Kusebenzise Kakuhle Ukuba Nomdla Kwakho Ezintweni
“Umntu usoloko enemibuzo. Sibuza imibuzo ukususela kwixesha esizalwa ngalo . . . Imbali yoluntu izaliswe yimibuzo neempendulo.”—Imbongi yaseMexico, uOctavio Paz.
YINTONI eyenza igcisa lokupheka likwazi ukupheka ukutya elingazange likupheke ngaphambili? Yintoni eyenza umkhenkethi aye kwindawo angazange aye kuyo ngaphambili? Yintoni eyenza umntwana abuze uthotho lwemibuzo? Ubukhulu becala yonke le mibuzo ibangelwa kukufun’ ukwazi.
Kuthekani ngawe? Ngaba iingcamango ezintsha okanye ukuphendulwa kwemibuzo onayo kuvuselela umdla wakho? Ngokomzekelo, Buvela phi ubomi? Kutheni silapha nje? Ngaba uThixo ukho ngokwenene? Ukususela ebuntwaneni uninzi lwethu ngenxa yokufun’ ukwazi sibuza imibuzo enjengale ukuze sazi isizathu sokuba izinto zenzeke ngendlela ezenzeka ngayo. Xa ingcamango ethile isichukumisa siye sizame ukufumana yonke into esinokuyifumana ngayo. Ukufun’ ukwazi kunokuzala amaduna namathokazi. Maxa wambi, kunokubangela iingxaki neentlekele.
Ubulumko Nolungelelwano Luyafuneka
Maxa wambi ukufun’ ukwazi kusenokusifaka engozini. Ngokomzekelo, umntwana usenokubamba isitovu esitshisayo, esinokumenzakalisa. Kwelinye icala, xa izinto siziphanda ngokucokisekileyo lusenokuphangalala ulwazi lwethu side sifikelele kwintsusa yazo. Ngaba ibiya kuba bubulumko ukufun’ ukwazi yonke into kuba ibangel’ umdla?
Ngokuqinisekileyo lukho ulwazi esingalufuniyo kuba luyingozi. Ukufuna ukwazi ngemifanekiso engamanyala, ubugqi, iimfundiso zamahlelo athile okanye iimfundiso eziyingozi kunokusenzakalisa. Kwezi nakwezinye iinkalo, siya kuba senza kakuhle xa sixelisa umdumisi ongumHebhere owathandaza wathi: “Dlulisa amehlo am angaboni oko kungento yanto.”—INdumiso 119:37.
Kuphinde kubekho ulwazi olungeyongozi kodwa olungeyomfuneko. Ngokomzekelo, kukunceda ngantoni ukwazi ngobomi babantu abadlala kwimovie okanye abadumileyo, ukwazi zonke iinkcukacha ngamaqela ezemidlalo nabadlali, ukwazi zonke izinto zobugcisa zakutshanje neemoto ezintsha? Ukwazi ezi zinto akuncedi nganto.
Umzekelo Okhuthazayo
Kakade ke, ukufun’ ukwazi kuyasinceda kwelinye icala. Khawucinge ngomzekelo kaAlexander von Humboldt, isazi ngendalo saseJamani nomkhenkethi owayephila ngenkulungwane ye-19 wathiywa ngaye umsinga wonxweme oluseMzantsi Merika.
Ngesinye isihlandlo uHumboldt wathi: “Kwasebutsheni bam ndandinomdla wokuya kwiindawo ezikude abangafane baye kuzo abantu baseYurophu.” Uthi, lo mdla wabangelwa ngumnqweno “wokufun’ ukwazi.” Xa wayeneminyaka engama-29 ubudala waya eMbindi naseMzantsi Merika, elo phulo lathabatha iminyaka emihlanu. Ngenkcazelo awayiqokelela kolo hambo wabhala imiqulu engama-30.
Yonke into yayibangel’ umdla kulo kaHumboldt—ubushushu bolwandle, iintlanzi ezikulo nezityalo awayedibana nazo. Wenyuk’ iintaba, wahlol’ imilambo wahamba naselwandle. Uphando olwenziwa nguHumboldt lwaba sisiseko seentlobo ezahlukahlukeneyo zenzululwazi. Yonke le nto yabangelwa kukuthanda kwakhe ukwazi okwaqhubeka ubomi bakhe bonke. Umbhali waseMerika uRalph Waldo Emerson wathi: “UHumboldt ngomnye wabantu abamangalisayo . . . osoloko evela amaxesha ngamaxesha ngokungathi ufuna ukusibonisa ukuba angakanani amandla engqondo yomntu.”
Icandelo Elifuna Ukuphandwa
Kakade ke, bambalwa kuthi abaye bakwazi ukukhenketha ihlabathi okanye abaye banegalelo kwezenzululwazi. Likho icandelo lolwazi esinokusebenzisa iingqondo zethu kulo size sifumane umvuzo oncumisayo. UYesu Kristu wayebhekisela kolu lwazi xa wayethandaza kuYise wasezulwini: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.
