Imibuzo Evela Kubafundi
UThixo Uya Kuyeka Nini Ukukhetha AmaKristu Anethemba Lokuphila Ezulwini?
IBhayibhile ayiwuphenduli ngokuthe ngqo lo mbuzo. Siyazi ukuba ukuthanjiswa kwabafundi bakaYesu abaza kudla ilifa ezulwini kwaqaliswa ngowama-33 C.E. (IZenzo 2:1-4) Siyazi nokuba emva kokufa kwabapostile ‘ingqolowa’ engamaKristu athanjisiweyo ‘yakhula ndawonye’ nokhula olungamaKristu obuxoki. (Mateyu 13:24-30) AmaKristu athanjisiweyo aphinda abonakala ukususela ekupheleni kweminyaka yee-1800. Ngowe-1919 kwaqaliswa “isivuno somhlaba,” kuquka ukuhlanganiswa kwabokugqibela babathanjiswa.—ISityhilelo 14:15, 16.
Ukususela ekupheleni kweminyaka yee-1800 ukusa kowe-1931, eyona njongo iyintloko yomsebenzi wokushumayela yayikukuhlanganiswa kwamalungu aseleyo omzimba kaKristu. Ngowe-1931 aBafundi beBhayibhile bamkela igama elisekelwe eBhayibhileni elithi amaNgqina kaYehova, yaye kwinkupho yeMboniselo yesiNgesi kaNovemba 15, 1933, kwagxininiswa isibakala sokuba eli gama likhethekileyo ‘yidenariyo’ echazwe kumzekeliso kaYesu okuMateyu 20:1-16. Kwakucingwa ukuba iiyure ezili-12 ezikhankanywe kulo mzekeliso zilingana neminyaka eli-12 esusela kowe-1919 ukusa kowe-1931. Iminyaka emininzi emva koko, kwakucingwa ukuba ubizo lokulawula kuBukumkani basezulwini lwaphela ngowe-1931, kwakucingwa nokuba abaza kuba ziindlalifa kunye noKristu ‘bokugqibela’ bakhethwa ngowe-1930 nowe-1931. (Mateyu 20:6-8) Noko ke, ngowe-1966 indlela owawuqondwa ngayo lo mzekeliso yalungiswa, yaye kwacaca ukuba awunanto yakwenza nokuyekwa kokukhethwa kwabathanjiswa.
Ngowe-1935 “isihlwele esikhulu” ekuthethwa ngaso kwiSityhilelo 7:9-15 sachazwa ‘njengezinye izimvu,’ amaKristu anethemba lokuphila emhlabeni, awayeza kuhlanganiswa “ngemihla yokugqibela” nawayeza kuba liqela eliya kusinda kwiArmagedon. (Yohane 10:16; 2 Timoti 3:1; ISityhilelo 21:3, 4) Emva kwaloo nyaka, injongo yomsebenzi wokwenza abafundi yaba kukuhlanganiswa kwesihlwele esikhulu. Ngenxa yoko, ngokukhethekileyo emva kowe-1966, kwakucingwa ukuba ukukhethwa kwabaza kuya ezulwini kwayekwa ngowe-1935. Kubonakala ukuba oku kwaqinisekiswa kukuba, phantse bonke ababhaptizwa emva kowe-1935 babekholelwa ekubeni banethemba lokuphila emhlabeni. Bonke ababekhethelwa ukuphila ezulwini emva koko kwakucingwa ukuba ngabathabatha iindawo zamaKristu athanjisiweyo aye akathembeka.
Alithandabuzeki elokuba ukuba omnye wabathanjiswa uyayishiya inyaniso yaye akaguquki, uYehova ukhetha omnye oza kuthabatha indawo yakhe. (Roma 11:17-22) Sekunjalo, kusenokwenzeka ukuba bambalwa abathanjiswa abaye abathembeka. Kwelinye icala, njengoko ixesha lihamba, amanye amaKristu awabhaptizwa emva kowe-1935 aye angqinelwa ngumoya oyingcwele ukuba anethemba lokuphila ezulwini. (Roma 8:16, 17) Ngoko ke, kucacile ukuba asinakumisa umhla okhethekileyo ekuyekwa ngawo ukukhetha amaKristu anethemba lasezulwini.
Ufanele ajongwe njani umntu otsho ngokunyanisekileyo ukuba ngoku ungumthanjiswa aze aqalise ukuthabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo? Akafanele agwetywe. Lo ngumbandela ophakathi kwakhe noYehova. (Roma 14:12) Noko ke, amaKristu athanjisiweyo okwenene awafuni ukuba siwanike ingqalelo ekhethekileyo. Awacingi ukuba xa ethanjisiwe aza kuba “nengqiqo” eyahlukileyo kwabanye, eyodlula nabanye besihlwele esikhulu abangamagqala. Awacingi ukuba wona afumana umoya oyingcwele ngomlinganiselo ongaphezulu kowamaqabane awo azezinye izimvu, engalindelanga nokuba aphathwe ngendlela ekhethekileyo okanye akathi ngenxa yokuba ethabatha kwimifuziselo acinge ukuba angaphezulu kubadala abamiselweyo bamabandla. Ayakhumbula nokuba amanye amadoda athanjisiweyo awayephila ngenkulungwane yokuqala ayengakufanelekeli ukuba ngabadala okanye izicaka zolungiselelo. (1 Timoti 3:1-10, 12, 13; Tito 1:5-9; Yakobi 3:1) Amanye amaKristu athanjisiweyo ayebuthathaka ngokomoya. (1 Tesalonika 5:14) Yaye oodade, nangona bethanjisiwe, babengafundisi ebandleni.—1 Timoti 2:11, 12.
Ngoko, amaKristu athanjisiweyo kunye namaqabane awo azezinye izimvu azama ngamandla ukuba ahlale omelele ngokomoya, ehlakulela iziqhamo zomoya yaye ekhuthaza ukuba kubekho uxolo ebandleni. Onke amaKristu, enoba ngabathanjiswa okanye ngabezinye izimvu, ayazibhokoxa ekushumayeleni iindaba ezilungileyo nasekwenzeni abafundi phantsi kolwalathiso lweQumrhu Elilawulayo. AmaKristu athanjisiweyo ayakuvuyela ukwenza oku ngoxa uThixo esathanda ukuba amkhonze apha emhlabeni.