IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 5/1 iphe. 24
  • Uyayiqonda Intlungu Yethu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uyayiqonda Intlungu Yethu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Izigidi Ezifileyo Ngoku Ziya Kubuya Ziphile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Ithemba Eliqinisekileyo Ngabafi
    Xa Umntu Omthandayo Esifa
  • Sifunda Ntoni Kwizinto Ezazikhalisa UYesu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 5/1 iphe. 24

Sondela KuThixo

Uyayiqonda Intlungu Yethu

Yohane 11:33-35

“UVELWANO yintlungu yakho esentliziyweni yam.” Leyo yindlela umvangeli wasemazweni oliNgqina likaYehova alichaza ngayo olu phawu luxabisekileyo. UYehova uThixo ngoyena mzekelo ubalaseleyo ekuboniseni olu phawu. Uyaziva iintlungu abatyhubela kuzo abantu bakhe. Sinokuqiniseka njani ukuba kunjalo. Olu phawu lukaYehova uYesu walubonakalisa kakuhle kumazwi nakwizenzo zakhe xa wayelapha emhlabeni. (Yohane 5:19) Khawuqwalasele isiganeko esikuYohane 11:33-35.

Emva kokusutywa kukufa ngesiquphe komhlobo wakhe uLazaro, uYesu waya kwidolophana yakowabo. Siyaqondakala isizathu sokuba oodade bakaLazaro, uMariya noMartha iintliziyo zabo zibe lihlwili. UYesu wayeyithanda gqitha le ntsapho. (Yohane 11:5) Wasabela njani? Le ngxelo ihambisa ithi: “UYesu, . . . akumbona [uMariya] elila namaYuda awayeze kunye naye elila, wagcuma emoyeni, wakhathazeka; waza wathi: “Nimbeke phi na?” Bathi kuye: “Nkosi, yiza uze ubone.” Zasuka zathi waxa iinyembezi kuYesu.” (Yohane 11:33-35) Kwakutheni ukuze alile uYesu? Ewe, umhlobo wakhe wayefile kodwa uYesu wayeza kumvusa. (Yohane 11:41-44) Ngaba ikho enye into eyachukumisa iimvakalelo zikaYesu?

Khawuphinde uhlole la mazwi acatshulwe ngasentla. Phawula ukuba xa uYesu wabona uMariya nabantu awayekunye nabo belila “wagcuma” waza “wakhathazeka.” Amagama antlandlolo asetyenzisiweyo apha abonisa iimvakalelo ezinzulu.a UYesu wachukumiseka gqitha ngoko wakubonayo. Iimvakalelo zakhe ezinzulu zabonakala ngokuyengezelisa iinyembezi. Kucacile ukuba uYesu wayekhathazeka xa abanye besentlungwini. Ngaba wakha wagixa kuba umntu othile omthandayo elila?—Roma 12:15.

Uvelwano lukaYesu lusenza siqonde iimpawu neendlela zikaYise, uYehova. UYesu wazibonisa kakuhle kakhulu iimpawu zikaYise kangangokuba wade wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo.” (Yohane 14:9) Xa sifunda ukuba uYesu “walila” sinokuqiniseka ukuba uYehova uyavakalelwa xa abanquli bakhe besentlungwini. Kakade ke nabanye ababhali beBhayibhile bayasingqinela esi sibakala. (Isaya 63:9; Zekariya 2:8) Okunene, uYehova nguThixo onovelwano.

Uvelwano lunomtsalane. Xa sidimazekile okanye sixinezelekile siyatsaleleka kumntu okwaziyo ukuqonda iimeko zethu aze avelane nathi. Sitsaleleka ngakumbi kuYehova uThixo onovelwano nosiqondayo isizathu sokuba silile.—INdumiso 56:8.

[Umbhalo osemazantsi]

a Igama lesiGrike elisetyenziswe apha “ukulila” lidla ngokuthetha “ukuyengelezisa iinyembezi” ngoxa igama elisetyenziswe ukuchaza indlela awayelila ngayo uMariya nabanye lithetha ukwenza “isijwili.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share