“Hlala Ubuphaphele Ubulungiseleli Owabamkelayo ENkosini”
“Hlala ubuphaphele ubulungiseleli owabamkelayo eNkosini.”—KOL. 4:17.
1, 2. AmaKristu anayiphi imbopheleleko kwabanye abantu?
SINEMBOPHELELEKO ebalulekileyo yokunceda abantu esiphila nabo. Zizigqibo abazenzayo ngoku eziya kubenza bafe okanye basinde ‘kwimbandezelo enkulu.’ (ISityhi. 7:14) Umbhali ophefumlelweyo weMizekeliso wathi: “Hlangula abo bathatyathwa basiwe ekufeni; nabo bagxadazelela ekubulaweni ngogonyamelo, khawubanqande.” Achukumisa ngokwenene la mazwi! Ukuba asiyiphumezi imbopheleleko yokulumkisa abantu ngokhetho abamele balwenze, oko kunokusishiya sinetyala legazi. Phofu kwaesi sibhalo sihlabela mgama senjenje: “Ukuba kunokwenzeka uthi: ‘Khangela! Besingakwazi oku,’ akayi kuthi na ocikida iintliziyo akuqonde, aze yena ogcina umphefumlo wakho azi yaye ngokuqinisekileyo abuyisele kumntu wasemhlabeni ngokomsebenzi wakhe?” Lizicacele elokuba abakhonzi bakaYehova abanakuthi ‘bebengayazi’ ingozi abajamelene nayo abantu.—IMize. 24:11, 12.
2 Ubomi bubaluleke gqitha kuYehova. Ubongoza abakhonzi bakhe ukuba benze unako nako ukuze basindise abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka. Bonke abalungiseleli bakaThixo bamele bavakalise isigidimi esisindisa ubomi esiseLizwini lakhe. Umsebenzi wethu ufana nowomlindi olumkisayo xa ebona kusondela ingozi. Asifuni kuba netyala legazi ngokutshabalala kwabo basengozini. (Hez. 33:1-7) Ngoko kubaluleke gqitha ukuba sizimisele kwimigudu yethu ‘yokushumayela ilizwi.’—Funda eyesi-2 kuTimoti 4:1, 2, 5.
3. Yiyiphi imiba eza kuxutyushwa kweli nqaku nakwamabini alandelayo?
3 Kweli nqaku siza kuxubusha indlela onokuhlangabezana ngayo nemiqobo kumsebenzi wokushumayela osindis’ ubomi nendlela onokunceda abantu abaninzi ngayo. Inqaku elilandela eli liza kuhlolisisa indlela onokubuphucula ngayo ubuchule bokufundisa inyaniso ebalulekileyo. Lona elesithathu liza kuchaza imiphumo ekhuthazayo eye yafunyanwa ngabavakalisi boBukumkani ehlabathini lonke. Noko ke, ngaphambi kokuba sixubushe le miba, kuya kuba kuhle ukuba sibone isizathu sokuba siphila kumaxesha amanqam.
Isizathu Sokuba Abaninzi Bengenathemba
4, 5. Ziziphi izinto ezithwaxa abantu, yaye abaninzi basabela njani?
4 Iziganeko ezenzeka ehlabathini zibonisa ukuba siphila kwixesha ‘lokupheliswa kwale nkqubo yezinto’ yaye sekumbovu ukuba kuqosheliswe oko. Uluntu luthwaxwa ziimeko awathi uYesu nabafundi bakhe ziya kuphawula ‘imihla yokugqibela.’ Luphathelw’ imbengwana ‘yinimba,’ equk’ iimfazwe, ukunqongophala kokutya, iinyikima zomhlaba nezinye iintlekele. Kugquba ukuchas’ umthetho, ukuzingca nokungahloneli Thixo. Nabantu abazimisele ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile bayawuva umvambo wala “maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.”—Mat. 24:3, 6-8, 12; 2 Tim. 3:1-5.
5 Noko ke, abaninzi abazi ukuba kanye kanye zithetha ntoni ezi ziganeko zehlabathi. Ngenxa yoko, baxhalabele ukhuseleko lwabo nolweentsapho zabo. Ukufelwa nokwehlelwa zezinye iintlekele kubashiya besentlungwini. Ekubeni bengasazi ncam isizathu sokwenzeka kwezi zinto nalapho banokusifumana khona isicombululo, aba bantu abanathemba kwaphela.—Efe. 2:12.
