenkwenkwezi ziye zafumanisa ukuba ikhaya labantu lifana nethontsi emphandeni xa lithelekiswa nendalo engenasiphelo. Ayikho enye indawo enobomi kwindalo iphela. UMhlaba, kuphela kwendawo ekunokuphilwa kuyo.
Ngaphezu koko, kumnandi ukuphila kweli gada lihle kangaka. Hayi indlela ekumnandi ngayo ukugcakamela ilanga ngosuku olunenkwankca! Sonke siyakuthanda ukubukela ukutshona nokuvela kwelanga. Eneneni, ilanga lenza okungakumbi nje kunoba lisifudumeze. Lingundoqo ekuphileni kwethu.
Kangangeenkulungwane, amandla omxhuzulane avela elangeni aye agcina umhlaba nezinye iiplanethi kwindawo yazo efanelekileyo. Abafunda esikolweni bayazi ukuba ummandla weeplanethi ujikeleza umbindi womnyele wethu oyiMilky Way. Kodwa kumnyele wethu, ilanga, yenye yeenkwenkwezi ezingaphezu kwamawaka azizigidi ezili-100 ezenza lo mjikelo kunye.
Umnyele oyiMilky Way unamakroza angama-35 eminyele. Amakroza amakhulu anokuba namawaka eminyele. Ukuba ummandla wethu weeplanethi ubumi kwindawo enkulu okanye ube kummandla oxineneyo wamakroza eminyele, ubungenako ukuzinza ngendlela ozinze ngayo njengangoku. Incwadi ethi The Privileged Planet, ebhalwe nguGuillermo Gonzalez noJay W. Richards, ichaza ukuba imbalwa imimandla “efanele ubomi bethu.”
Ngaba sabakho emhlabeni ngamabona-ndenzile okanye ngenxa “yogqabhuko-dubulo olukhulu?” Ngaba kukho injongo ebalulekileyo yokuphila kulo Mhlaba mhle kangaka?
Abantu abaninzi bavumelana ngelithi umhlaba wenziwa ukuze ube likhaya lethu, walungiselelwa nokuze usenze siphile.a Kwiinkulungwane ezadlulayo, enye imbongi yabonga ngomhlaba namazulu. Yabhala yathi: “Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozilungiseleleyo, uyintoni na umntu ofayo?” (INdumiso 8:3, 4) Le mbongi yayikholelwa ukuba ukho uMdali. Ngaba oku kusengqiqweni kule mihla yeenzululwazi?
[Umbhalo osemazantsi]
a Funda incwadi yeeNdumiso, ingakumbi INdumiso 8.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 3]
Incwadi ethi The Illustrated Science Encyclopedia—Amazing Planet Earth ithi: “Xa ukude, uMhlaba ukhangeleka ngathi sisacholo esiluhlaza kwisithokothoko sobumnyama kummandla wendalo.”
[Inkcazelo]
Globe: U.S. Fish & Wildlife Service, Washington, D.C./NASA