IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w07 2/15 iphe. 30-31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Izimbo Zomzimba Nezimbo Zobuso
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Utywala lyintoni Imbono YomKristu Ngabo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Imibhiyozo Engamkholisiyo UThixo
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
  • Ngaba Kuphosakele Ukusela Utywala?
    Vukani!—2006
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
w07 2/15 iphe. 30-31

Imibuzo Evela Kubafundi

IBhayibhile Ayithethi Nto Ngokungqubanisa Iiglasi Xa Kuselwa, Kutheni Ke AmaNgqina KaYehova Engakwenzi Oku?

Ukungqubanisa iiglasi xa kuselwa iwayini (okanye nasiphi na isiselo esinxilisayo) lisiko lidala, linenkqayi, nakuba lisenziwa ngeendlela ezahlukeneyo ngokweendawo abantu abahlala kuzo. Umntu ofuna kungqutyaniswe iiglasi udla ngokucelela okanye anqwenelele umntu othile ulonwabo, impilo entle, ubomi obude, njalo njalo. Ukuba abantu abakhoyo bayavumelana naloo mnqweno, baphakamisa iiglasi zabo baze basele iwayini. Abanye ababoni ntw’ ityhulu okanye bakujonga oku njengendlela yokubonisa imbeko, kodwa kukho izizathu ezivakalayo zokuba amaNgqina kaYehova angazingqubanisi iiglasi xa esela.

Asikuko ukuba amaKristu akafuni abantu bonwabe okanye banandiphe impilo entle. Kwincwadi eyayisiya emabandleni, amalungu equmrhu elilawulayo angqinelana ngamazwi anokuguqulelwa ngokuthi “mpilo-ntle,” “hlalani kakuhle,” okanye “salani kakuhle.” (IZenzo 15:29) Abanye abanquli bokwenyaniso bakha bathi kookumkani babantu: “Inkosi yam . . . mayiphile ukusa kwixesha elingenammiselo” okanye bathi: “Phila ngonaphakade kumkani.”—1 Kumkani 1:31; Nehemiya 2:3.

Phofu kunayiphi imvelaphi ukungqubanisa iiglasi zeziselo? IMboniselo yesiNgesi kaJanuwari 1, 1968, yacaphula iThe Encyclopædia Britannica (yowe-1910), uMqulu 13, iphepha 121 xa yathi: “Uqheliselo lokusela iwayini egameni lokunqwenelela abanye ‘impilo’ entle kusenokwenzeka ukuba inemvelaphi yeecawa zamandulo zokusela egameni lezithixo nakubantu abafileyo. AmaGrike namaRoma ayedla ngokuthulula umnikelo wesiselo koothixo babo ebudeni besidlo yaye kwizihikahika zamatheko zabo kwakuselwa egameni labantu abafileyo.” Le ntyila-lwazi yalek’ umsundulu ngokuthi: “Eyona nto yayingundoqo kula matheko okusela yayikukusela egameni lempilo ntle yabantu ababephila ngelo xesha.”

Ngaba oku kusenjalo? I-International Handbook on Alcohol and Culture yowe-1995 ithi: “[Ukungqubanisa iiglasi] kwakusenziwa xa kubhiyozelwa umnikelo ongcwele kwizithixo: kunikelwa igazi okanye iwayini ukuze bavakalise umnqweno, umthandazo wabo owawunokushwankathelwa ngokuthi ‘ubomi obude!’ okanye ‘impilo entle!’”

Enyanisweni, abanquli bokwenyaniso abayaleli nayiphi na into ngenxa nje yokuba inemvelaphi yonqulo lobuxoki. Khawucinge nje ngerharnati. Intyila-lwazi yeBhayibhile eyaziwayo ithi: “Kubonakala ngathi irharnati yayidla ngokusetyenziswa njengophawu olungcwele kwiicawa zobuhedeni.” Noko ke, uThixo wayalela ukuba iirharnati ezenziwe ngomqhaphu zithungelwe kwimiqukumbelo yeengubo zababingeleli abakhulu, yaye iirharnati zazihombise iintsika zobhedu kwitempile kaSolomon. (Eksodus 28:33; 2 Kumkani 25:17) Ngaphezu koko, kukho ixesha apho umsesane wawunemvelaphi yonqulo. Nakuba kunjalo, abantu abaninzi namhlanje abakwazi oko, bacinga ukuba umsesane ngumqondiso nje wokubonisa ukuba ubani utshatile.

