Vumela ILizwi LikaThixo Likukhokele
“Ilizwi lakho lisisibane elunyaweni lwam, nokukhanya endleleni yam.”—INDUMISO 119:105.
1, 2. Yintoni eye yabangela ukuba abantu abaninzi bangalufumani uxolo nolonwabo lokwenene?
NGABA uyasikhumbula isihlandlo ekwafuneka ucele umntu othile ukuba akwalathise indlela? Mhlawumbi wawusele ukufuphi nendawo oya kuyo kodwa ungaqinisekanga ngendawo omele ujike kuyo. Okanye kusenokwenzeka ukuba wawulahlekile ngenxa yoko kwakufuneka uye kuhamba ngenye indlela. Kuzo zombini ezi meko, ngaba kwakungayi kuba bubulumko ukuhamba ngendlela oyixelelwe ngumntu oyaziyo loo ndawo? Loo mntu wayeza kukunceda ufike kwindawo oya kuyo.
2 Kangangamawaka eminyaka, abantu baye bazama ukuphila ngendlela abayithandayo ngaphandle kokufuna uncedo kuThixo. Noko ke, xa abantu behamba ngabayibonayo baphelela ebugxwayibeni. Abanakuyifumana indlela esa kuxolo nolonwabo lokwenene. Yintoni ebangela oko? Kwisithuba esingaphezu kweminyaka engama-2 500 eyadlulayo, umprofeti uYeremiya wathi: “Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Nabani na ozama ukwalathisa inyathelo lakhe ngaphandle kokufumana uncedo olufanelekileyo akayi kuphumelela. Eneneni, uluntu lufuna ukhokelo!
3. Kutheni uYehova uThixo ekufanelekele ngokupheleleyo ukunikela ukhokelo eluntwini yaye yintoni asithembisa yona?
3 UYehova uThixo ukufanelekele ngokupheleleyo ukunikela olo khokelo. Ngoba? Ngenxa yokuba nguye oyazi kakuhle indlela ababunjwe ngayo abantu. Yaye uyiqonda kakuhle indlela abantu abaphambukiswa ngayo baza balahleka ngokupheleleyo. Uyayazi nento efunekayo ukuze babuyele endleleni efanelekileyo. Ngaphezu koko, njengoMdali, uYehova usoloko ekwazi oko kuyingenelo kuthi. (Isaya 48:17) Ngaloo ndlela, sinokuthembela ngokupheleleyo kwisithembiso sakhe esikwiNdumiso 32:8, esithi: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo. Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.” Asithandabuzi nakancinane: UYehova unikela olona khokelo lufanelekileyo. Kodwa usikhokela njani?
4, 5. Amazwi kaThixo anokusikhokela njani?
4 Ethandaza kuYehova, umdumisi wathi: “Ilizwi lakho lisisibane elunyaweni lwam, nokukhanya endleleni yam.” (INdumiso 119:105) Amazwi kaThixo nezikhumbuzo zakhe zifumaneka eBhayibhileni yaye zinokusinceda soyise imiqobo esinokudibana nayo ebomini. Eneneni, xa sifunda iBhayibhile size sivume ukuba isikhokele kwenzeka kanye oko kuchazwe kuIsaya 30:21: “Neendlebe zakho ziya kuva ilizwi emva kwakho lisithi: ‘Nantsi indlela. Hambani ngayo.’”
5 Noko ke, phawula ukuba INdumiso 119:105 ithetha ngezinto ezimbini ezifezwa liLizwi likaThixo. Okokuqala, lisebenza njengesibane ezinyaweni zethu. Xa sijamelene neengxaki zemihla ngemihla, imigaqo efumaneka eBhayibhileni ifanele isikhokele ukuze senze izigqibo zobulumko size siphephe imigibe yeli hlabathi. Okwesibini, izikhumbuzo zikaThixo zikhanyisa indlela yethu, zize zisincede senze ukhetho oluvumelana nethemba esinalo lokuphila ngonaphakade kwiParadesi ethenjiswe nguThixo. Xa indlela ikhanya kakuhle, siya kuyiqonda kakuhle imiphumo—emihle okanye emibi—yekhondo elithile. (Roma 14:21; 1 Timoti 6:9; ISityhilelo 22:12) Makhe sibone ngokweenkcukacha indlela amazwi kaThixo afumaneka eBhayibhileni anokuba sisibane ngayo ezinyaweni zethu nokukhanya endleleni yethu.
