Ukufumana Ulwaneliseko Njengomama
EHLABATHINI lonke namhlanje, inkoliso yamabhinqa iyasebenza. Kumazwe ahambele phambili kwezoqoqosho, inani lamabhinqa asebenzayo phantse lilingane nelamadoda. Kumazwe asakhasayo amabhinqa asebenza nzima kangangeeyure ezininzi elima ukuze anyamekele iintsapho zawo.
Amabhinqa amaninzi ayasebenza ukuze afumane imali yokuziphilisa yaye anyamekela iintsapho namakhaya awo. La mabhinqa akasebenzeli ukutya, impahla nendawo yokuhlala nje kuphela, kodwa kusafuneka apheke, ahlambe impahla, acoce nendlu.
Ngaphezu koko, oomama abangamaKristu bakwamele bafundise abantwana babo ngoThixo. UCristina, umama wamantombazana amabini uthi: “Kunzima gqitha ukusebenza nokunyamekela intsapho, ingakumbi xa unabantwana abasebancinane. Akulula ukubanika yonke ingqalelo abayifunayo abantwana.”
Yintoni ebangela ukuba oomama basebenze? Ziziphi iingxaki abajamelana nazo? Yaye ngaba kuyimfuneko ngomama ukuba asebenze ukuze aneliseke?
Isizathu Sokuba Oomama Basebenze
Kunyanzelekile ngoomama abaninzi ukuba basebenze. Abanye abanamaqabane okubanceda ngemali. Ezinye izibini zifumanisa ukuba umvuzo womntu omnye awanelanga ukunyamekela iindleko zentsapho.
Liyinyaniso elokuba, asingabo bonke oomama abasebenza kuba benyanzelekile. Oomama abaninzi basebenza kuba befuna ukuziva bexabisekile. Abanye bafuna ukuba neemali zabo okanye ukuphila tofo-tofo. Abanye bayenza kakuhle imisebenzi yabo yaye bayayithanda.
Abanye oomama banokuziva benyanzelekile ukuba basebenze kuba befuna ukulinganisa amany’ amabhinqa. Nangona abantu abaninzi besazi ukuba oomama abasebenzayo badla ngokuxinezeleka baze badinwe gqitha, abo bakhetha ukungasebenzi badla ngokujongelwa phantsi—kude kuhlekiswe ngabo. Elinye ibhinqa livuma ngelithi: “Akulula ukuchazela abanye abantu ukuba ‘akuphangeli.’” Lithi: “Abanye ngendlela abathetha ngayo nabakujonga ngayo babonisa ukuba uchitha nje ixesha. URebeca, umama onentombi eneminyaka emibini ubudala uthi: “Nangona ngokuqhelekileyo abantu besazi ukuba oomama bafanele banyamekele abantwana babo, mna ndivakalelwa kukuba babajongela phantsi oomama abangasebenziyo.”
Imbono Ephosakeleyo Nechanileyo
Kwezinye iindawo amajelo eendaba abonisa “ibhinqa lokwenene” njengomntu ezimhambela kakuhle izinto emsebenzini—ofumana umvuzo oncumisayo, onxiba ezingayiwayo nozithembileyo. Xa ephuma emsebenzini ufika ekhaya enamandla okucombulula iingxaki zabantwana bakhe, alungise namakhwiniba abangelwe yindoda yakhe nezinye izinto ezingahambi kakuhle apho ekhaya. Enyanisweni, kubomi bokwenene akunakubakho bhinqa linokukwazi ukwenza zonke ezi zinto.
Eneneni, imisebenzi emininzi eyenziwa ngamabhinqa iyindinisa yaye inemivuzo ephantsi. Abanye oomama badaniswa kukuba imisebenzi yabo ayibaniki thuba lokuba basebenzise iziphiwo zabo. Incwadi iSocial Psychology ithi: “Nangona kusenziwa iinzame zokuba abantu balingane, amadoda asafumana imisebenzi enemivuzo encumisayo yaye abekwa kwizikhundla eziphezulu emsebenzini. Ngenxa yoko, aba sengxakini amabhinqa axhomekeke kumsebenzi wawo ukuze azive exabisekile.” Iphephandaba laseSpeyin iEl País lithi: “Kuqikelelwa ukuba amabhinqa anxunguphala ngokuphindwe kathathu kunamadoda, ekubeni enemisebenzi emibini—umsebenzi wengqesho nowasekhaya.”
