Indlela Yokuba Ngutata Olungileyo
“Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangadakumbi.”—Kolose 3:21.
UTATA unokukuphepha njani ukumcaphukisa umntwana wakhe? Kubalulekile ukuba ayiqonde indima yakhe njengotata. Omnye ulindixesha othetha ngokusebenza kwengqondo uthi, “Ukuba ngutata ngumsebenzi ontsonkothileyo nokhethekileyo onokuchaphazela ukukhula kwabantwana ngokweemvakalelo nangokwasengqondweni.”
Unayiphi indima utata? Kwiintsapho ezininzi utata ujongwa njengomntu ofanele ukohlwaya. Umama udla ngokuthi emntwaneni ogezayo, ‘Njengokuba ugeza nje, uza kubeth’ utat’ akho!’ Abantwana kufuneka baqeqeshwe kakuhle baze abazali babe ngqongqo ukusa kumlinganiselo othile ukuze bakhule belungelelene. Noko ke, kufuneka okungakumbi ukuze ube ngutata olungileyo.
Okubuhlungu kukuba, ootata abaninzi bakhule bengenayo imizekelo mihle abanokuyilandela. Bambi bakhuliswe ngoomama kuphela. Kwelinye icala, amadoda akhuliswe ngootata abangqwabalala asenokubaphatha ngendlela efanayo abantwana babo. Utata okhule ngolo hlobo unokukuphepha njani ukuqeqesha abantwana ngendlela yena akhuliswe ngayo?
Ukho umthombo onokuthenjwa ocebisa ngendlela yokuba ngutata olungileyo. IBhayibhile inawona macebiso mahle obomi bentsapho. Icebiso layo liyasebenziseka, yaye alinakuze lisenzakalise. Isiluleko seBhayibhile sibonisa ubulumko boMbhali wayo, uYehova uThixo, onguMseki wentsapho. (Efese 3:14, 15) Ukuba ungutata, kuya kuba kuhle ukuba uhlolisise oko kuthethwa yiBhayibhile ngokuba ngumzali.a
Ukuba ngutata kubalulekile kungekuphela nje ngenxa yempilo-ntle yabantwana ngokwasemzimbeni nangokweemvakalelo, kodwa ukuze babe nolwalamano oluhle noThixo. Umntwana othandwayo nguyise unokukufumanisa kulula ukuba nolwalamano olusondeleyo noThixo. Ukongezelela koko, iBhayibhile ibonisa ukuba ngandlel’ ithile uYehova, uMdali wethu, nguTata wethu. (Isaya 64:8) Ngoku makhe sixubushe izinto ezintandathu abazifunayo abantwana kootata babo. Kwimeko nganye siza kuhlolisisa indlela okunokumnceda ngayo utata ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile.
1 Abantwana Bafuna Ukuthandwa Ngooyise
UYehova ngumzekelo ogqibeleleyo wokuba nguTata. UYesu, uNyana kaThixo olizibulo, wathi ngoYehova: “UBawo uyamthanda uNyana.” (Yohane 3:35; Kolose 1:15) Izihlandlo ezininzi uYehova wabonisa ukuba uyamthanda uNyana wakhe yaye uyakholiswa nguye. Xa uYesu wayebhaptizwa, uYehova wathetha esemazulwini wathi: “UnguNyana wam, oyintanda; ndikholisiwe nguwe.” (Luka 3:22) UYesu akazange athandabuze ukuba uyathandwa nguYise. Yintoni abanokuyifunda ootata kulo mzekelo kaThixo?
Baxelele abantwana bakho ukuba uyabathanda. UKelvin, utata onabantwana abahlanu uthi: “Ndidla ngokubabonisa abantwana bam ukuba ndiyabathanda, kungekuphela nje ngokubaxelela kodwa ngokuba nomdla wokwenene kuye ngamnye wabo. Ndandidla ngokubatshintsha iinapkini, ndibahlambe nokubahlamba.” Ukongezelela, abantwana bakho kufuneka bazi ukuba uyakholwa ngabo. Ngoko musa ukusoloko ubagxeka, ulungisa yonke into abayenzayo. Kunoko bancome. UDonizete, onabantwana ababini abangamantombazana uthi: “Utata kufuneka akhangele into anokubancoma ngayo abantwana bakhe.” Xa besazi ukuba uyakholiswa ngabo, banokuzithemba. Oko kunokubanceda basondele kuThixo.
