Ndilubonile Ulwando EKorea
Kubalisa uMilton Hamilton
“Sibuhlungu ukunixelela ukuba urhulumente weRiphabliki yaseKorea uzirhoxisile ii-“visa” zenu bathunywa bevangeli yaye uthe anisafuneki kwelo lizwe. . . . Ngenxa yoku, nabelwe eJapan okwethutyana.”
NGASEKUPHELENI kowe-1954, mna nenkosikazi yam safumana lo myalelo ungasentla uvela eBrooklyn, eNew York, eUnited States. Ebutsheni baloo nyaka, sasiphumelele kwiklasi yama-23 yeSikolo saseGiliyadi esikumantla eNew York. Ukufumana kwethu le leta, sasikhonza okwethutyana eIndianapolis, eseIndiana.
Ndandifunda kwiklasi enye nenkosikazi yam uLiz, kwisikolo samabanga aphakamileyo (ngelo xesha yayinguLiz Semock). Kamva, ngowe-1948, satshata. Wayeyithanda inkonzo yexesha elizeleyo kodwa wayemathidala ukushiya elaseUnited States aye kukhonza kwilizwe lasemzini. Yintoni eyamtshintshayo?
ULiz wavuma ukuya nam kwintlanganiso yabo bafuna ukuya kwisikolo saseGiliyadi. Loo ntlanganiso yaqhutywa kwindibano yezizwe ngezizwe eyayiseYankee Stadium, eNew York, ngehlobo lowe-1953. Emva kwaloo ntlanganiso ikhuthazayo, sazalisa izicelo zokuya eGiliyadi. Eyona nto yasimangalisayo, kukumenyelwa kwiklasi elandelayo eyayiza kuqalisa ngoFebruwari 1954.
Sabelwa eKorea nangona ngehlobo lowe-1953 kwakusandul’ ukuphela imfazwe eyayithathe iminyaka emithathu neyashiya elo lizwe lisebugxwayibeni. Njengoko sasiyalelwe njalo kwileta esithethe ngayo ngasentla, saqala saya eJapan. Emva kohambo lweentsuku ezingama-20 ngenqanawa, safika apho ngoJanuwari 1955 kunye nabanye abathunywa bevangeli abathandathu nabo abababelwe eKorea. ULloyd Barry, owayengumveleli wesebe laseJapan ngelo xesha, wasihlangabeza kwizibuko lalapho ngeye-6:00 kusasa. Sasuka apho saya kwikhaya labathunywa bevangeli eYokohama. Kwangaloo mini saphuma saya entsimini.
Ukufika EKorea
Ekuhambeni kwexesha, safumana iivisa zokungena kwiRiphabliki yaseKorea. NgoMatshi 7, 1955, sasuka ngenqwelo-moya eHaneda International Airport eTokyo sathatha iiyure ezintathu sisiya kwiSikhululo seeNqwelo-moya saseYoido, eSeoul. Apho samkelwa ngamaNgqina aseKorea angaphezu kwama-200 yaye salila ngenxa yovuyo. Ngaloo minyaka kwakukho amaNgqina ali-1 000 kulo lonke elaseKorea. Kanye njengabo bonke abanye abantu baseNtshona, sasicinga ukuba bonke abantu baseMpuma bayafana yaye benza izinto ngendlela efanayo, enoba ngabaliphi na ilizwe. Kodwa akuzange kube kudala sabona ukuba ayikho loo nto. Abantu baseKorea abathethi ulwimi olwahlukileyo baze babhale ngendlela eyahlukileyo nje kuphela, kodwa banendlela yabo yokupheka, bafana bodwa yaye banesinxibo sabo, ibe banazo nezinye izinto zabo bodwa, njengendlela abazakha ngayo izakhiwo zabo.
Ucelomngeni lokuqala esasinalo yayikukufunda ulwimi lwalapho. Zazingekho iincwadi ezazinokusinceda sifunde isiKorea. Sakhawuleza safumanisa ukuba sasingenakukwazi ukuphimisela amagama esiKorea njengawesiNgesi. Ekuphela kwendlela yokufunda ukubiza amagama ngokuchanileyo kukwazi oonobumba besiKorea.