Indlela Amadoda Anokunceda Ngayo
Kakade ke, umama ongumKristu umele azikhethele enoba ufuna ukusebenza kusini na. Kodwa ke, ukuba utshatile, yena nomyeni wakhe bamele basenze eso sigqibo kuphela emva kokuba bekuhlolisise ngenyameko oku.—IMizekeliso 14:15.
Kuthekani ukuba isibini sigqiba kwelokuba, ngenxa yokuswela kwaso imali, bobabini bafanele basebenze? Kuloo meko, indoda enobulumko iya kucinga ngesilumkiso seBhayibhile esithi: “Nina madoda, qhubekani nihlala nabo ngokokwazi, nibanika imbeko njengesitya esibuthathaka ngakumbi, esobukhomokazi, ekubeni nikwaziindlalifa kunye nabo zobabalo lobomi.” (1 Petros 3:7) Indoda imnika imbeko umfazi wayo ngokumcingela ukuba ubuthathaka emzimbeni nangokweemvakalelo. Nanini na kunokwenzeka, iyamncedisa kwimisebenzi yasekhaya. NjengoYesu, indoda enjalo ikulungele ukuyenza ngokuthobeka imisebenzi ephantsi, ingayijongi ngokungathi iyithoba isidima. (Yohane 13:12-15) Kunoko, iya kuyijonga le misebenzi njengethuba lokubonisa indlela emthanda ngayo umfazi wayo okhutheleyo. Uya kuluvuyela uncedo olunjalo.—Efese 5:25, 28, 29.
Alithandabuzeki elokuba, ukuba omabini amaqabane afanele asebenze, kubalulekile ukuba asebenzisane ekhaya. Oko kubethelelwa yingxelo yeABC, iphephandaba laseSpeyin. Xa ithetha ngohlolisiso olwenziwa liZiko Lemicimbi Yentsapho, le ngxelo ithi ukwanda koqhawulo-mtshato eSpeyin akubangelwa “kukungalunanzi kwabantu unqulo nokuziphatha” kuphela, kodwa kukwabangelwa nazezi nkalo zimbini—“ukusebenza kwamabhinqa nokusilela kwamadoda ukwenza imisebenzi yasekhaya.”
Indima Ebalulekileyo Yomama OngumKristu
Nangona uYehova eyinike ngokuyintloko ootata imbopheleleko yokuqeqesha abantwana, oomama abangamaKristu bayazi ukuba nabo banendima ebaluleke gqitha—ingakumbi xa umntwana esemncinane. (IMizekeliso 1:8; Efese 6:4) UYehova wayethetha nootata noomama xa wayeyalela amaSirayeli ukuba abethelele uMthetho wakhe ebantwaneni bawo. Wayesazi ukuba oku kuza kuthabatha ixesha yaye kufuna umonde, ingakumbi xa umntwana esakhula. Ngenxa yoko, uThixo waxelela abazali ukuba bafanele baqeqeshe abantwana babo ekhaya, endleleni, xa bevuka naxa belala.—Duteronomi 6:4-7.
ILizwi likaThixo libethelela ukubaluleka kwendima yoomama xa liyalela abantwana lisithi: “Ungawushiyi umthetho kanyoko.” (IMizekeliso 6:20) Phofu ke, ibhinqa elitshatileyo lifanele lithethe nomyeni walo ngaphambi kokumisela abantwana nawuphi na umthetho. Sekunjalo, njengokuba le ndinyana ibonisa, oomama banelungelo lokumisela imithetho. Yaye baya kungenelwa kakhulu abantwana abayithobelayo imithetho kaThixo yokuziphatha abayifundiswa ngumama owoyika uThixo. (IMizekeliso 6:21, 22) UTeresa, umama onabafana ababini abancinane, uchaza isizathu sokuba angasebenzi. Uthi: “Ukukhulisa abantwana bam ukuba banqule uThixo ngowona msebenzi ubalulekileyo endiwenzayo. Ndifuna ukuwenza kakuhle gqitha lo msebenzi.”
