Ngaba UThixo Wamkela Nayiphi Na Indlela Yokumnqula?
Izinto ezidla ngokuthethwa ngabantu:
▪ “Zonke zisengela thungeni linye.”
▪ “Akubalulekanga ukuba ukholelwa entwenini, into efunekayo nje kukunyaniseka.”
UYesu yena wathini?
▪ “Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba ibanzi kwaye iphangalele indlela esa entshabalalweni, yaye baninzi abangena ngayo; kanti limxinwa isango kwaye imxinwa indlela esa ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.” (Mateyu 7:13, 14) UYesu wayengakholelwa kukuba zonke iinkonzo zisengela thungeni linye.
▪ “Abaninzi baya kuthi kum ngaloo mini, ‘Nkosi, Nkosi, asizange na siprofete egameni lakho, sakhupha iidemon egameni lakho, senza imisebenzi emininzi yamandla egameni lakho?’ Ukanti ndiya kwandula ndivume kubo ndithi: Andizange ndinazi! Mkani kum, nina benzi bokuchasene nomthetho.” (Mateyu 7:22, 23) UYesu akamkeli nokuba ngubani ohambe’ sithi ungumlandeli wakhe.
AMARHAMENTE eenkonzo ezininzi azixabise kakhulu iimfundiso nezithethe zawo. Kodwa ke kuye kuthini xa ezi mfundiso zingqubana noko kufumaneka kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile? UYesu wathi kuyingozi ukulandela amasiko abantu xa wathetha wenjenje koonyawo-ntle bemihla yakhe: “Ngoko nilitshitshisile ilizwi likaThixo ngenxa yesithethe senu.” Walandelisa ngokucaphula amazwi kaThixo athi: “Esi sizwana sindibeka ngemilebe yaso, kanti intliziyo yaso ikude lee kum. Sindinqulela ilize, kuba sifundisa iimfundiso eziyimiyalelo yabantu.”—Mateyu 15:1-9; Isaya 29:13.
Asizonkolelo kuphela ejongwayo, nendlela yokuziphatha ibalulekile. IBhayibhile ithetha yenjenje ngabanye abantu abazingomb’ isifuba besithi banqula uThixo: “Bavakalisa esidlangalaleni ukuba bayamazi uThixo, kodwa bayamkhanyela ngemisebenzi yabo.” (Tito 1:16) Ukanti xa ithetha ngabantu bale mihla, ithi: “Baya kuthanda uyolo kunokuba bathande uThixo. Nangona bona beya kuzenza babonakale bengabantu abanqulayo, unqulo lwabo luya kuba yinkwalambisa nje. Ungakh’ ulinge nje ube nento yokwenza nabantu abanjalo.”—2 Timothy 3:4, 5, Contemporary English Version.
Nokunyaniseka kukodwa akwanelanga. Ngoba? Kaloku umntu unokunyaniseka kwinto ephosakeleyo. Ngoko ukumazi ngendlela echanileyo uThixo kubalulekile. (Roma 10:2, 3) Ukuba nalo olu lwazi nokwenza izinto esizaziyo ezithethwa yiBhayibhile kuya kusenza sithandeke kuThixo. (Mateyu 7:21) Ngoko ke, singalikhupha litsole sithi unqulo olufanelekileyo lufuna siqhutywe yinto efanelekileyo, sibe neenkolelo ezifanelekileyo, senze nezinto ezifanelekileyo. Kwaye izenzo ezifanelekileyo zithetha ukwenza ukuthanda kukaThixo!—1 Yohane 2:17.
Ukuba ungathanda ukufumana ingcombolo ngoko iBhayibhile isixelela kona ngoThixo, qhagamshelana namaNgqina kaYehova uwacele ukuba akuqhubele isifundo seBhayibhile sasimahla.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]
Unqulo olufanelekileyo lufuna siqhutywe yinto efanelekileyo, sibe neenkolelo ezifanelekileyo, senze nezinto ezifanelekileyo