Kuthekani ngokusebenzisa iwayini kwimibandela yonqulo? Ngokomzekelo, abanquli bakaBhahali kwaShekem “baya endlwini yothixo wabo baza badla, basela, bamqalekisa uAbhimeleki,” unyana kaGidiyon. (ABagwebi 9:22-28) Ngaba ucinga ukuba umntu owayenyaniseke kuYehova wayenokuba nenxaxheba ekuseleni okunjalo, mhlawumbi ade aqalekise uAbhimeleki? Echaza ixesha xa amaSirayeli amaninzi avukela uYehova, uAmosi wathi: “Banaba phezu kwezambatho ezithinjwe njengesibambiso ngasezibingelelweni zonke; basela iwayini yabo bahlawulisiweyo endlwini yoothixo babo.” (Amosi 2:8) Ngaba umnquli wokwenyaniso wayenokuba nenxaxheba kumbhiyozo onjalo enoba kungokuphalaza okanye kuselwe iwayini ukuze kunikelwe kwizithixo? (Yeremiya 7:18) Ngaba umnquli wokwenyaniso angaphakamisa iglasi yewayini aze acelele othile kuThixo ukuze abe nekamva eliqaqambileyo?

Okubangel’ umdla kukuba, abanquli bakaYehova babephakamisa izandla ukuze bacele ithamsanqa. Babephakamisa izandla zabo kuThixo wokwenyaniso. IBhayibhile ithi: “USolomon wema phambi kwesibingelelo sikaYehova . . . wazolulela emazulwini izandla zakhe; waza wahlabela mgama wathi: ‘Owu Yehova Thixo kaSirayeli, akukho Thixo unjengawe . . . yaye kwanga ungeva ukwindawo ohlala kuyo, emazulwini, kwaye umele uve uze uxolele.’” (1 Kumkani 8:22, 23, 30) Ngokufanayo, “uEzra wambonga uYehova . . . baza bonke abantu baphendula bathi, ‘Amen! Amen!’ bephakamise izandla zabo. Baza baqubuda kuYehova bebhekise ubuso babo emhlabeni.” (Nehemiya 8:6; 1 Timoti 2:8) Licacile elokuba aba banyanisekileyo babengaphakamiseli izandla phezulu ukuze bafumane intsikelelo kwabanye oothixo bethamsanqa.—Isaya 65:11.

Abantu abaninzi namhlanje abangqubanisa iiglasi zeziselo basenokungacingi ukuba bacela iintsikelelo kwabanye oothixo, phofu bengenaso nesizathu esicacileyo sokuphakamisa iiglasi zewayini. Nakuba kunjalo, ukungacingisisi kakuhle kwabo ngalo mbandela, akusiso isizathu sokuba amaKristu okwenyaniso azive enyanzelekile ukuxelisa izimbo zabo.

Yaziwa nanguthathatha into yokuba nakweminye imibandela amaNgqina kaYehova akhetha ukungazenzi ezinye izimbo ezenziwa ngabanye abantu. Ngokomzekelo, abanye abantu bakhahlela indwe okanye izinto ezimela ilizwe labo, kungekho kwanto kubo ethi eso sisenzo sonqulo. AmaKristu okwenyaniso akabaphazamisi abantu abenza ezo zinto, kodwa akabi nanxaxheba kuzo. Xa esazi ukuba kusenokwenziwa imisitho enjalo, amaNgqina amaninzi aye asebenzisa ubulumko ukuze angabakhubekisi abanye. Nakuba kunjalo, akayikhahleli indwe ngenxa yokuba oku kuchasene neBhayibhile. (Eksodus 20:4, 5; 1 Yohane 5:21) Abanye basenokungakuqondi njengesenzo sonqulo ukungqubanisa iiglasi zesiselo. Kodwa zininzi izizathu ezenza amaKristu angakwenzi oko, kaloku kunemvelaphi yonqulo yaye kusenokubonakala ngathi kucelwa intsikelelo ‘emazulwini,’ okanye kumntu onamandla angaphaya kwaqhelekileyo.—Eksodus 23:2.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share