Ngaba Unengqondo Yokufun’ Ukwazi Izinto?
UKUTHAND’ ukwazi “kungumnqweno wokwazi.” Ukuthand’ ukwazi okukhulu kwenza umntu alangazelele ukufunda, ukuqonda izinto. UYehova waluhlwayela ngaphakathi kuthi olu langazelelo, kangangokuba phantse ukususela kwixesha lokuzalwa sinomnqweno wokukhe silihlolisise ihlabathi esikulo. Ubukho bethu kanye buyinkqubo yokufunda engasokuze iphele. Ukuba siza kuba ngabantu abakhulileyo nabalungeleleneyo, kufuneka ukuba sikwanelise ukuthanda kwethu ukwazi, umnqweno wethu wokuqonda izinto.
Oku kuyinyaniso ingakumbi kumlinganiselo wokomoya. Ithemba lethu lobomi obungunaphakade lixhomekeke ekufundeni kwethu ngoYehova uThixo. (Yohane 17:3) IBhayibhile isixelela ukuba ufuna siphande ngaye, ukuba ‘siphuthaphuthe size simfumane.’ (IZenzo 17:23, 24, 27) Ukuba umnqweno wethu wokufun’ ukwazi siyawucinezela okanye asiwuvumeli ukuba ukhule, ukuhambela kwethu phambili kuya kubambezeleka. Enyanisweni, ukuswela umdla kwizinto zokomoya kunokuba kokubulalayo.—INdumiso 119:33, 34; Hoseya 4:6.
Ngokuvisisana noku, kubantu bakaYehova kususela kumaxesha amandulo kwakusoloko kugxininiswa imfuneko yokufundiswa nokufunda ukuze banelise umnqweno ofanelekileyo wokufunda. (Duteronomi 6:6, 7; 31:12; 2 Kronike 17:9) UYesu onguMesiya wayengoyena mfundisi mkhulu owakha wakho emhlabeni. (Mateyu 9:35) Abafundi bakhe balandela umzekelo wakhe. Naxa babejongene nenkcaso, “babengayeki ukufundisa nokushumayela iindaba ezilungileyo.” (IZenzo 5:42) Imfundiso enjalo yayixhokonxa umdla kwiingqondo eziphandayo. Abaninzi babefana namaBhereya, awasabela “ngentumekelelo yonke, ezincina izibhalo imihla ngemihla, ukuba zingaba zinjalo na ezi zinto.”—IZenzo 17:11.
Ngokufanayo, uninzi lwemisebenzi yebandla lamaKristu lanamhla lusekelwe emfundisweni. Ngaloo ndlela, ibandla lizalisa injongo eyintloko ngobukho balo, eyile, ukukhuthaza nokwanelisa umnqweno wokufunda ngoYehova nangeenjongo zakhe. Olu hlobo lokufun’ ukwazi luhle yaye luneengenelo.
Imilinganiselo Efanelekileyo Yokufun’ Ukwazi
Noko ke, maxa wambi abantwana kuye kwafuneka bakhuselwe ekufuneni kwabo ukwazi. Xa usana lusolula isandla ukuze lubambe into etshisayo okanye ngokufun’ ukwazi lubeka iglasi emlonyeni walo ukuze luve ukuba ingcamleka njani, lusenokwenzakala. Asikuthinteli ukukhula kwalo xa sikudimaza ukufun’ ukwazi kwalo kwezo zinto.
Xa abantwana beya bekhula, ukufun’ ukwazi kwabo kusengaphinde kubakhokelele enkathazweni. Ngaloo ndlela, inkwenkwana ekwishumi elivisayo isengaba yefun’ ukwazi gqitha ngoko kukwiphephancwadi lezinto ezibonisa amanyala. Okanye intwazana ekwishumi elivisayo isengathi, ngenxa yokufun’ ukwazi, ilinge ukutshaya icuba okanye ezinye iziyobisi. Iqela labaselula lisengahlanganisana lize lisele utywala obuninzi—lizama ukuba linxile ukuze libone nje ukuba kunjani na! Kwakhona, asikubambezeli ukukhula kokwemvelo koweshumi elivisayo ukuba siyaludimaza olu hlobo lokufun’ ukwazi.
Ngaba kukho iinkalo ekunokuthi kuzo ukufun’ ukwazi komKristu okhulileyo kumfake enkathazweni? Ewe, zikho ngenene. UPawulos walumkisa uTimoti ngabo basengasebenzisa ukufun’ ukwazi komKristu ngelinge labo lokubhukuqa ukholo lwakhe. UPawulos wathi, “Wa, Timoti, loo nto uyiphathisiweyo yigcine, uphambuke ezintethweni ezingezizo, ezihlambelayo, nakwiinkcaso zokwazi, okubizwa njalo kuxokwa; abasuke abathile, bethe banako oku kukwazi, baluphosa ukholo.”—1 Timoti 6:20, 21.