6. Kutheni “iBhabhiloni Enkulu” ingakhange ikwazi ukunceda abalandeli bayo?
6 “IBhabhiloni Enkulu,” ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, ayibathuthuzelanga nganto abantu. Kunokuba ibathuthuzele, iye yaphixanisa iingqondo zabaninzi ngokomoya ‘ngewayini yohenyuzo’ lwayo. Ukongezelela koko, ngokuzenza kwalo ihenyukazi, unqulo lobuxoki luye lwahenda lwaza lwalawula “ookumkani bomhlaba” ngeemfundiso zobuxoki nokusebenzelana nemimoya ukuze lubagcine bengoothoba-sikutyele babalawuli bezopolitiko. Ngaloo ndlela, unqulo lobuxoki luye lwanegunya nempembelelo, kodwa kwangaxeshanye, akukho nanye into oluyifundisayo eyinyaniso.—ISityhi. 17:1, 2, 5; 18:23.
7. Yintoni elindelwe ngabantu abaninzi, ibe banokuncedwa njani abanye babo?
7 UYesu wafundisa ukuba abantu abaninzi bahamba kwindlela ephangaleleyo esa entshabalalweni. (Mat. 7:13, 14) Abanye bazikhethele ngabom ukuhamba kuloo ndlela kuba bengafuni nokuva ngoko kufundiswa yiBhayibhile, kanti abaninzi balapho kuba beye balahlekiswa, okanye bagcinwa ebumnyameni, bengakuchazelwa oko uYehova akufunayo kubo. Mhlawumbi abanye bebeya kuyitshintsha indlela abaphila ngayo ukuba bebexelelwe oko kuthethwa ziZibhalo. Kodwa abo basabambelele kwiBhabhiloni Enkulu nabasaqhubeka bengafuni nokuva ngeBhayibhile abayi kusinda ‘kwimbandezelo enkulu.’—ISityhi. 7:14.
Qhubekani Nishumayela “Ngaphandle Kokuyekelela”
8, 9. AmaKristu enkulungwane yokuqala asabela njani xa ayechaswa, yaye ngoba?
8 UYesu wathi abafundi bakhe babeya kushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani baze benze abafundi. (Mat. 28:19, 20) Ngoko ke, amaKristu okwenyaniso ebesoloko ejonga ukushumayela njengendlela yokubonisa ukunyaniseka kwawo kuThixo nanjengondoqo kukholo lwawo. Yiloo nto eyabangela ukuba abalandeli bakaYesu bokuqala baqhubeke beshumayela nakuba babechaswa. Bathembela kuYehova, bethandazela ukuba abancede baqhubeke ‘belithetha ilizwi lakhe ngenkalipho yonke.’ Ephendula loo mithandazo yabo, uYehova wabazalisa ngomoya oyingcwele yaye balithetha ngenkalipho ilizwi lakhe.—IZe. 4:18, 29, 31.
9 Ngaba abalandeli bakaYesu bayekelela umxakatho ekushumayeleni iindaba ezilungileyo xa inkcaso yaqatselayo? Akunjalo. Zicatshukiswa kukushumayela kwabapostile, iinkokeli zonqulo zamaYuda zababamba, zabatyityimbisel’ umnwe zaza zabakatsa. Kodwa, abapostile “baqhubeka ngaphandle kokuyekelela befundisa kwaye bevakalisa iindaba ezilungileyo ezingoKristu, uYesu.” Babeyiqonda kakuhle into yokuba bamele ‘bathobele uThixo njengomlawuli kunabantu.’—IZe. 5:28, 29, 40-42.
10. AmaKristu ajamelene naziphi iingxaki namhlanje, kodwa ihambo yawo entle inokuba nayiphi imiphumo?
10 Namhlanje, akukhange kube yimfuneko ukuba abakhonzi bakaThixo abaninzi banyamezele ukubethwa okanye ukubanjwa ngenxa yokushumayela kwabo. Noko ke, onke amaKristu okwenyaniso afumana izilingo ngandlel’ ithile. Ngokomzekelo, ngenxa yesazela sakho esiqeqeshwe ngeBhayibhile kusenokufuneka wenze into engathandwayo nekwenza wahluke kwabanye. Abantu osebenza nabo, ofunda nabo, okanye abamelwane bakho basenokucinga ukuba uneengqondo zakho kuba nje usekela izigqibo ozenzayo kwimigaqo yeBhayibhile. Kodwa ke, indlela abakujonga ngayo ayifanele ikudimaze. Ihlabathi lisebumnyameni bokomoya, kodwa amaKristu amele ‘akhanye njengezikhanyiso.’ (Fil. 2:15) Mhlawumbi abanye abantu abanyanisekileyo ababukeleyo baya kuyibona baze bayixabise imisebenzi emihle oyenzayo, nto leyo eya kubenza bamzukise uYehova.—Funda uMateyu 5:16.
11. (a) Abanye basenokusabela njani kumsebenzi wokushumayela? (b) Umpostile uPawulos wachaswa ngayiphi indlela yaye wasabela njani?