Oomama Abaye Banceda Abantwana Babo
Ngokuqinisekileyo uKumkani uLemuweli wakwaSirayeli wangenelwa kwimigudu eyenziwa ngunina. “Isigidimi esinzima” awasinikwa ngunina ‘sokumlungisa’ siye saqukwa kwiLizwi eliphefumlelweyo likaThixo. (IMizekeliso 31:1; 2 Timoti 3:16) Indlela lo mama amchaza ngayo umfazi ofanelekileyo isabanceda nanamhlanje abafana ukuba bakhethe ngobulumko xa befuna amaqabane omtshato. Yaye izilumkiso zakhe eziphathelele ukuziphatha okubi nokusela ngokugqithiseleyo zisabalulekile nanamhlanje njengoko zazinjalo ngexesha lokubhalwa kwazo.—IMizekeliso 31:3-5, 10-31.
Kwinkulungwane yokuqala, umpostile uPawulos wancoma umsebenzi omhle owenziwa nguYunike ekufundiseni unyana wakhe uTimoti. Ekubeni umyeni wakhe wayengakholwa yaye kusenokwenzeka ukuba wayenqula oothixo bamaGrike, kwafuneka uYunike ancede uTimoti ukuba akholelwe ‘kwimibhalo engcwele.’ Waqalisa nini uYunike ukufundisa uTimoti iZibhalo? Ingxelo ephefumlelweyo ithi “kwasebusaneni”—ngamanye amazwi, eselusana uTimoti. (2 Timoti 1:5; 3:14, 15) Kuyabonakala ukuba ukholo nomzekelo awawumiselayo uYunike, kwakunye nemfundiso yakhe, yamlungiselela kakuhle uTimoti ukuba abe ngumvangeli wasemazweni akukhula.—Filipi 2:19-22.
Kwakhona iBhayibhile ithetha ngoomama ababonisa ububele kubakhonzi abathembekileyo bakaThixo, nto leyo eye yanceda abantwana babo ukuba balandele imizekelo yabo emihle. Ngokomzekelo, ibhinqa laseShunem lalidla ngokwamkela umprofeti uElisha ekhayeni lalo. Kamva unyana walo wavuswa ekufeni nguElisha. (2 Kumkani 4:8-10, 32-37) Khawuphinde ucinge ngomzekelo kaMariya, unina kaMarko, umbhali weBhayibhile. Kuyabonakala ukuba wayedla ngokuvula ikhaya lakhe eliseYerusalem ukuze abafundi bahlanganisane apho. (IZenzo 12:12) Ngokuqinisekileyo uMarko wazuza ngokunxulumana nabapostile namanye amaKristu awayedla ngokuya kowabo.
Licacile elokuba, uYehova uyayixabisa imigudu eyenziwa ngamabhinqa athembekileyo yokufundisa abantwana bawo imigaqo yakhe. Uyawathanda la mabhinqa ngenxa yokunyaniseka kwawo nemigudu ayenzayo yokukhulisa abantwana ukuba bathobele uThixo.—2 Samuweli 22:26; IMizekeliso 14:1.
Olona Khetho Lwanelisayo
Njengoko imizekelo yeZibhalo ekuthethwe ngayo ngaphambili ibonisa, ukunyamekela intsapho ngokwenyama, ngokomoya nangokweemvakalelo kuzisa iintsikelelo ezikhethekileyo. Kodwa akulula ukwenjenjalo. Umsebenzi owenziwa ngumama ekhaya unokuba nzima gqitha kunesigxina anaso emsebenzini wempangelo.
