Ukuba Nethemba Kwihlabathi Elisebugxwayibeni
“ABANTU ngokubanzi bayakwazi ukwenzela abanye izinto ezilungileyo nokucombulula iingxaki zabo kunokuba bekunjalo ukutyhubela imbali.” Lawo ngamazwi awathethwa nguBill Clinton, owayesakuba nguMongameli waseUnited States kwinkomfa eyayiseOttawa, eKhanada ngoMatshi 2006. Waqukumbela ngelithi, ukuzincama kwabantu benceda abanye ehlabathini kuye kwabonakala ukususela kwitsunami yowama-2004, waza eqinisekile enethemba elikhulu wathi ngoku ihlabathi “likwixesha apho mntu ngamnye ehlabathini exhomekeke kwabanye ngendlela engazange ibonwe.”
Ngaba simele silindele iintlekele zemvelo zishukumise abantu ehlabathini lonke bazabalazele ukufumana ikamva elibhetele? Ngaba oku ‘kuxhomekeka kangaka kwabantu kwabanye’ kungenza sibe nethemba lekamva eliya kuba noxolo lokwenene nonqabiseko olungapheliyo?
Umthombo Wethemba Lokwenene
Imbali ibonisa ukuba kwimigudu yabo yeminyaka engaphezu kwamawaka amathandathu abantu baye benza izinto ezishiya abanye bedanile. Ngesizathu esivakalayo, iZibhalo eziphefumlelweyo zisicebisa oku: “Musani ukukholosa ngezidwangube, nangonyana womntu wasemhlabeni, lowo ungenalo usindiso.” (INdumiso 146:3) Ukuthembela kwethu kwiintlangano zeli hlabathi, izinto zalo eziphathekayo nezithembiso zalo ezililize kusishiya siphoxeke simanzi. Yintoni ebangela oko? Kungenxa yokuba “ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo.”—1 Yohane 2:17.
Ukutyhubela iinkulungwane, uThixo ebesoloko elithemba elingagungqiyo kumalungisa. IBhayibhile imbiza ngokuthi ‘lithemba likaSirayeli [wamandulo]’ “nethemba lookhokho [bakaSirayeli],” ibe zininzi izihlandlo ekuvakaliswa ithemba nentembelo kuye. (Yeremiya 14:8; 17:13; 50:7) Eneneni, iZibhalo zisibongoza ukuba ‘sithembele ngoYehova.’—INdumiso 27:14.
IMizekeliso 3:5, 6 isibongoza isithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” Kukho izizathu ezivakalayo zokuzikholelwa ezi zithembiso kuba uYehova uThixo akatshintshi, uthembekile yaye uyaligcina ilizwi lakhe. (Malaki 3:6; Yakobi 1:17) Ufuna izinto zisihambele kakuhle, yaye xa sihlala silithobela iLizwi lakhe iBhayibhile, liya kusikhokela ukuze siphumelele kwizinto ezisixhalabisayo.—Isaya 48:17, 18.
Umntu oluthobela ngentliziyo epheleleyo ulwalathiso lukaThixo unokuthembela kwesi sithembiso: “Musa ukoyika, kuba ndinawe. Musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho. Ndiza kukuqinisa. Ndiza kukunceda ngokwenene. Ndiza kukubamba nkqi ngokwenene ngesandla sam sasekunene sobulungisa.” (Isaya 41:10) Ukuzingisa emthandazweni nokucamngca ngesi siqinisekiso kuyabathuthuzela bonke abo bamthanda ngokwenene uYehova uThixo, kuba kubanceda bakwazi ukujamelana neemeko ezinzima nezinto ezibaxhalabisayo.
Cinga ngoAndrea, oliNgqina likaYehova nongumama wabantwana ababini. Uthi: “Kukuthandaza nokucamngca ngezithembiso zikaYehova okundinceda ndibe namandla xa izinto zingahambi kakuhle. Xa uYehova engoyena ubalulekileyo ebomini bam, nditsho ndilungelelane ngakumbi.”