2 Abantwana Bafuna Umzekelo Omhle
UYohane 5:19 uthi, uYesu unokwenza ‘oko abona uYise ekwenza.’ Phawula ukuba le ndinyana ibonisa ukuba uYesu wayesenza izinto ‘awayezibona’ kuYise. Nabantwana badla ngokwenjenjalo. Ngokomzekelo, ukuba utata uyamhlonela aze amphathe ngesidima umfazi wakhe, nonyana uya kukhula ewahlonela amabhinqa yaye ewaphatha ngesidima. Asingomakhwenkwe kuphela aya kuphenjelelwa ngumzekelo kayise, kodwa nendlela amantombazana awajonga ngayo amadoda iya kuphenjelelwa ngumzekelo wakhe.
Ngaba kunzima kubantwana bakho ukucel’ uxolo? Nakule nkalo, umzekelo ubalulekile. UKelvin ukhumbula mhla oonyana bakhe ababini bophula ikhamera yexabiso eliphezulu. Waba ligqabi ngumsindo kangangokuba wabetha itafile ngenqindi yophuka. Emva koko wazisola waza wacela uxolo kubo bonke, kuquka nomfazi wakhe, ngokuba nephuku. Ucinga ukuba ukucela kwakhe uxolo kwabanceda abantwana bakhe kuba nabo bayalucela uxolo xa bonile.
3 Abantwana Bafuna Ukonwaba
UYehova ‘nguThixo onoyolo.’ (1 Timoti 1:11) Akumangalisi ukuba uNyana wakhe, uYesu, avuyiswe kukuba kunye noYise. IMizekeliso 8:30 isithela thsuphe ngolwalamano lukaYesu noYise isithi: “Ndandisecaleni kwakhe [uTata] njengomsebénzi onobuchule, . . . ndichulumanca phambi kwakhe amaxesha onke.” Olunjani ukuba luhle ulwalamano olwaluphakathi koYise noNyana!
Abantwana bafuna ukonwaba. Ukudlala nabo kunokubonwabisa. Ukudlala kunye kunceda abazali nabantwana basondelelane. UFelix uyavumelana noku. Unonyana okwishumi elivisayo yaye uthi: “Ukudlala nonyana wakhe, ukunxulumana nabahlobo nokutyelela kwiindawo ezibangel’ umdla kuye kwalomeleza ulwalamano lwethu.”
4 Abantwana Kufuneka Bafundiswe NgoThixo
UYesu wafundiswa nguYise. Ngoko ke wayenokuthi: “Izinto endazivayo kuye [uTata] ndithetha zona kanye ehlabathini.” (Yohane 8:26) UThixo ulindele ukuba ibe ngutata ofundisa abantwana bakhe imilinganiselo yokuziphatha neyokomoya. Enye yeembopheleleko zakho njengotata kukubethelela imigaqo elungileyo ezintliziyweni zabantwana. Uqeqesho olunjalo lufanele luqalise ebusaneni. (2 Timoti 3:14, 15) UFelix waqala ukufundela unyana wakhe amabali eBhayibhile esemncinane. Wayemfundisa amabali abangel’ umdla, kuquka lawo akwiNcwadi Yam Yamabali EBhayibhile.b Njengokuba wayekhula unyana wakhe, uFelix wakhetha ezinye iimpapasho ezazimfanele.
UDonizete uthi: “Kulucelomngeni ukuqhuba isifundo seBhayibhile sentsapho esibangel’ umdla. Kubalulekile ukuba abazali bazixabise izinto zokomoya kuba abantwana bayakhawuleza ukubona xa bengayenzi into ababafundisa yona.” UCarlos, onoonyana abathathu uthi: “Veki nganye siyahlangana ukuze sixubushe izinto zentsapho. Lungu ngalinye lentsapho linelungelo lokukhetha into elifuna kuxutyushwe ngayo.” UKelvin usoloko ethetha nabantwana bakhe ngoThixo enoba baphi okanye benza ntoni na. Oko kusikhumbuza amazwi kaMoses athi: “La mazwi ndikuyalela wona namhlanje amele abe sentliziyweni yakho; uze uwabethelele kunyana wakho yaye uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho.”—Duteronomi 6:6, 7.
5 Abantwana Bafuna Ukuqeqeshwa
Kufuneka abantwana baqeqeshwe ukuze bakwazi ukusebenza. Bambi abazali bacinga ukuba ukuqeqesha abantwana kuthetha ukubohlwaya ngokuqatha, ukuboyikisa nokubathob’ isidima. Noko ke, iBhayibhile ayikhuthazi ukuba abazali babaqeqeshe ngqwabalala abantwana babo. Kunoko abazali kufuneka babaqeqeshe ngothando abantwana babo njengoYehova. (Hebhere 12:4-11) IBhayibhile ithi: “Nani, boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.”—Efese 6:4.