Kwincwadi yakhe yesibini eya kuTimoti, uPawulos wanikela esi silumkiso singakumbi: “Abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo lwenxenye.” (2 Timoti 2:18) Ngaba unokuyithelekelela indlela intetho enjalo ekumele ukuba yakuxhokonxa ngayo ukufun’ ukwazi? Abantu abakhohliseka lula basenokuba babuza bathi: ‘Athetha ntoni la madoda? Anokutsho njani ukuba uvuko sele lukho?’ Benomdla, basenokuba baphulaphula. Waba yintoni umphumo? Ukholo lwabathile lwabhukuqwa. Ukuphulaphula iintetho ezinjalo ngenxa yokufun’ ukwazi kwakuyingozi ngendlela efanayo nokuba yingozi kokulinga iziyobisi okanye uncwadi olubonisa amanyala ngenxa nje yokufuna ukwazi.
Ngaba oku kuthetha ukuba amaKristu akaphangalalanga engqondweni, engakuvumi ukuphulaphula iingcamango zabanye abantu? Hayi, akubhekiselwe koko. Kunoko, ayalulekwa ukuba akuphephe ukuvulela iingqondo zawo izinto ezinokuwazisela ubuhlungu kamva. Khawuthelekelele nje indlela ebinokuba yeyahluke ngayo imbali ukuba uEva wayekwalile ukusebenzisa ukufun’ ukwazi kwakhe ngokuphulaphula amazwi enkohliso kaSathana uMtyholi! (Genesis 3:1-6) Umpostile uPawulos walumkisa abadala base-Efese ‘ngeengcuka’ ezazisithi, zibonakalisa umoya ofana nalowo uSathana wawubonakalisa kuEva, ‘zithetha izinto ezigwenxa, ukuba zibarhole abafundi emva kwazo.’ (IZenzo 20:29, 30) Zisebenzisa “amazwi alalanisayo” ayilelwe ukuba ‘asibonelele.’ La mazwi avakalisa iingcinga ezinobungozi kubumoya bomKristu.—2 Petros 2:3.
Ukuba ubusazi ukuba isiselo esithile sasiyingozi, ngaba ubungasisela ngenxa yokuba ufun’ ukwazi ukuba singcamleka njani, okanye ukuze ubone enoba umzimba wakho womelele ngokwaneleyo na ukuba umelane naloo tyhefu? Kakade ke akunjalo. Ngokufanayo, ngaba kububulumko ukuvulela ingqondo kumazwi ayilelwe ngenjongo yokukukhohlisa nokukutyekisela kude nenyaniso? Kungangenkankulu ukuba kube njalo!
Yilumkele Intanda-bulumko Yehlabathi
Ngokunjalo, ukufun’ ukwazi kunokusenzakalisa, ukuba kusikhokelela ekubeni siphande ngentanda-bulumko yehlabathi. Intanda-bulumko ichazwa ngokuthi “kukuzabalaza komntu ukuqonda nokucacisa onke amava omntu ngokusebenzisa ingqondo nentelekelelo, ezingoonobangela nemigaqo esisiseko yezinto zokwenene.” Noko ke, ekugqibeleni abo bakhuthaza intanda-bulumko yabantu baguqukela ekubeni ngabo bathi “behlala befunda, bangaze phofu babe nako ukufika ekuyazini inyaniso.” (2 Timoti 3:7) Ukusilela kwabo kubangelwa sisiphako esinye esisisiseko: Bakholose ngobulumko babantu kunokukholosa ngobulumko obuvela kuThixo.
Esi siphako sabhencwa ngokuphandle ngumpostile uPawulos. KumaKorinte wathetha ‘ngobulumko beli hlabathi,’ ‘obububudenge kuye uThixo.’ (1 Korinte 3:19) Ibe wawalumkisa amaRoma nxamnye nabo ‘babezizinto ezingento ezicamangweni zabo.’ (Roma 1:21, 22) UYehova ungumthombo wako konke esinako. Ngokufanelekileyo, sikhangele kuye ukuba asinike “ukwazi okukhulu [okuchanileyo, NW], nako konke ukuqonda” nokuba asityhilele ‘iinzulu zikaThixo.’ (Filipi 1:9; 1 Korinte 2:10) Umthombo oyintloko wobulumko bukaThixo liLizwi lakhe, iBhayibhile.