“Lisisibane Elunyaweni Lwam”
6. Amazwi kaThixo anokuba sisibane ezinyaweni zethu phantsi kwaziphi iimeko?
6 Mihla le senza izigqibo. Ezinye izigqibo zibonakala zingenamsebenzi kodwa maxa wambi kusenokufuneka sijamelane nesilingo esiphathelele ukuziphatha, ukunyaniseka okanye ubundilele. Ukuze siphumelele kweso silingo kufuneka ‘amandla ethu okuqonda siwaqeqeshele ukwahlula okulungileyo nokubi.’ (Hebhere 5:14) Ngokufumana ulwazi oluchanileyo lweLizwi likaThixo siqonde nemigaqo efumaneka kulo, siqeqesha izazela zethu ukuze sikwazi ukwenza izigqibo ezikholisa uYehova.—IMizekeliso 3:21.
7. Chaza imeko enokwenza umKristu abe notyekelo lokunxulumana nabantu asebenza nabo abangakholwayo.
7 Khawucinge ngalo mzekelo. Ngaba ufuna ngokunyanisekileyo ukuvuyisa intliziyo kaYehova? (IMizekeliso 27:11) Ukuba kunjalo, siyakuncoma. Kodwa masithi uphiwa itikiti ngabantu osebenza nabo lokuba uye nabo kumdlalo othile. Bayakuthanda ukuba kunye nawe emsebenzini yaye ngoku bafuna ukuchitha ixesha kunye nawe ningekho msebenzini. Kusenokwenzeka ukuba weyisekile lelokuba aba bantu abakho babi. Basenokubonakala beziphethe kakuhle. Uya kusabela njani? Ngaba kuya kuba yingozi ukwamkela esi simemo? ILizwi likaThixo linokukunceda njani wenze isigqibo esifanelekileyo kule nkalo?
8. Yiyiphi imigaqo yeZibhalo esinceda sicingisise ngombandela wonxulumano?
8 Cinga ngemigaqo yeZibhalo embalwa. Umgaqo wokuqala onokuthi qatha engqondweni ufumaneka kweyoku-1 kwabaseKorinte 15:33: “Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” Ngaba ukubambelela kulo mgaqo kuthetha ukuba kufuneka ubaphephe ngokupheleleyo abangakholwayo? Impendulo yalo mbuzo esekelwe eZibhalweni nguhayi. Ngapha koko, umpostile uPawulos wabonisa ulwazelelelo “kubantu bazo zonke iintlobo,” kuquka abangakholwayo. (1 Korinte 9:22) UbuKristu bufuna ukuba sibe nomdla kwabanye abantu—kuquka abo baneenkolelo ezingafaniyo nezethu. (Roma 10:13-15) Eneneni, besinokusisebenzisa njani isiluleko ‘sokwenza okulungileyo kubo bonke’ xa sicezela kude nabantu abasenokufuna uncedo lwethu?—Galati 6:10.
9. Sisiphi isiluleko seBhayibhile esisinceda sibe nembono elungeleleneyo ngolwalamano lwethu nabantu esisebenza nabo?
9 Noko ke, kukho umahluko omkhulu phakathi kokuba nobubele kumntu osebenza naye nokuba ngumhlobo wakhe osenyongweni. Nanku omnye umgaqo weZibhalo onokusebenza. Umpostile uPawulos walumkisa amaKristu wathi: “Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo.” (2 Korinte 6:14) Lithetha ukuthini ibinzana elithi “musani ukubotshwa edyokhweni”? Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile ziguqulela eli binzana ngokuthi “musani ukuzidibanisa,” “musani ukuzibeka kwinqanaba elinye,” “musani ukwakha ubuhlobo obungafanelekanga.” Kuxa kutheni apho ubuhlobo nomntu osebenza naye buba bobungafanelekanga? Buba kukuzibophelela kunye edyokhweni xa kutheni? ILizwi likaThixo, iBhayibhile linokukwalathisa kule nkalo.
10. (a) Wayebakhetha njani uYesu abahlobo? (b) Yiyiphi imibuzo enokunceda umntu afikelele kwizigqibo ezifanelekileyo ngokuphathelele abahlobo?
10 Cinga ngomzekelo kaYesu, owayebathanda abantu ukususela ekudalweni kwabo. (IMizekeliso 8:31) Xa wayelapha emhlabeni wakha ulwalamano olusenyongweni nabalandeli bakhe. (Yohane 13:1) Nendoda eyayilahlekisiwe ngokonqulo ‘wayeyithanda’. (Marko 10:17-22) Kodwa uYesu wabeka imida ecacileyo ngokuphathelele ukukhetha kwakhe abahlobo abasenyongweni. Wayengenabuhlobo busondeleyo nabantu ababengenamdla onyanisekileyo wokwenza ukuthanda kukaYise. Ngesinye isihlandlo, uYesu wathi: “Ningabahlobo bam ukuba nenza oko ndiniyalela kona.” (Yohane 15:14) Liyinyaniso elokuba, unokuba ngumhlobo womntu othile osebenza naye. Kodwa zibuze: ‘Ngaba lo mntu uyafuna ukwenza oko kuyalelwa nguYesu? Ngaba uyafuna ukufunda ngoYehova, lowo uYesu asiyalela ukuba simnqule? Ngaba uphila ngemilinganiselo yokuziphatha yobuKristu efana nale ndiphila ngayo?’ (Mateyu 4:10) Xa uthetha nabantu osebenza nabo uze ugxininise ukusetyenziswa kwemigaqo yeBhayibhile, uya kuzifumana iimpendulo zale mibuzo.