Bambelela Kwithemba Onalo KuYehova
Ebalaselisa ukubaluleka kokuthembela kuYehova, omnye umdumisi wathi: “Uxolo oluninzi lolwabo bathanda umthetho wakho, yaye kubo akukho mqobo usisikhubekiso.” (INdumiso 119:165) Ukulifunda ngokunyaniseka iLizwi likaThixo kunokuzalisa ingqondo nentliziyo yakho ngezinto ezakhayo nezilungileyo zokomoya, “eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.” Ukuba uzabalazela ukuziva, uzifunde, uzamkele uze uzenze ezo zinto, ‘uThixo woxolo uya kuba nawe.’—Filipi 4:8, 9.
Ebhekisela kumava akhe amashumi eminyaka, uJohn uthi: “Ngaphambi kokuba itshintshe imbono endandinayo ngekamva, kwafuneka ndiqale nditshintshe ubuntu nendlela endandicinga ngayo ndatsho ndanethemba lokwakha ubuhlobo noThixo ogqibeleleyo nongenakubonwa. Ukuze ndakhe obo buhlobo kwakufuneka ndithande izinto zokomoya. Oko kwakuthetha ukuba nembono kaThixo ngezinto, ngokufunda nokucamngca iLizwi lakhe eliphefumlelweyo.”
Ukuba usela amanzi ahlaziyayo nanik’ ubomi enyaniso eseZibhalweni eziphefumlelweyo, uya kuba ulandela eyona ndlela efanelekileyo yokulwa nemiqobo nothotho lwezinto ezimbi ezisasazwa mihla le ngamajelo eendaba. Ukusebenzisa oko kufundiswa yiBhayibhile kunokomeleza intsapho kuze kunciphise nezinto ezixhalabisayo. Ngapha koko, uThixo uthembisa ukuba ukulungele ‘ukubabonisa amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.’ (2 Kronike 16:9) Ngendlela aya kuzilungisa ngayo izinto akuyi kubakho mfuneko yokuba uxhalabe.
UPhinehas, okhulele phakathi kwemfazwe nokubulawa kwenyambalala yabantu, uthi: “Ndiye ndafunda ukuxhomekeka kuYehova. Ukubambelela kwimigaqo yeBhayibhile kuye kwandisindisa kwiingxaki ezininzi.” Ukuba ukholose ngaye ngokwenene uYehova uThixo, uya kukunceda woyise naziphi na iingxaki ezinokuba ngumqobo. (INdumiso 18:29) Umntwana onolwalamano olusenyongweni nabazali bakhe uye abathembe ngokupheleleyo azive enqabisekile kwanaxa egula okanye esengxakini. Kunokuba njalo nakuwe xa uzabalazela ukuthembela ngoYehova.—INdumiso 37:34.
Isizathu Sokuba Nethemba
UYesu Kristu wathi kubalandeli bakhe: “Nize nithandaze ngale ndlela: ‘Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.’” (Mateyu 6:9, 10) Obo Bukumkani basezulwini—urhulumente olawulwa nguYesu Kristu—yindlela uThixo aya kubonisa ngayo ilungelo lokuba ngumongami womhlaba.—INdumiso 2:7-12; Daniyeli 7:13, 14.
Izinto ezininzi ezixhalabisa abantu namhlanje ziyibonisa kakuhle imfuneko yokungenelela kukaThixo. Okuvuyisayo kukuba, sele eza kungenelela. UYesu Kristu omiselwe nguThixo njengoKumkani uMesiya, unikwe igunya lokuthethelela ulongamo lukaYehova nokungcwalisa igama lakhe. (Mateyu 28:18) Kungekudala, obu Bukumkani buya kuphelisa zonke izinto ezibangela uloyiko nezixhalabisa abantu emhlabeni. UIsaya 9:6 ucaphula izibakala ezibonisa ukuba xa uYesu elawula uya kuziphelisa izinto ezisixhalabisayo. Ngokomzekelo, kuthiwa ‘nguBawo ongunaPhakade, nguMcebisi Omangalisayo neNkosana yoXolo.’