Ngenxa yokuba intanda-bulumko yabantu iligatya iLizwi likaThixo, asifanele siyijongele phantsi ingozi eyibangelayo. Ukucinga kwakalokunje okusekelwe kwintandabulumko kuye kwalukuhlela abafundisi abaninzi beNgqobhoko ukuba bayamkele imfundiso yendaleko. Bade balahle inkolelo yabo yokuba iBhayibhile iphefumlelwe baze bavumelana nohlalutyo olukumgangatho oqatha ngelinge lokuba bahlonelwe njengabakrelekrele. Intanda-bulumko esekelwe kwiipolitiki nasentlalweni nebethelela inkululeko yobuqu iye yakhokelela kubhubhani wokuqhomfa, ukuziphatha okubi ngokwesini okunabe okomlilo wedobo, ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi, nolunye uqheliselo olutshabalalisayo. Ukucinga okusekelwe kwizinto eziphathekayo kukhokelele abantu abaninzi namhlanje ukuba bafune ulonwabo nempumelelo ngezinto zabo eziphathekayo.
Yonke le ntanda-bulumko imela imigudu yokucombulula iingxaki okanye yokufuna ulonwabo ngengqiqo yomntu ngaphandle koncedo lukaThixo. Yonke iyayigatya inyaniso esisiseko uYeremiya awayiqondayo: “Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.” (Yeremiya 10:23) Ulonwabo lwethu nokusindiswa kwethu kuxhomekeke ekuthobeleni nasekukholoseni kwethu ngoYehova. Ngaloo ndlela kulikhondo lobulumko ukuxhathisa isihendo sokuyekelela kukufun’ ukwazi kwethu, sivumela iingqondo zethu ukuba zamkele iingcamango zabantu ezinokonakalisa ukucinga kwethu nezinokuthi ekugqibeleni zisishiye silahlekile phakathi kwabo bangenathemba.
Ukufun’ Ukwazi Ngesiphelo Esisondelayo
Ukususela kwinyaniso kaYehova awayityhila e-Eden yokuba wayenenjongo yokuyishenxisa imiphumo emibi yemvukelo kaSathana, abakhonzi bakhe abathembekileyo babesoloko benomdla ophilileyo ngokuphunyezwa kwaloo njongo kaThixo. Ewe, kwanezithunywa zezulu zaye zabonisa ukufun’ ukwazi ngale njongo! (1 Petros 1:12) Ngomhla kaYesu, abaninzi babenomdla ngokunzulu ekwazini elona xesha lililo lokufika koBukumkani. Noko ke, ngokuphindaphindiweyo uYesu wabaxelela ukuba kwakungekokuthanda kukaYehova ngabo ukuba bazi. (Mateyu 25:13; Marko 13:32; IZenzo 1:6, 7) Naliphi na ilinge lokumisela umhla ongqalileyo lalingaba lilize. Kunoko, ngobulumko wababongoza ukuba banikele ingqalelo kwiimbopheleleko zabo zobuKristu, bahlale benemvo yongxamiseko mini nganye.—Luka 21:34-36.
Namhlanje, iziganeko zehlabathi zinikela ubungqina obuyintabalala bokuba isiphelo sikufuphi, ibe ukufun’ ukwazi umhla esiya kufika ngawo kuyakhula. Izinto ezithile eziye zavela zisenokuba zaye zoyisela abathile kwelokuba babelufumene usuku neyure. Xa ulindelo lwabo lungazange luzaliseke, baba sekungcungcuthekeni okukhulu, mhlawumbi kude kuse kwinqanaba lokutyeka ekukhonzeni uThixo. Kulunge ngakumbi gqitha ukuba siwushiyele ezandleni zikaYehova lo mcimbi, sinenkoloseko yokuba uya kusizisa isiphelo kanye ngexesha elifanelekileyo. Yonke into esiyifunayo ukuze sihlale silungile iye yanikelwa.
Imfuneko Yokulungelelana
Ngoko, njengezinye izinto ezininzi ebomini, ukufuna kwethu ukwazi kunokuba yintsikelelo okanye kube sisiqalekiso. Xa kusetyenziswa ngokufanelekileyo, kunokutyhila imfumba yolwazi oluxabiso likhulu oluzisa uvuyo nokuhlaziyeka. Ukufun’ ukwazi okufanelekileyo ngoMdali wethu, ngokuthanda kwakhe, nangeenjongo zakhe kunokuba kokwanelisayo nokuluncedo ngokupheleleyo. Ukufun’ ukwazi okungalawulwayo nokuyinkohliso kunokusilukuhlela kumgibe wentelekelelo noweengcamango zabantu zinto ezo ukholo lokwenyaniso nokuhlonel’ uThixo kungenakusinda kuzo. Ngenxa yoko, xa ukufun’ ukwazi kwakho kusongela ngokukukhokelela kwinto ethandabuzekayo, ‘simele sizigcine okwethu, ukuze singathi, sikhukuliswe lulahlekiso lwabangenammiselo, siphalale kokwethu ukuqina.’—2 Petros 3:17.