Sasizenza iimpazamo. Ngokomzekelo, uLiz wabuza umninimzi enoba wayenayo iBhayibhile kusini na. Umninimzi wabonakala emangalisiwe njengoko wahambayo waza wabuya nebhokisi yematshisi. ULiz wamcela ukuba eze nesungnyang (imatshisi) kunokuba athi makeze nesungkyung, “iBhayibhile.”
Emva kweenyanga ezimbalwa, sabelwa ukuya kuvula ikhaya labathunywa bevangeli ePusan, ekumazantsi esixeko esilizibuko. Saqesha amagumbi amathathu amancinane ekwakuza kuhlala kuwo thina sobabini kunye noodade ababini abababelwe kunye nathi. Loo magumbi ayengenazo iitephu zamanzi, engenayo nendlu yangasese egungxulwayo. Kwakusebusuku kuphela ekwakusithi kubekho amanzi aphuma kwithumbu lamanzi elalisiya kumgangatho wesibini weso sakhiwo. Ngoko sasidla ngokutshintshisana, sivuke ngentseni siye kukha la manzi ngamabhakethi. Kwakuye kufuneke siwabilise okanye siwagalele ichlorine ukuze sikwazi ukuwasela.
Lwalukho nolunye ucelomngeni. Umbane wawungekho mninzi kangangokuba sasingenakuhlamba iimpahla ngomatshini okanye sisebenzise iayini. Sasisebenzisa ipaseji njengekhitshi, yaye ekuphela kwento eyayilapho yayisisitovu separafini. Akuzange kube kudala ngamnye kuthi wafunda ukupheka ngosuku abelwe ukwenjenjalo ngalo. Kwiminyaka emithathu emva kokufika kwethu, sinoLiz sahlaselwa yihepatitis. Ngaloo minyaka abathunywa bevangeli abaninzi bahlaselwa sesi sifo. Kwaqengqeleka iinyanga ngaphambi kokuba sichache, yaye sahlaselwa nazezinye izigulo.
Ukunceda Abazalwana Boyise Imiqobo
Kangangeminyaka engama-55 edluleyo, usingasiqithi waseKorea, ebeyeyona ndawo inemeko yobupolitika engazinzanga. Lo singasiqithi wahlulwa yindawo engenamkhosi wamajoni. Ikumgama oziikhilomitha ezingama-55 kumntla waseSeoul, elikomkhulu leRiphabliki yaseKorea. Ngowe-1971, satyelelwa nguFrederick Franz, evela kwikomkhulu laseBrooklyn. Ndahamba naye, ukuya kummandla ongenamajoni, owona mda wenziwe luqilima emhlabeni. Ukutyhubela iminyaka, amagosa eZizwe Ezimanyeneyo ayedla ngokuba nentlanganiso nabameli boorhulumente bamazwe amabini awayekuloo mda.
Kambe ke, asithathi cala kwiipolitiki zeli hlabathi, kwanakwimeko yosingasiqithi waseKorea. (Yoh. 17:14) Ngenxa yokwala ukuphakamisela abamelwane bawo izigalo, amaNgqina aseKorea angaphezu kwe-13 000 aye athothoza entolongweni iminyaka engama-26 000 xa ewonke. (2 Kor. 10:3, 4) Bonke abazalwana abaselula balapho bayazi ukuba baza kujamelana nalo mba, kodwa aboyiki ngokoyikiswa. Okulusizi kukuba urhulumente ubiza abalungiseleli abangamaKristu ngokuba “zizaphuli-mthetho” ngenxa nje yokuba ‘netyala’ lokungavumi ukuthath’ icala kwezobupolitika.
Emva phayaa ngowe-1944, ngeMfazwe Yehlabathi II, nam ndala ukuya emkhosini ibe ngenxa yoko ndavalelwa iminyaka emibini enesiqingatha entolongweni yaseLewisburg, ePennsylvania, eUnited States. Ngoko nangona abazalwana bethu baseKorea babephethwe kakubi entolongweni, ndiqhelene noko la maNgqina aselula atyhubela kuko. Kwakhuthaza abaninzi ukwazi ukuba abanye abathunywa bevangeli phakathi kwethu eKorea batyhubela kwiimeko ezifanayo.—Isa. 2:4.