11. Chaza ezinye iimeko amazwi kaThixo afanele asikhokele kuzo.
11 Kukho nezinye iimeko ezininzi apho amazwi kaThixo anokufaniswa nesibane ezinyaweni zethu. Ngokomzekelo, umKristu ongaphangeliyo usenokufumana umsebenzi ekudala ewufuna. Noko ke, lo msebenzi uza kudla ixesha lakhe elininzi yaye ukuba uyawamkela, uya kuphoswa ziintlanganiso ezininzi zamaKristu, angakwazi nokuba nenxaxheba kweminye imisebenzi ephathelele unqulo lokwenyaniso. (INdumiso 37:25) Omnye umKristu usenokuba nomdla wokubukela imiboniso yolonwabo engqubanayo ngokucacileyo nemigaqo yeBhayibhile. (Efese 4:17-19) Ukanti omnye usenokukhutyekiswa lula kukungafezeki kwamanye amakholwa. (Kolose 3:13) Kuzo zonke ezi meko, sifanele sivumele iLizwi likaThixo libe sisibane ezinyaweni zethu. Eneneni, xa silandela imigaqo yeBhayibhile, sinokukwazi ukuhlangabezana nayo nayiphi na ingxaki ebomini. ILizwi likaThixo ‘liyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni.’—2 Timoti 3:16.
‘Likukukhanya Endleleni Yam’
12. Amazwi kaThixo ayikhanyisa njani indlela esihamba kuyo?
12 INdumiso 119:105 ithi amazwi kaThixo anokukhanyisa nendlela esihamba kuyo. Asikho bumnyameni ngokuphathelele ikamva, kuba iBhayibhile iyasichaza isizathu sokuba ihlabathi libe kule meko imaxongo noko kuya kwenzeka kamva. Ewe, siyaqonda ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yale nkqubo ingendawo yezinto. (2 Timoti 3:1-5) Ukwazi oko kuza kwenzeka kwikamva kufanele kuphembelele indlela esiphila ngayo ngoku. Umpostile uPetros wabhala wenjenje: “Ekubeni ke zonke ezi zinto ziza kuchithakala, luhlobo luni lwabantu enifanele nibe lulo ngokuphathelele ihambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo, nihlale nibulindile yaye nibukhumbula ubukho bemini kaYehova!”—2 Petros 3:11, 12.
13. Ukungxamiseka kwamaxesha esiphila kuwo kufanele kuyichaphazele njani indlela esicinga nesiphila ngayo?
13 Indlela esicinga nesiphila ngayo ifanele ibonise ukuba seyisekile kukuba “ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo.” (1 Yohane 2:17) Ukusebenzisa ulwalathiso lweBhayibhile kuya kusinceda senze izigqibo zobulumko ngokuphathelele usukelo lwethu. Ngokomzekelo, uYesu wathi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.” (Mateyu 6:33) Hayi indlela ekuncomeka ngayo ukubona abantu abaselula abaninzi bebonisa ukholo kula mazwi kaYesu ngokungenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo! Abanye—kuquka iintsapho—baye bafudukela kumazwe apho bafuneka kakhulu khona abavakalisi boBukumkani.
14. Enye intsapho engamaKristu iye yabandisa njani ubulungiseleli bayo?
14 Khawucinge ngenye intsapho engamaKristu enamalungu amane yaseUnited States, eyafudukela kwiDominican Republic ukuze ikhonze kwibandla elikwidolophu enabemi abangama-50 000. Eli bandla linabavakalisi boBukumkani abamalunga ne-130. Kodwa, ngoAprili 12, 2006, babemalunga ne-1 300 abantu ababeze eSikhumbuzweni sokufa kukaKristu! Intsimi yalo mmandla ‘imhlophe ilungele ukuvunwa’ kangangokuba emva nje kweenyanga ezintlanu, lo tata, umama, unyana nentombi babeqhuba izifundo zeBhayibhile ezingama-30. (Yohane 4:35) Lo tata uyachaza: “Kweli bandla kukho abazalwana noodade abangama-30 abafudukele apha ngenjongo yokuncedisa. Abamalunga nama-20 basuka eUnited States, ukanti abanye bavela eBahamas, eItali, eKhanada, eNew Zealand, naseSpeyin. Bafika benolangazelelo olukhulu lokuba nesabelo kubulungiseleli yaye oku kuba nempembelelo enkulu kubazalwana basekuhlaleni.”