Liyinyaniso elokuba, xa umama, emva kokuthetha nomyeni wakhe, ekhetha ukuba angasebenzi, kusenokufuneka ukuba intsapho iphile ubomi obulula aze anyamezele nokugxekwa ngabantu abangasaziyo isizathu sokuyeka kwakhe emsebenzini. Kodwa zisenokuba ninzi ngakumbi iingenelo kunoko kumlahlekeleyo. UPaqui unabantwana abathathu yaye ufanele enze umsebenzi wesingxungxo. Uthi: “Ndithanda ukubakho ekhaya xa abantwana bevela esikolweni ukuze bakwazi ukuba nomntu abanokuncokola naye.” Bangenelwa njani abantwana bakhe? Uthi: “Ndiyabancedisa kumsebenzi wabo wesikolo, yaye ukuba kukho iingxaki, ndizicombulula ngoko nangoko. Sisoloko sincokola njengoko sichitha ixesha kunye yonke imihla. Ndilixabisa gqitha eli xesha lokuba kunye nabantwana bam kangangokuba ndiye ndancama umsebenzi osisigxina ngenxa yabo.”
Oomama abaninzi abangamaKristu baye babona ukuba xa belinciphisa ixesha abalichitha emsebenzini wempangelo, intsapho yonke iyangenelwa. UCristina, okhankanywe ngasentla uthi: “Xa ndayekayo ukusebenza, kubonakala ukuba zancipha neengxaki kwintsapho yethu. Ndandinexesha lokuncokola nabantwana bam, ndakwazi nokunceda umyeni wam ngeendlela ezininzi. Ndandikuthanda ukufundisa iintombi zam, yaye kwakundivuyisa ukuzibona zisenza inkqubela.” Ikho enye into angasoze ayilibale uCristina. Uthi: “Umntwana wam wamazibulo wafunda ukuhamba xa wayekwisikolo esinyamekela iintsana, kodwa ndamfundisa ekhaya ukuhamba umntwana wam wesibini. Waqingqa waza wawela ezandleni zam. Eso sihlandlo sandanelisa ngokwenene!”
Enye into ebalulekileyo kukuba zisenokungabi ninzi kangako iindleko xa umama engasebenzi. UCristina uthi: “Iindleko zokusa umntwana esikolweni nezothutho zaziyigqiba imali yam. Xa sayijonga ngenyameko imeko yethu, sabona ukuba umsebenzi endiwenzayo wawungangenisi imali engakumbi ekhaya.”
Emva kokuhlolisisa iimeko zazo, ezinye izibini zigqiba kwelokuba zininzi iingenelo xa umfazi enyamekela intsapho kunaxa esebenzela imali. UPaul umyeni kaCristina uthi: “Iyandivuyisa into yokuba umfazi wam esoloko esekhaya ukuze anyamekele abantwana bethu ababini. Sasixinezelekile sobabini ngoxa umfazi wam wayesebenza.” Isigqibo sabo sibe nawuphi umphumo kumantombazana abo amabini? UPaul uthi: “Aziva ekhuselekile yaye akaphenjelelwa kakubi kangako ngoxa esemancinane.” Kutheni esi sibini sivakalelwa kukuba kubaluleke gqitha ukuba sichithe ixesha elininzi kangangokuba kunokwenzeka namantombazana aso? UPaul uthi: “Ukuba asinayo impembelelo kubantwana bethu, ndiqinisekile ukuba omnye umntu uza kuba nayo.”
Kucacile ukuba, isibini ngasinye sifanele sihlolisise ezaso iimeko. Yaye abanye abamele bagxeke izigqibo ezenziwa ngabanye. (Roma 14:4; 1 Tesalonika 4:11) Sekunjalo, kubalulekile ukucinga ngendlela intsapho eza kungenelwa ngayo xa umama engasebenzi ngokusisigxina. Ethetha ngendlela avakalelwa ngayo, uTeresa okhankanywe ngasentla uthi: “Ayikho into ekwenza waneliseke ngakumbi kunokuchitha ixesha elininzi unyamekela yaye ufundisa abantwana bakho.”—INdumiso 127:3.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Oomama abangamaKristu banenxaxheba kumsebenzi obalulekileyo wokuqeqesha abantwana