Ukwazi uThixo oyinyaniso, ogama lakhe linguYehova noNyana wakhe uYesu Kristu kusenokuvuza ingqondo ethanda ukwazi ngendlela engenakuthelekiswa nanto. Khumbula imibuzo engobomi ebikhankanywe ekuqaleni kweli nqaku. Kulo mibuzo sinokuquka le mibuzo ilandelayo: Kutheni kukho ukubandezeleka okungaka ehlabathini? Ngaba umhlaba uza konakaliswa uze utshatyalaliswe ngabantu? Yintoni aza kuyenza uThixo ukuqinisekisa ukuba loo nto ayizukwenzeka? Ukufumana iimpendulo zale mibuzo akuyi kwanelisa ukuthanda nje ukwazi kuphela. Kanye njengokuba uYesu watshoyo “oku kuthetha ubomi obungunaphakade.” Kutheni sinokuqiniseka nje?
IBhayibhile liLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. Ngokuphathelele oku, umpostile uPawulos wabhala wathi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.”—2 Timoti 3:16, 17.
Khawufan’ ucinge—umpostile wathi iBhayibhile inokusinika ulwazi ize isixhobise ukuze sikwazi ukwenza zonke izinto ezilungileyo. Inokusinceda sibe nembono kaThixo ngezinto. Siyazi ukuba ulwazi lukaThixo nobulumko bakhe abunakuthelekiswa nanto. Umprofeti uIsaya waphefumlelwa ukuba abhale le ngxelo ngoThixo: ‘Kuba iingcamango zenu asizizo iingcamango zam, neendlela zam asizizo iindlela zenu,’ utsho uYehova. “Kuba njengoko amazulu ephakamile kunomhlaba, ngokunjalo neendlela zam ziphakamile kuneendlela zenu, neengcamango zam kuneengcamango zenu.”—Isaya 55:8, 9.
Ngaba ungathanda ukwazi iindlela neengcinga zikaThixo eziphakamileyo? Ngaba ukuthanda kwakho ukwazi kukwenza ufune ukwazi oko kuthethwa liLizwi likaThixo, iBhayibhile ngeendlela neengcinga zikaThixo? Ngaba unomdla wokufunda oko uThixo aza kukwenza ukuze aphelise ukubandezeleka noko aza kukwenzela abantu abathobelayo? IBhayibhile iyakumema isithi: “Ngcamla ubone ukuba uYehova ulungile; inoyolo indoda eyomeleleyo esabela kuye.”—INdumiso 34:8.
Iinyaniso ezinamandla zeLizwi likaThixo zinokuphembelela iintliziyo ezinyanisekileyo kanye njengasemntwini oqalayo ukubona. Umpostile uPawulos wathi: “Hayi ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobolwazi lukaThixo! Hayi indlela engaphengululeki ngayo imigwebo yakhe nendlela ezingalandeki ngayo iindlela zakhe!” (Roma 11:33) Inyaniso kukuba, kufuneka siphile ngonaphakade ukuze sibuqonde ngokupheleleyo ubutyebi bolwazi nobulumko bukaThixo. Ngaphambi kwethu kukho ithemba elichulumancisayo lokusoloko sifumanisa izinto ezintsha.
Ligcine Liphila
Yinyaniso ukuba, inkoliso yethu ayisoze ibe ngabakhenkethi abadumileyo okanye abayili bezinto. Kweli xesha siphila kulo asinakuze sazi yonke into esifuna ukuyazi. Nakuba kunjalo, ungadimazeki. Hlala unomdla wokwazi kuba nguThixo ofuna sibe njalo.
Sisebenzise kakuhle esi sipho simangalisayo sivela kuThixo uze uzame ukuba nolwazi oluchanileyo lweLizwi likaThixo, iBhayibhile. Ukuba wenjenjalo uya kufumana ubomi obunenjongo, uvuyo kwanangoku, yaye unokukhangela phambili ekuphileni ngaloo ndlela ngonaphakade. IBhayibhile ithi: “Yonk’ into [uThixo] uyenze yantle ngexesha layo. Kwanexesha elingenammiselo ulibeke ezintliziyweni zabo, ukuze uluntu lungaze luwufumane umsebenzi kaThixo oyinyaniso awenzileyo ukususela ekuqaleni kuse ekupheleni.”—INtshumayeli 3:11.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 21]
Ngaba Ubusazi Ukuba . . .
• Iinkulungwane ngaphambi kokuba yaziwe indlela omi ngayo umhlaba nguColumbus noMagellan, iBhayibhile yathi isijikelezi-langa asikho sithabazi kodwa sisazinge?—Isaya 40:22.
• Ngaphambi kokuba izazi ngeenkwenkwezi zazi ukuba umhlaba usesithubeni, iBhayibhile yayisele ichazile ukuba uxhonywe kokungeni?—Yobhi 26:7.
• Kwiminyaka engama-2 500 ngaphambi kokuba uWilliam Harvey afumanise indlela elihamba ngayo igazi emzimbeni, iBhayibhile yabhekisela entliziyweni njengequla okanye umthombo wobomi?—IMizekeliso 4:23.
• Kwiminyaka engama-3 000 eyadlulayo, iBhayibhile yachaza umjikelo wamanzi owenza izinto zikwazi ukuphila emhlabeni?—INtshumayeli 1:7.
Ngaba akumangalisi ukuba ezi zinto eziye zafunyaniswa yinzululwazi kwakhe kwathethwa ngazo eBhayibhileni kudala ngaphambi kokuba abantu baziqonde okanye bazazi? EBhayibhileni kukho uvimba wenkcazelo ebalulekileyo ebomini ekulindeleke ukuba wena uyifunde.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
UAlexander von Humboldt