Ukujamelana Novavanyo
Kwafuneka singathabathi cala kumba owavuka ngowe-1977. Amagosa karhulumente ayecinga ukuba thina siphembelela abafana bamaKorea ukuba bangavumi ukungenela inkonzo yasemkhosini baze baye kulwa. Ngoko urhulumente wagqiba kwelokuba angabaniki amaphepha-mvume okuphinda bangene abathunywa bevangeli abaye balishiya ilizwe enoba kungasiphi isizathu. Le miqathango yabakho ukususela ngowe-1977 ukuya kutsho ngowe-1987. Ukuba sasinokuphuma eKorea ngaloo minyaka, sasingenakuvunyelwa ukuba siphinde singene. Ngenxa yoko asizange sigoduke ngalo lonke elo xesha.
Saya izihlandlo eziliqela kumagosa karhulumente saza sawachazela ukuba asithabathi cala kwezopolitiko ngenxa yokuba singabalandeli bakaKristu. Ekugqibeleni, aqonda ukuba ayikho into enokusenza siyekelel’ umxakatho, ngoko loo miqathango yada yasuswa—emva kweminyaka elishumi. Ngaloo minyaka abambalwa kubathunywa bevangeli kwafuneka balishiye elo lizwe ngenxa yemiba efana nempilo enkenenkene, kodwa uninzi lwethu aluzange luhambe, yaye siyavuya kuba senjenjalo.
Phakathi kwiminyaka yee-1980, abo bachase umsebenzi wethu wokushumayela, bexoka batyhola abalathisi bombutho wethu osemthethweni ngokufundisa abafana ukuba bangayi emkhosini. Ngenxa yoko, urhulumente wabiza ngamnye wethu ukuze asincine. NgoJawuwari 22, 1987, iofisi yomtshutshisi yafumanisa ukuba ezo zityholo azinasihlahla. Oku kwasinceda kuba ukuma kwethu kwaqondwa kakuhle.
UThixo Usikelela Umsebenzi Wethu
EKorea, umsebenzi wethu uye wachaswa ngokuqatha ngenxa yokungathabathi cala kwethu. Ngenxa yoko kwaba nzima ngakumbi ukufumana iindawo ezifanelekileyo zokuqhuba iindibano ezinkulu. Ngoko, amaNgqina acombulula le ngxaki ngokwakha iHolo yeNdibano ePusan, eyaba yeyokuqala kwelaseMpuma. Ndaba nelungelo lokunikela intetho yokunikezelwa kwayo ngoAprili 5, 1976, phambi kwabaphulaphuli abali-1 300.
Ukususela ngowe-1950, bekukho amashumi amawaka amajoni aseUnited States amise iinkampu eKorea. Emva kokuba ebuyele eUnited States, amaninzi kuwo aba ngamaNgqina akhutheleyo. Asamana esibhalela, yaye siziva sisikelelekile kuba sawancedayo amazi uYehova.
Okulusizi kukuba, ndafelwa nguLiz wam endimthandayo ngoSeptemba 26, 2006. Ndimkhumbula ngeyona ndlela. Kule minyaka ingama-51 elapha, ebesenza nasiphi na isabelo ngaphandle kokukhalaza. Akazange ayitsho okanye ayicinge nokuyicinga into yokubuyela eUnited States, ilizwe awakha wathi akanakuze alishiye!
Ndiselilungu lentsapho yaseBheteli eKorea. Le ntsapho yayineqaqobana labantu phambili phayaa sele inabangama-250 sithethanje. Ndinelungelo lokukhonza namadoda asixhenxe eKomiti Yesebe avelela umsebenzi kweli.
Nangona iKorea yayihlwempuzeke gqitha ukufika kwethu, ngoku ilelinye lawona mazwe ahambele phambili ehlabathini. Kukho amaNgqina angaphezu kwama-95 000 eKorea, yaye amalunga nama-40 ekhulwini angoovulindlela abathe ngxi okanye abangabancedani. Konke oku kongeza kwizizathu zokuba ndikuxabise ukukhonza uThixo apha ndize ndibone umhlambi wakhe ukhula.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Apha sasifika eKorea kunye nabanye abathunywa bevangeli
[Umfanekiso okwiphepha 24, 25]
Apha kuxa sasikhonza ePusan
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Ndim noMzalwan’ uFranz kwindawo engenamajoni, ngowe-1971
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ndim noLiz ngaphambi nje kokuba asweleke
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Eli lisebe laseKorea apho ndisakhonza khona njengelungu lentsapho yaseBheteli