15. Ziziphi iintsikelelo oye wazinandipha ngenxa yokubeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala ebomini bakho?
15 Iyaqondakala into yokuba abantu abaninzi abanakukwazi ukufudukela kwelinye ilizwe abafuneka kakhulu abavakalisi kulo. Kodwa abo bakwaziyo—okanye banokukwazi ukuhlengahlengisa iimeko zabo ukuze bafumaneke—ngokuqinisekileyo baya kusikelelwa kakhulu ngokuba nesabelo kule nkalo yobulungiseleli. Yaye kungakhathaliseki nokuba ukhonza phi na, xhamla uvuyo lokukhonza uYehova ngamandla akho onke. Ukuba ubeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala ebomini bakho, uYehova uthembisa ukuba uya ‘kuqongqothela phezu kwakho intsikelelo kude kungasweleki nto.’—Malaki 3:10.
Ukungenelwa Kukhokelo LukaYehova
16. Sinokungenelwa njani xa sivumela amazwi kaThixo asikhokele?
16 Njengoko sele sibonile, amazwi kaYehova asalathisa ngeendlela ezimbini. Asisibane ezinyaweni zethu, esinceda ngokusikhokelela kwikhondo elifanelekileyo aze asalathise xa kufuneka senze izigqibo. Likhanyisa nendlela esihamba kuyo, nto leyo isincedayo siyibone kakuhle indawo esiya kuyo. Oko kusinceda silandele isiluleko sikaPetros esithi: “Iingqondo zenu ziqiniseleni umsebenzi, hlalani nithe qwa ngokupheleleyo; bekani ithemba lenu kububele obungasifanelanga obuza kuziswa kuni ekutyhilekeni kukaYesu Kristu.”—1 Petros 1:13.
17. Ukufundisisa iBhayibhile kuya kusinceda njani silandele ukhokelo lukaThixo?
17 Alithandabuzeki elokuba uYehova unikela ukhokelo. Umbuzo nanku, Ngaba uya kuzithoba kulo? Ukuze uluqonde kakuhle ulwalathiso olunikelwa nguYehova, zenzele usukelo lokufunda iBhayibhile suku ngalunye. Cingisisa ngoko ukufundayo, zama ukuqonda oko kufunwa nguYehova uze ucinge ngeendlela ezahlukahlukeneyo onokukusebenzisa ngazo ebomini bakho oko ukufundayo. (1 Timoti 4:15) Sebenzisa ‘amandla akho engqiqo’ xa usenza izigqibo.—Roma 12:1.
18. Xa sivumela iLizwi likaThixo lisikhokele, ziziphi iintsikelelo esiya kuzifumana?
18 Ukuba siyakuvumela oko, imigaqo efumaneka eLizwini likaThixo iya kusikhanyisela ize isikhokele xa sisenza izigqibo ngokuphathelele ikhondo elifanelekileyo esimele sililandele. Sinokuba nentembelo yokuba amazwi kaYehova abhaliweyo ‘amenza abe nobulumko ongenamava.’ (INdumiso 19:7) Xa sivumela iBhayibhile isikhokele, siya kuba nesazela esicocekileyo nolwaneliseko lokwazi ukuba senza oko kukholekileyo emehlweni kaYehova. (1 Timoti 1:18, 19) Ukuba sivumela amazwi kaThixo asikhokele yonke imihla, uYehova uya kusivuza ngeyona ntsikelelo inkulu, ngokusipha ubomi obungunaphakade.—Yohane 17:3.
Ngaba Usakhumbula?
• Kutheni kubalulekile ukuvumela uYehova uThixo asikhokele?
• Amazwi kaThixo asisibane njani ezinyaweni zethu?
• Amazwi kaThixo akukukhanya njani endleleni esihamba kuyo?
• Ukufundisisa iBhayibhile kuya kusinceda njani silandele ulwalathiso lukaThixo?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Kuxa kutheni apho ubuhlobo nomntu ongakholwayo buba bobungafanelekanga?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Abahlobo bakaYesu abasenyongweni yayingabo benza ukuthanda kukaYehova
[Imifanekiso ekwiphepha 17]
Ngaba indlela esiphila ngayo ibonisa ukuba sibeka uBukumkani kwindawo yokuqala?