Ngamany’ amaxesha, kusenokufuneka abantwana babethwe. Kodwa umntwana kufuneka azi ukuba ubethelwa ntoni. Ingqeqesho ayimele ibangele ukuba abantwana bazive belahliwe. IBhayibhile ayikhuthazi ukuba abantwana benzakaliswe xa bebethwa. (IMizekeliso 16:32) UKelvin uthi: “Xa ndilungisa abantwana ngento abayenzileyo, ndisoloko ndibaxelela ukuba oku ndikwenza kuba ndibathanda.”
6 Kufuneka Abantwana Bakhuselwe
Abantwana kufuneka bakhuselwe kwiimpembelelo nonxulumano olwenzakalisayo. Okubuhlungu kukuba, kweli hlabathi kukho “abantu abangendawo” abazimisele ukwenzakalisa abantwana abamsulwa. (2 Timoti 3:1-5, 13) Unokubakhusela njani abantwana bakho? IBhayibhile ineli cebiso lobulumko: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.” (IMizekeliso 22:3) Ukuze ukhusele abantwana bakho kwintlekele, umele uziphaphele iingozi. Zibone kwangaphambili iimeko ezinokubangela ingxaki, uze wenze nantoni na onokuyenza ukuze ubakhusele. Ngokomzekelo, ukuba abantwana bakho basebenzisa i-Internet, qiniseka ukuba bayisebenzisa ngendlela efanelekileyo. Kungakuhle ukubeka ikhompyutha kwindawo ebonakalayo ukuze ubone izinto abazivulayo.
Utata kufuneka aqeqeshe abantwana bakhe ukuze balungele iingozi abasenokudibana nazo kweli hlabathi linabantu abaxhaphaza abantwana. Ngaba abantwana bakho bayazi ukuba bafanele benze ntoni xa kukho umntu ofuna ukubaxhaphaza?c Kufuneka abantwana bafundiswe indlela abafanele bawasebenzise ngayo amalungu afihlakeleyo omzimba. UKelvin uthi: “Andizange ndiyekele abanye abantu ukuba bafundise abantwana bam, kuquka nootitshala. Ndandivakalelwa kukuba yimbopheleleko yam ukubafundisa ngesini nangabantu abaxhaphaza abantwana ngokwesini.” Bonke abantwana bakhe bakhula bekhuselekile yaye ngoku bonwabile emtshatweni.
Funa Uncedo LukaThixo
Esona sipho sibalaseleyo utata anokumnika sona umntwana wakhe kukumnceda abe nolwalamano olusenyongweni noThixo. Umzekelo katata ngowona ubalulekileyo. UDonizete uthi: “Ootata kufuneka babonise ukuba bayaluxabisa ulwalamano lwabo noThixo. Oku kumele kucace ngakumbi xa beneengxaki. Kwiimeko ezinjalo, utata ubonisa indlela akholose ngayo ngoYehova. Ukuthandaza kunye njengentsapho, kubulelwa ukulunga kukaThixo kuya kufundisa abantwana ukubaluleka kokumenza uMhlobo wabo uThixo.”
Ngoko ke, yintoni efunekayo ukuze ube ngutata olungileyo? Funa icebiso lomntu oyazi ngakumbi indlela yokukhulisa abantwana—uYehova uThixo. Ukuba abantwana bakho ubaqeqesha ngendlela iLizwi likaThixo elicebisa ngayo, imiphumo iya kuba yileyo ichazwe kwiMizekeliso 22:6 ethi: “Naxa indala ayisayi kuphambuka kuyo.”
[Imibhalo esemazantsi]
a Nangona iZibhalo ekuthethwa ngazo kweli nqaku ngokuyintloko zijoliswe kwindima katata, imigaqo emininzi iyasebenza nakoomama.
b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
c Ukuze ufumane inkcazelo ngendlela yokukhusela abantwana ekuxhatshazweni ngokwesini, funda UVukani! kaOktobha 2007, iphepha 3–11 upapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Utata kufuneka abe ngumzekelo omhle kubantwana bakhe
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Utata kufuneka anelise iintswelo zokomoya zabantwana bakhe
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Abantwana kufuneka baqeqeshwe ngothando