11 Kufuneka sibe nenkalipho ukuze siqhubeke sishumayela isigidimi soBukumkani. Abanye abantu, kuquka izihlobo basenokukugculela okanye bazame ukukudimaza ngandlel’ ithile. (Mat. 10:36) Umpostile uPawulos wabethwa izihlandlo eziliqela ngenxa yokuba wayeshumayela ngokuthembeka. Phawula indlela awasabela ngayo kuloo nkcaso, wathi: “Emva kokuba siqale ngokubandezeleka saza saphathwa ngokusa, uThixo wethu wasomeleza ukuze senze umzamo omkhulu wokuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo.” (1 Tes. 2:2) Ngokuqinisekileyo kwakulucelomngeni kuPawulos ukushumayela iindaba ezilungileyo emva kokuba eye wabanjwa, wakhululiswa, wabethwa ngeentonga waza wavalelwa entolongweni. (IZe. 16:19-24) Yintoni eyamenza wakhalipha waza waqhubeka eshumayela? Umnqweno wakhe ophambili wawukukuphumeza uthumo awalunikwa nguThixo.—1 Kor. 9:16.
12, 13. Yiyiphi imiqobo abajamelana nayo abanye, ibe bayoyisa njani?
12 Enye into enokuba lucelomngeni, kukuqhubeka sinenzondelelo kwintsimi enabantu abasoloko bengekho emakhaya okanye kuleyo inabantu abangenamdla kwisigidimi soBukumkani. Yintoni esinokuyenza kwiimeko ezinjalo? Kusenokufuneka sikhaliphe ngakumbi ukuze sikwazi ukushumayela ngokungacwangciswanga. Kanti kusenokufuneka sihlengahlengise iimeko zethu okanye senze imigudu engakumbi yokushumayela kwimimandla esiza kudibana nabantu abaninzi kuyo.—Thelekisa uYohane 4:7-15; IZenzo 16:13; 17:17.
13 Eminye imiqobo abajamelana nayo abanye kukuhamba kweminyaka nempilo enkenenkene, zinto ezo ezinokwenza kube nzima ukuba bashumayele. Ukuba nawe ukuloo meko, ungalahl’ ithemba. UYehova uyazi kakuhle ingxaki okuyo yaye uxabisa loo nto unokukwazi ukuyenza. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 8:12.) Kungakhathaliseki iingxaki onazo—uyachaswa, abantu abanamdla okanye ukhathazwa yimpilo—yenza konke onokukwenza ukuze uzishumayele iindaba ezilungileyo.—IMize. 3:27; thelekisa uMarko 12:41-44.
‘Hlala Ubuphaphele Ubulungiseleli Bakho’
14. Umpostile uPawulos wawamisela wuphi umzekelo amanye amaKristu, yaye wanikela siphi isiluleko?
14 Umpostile uPawulos wayebujonga njengento ebaluleke gqitha ubulungiseleli bakhe, kangangokuba wakhuthaza namanye amaKristu ukuba enjenjalo. (IZe. 20:20, 21; 1 Kor. 11:1) Omnye umntu owakhuthazwa ngokukhethekileyo nguPawulos ngumKristu wenkulungwane yokuqala, uArkipo. Kwileta awayibhalela abaseKolose, uPawulos wathi: “Xelelani uArkipo nithi: ‘Hlala ubuphaphele ubulungiseleli owabamkelayo eNkosini, ukuze ubuzalisekise.’” (Kol. 4:17) Asimazi uArkipo okanye iimeko zakhe, kodwa kucacile ukuba wasamkela isabelo sokushumayela. Ukuba ungumKristu ozahluleleyo, nawe usamkele isabelo sokushumayela. Ngaba uyaqhubeka ubuphaphele ubulungiseleli bakho ukuze ubuphumeze?
15. Ukuzahlulela kwamaKristu kuthetha ntoni, nto leyo ekhokelela kweyiphi imibuzo?
15 Ngaphambi kokuba sibhaptizwe, sazahlulela kuYehova ngomthandazo onyanisekileyo. Loo nto ithetha ukuba sasizimisele ukwenza ukuthanda kwakhe. Ngoko kuya kuba kuhle ukuzibuza, ‘Ngaba ngokwenene ukwenza ukuthanda kukaThixo kuyeyona nto ibalulekileyo kum?’ Kusenokwenzeka ukuba sineembopheleleko ezahlukahlukeneyo uYehova alindele ukuba siziphumeze—njengokunyamekela iintsapho zethu. (1 Tim. 5:8) Kodwa silisebenzisa njani elinye ixesha namandla ethu? Yintoni eyona nto iphambili ebomini bethu?—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 5:14, 15.
16, 17. Ngawaphi amathuba anokucinga ngawo amaKristu aselula okanye lawo aneembopheleleko ezimbalwa?
