Ukuba Novelwano Kwihlabathi Elikhohlakeleyo
NDODA ithile eBurundi ihlaselwa ngamandla yimalariya. Kufuneka ibalekiselwe esibhedlele. Kodwa iza kusiwa njani? Akukho moto ifumanekayo. Incedwa ngabahlobo bayo ababini abasondeleyo. Bayikhwelisa kwibhayisikile baze bahambe nayo umgama omde weeyure ezintlanu benyusa iintaba. Ukusuka apho bayifaka ebhasini eya kwisibhedlele esikufutshane. Kwiintsuku nje ezimbalwa, iyachacha.
Kanti kwelinye icala lehlabathi, emva kweNkanyamba uKatrina, eye yadlakaza iNyoba yaseUnited States ngoAgasti 2005, iqela lamatsha-ntliziyo lifumana indlu ewelwe yimithi. Nangona la matsha-ntliziyo engazani kwaphela nomninimzi, achitha imini yonke esusa imithi ewileyo nengqushu ngeesarha. Umninimzi uthi: ‘Ndiphelelwa ngamazwi okubulela aba bantu.’
Iingxelo zamaziko eendaba ezithandwayo zithetha kakhulu ngezenzo zenkohlakalo nezimasikizi. Ezi ngxelo zisoloko zizigqumelela izenzo zobubele nezemfesane. Noko ke, oku akusitshintshi isibakala sokuba kuyo yonke indawo, abantu bakufuna ngokwenene ukuthandwa, nokuvelwa. Siyifuna ngokwenene imfesane! Loo nto unokuyibona kakhulu ngexesha leKrismesi, xa abantu abaninzi bethetha okanye becula ‘ngoxolo emhlabeni, nenkoleko ebantwini.’—Luka 2:14, iBhayibhile yesiXhosa.
Ukuba nemfesane kusenokungabi lula kweli hlabathi longanyelwe kukungabi nabubele nokuswela umoya wokubuk’ iindwendwe. Isimo sengqondo esikhoyo ngoku sesokuba ukuze uphumelele kufuneka ukhohlakale uze ungakhathaleli mntu. Abaninzi baphila ngenkolelo ekuthiwa yeza noNiccolò Machiavelli—kububulumko ukukhohlakala kunokuba nemfesane. Ukubawa nokuba nguNdim phambili kukhawuleza kuvale indlela yokuba nemfesane.
Ngenxa yaloo nto, abanye bade babeke iziqu zabo phambili bengazikhathalele kwaphela iimvakalelo okanye izilangazelelo zabanye abantu. Amaqhawe emidlalo nokuzonwabisa angamadoda adla ngokuboniswa “njengamagorha” angenamfesane. Abanye abalawuli bezopolitiko benza ngendlela efanayo.
Ngenxa yoko, kuya kuba kuhle ukuzibuza oku: Kutheni sifanele sibe novelwano? Ngaba ukuba nemfesane kunempembelelo entle? Yaye yintoni enokusinceda sibonise uvelwano? Inqaku elilandelayo liza kuyiphendula le mibuzo.
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
•Ngaba umntu onemfesane ubuthathaka?
•Ngaba umntu onemfesane unempembelelo entle?
•Ziziphi iindlela eziluncedo esinokubonisa ngazo uvelwano?