Khawucinge nje ngebinzana elithi “uBawo ongunaPhakade.” Ekubeni ‘enguBawo ongunaPhakade,’ unamandla negunya kwanomnqweno wokunika abantu abathobelayo ubomi obungunaphakade emhlabeni ngelungiselelo ledini lentlawulelo. Oku thetha ukuba ekugqibeleni abantu baya kukhululeka kwisono nokungafezeki abakuzuz’ ilifa kumntu wokuqala, uAdam. (Mateyu 20:28; Roma 5:12; 6:23) UKristu uya kusebenzisa igunya alinikwe nguThixo aze avuse abaninzi abafileyo.—Yohane 11:25, 26.
Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wazingqina ‘enguMcebisi Omangalisayo.’ Ngenxa yolwazi analo ngeLizwi likaThixo nokuyiqonda kakuhle indlela abadalwe ngayo abantu, uYesu wayekwazi ukucombulula iingxaki zabo zemihla ngemihla. Ukususela oko wabekwa kwitrone yasezulwini, uKristu waqhubeka ‘enguMcebisi Omangalisayo,’ oyena uphambili kunxibelelwano lukaYehova nabantu. Icebiso likaYesu eliseBhayibhileni, lisoloko ilelobulumko nelingenasiphako. Ukwazi oku uze ukukholelwe kunokukunceda uyeke ukungaqiniseki nokuhlala uxhalabile.
UIsaya 9:6 uphinde achaze uYesu ngokuthi ‘yiNkosana yoXolo.’ Oko kuya kwenza uKristu angalibazisi ukushenxisa konke ukungalingani—kwezopolitiko, kwezentlalo nezoqoqosho. Kuya kwenzeka njani oko? Ngokuthi lonke uluntu lulawulwe ngoxolo buBukumkani bukaMesiya.—Daniyeli 2:44.
Xa kulawula obu Bukumkani emhlabeni kuya kubakho uxolo olungapheliyo. Kutheni siqinisekile nje ngoku? Isizathu seso sichazwa kuIsaya 11:9, ofundeka ngolu hlobo: ‘[Abo baza kulawulwa bobu Bukumkani] abayi kwenzakalisa okanye bonakalise entabeni yam yonke engcwele; ngenxa yokuba umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.’ Ekugqibeleni, bonke abantu emhlabeni baya kumazi kakuhle uThixo baze bamthobele. Ngaba akukuchukumisi oko? Ukuba kuyakuchukumisa, musa ukuphozisa amaseko ukuzabalazela “ukwazi uYehova.”
Unokuba nalo olu lwazi lunika ubomi nolwakha ukholo ngokuhlolisisa oko kufundiswa yiBhayibhile ngokwenene ngeziganeko zomhla wethu nekamva eliqaqambileyo elithenjiswa yiBhayibhile. Ngoko ke siyakubongoza ukuba uziphe ithuba lokufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova kwindawo ohlala kuyo. Le kuphela kwendlela yokuphelisa amaxhala onawo utsho ube nethemba lokwenene kweli hlabathi lizaliswe ngamaxhala.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 7]
Isizathu Sokuba Urhulumente WoBukumkani Ebangela Ithemba
NjengoKumkani woBukumkani bukaThixo, uYesu Kristu, unikwe amandla nelungelo lokulawula indalo iphela. (Mateyu 28:18) Uya kubuyisela indalo kwimeko egqibeleleyo. Uya kuphelisa ukugula nezifo. Imisebenzi yamandla awayenzayo uYesu emhlabeni yayibonisa iintsikelelo ezingakumbi eziya kubakho xa sele elawula njengoKumkani ogqibeleleyo nonokuthenjwa. Kwezi mpawu zalo Kumkani unguMesiya zidweliswe ngezantsi ziziphi ezinomtsalane kuwe?
▪ Wayengeneka.—Marko 10:13-16.
▪ Wayeqiqa nabantu engenamkhethe.—Marko 10:35-45.
▪ Wayethembekile yaye engazingci.—Mateyu 4:5-7; Luka 6:19.
▪ Wayelilungisa yaye ethanda okusesikweni.—Isaya 11:3-5; Yohane 5:30; 8:16.
▪ Wayenolwazelelelo, uvelwano yaye ethobekile.—Yohane 13:3-15.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Ngokufunda iBhayibhile size sicamngce ngayo sinokuba nethemba ngakumbi kuYehova