16 Ngaba ungumKristu oselula ozahluleleyo osele egqibile esikolweni okanye osele eza kugqiba? Umele ukuba akukabi nazo iimbopheleleko zentsapho. Ngoko uceba ukwenza ntoni ebomini? Ziziphi izigqibo omele uzenze ukuze ufeze isithembiso sakho sokwenza ukuthanda kukaYehova? Abaninzi baye bahlengahlengisa iimeko zabo ukuze babe ngoovulindlela, yaye oko kubancede bafumana uvuyo nolwaneliseko olungathethekiyo.—INdu. 110:3; INtshu. 12:1.
17 Mhlawumbi sele udlule kwishumi elivisayo. Usebenza ngokusisigxina kodwa uneembopheleleko nje ezimbalwa ngaphandle kokunyamekela isiqu sakho. Akuthandabuzeki ukuba uyavuyiswa kukwenza konke okusemandleni akho ukuze uphumeze imisebenzi yebandla. Ngaba ikho into onokuyenza ukuze ufumane uvuyo olungakumbi? Ngaba ukhe wacinga ngokwandisa ubulungiseleli bakho? (INdu. 34:8; IMize. 10:22) Kwezinye iindawo kusekho umsebenzi omkhulu ekufuneka wenziwe ukuze kufikelelwe wonk’ umntu ngesigidimi senyaniso esisindis’ ubomi. Ngaba akunakukwazi ukuhlengahlengisa iimeko zakho, ukuze uye kukhonza apho bafuneka khona abavakalisi boBukumkani abangakumbi?—Funda eyoku-1 kuTimoti 6:6-8.
18. Luluphi uhlengahlengiso olwenziwa sesinye isibini esiselula yaye lwaba nawuphi umphumo?
18 Khawucinge nje ngoKevin noElena baseUnited States.a Kwakuyinto eqhelekileyo kwindawo ababehlala kuyo ukuba isibini esisandul’ ukutshata sizithengele indlu, ngoko nabo baceba ukwenjenjalo. Bobabini babesebenza ngokusisigxina, nto leyo eyayibenza baphile tofotofo. Noko ke, imisebenzi yabo yempangelo nokunyamekela loo ndlu yayibenza bangabi naxesha lokushumayela. Baqonda ukuba phantse lonke ixesha namandla abo bawachithela kwizinto zabo. Noko ke, bathi bakubona indlela esonwabe ngayo esinye isibini esingoovulindlela esasiphila ubomi obulula, uKevin noElena bagqiba ekubeni benze uhlengahlengiso kubomi babo. Emva kokuthandaza kuYehova becela abalathise, bayithengisa indlu yabo baza bafudukela kwindawo yokuhlala encinane. UElena wazinciphisa iiyure zempangelo waza waba nguvulindlela. Ekhuthazwa ngamava enkosikazi yakhe, uKevin wawushiya umsebenzi wakhe wempangelo waza waba nguvulindlela. Kamva, bafudukela kwilizwe elikuMzantsi Merika besiya kukhonza apho bafuneka khona abashumayeli boBukumkani. UKevin uthi: “Sasisoloko sonwabile emtshatweni wethu kodwa sathi sakuba nosukelo lokomoya sonwaba ngendlela engathethekiyo.”—Funda uMateyu 6:19-22.
19, 20. Kutheni ukushumayela iindaba ezilungileyo kungowona msebenzi ubalulekileyo namhlanje?
19 Ukushumayela iindaba ezilungileyo ngowona msebenzi ubalulekileyo wenziwayo emhlabeni namhlanje. (ISityhi. 14:6, 7) Kunegalelo ekungcwalisweni kwegama likaYehova. (Mat. 6:9) Isigidimi seBhayibhile siyabuphucula ubomi bamawakawaka abantu abasamkela minyaka le, ibe sinokubanceda basindiswe. Noko ke, umpostile uPawulos wabuza oku: “Baya kuva njani na kungekho bani ushumayelayo?” (Roma 10:14, 15) Nyhani ke, babeza kuva njani? Kutheni ungazami ukwenza konke onako ukuze ubufeze ubulungiseleli bakho?
20 Enye indlela onokubanceda ngayo abantu baqonde ukubaluleka kwala maxesha amanqam nemiphumo yezigqibo abazenzayo, kukuphucula indlela ofundisa ngayo. Indlela onokukwenza ngayo oko iza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amagama atshintshiwe.
Unokuphendula Uthini?
• Yiyiphi imbopheleleko anayo amaKristu ebantwini?
• Sinokuhlangabezana njani nemiqobo esidibana nayo kumsebenzi wokushumayela?
• Sinokubufeza njani ubulungiseleli esiye sabamkela?
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Kufuna inkalipho ukuze sishumayele nakuba sichaswa
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Unokwenza ntoni ukuba ushumayela kwimimandla enabantu abangafumanekiyo emakhaya?